Ibhaliwe kwaye yaboniswa ngu Nathi Ngubane 1 · Edited by Azad Essa Copy editing & typesetting:...

Preview:

Citation preview

1Ibhaliwe kwaye yaboniswa ngu Nathi Ngubane

Incwadi yabantwantwana base Mzantsi Afrika

Esisifo sichasane naso elizweni jikelele kodwa sizakudlula. Okwangoku kufuneka siqhelane

neendlela izintsha zokuziphata njengokuzahlula xa sisendaweni enye singasondelelani kwaye

sihlambe izandla qho xa singena naxasiphuma ezindlini.

UDuma Uthi: Hlamba izandla zakho, unxibe imaski!

Copyright © Nathi Ngubane; All rights reserved

First Published in South Africa by Social Bandit Media in 2020

Edited by Azad Essa

Copy editing & typesetting: Samina Anwary

ISBN:

5

Igama lam ndinguDuma. Ndineminyaka elishumi. Ndihlala nodade wethu uZintle oneminyaka elishumi nantathu, ubhuti wam uWandile uneminyaka emithandathu kunye noMama,

uTata nenja yethu, uBhubesi.

6

Oko kuvele intsholongwane ye-Corona, ubomi bethu butshintshile. Intsholongwane incinci injalo

inokusigulisa kakhulu xa singalumkanga.

7

Ndilusizi kuba andikwazi ukudlala nezihlobo zam. NoWandile ulusizi ngoba akasaziboni izihlobo zakhe.

uZintle naye ukhathazekile kuba uqhele ukwabelana neetshomi zakhe ngamafutha okuhombisa umlomo.

8

uMama ungumcocisi esibhedlele edolophini. uTata yena uthengisa iziqhamo kunye nemifuno edolophini. Xa besemsebinzini abazali bethu sihoywa nguZintle ekhaya.

9

Ummelwane wethu, simbiza uGogo. Mdala kakhulu kwaye unesifo sentliziyo. Akukho mntu ovunyelweyo

ukusondela kuye. Lentsholongwane yingozi mpela ebantwini abadala. Asifuni ukumgulisa.

10

uMama uye adlule kuGogo xa ephuma emsebenzini umphathela iziqhamo. Uye azishiye emnyango

iziqhamo zikaGogo kuba engenakungena endlini.

11

Ngeenstasa uZintle uvuka ayolanda amanzi empompeni yasenginqgini. Abanye abantu suke

benxibe imaski, abanye bengazinxibanga. uZintle usebenzize iqhiya yakhe wazenzela imaski.

12

Qho ngexesha lesidlo sasebusuku umama usikhumbuza ngento ayive esibhedlele. “Hlamba izandla zakho ngesepha

kangangemizuzwana angamashumi amabini. Yoqguma umlomo wakho xa ukhohlela” . uMama utsitsa isibulali ntsholongwane

asifumane emsebenzini ezandleni zethu emva kokuhlamba izandla.

13

Kwathi ngenye imini uZintle wafumana icebo elihle wathi “ Ndizakuthunga iimaski ukwenzela abantu abangenazo

eluntwini.” Ndaphendula mna ndathi, “Ngumbono omhle lowo, masixelele uMama noTata ubuya kwabo emsebenzini.”

14

Emveni koko, wabuya uMama noTata ekhaya, sabaxelela ngombono omhle ka Zintle. “Ngumbono olungileyo lowo mntana wam”, watsho uTata wabe

noMama evumelana naye. “Ndizakucela ibandla lecawe yethu lisinike amalaphu okwenza iimaski,

kwaye singacela noGogo ukuba asincendise.

15

Ngemini elandelayo, omama basecaweni bafika ekhaya besiphatele amalaphu anemibala aqgamileyo nemitya.

uZintle uye wayokushiya ingxowa enamalaphu nemitya ngaphandle komyango kaGogo. Ushiye kunye nomyalezo obhaliweyo ecela uGogo asincedise ngokuthunga iimaski.

16

uZintle waqala ukuthunga iimaski simbukele sinoWandile. uZintle ngumntu okwaziyo ukuthunga kwaye

uyakhawuleza. Mna no Wandile sasimbukela sizama ukubala iimaskhi asiqgibileyo. ‘Inye.... Zimbini... Zintathu...

Zine...” Kodwa zazinintsi kakhulu ukuba zingabalwa!

17

uZintle no Gogo benze iimaski ezinintsi kakhulu! uMama noTata babezingce kakhulu.

18

Ngosuku olulandelayo, uMama noTata babengazuya emsebenzini. Babehamba bephisa ngeemaski

zikaZinhle noGogo ezazintle kwaye zincomeka. Ngeloxesha uZintle wayehamba etsitsa izandla zabantu

nge isibulali ntsholongwane sikamama wakhe.

19

Ngoku xa uZintle esiya kukha amanzi, wonke umntu unxibe imaski. Wonke umntu uziva ekhuselekile ngoku.

20

Ngobo busuku, uMama wasikhumbuza. “Bantwana, senza ntoni emva kokuba siphathe yonkinto

nangaphambi kokuba sitye? “Hlamba izandla zakho imizuzwana engamashumi amabini ngesepha usebenzise isibulali ntsholongwane emva koko!”

uWandile wakhwaza. “Ewe, bantwana bam, hlalani nicocekile kwaye nisempilweni”

watsho uMama.

Hlamba izandla

21

Hlamba izandla

22

Umbulelo

Ndithanda ukubulela umhlobo wam uAzad Essa ngenkxaso yakhe kunye nenkuthazo efezekise lencwadi.

Ndibulela nabalandelayo: uKarabo Kgoleng, Shafinaaz Hassim, Dr. Sameera Essa, Dr Shenaaz Essa, Zukiswa Wanner no Thabiso Mahlape

ngokusinika iingcebiso ezibalulekileyo nenkokhelo.

Okokugqibela, lencwadi ibingenakuba igqutyiwe ngaphandle kwenkxaso ka Samina Anwary ofake inxaxheba ekukhangelekeni

kwalencwadi.

UDuma uneminyaka elishumi. Uluntu lwangakowabo luchaphazelwe kakhulu

yintsholongwane ye- Corona. Udade kaDuma, uZintle, uza necebo lokunceda abantu

basekuhaleni baziphephise kwi-Corona.

Recommended