26
HILLSONG CHURCH SOUTH AFRICA IINDABA EZIMNANDI KWINTSUKU ZAKHO EZILANDELAYO EZINGAMA-21 HILLSONG.COM/SOUTHAFRICA

21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

  • Upload
    others

  • View
    4

  • Download
    0

Embed Size (px)

Citation preview

Page 1: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

HILLSONG CHURCH SOUTH AFRICA

IINDABA EZIMNANDI

KWINTSUKU ZAKHO EZILANDELAYO EZINGAMA-21

HILLSONG.COM/SOUTHAFRICA

Page 2: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

IINDABA EZIMNANDI KWINTSUKU ZAKHO EZILANDELAYO EZINGAMA-21

19 Ngoko ke aningabo abaphambukeli okanye amandwendwe, ningabantwana besixeko esingcwele, ninawo onke amalungelo njengamalungu osapho lwendlu kaThixo. 20 Nenyukela phezulu njengamatye etempile abekwe athi nca kakuhle; kwaye ubomi benu buyakhiwa bonke phezu kwesisekelo esifanelekiyo sabapostile nabaprofeti, ngaphezu koko nidityanisiwe kwilitye lembombo eliyintloko yesakhiwo, esinguMthanjiswa uYesu Kristu ngenkqu! 21 Le ndlu yonke isakhiwa, kwaye iyaqhubekeka iyakhula phantsi kweliso laKhe de igqitywe ibe yitempile yeNkosi ngenkqu. Kwabase-Efese 2:19-21

WAMKELEKILE EKHAYASifuna ukuthi siyakwamkela ngezandla ezishushu!

Siyavuya nikwazile ukuza sibekunye apha.

Siyathemba ukuba nizakuba nexesha elimnandi nizive nisekhaya.Sikholelwa ukuba wonke umntu ubalulekile kuThixo kwaye unesicwangciso esihle kakhulu kuwe.

Siyicawa, sibeke ndawonye esi sikhokhelo seentsuku ezingama-21, ukukunceda kuhambo lwakho lokuya phambili kunye noYesu.

Sinithanda kakhulu.Phil no LucindaAbefundisi base Hillsong Church South Africa

Page 3: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

UYESU UYAKUTHANDA Siyavuyisana nawe kakhulu ngesigqibo osithathileyo sokulandela uYesu. Sikholelwa ukuba uhambo lokwazana noYesu lubangcono xa unobudlelwane nabanye abantu. Mhlawumbi unemibuzo emininzi, yiyo le nto siqulunqe esi sikhokelo sintsuku ma-21 ukukunceda ukhule ebudlelwaneni bakho noYesu, kwanokukunceda ufumane indawo yakho ecaweni.

Isesisiqalo nje esi....Ukuphiliswa, okanye ukusindiswa kukuzithoba kuThixo nakwisicwangciso saKhe, kwakunye nenjongo anayo ngobomi bethu. Loo nto ithetha ukuba masiguqukeni kwiindlela zethu zakudala siguqukele kuYesu, simcele ukuba asixolele izono zethu kwaye sizuze ubomi obutsha sikuYe.

Incwadi yabaseRoma 10:9 ithi 'Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba 'uyiNkosi uYesu', wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo waamvusa kwabafileyo, wosindiswa.'

Usindiso sisipho uThixo asinika sona sitsho sibengabantwana baKhe. Olu lulwamkelo olungenakubhangiswa elusapheni lukaThixo, kunye nokuxhotyiswa ukuba siphile ubomi ngokupheleleyo nangokugqibeleleyo ngenjongo yokubonakalisa uThixo kwindalo yakhe yonke.

Ukuba awuqinisekanga ngobudlelwane phakathi kwakho noThixo okanye ngokuba uyamdinga uYesu ebomini bakho, unokukhetha ukumlandela ngokuthandaza umthandazo wokuzinikela kuYesu.

Yesu Mhlekazi, ndenza lo mthandazo kuba ndiyazazi ndonile ngokuziphilela ngaphandle Kwakho. Ndicela uxolo kwaye ndiyathemba ukuba uzakundixolela. Ndiyalwamkela uthando nobabalo Lwakho kum kwaye ndicela ukuba ube yiNkosi yam. Ndincede ndikholelwe Kuwe ndikuthande yonke imihla, kwaye ndincede ndibonise ilizwe ukuba unjani Wena, nendlela lukhulu ngayo uthando Lwakho. Ngegama likaYesu. Amen.

Halala! Ngokuthandaza la mazwi ngentliziyo ezinikeleyo kuYesu, sisiqalo solona hambo lubalulekileyo onokuluthatha: uhambo lokulandela uYesu.

Umhla:Igama:

Page 4: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

YINTONI ESIYIKHOLELWAYO? SIYAKHOLWA ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo. Ichanile, inamandla kwaye isebenza kubomi bethu bemihla ngemihla.

SIYAKHOLWA kuThixo omnye ongunaphakade, onguMdali wezinto zonke." Uziziqu zithathu; UThixo uYise, uThixo uNyana, kunye noMoya oNgcwele. Unothando olugqibeleleyo kwaye ungcwele ngokupheleleyo.

SIYAKHOLWA ukuba isono sohlukanisa umntu ngamnye kuThixo, nakwiinjongo anazo ngobom bethu.

SIYAKHOLWA ukuba iNkosi uYesu Krestu onguThixo kunye nomntu, nguYe yedwa onokusixolelanisa noThixo. Waaphila ubomi obungenasono obungumzekelo, wafa emnqamlezweni endaweni yethu, wabuya wavuka ukubonakalisa uloyiso lwaKhe, wasinika amandla obomi.

SIYAKHOLWA ukuba ukuze sifumanise uxololelwa 'nokuzalwa ngokutsha' kufuneka siguquke ezonweni zethu, sikholwe kwiNkosi uYesu Krestu, sizithobe kwintando Yakhe ebomini bethu.

SIYAKHOLWA ukuba ukuze siphile uThixo asibekele bona, ubom obungcwele nobuneziqhamo, kufuneka sibhaptizwe emanzini kwaye sigcwaliswe ngamandla oMoya oyiNgcwele. UMoya oyiNgcwele uyasinceda sisebenzise iziphiwo zoomoya,eziquka nokuthetha ngeelwimi.

SIYAKHOLWA kumandla nokubaluleka kweBandla kunye nemfuneko yokuba amakholwa adibane rhoqo, adibanele ubudlelwane, ukuthandaza kunye 'nokuqhekeza isonka'.

SIYAKHOLWA ukuba uThixo ulungiselele, umntu ngamnye, ukuba akwazi ukuyifezekisa ngempumelelo injongo Anayo ngobomi bethu eyokunqula uThixo, siphumeze indima yethu eBandleni kwaye sibeluncedo kwiindawo esihlala kuzo.

SIYAKHOLWA ukuba uThixo ufuna ukusiphilisa kwaye asiguqule ukuze siphile ubomi obusempilweni nobusikelelekileyo ukuze sikwazi ukunceda abanye ngokufanelekileyo.

SIKHOLWA ukuba indawo yethu ezulwini okanye esihogweni iya kugqitywa yimpendulo yethu kwiNkosi uYesu Krestu.

Sikholelwa ukuba iNkosi uYesu Krestu uzobuya kwakhona njengoko wayethembisile

Page 5: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU LOKU 1: NGUBANI UTHIXO?

Inyanga ijikeleza umhlaba, umhlaba wona ujikeleza ilanga Ebomini bethu, sinento yokufuna ukunciphisa uThixo simlinganise nenyanga, ibenguye osijikelezayo. Kodwa iBhayibhile isizobela umfanekiso owohlukileyo ngoThixo: uThixo onenkazimlo nobuqaqawuli obumenza abayeyona nto ibalulekileyo ezimpilweni zethu, hayi ingxowa njee yenkolo ebekwe bucala. Nangona ilizwe elichazwayo eBhayibhileni lohluke kakhulu kweli langoku siphila kulo, iindaba ezimnandi zezokuba loThixo useBhayibhileni, akakaguquki tu. Njengoko sifuna tanci ukwazi ngoThixo, iinkcazelo eziseBhayibhileni zonke zidibene zisikhombisa inyani engaguqu-guqiyo ngoThixo. Masifunde ngendoda eyakhe yadibana noThixo.

Isifundisa ntoni iBhayibhile?1 Ngomnyaka wokufa kokumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli etroneni ende enyukileyo; amasondo eengubo zayo ezirholayo azalisa itempile. 2 Kumi iiserafi* ngaphezu kwayo, iyileyo inamaphiko amathandathu, ngamabini ifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela. 3 Iyileyo idanduluke kuleyo isithi. Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe. 4 Yadidizela imigubasi yeminyango lilizwi lowadandulukayo; yaye indlu izele ngumsi. 5 Ndathi, Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am abone ukumkani, uYehova weMikhosi yeZulu. 6 Yaphaphazela yeza kum enye yeeserafi, iphethe ilahle elivuthayo, elithabathe ngesithabatho esibingelelweni; 7 Yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe. 8 Ndeva izwi leNkosi, lisithi, Ndothuma bani na? Ngubani na owosiyela? 9 Ndathi, Ndikho, thuma mna. UIsaya 6:1-9

Ithetha ukuthini kum?Angafaniswa nantoni uThixo? Sibona ukuba :1) UyiKumkani yanaphakade (V1). Nangona iikumkani zehlabathi zifika zidlule, uThixo uhlala ehleli ebhotweni laKhe. 2) uPhezulu uphakamile (v2). UyiNgangalala. 3) Ungcwele. Ithetha ukuba unyulu kakhulu wohluke ngokugqibeleleyo. 4) NKOSI (v3). Igama lesiHebhere ngu 'Shaddai' lithetha ukuba lowo unamandla okuthethelela abo bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu lizele luzuko lwakhe.

Kufuneka siphendule sithini ke ngoko? Xa sidibana naye siyakukumnqula, nje ngezingelosi (v3), singcangcazeliswe bubungangamsha bakhe (v5) sivume izono zethu (v5), samkele uxolelo lwezono nesandla sakhe esihlambululayo (v7) sizame iindlela zokubalisela abanye ngokumangalisa kwaKhe (v8).

Ndingenza ntoni mna?Uyakholwa ukuba uThixo ufana nqwa naloThixo uchazwayo apha? Ukuba ubom bakho bebufaniswa nehlabathi, ingaba uThixo unjenge nyaga okanye unjenge langa kuwe?

Ufuna ukufunda banzi?Funda u-Isaya 40:12-27 neeNdumiso 103.

LITHINI INYATHELO ELILANDELAYO?Xelela umntu ngsigqibo osithathileyo sokulandela uYesu. Kufuneka sonke sibenabantu esiyihamba nabo le ndlela. Ngubani onokuthetha naye, ubuze imibuzo kwaye um-balisele ngemisebenzi kaThixo ebomini bakho

Page 6: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWESI 2: NGUBANI NA UYESU?

Ayipheli imibuzo esiyibuzayo ngoThixo: Ingaba ukhona nyhani na uThixo? Ingaba izinto esizaziyo ngoThixo ziyinyani na? Ungenaphi uThixo ebomini bam?

IBhayibhile ingangayiphenduli yonke imibuzo esinayo ngoThixo, amaxesha amaninzi loo mibuzo izala eminye imibuzo, kodwa enye yezinto ezicace gca eBhayibhileni, yimpendulo yalo m-buzo: ngubani uYesu?

UYesu uncoma intetho yomPostile uPetros, xa uPetros evuma esithi, uYesu 'unguMesiya, uNyana kaThixo ophilayo' (Mateyu 16:16), ngenxa yokuba yena Yesu wayezazi ukuba Ungubani - kwaye enokuba ngubani kuthi - unamandla okuguqula ubomi bethu. Uyesu wohlukile kuba kuye kudibana imihlaba emibini: iZulu noMhlaba, okaThixo nowomntu.

Ewe, igama laKhe lodlula onke amanye amagama, kwaye amandla akhe amphefumlo uvelisa iinkwenkwezi, azolisa izaqhwithi, enza imimangaliso, agqwese konke. Kananjalo, kuYesu ukwangumntu, umhlobo osenyongweni oyaziyo intlungu yakho okukhathaleleyo.Yiyo loo nto iBhayibhile isithi ungu 'Imanyuweli' uThixo Unathi.

Isifundisa ntoni iBhayibhile?16 Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. U-Yohane 3:16

38 Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, 39 nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo...KwabaseRoma 8:38-39

Ithetha ukuthini kum?Ingaba uThixo ukukhathalele? Ewe kunjalo! Siyaz'elaphi loo nto? Amaxesha amaninzi siyazikhupha eluthandweni lukaThixo ngenxa yemvelaphi yethu, iziphoso neziphene zethu. Isono sohlukanisa umntu noThixo kwaye thina asinakuze siyilungise loo nto ngokuziphucula ngemisebenzi emihle. Ngoko ke siyenza njani into yokwamkela into esingayisebenzelanga? IBhayibhile ithi akukho nanye into enokusohlukanisa nothando lukaThixo olukuYesu Krestu iNkosi (KwabaseRoma 8:38). Ukwamkela uthando lukaThixo, kukuthemba imo yakhe yokubanomonde, uxolelo izono, nobabalo lwakhe kuthi. Nguye Yedwa onamandla okusikhulula etyaleni, kwihlazo nomgwebo asinike ubomi obugqibeleleyo.Inye nje into efunekayo kukuguqukela kuYe.

Ndingenza ntoni mna?Yamkela uthando lwaKhe namhlanje. Mvumele akuthande njengoko unjalo, akakuthandi njee, Uyakholwa nguwe.

Uyakufuna ukufunda banzi?Ukuzazi ubuni bakho obutsha kuKrestu sisehlo esikutsho ukhululeke ngendlela engummangaliso, ungafunda banzi ngaso kwezizicatshulwa zilandelayo: Kwabase Korinte besibini 5:17; KwabaseFiliphi 3:8-11.

Page 7: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWESI 3: NGUBANI UMOYA OYINGCWELE?

Ngokwezobunzululwazi umdibaniso weemolethyuli ezimbini zomoya weHydrogen nemoletyhuli enye yomoya weOxygen (H2O) uba yimo ezindindi ezintathu (amanzi, umoya, umkhence) ingulaa mdibaniso mnye. Kananjalo ke, uThixo uzityhila kuthi ngeendlela ezintathu: uYise, unyana noMoya oyNgcwele (Khangela ku Mateyu 28:19). UThixo mnye, abekho bathathu. Ngommangaliso, kuthi kunjalo abe eziziqu zithathu. Masikhangele uMoya oyiNgcwele. UMoya uyeza ahlale ngaphakathi kuthi xa sisibangamaKrestu. Isikhitshane ifuna umoya okanye ayinakuhamba. UMoya oyiNgcwele, ngomoya oqhuba ubom bomKrestu.

Isifundisa ntoni iBhayibhile?7 Noko ke mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndíthe ndemka, ndiya kumthumela kuni. 8 Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo; 9 ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum; 10 ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona; 11 ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe. 12 Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku. 13 Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo. 14 Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke. 15 Zonke ezo zinto anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, uya kwamkela kokukokwam, aze anibikele. UYohane 16:7-15

Ithetha ukuthini kum?Ngubani uMoya oyiNgcwele? Kuthiwa 'nguMcebisi' into ethetha ukuba, ngumthuthuzeli, umomelezi, umniki-macebo nomncedi. Kuthiwa 'nguMoya weNyaniso' (v13). Simnikelwe ntoni? uMoya oyiNgcwele ngumncedi wethu (v7). UYesu wayekwazi ukuba sendaweni enye ngexesha, kodwa kuMoya oyiNgcwele, uyakwazi ukubakho kwizigidi zabantu ngexesha elinye. Yiyo loo nto kwakufanelekile ukuba uYesu abuyele ezulwini (v7).

Yintoni umsebenzi wakhe? Uyakwazi ukwenza abangengomaKrestu baguquke ezonweni zabo babhekekuThixo (8-10). Uyasinceda siyiqonde inyaniso eseBhayibhileni (v13).Usixelela ngentando kaThixo ngathi (v14) Usikhokelela ekumkhonzeni simzukise uYesu (v14). Wenza ukuba siluve ubabalo olumangalisayo lukaThixo (v15). Yiyo loo nto ukumazi nokumthobela uThixo kungenakwenzeka ngaphandle koMoya oyiNgcwele! Masibulele uThixo ngomhlobo nesipho esingumangaliso!

Ndingenza ntoni mna?Ziintoni ezikwenza uqwalasele imisebenzi kaMoya oyiNgcwele ebomini bakho? Thandaza ucele uMoya Oyingcwele ukuba ayongeze imisebenzi yaKhe ebomini bakho.

Ufuna ukufunda banzi?UHezekile 37:1-10 ukunika umfanekiso onamandla wefuthe likaMoya oyiNgcwele elenza amakholwa amakholwa abenodlamko.Khangela kuYohane 14:16-17

LITHINI INYATHELO LAM ELILANDELAYO?Wamkelekile eKhaya. Siyathemba ukuba uyakusoloko uziva ukokwenu kuyo nayiphi na icawe yelibandla kwindawo ngeendawo. Yiza rhoqo ngeeCawa ubeyinxalenye yokukhula elukholweni nokubanabahlobo.

Page 8: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWESI 4: UMNQAMLEZO

Ngexesha lemfazwe yesibini (II) yeHlabathi, iqela leezenzululwazi lalisakha ibhombu ye-atom. Omnye wabakhandi waawisa isipanera ngaphakathi kwesixhobo sesiqhushumbisi. Kuba yayisazi ukuba ngemizuzwana nje loo nto ingaqhushumbisa isiqhushumbisi, enye inzululwazi yaya ngesandla yanqakula esosipanera. Waasindisa ubom babobonke, kodwa yena waphulukana nobakhe ubom. Eli libali elingqina umyalezo womnqamlezo, apho uYesu wafela khona izono zethu ukuze kungafuneki ukuba senze njalo thina.

Isifundisa ntoni iBhayibhile?25 Ke kaloku, laye ililixa lesithathu, abambethelela ngalo emnqamlezweni. 26 Waye umbhalo wetyala Lakhe ubhalwe ngaphezulu, kwathiwa, UKUMKANI WAMAYUDA. 27 Kwaye kubethelelwe Naye eminqamlezweni izihange zizibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo Kwakhe. 29 Baye abadlulayo bemnyelisa, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Uha! Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, 30 zisindise, uhle emnqamlezweni. 31 Ngokukwanjalo nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye phakathi kwabo, benababhali, babesithi, Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. 32 UKristu,* uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemngcikiva. 33 Ke kaloku lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwalilixa lesithoba. 34 Ngalo ilixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam! 35 Thixo wam! undishiyeleni na? Inxenye yababemi khona yakuva yathi, Yabonani, ubiza uEliya. 36 Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khanenze kuhle, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na. 37 Wathi ke uYesu, ekhuphe izwi elikhulu, waphuma umphefumlo. 38 Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi. 39 Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo. UMarko 15:25-39

Ithetha ukuthini kum?UYesu wafumana ukufa ngendlela ebuhlungu, nengafanelekanga ebonwe ngabantu bonke/eyaboniswa abantu bonke. Kuko konke oku kukho into engabonakaliyo kunye nembi kakhulu eyehlayo/eyenzekayo. Yena, ongenasono wafumanisa/wafumana isohlwayo sesono sethu ukuze sixolelwe. Yiyo loo nto waziva elahliwe nguYise (ivesi 34). Kuthe xa 'ephefumla okokugqibela', ikhuselo letempile lakrazuka kubini - ngokwayo (ivesi38). Ithetha ntoni le nto? Kudala ngaphambi kokufika kukaYesu, amaYuda akha itempile. UThixo wayehlala kuyo, kweyona ndawo ingcwele. Akukho mntu wayenokungena ngekhuselo ngaphandle kombingeli omkhulu kanye ngonyaka. Oku kwakukhumbuza abantu ukuba isono sabo sinzulu kwaye sibahlukanisile kuThixo. Kodwa njengoko uYesu wayesifa, ikhuselo lakrazuka ngokungummangaliso. Oku kuthetha ukuba isithintelo phakathi kwaboni (Thina) no uThixo satshatyalaliswa lidini likaYesu! Umnyango ngoku uvulelekile ukuba siphile ngokusondeleyo kuThixo, ngaphandle kwezono zethu zangaphambili, esele zixolelwe. Ngokwenene zindaba ezimnandi ezi! UYesu usinika inkululeko kumatyala ethu aphinde asinike ulwalamano olusondeleyo noThixo. Ewe kaloku, oku kusebenza kuthi xa sifumana uxolelo-oluthengwe ngegazi Lakhe kwaye singene emnyangweni ovulekileyo, ngokubeka ukholo lwethu kuYesu kunye nomnqamlezo.

Page 9: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWESI 5: UKUKHOLELWA KUKRESTU YEDWA.

Kwakukho intombazana encinci eyayifuna ukusondela kuThixo. Ngobunye ubusuku uThixo wamnika iphupho. Kweliphupho lakhe wayefuna ukutsiba iliwa eliphezulu ukuze afikelele kuThixo phezulu. Uzamile, wazama kodwa akakwazanga ukufikelela. Ediniwe kwaye nomphefumlo wakhe sele ephantsi, wayekulungele ukunikezela kwaye ehle aphindele ezantsi. Kuthe kusenjalo, uyewabona itrampoline ezantsi kweliwa. Ngoko nangoko lentombi incinci iyeyayeka ukubambelela, ukuyogabha kwi-trampoline, yema kanye phezulu noThixo.Sisondela njani kuThixo? Yekela. Ziphose kuye uThixo.

Isifundisa ntoni iBhayibhile?1 Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum. 2 Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo; 3 ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani. 4 Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi. 5 Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singathini na ke ukuyazi indlela? 6 Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam. 7 Ukuba benindazile mna, ninge nimazile noBawo; ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona. 8 Athi uFilipu kuye, Nkosi, sibonise uYihlo, kosanelisa. 9 Uthi uYesu kuye, Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo; ùtsho ngani na ke wena ukuthi, Sibonise uYihlo? UYohane 14:1-19

Ithetha ukuthini kum?Asinosondela kuThixo ngokunyuka intaba yenkolo nokuziphatha kwethu ngaphandle Kwakhe. Yiyo lento uYesu weza, eza kusikhulula kubuxoki bokuba singazisindisa.Ubudlwelwano noThixo bufumaneka ngokholo kuYesu kuphela, nokufa kwakhe, efela izono zethu (v16). Kutheni le nto kukho inkolo ezininzi kangaka nje ehlabathini? Impendulo: Zonke zizinzame zokufikelela kuThixo ngomzamo. Kwi nkolo i-Buddism ithetha ngeendlela ezilithoba zokufikelela kuThixo. I-Islam ithetha ngemithetho emihlanu. Kwi nkolo yobuHindu bakholwa ukuba iziphumo zezenzo zomntu kobu bomi kunye nobomi bangaphambili, zithatha isigqibo ngekamva labo ebomini. Kwi nkolo yobuYuda bakholelwa kwiTorah.Nangona ezinkolo zinobunyani nobuhle ekufuneka bulondoloziwe, ziphazama ngokucinga ukuba uzuza uThixo ngemisebenzi yakho. Zonke zikubonisa 'ileli' ekusa kuThixo.

Yintoni ehlukanisa ubuKristu kwezinkolo? Impendulo: Nangona inkolo ikukuzama kwabantu ukufikelela kuThixo, ubuKristu yinzame kaThixo yokufikelela ebantwini. Ngenxa yokuba asinakufika kuye ngemizamo yethu, Uyeza kuthi njengoko sithembela kubabalo Lakhe olungasifanelanga! U-Kristu luhlobo lwe "trampoline" engubabalo. Njengoko sithembela kuKristu sifumana amandla wokoyisa iintliziyo ezikhathazekileyo (v1), uloyiko lokufa (v3), kunye nokungazi ukuba ngubani kanye kanye uThixo (v7). KukuYesu kuphela apho sinokuyifumana indlela, inyaniso, ubomi benene kunye nolwalamano lobuqu noThixo njengoBawo wethu (V6). Olu lubabalo olumangalisayo!

Ndingenza ntoni?Ingaba uyekile ukuthembela emandleni akho ukuze ufumane ukwamkelwa nguThixo? Ingaba uthembele kwi-trampoline enguYesu, kunye nenceba yakhe engasifanelanga, ukuze ufumane ukwamkelwa nguThixo? Ingaba ikhona into ekunqandayo ukuba uxhume kule-trampoline?

Uyakufuna ukufunda banzi?Funda ezingcwadi zilandelayo: Kwabase-Efese 2:8-10, KwabaseRoma 10:2-4 ukuze ufumane ukuqonda ukuba inkolo nemisebenzi elungileyo ayinakusisindisa, kodwa ubabalo lukaThixo lunokusisindisa.

Page 10: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWESI 6: USINDISO

Kukho Utata waseSpain eMadrid wayefuna ukwenza uxolo nonyana wakhe owabalekayo.Ukuphe intengiso kwiphepha leendaba lase-El Liberal ethi: ‘Paco, dibana nam kwiHotel Montana emva kwemini, ngoLwesibini. Konke kuxolelwe. Lomyalezo usuka kutata wakho. 'Eli gama uPaco ligama eliqhelekileyo eSpain, uthe lo utata xa efika ehotele eyokudibana nonyana wakhe wafika kukho abafana abayi-800 abangooPaco belinde ooyise. Ngaphakathi ezintliziyweni zethu sonke, silangazelela ikhaya apho sithandwa ngokungenamkhinqi khona.Masikhe sijonge esisipho sikaThixo sobabalo:

Isifundisa ntoni iBhayibhile?11 Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini. 12 Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndínike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela imfuyo leyo. 13 Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa. 14 Akubon' ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye. 15 Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalusa iihagu. 16 Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo. 17 Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, abadikwa zizonka; naku ke mna ndiphela yindlala? 18 Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho. 19 Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndenze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho. 20 Wesuka weza kuyise. Ke kaloku, akubon' ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga. 21 Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho.22 Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, 'Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe. ULuka 15:11-22

Ithetha ukuthini kum?Isono sisahlukanisa kuThixo osithandayo (v13). Ekugqibeleni oku kuyasenzakalisa kwaye oku kuvakalisa ubuhlungu kuThixo (V14,15). Nangona kunjalo akukaze kube kudala ukuba sibuyele ekhaya. Ukuba sithe sazihlaziya, sabuya ezonweni zethu, sakholosa ngoThixo (v17 - 20), siyakwamkelwa ngovelwano, ngengalo ezivulekileyo, ngokuxolelwa, ngovuyo kunye nentsikelelo (v20-25). Eli bali lingumfanekiso omangalisayo wosindiso kunye nobudlelwane uThixo anqwenela ukuba nabo kuthi.

Nali elinye ibali. Kukho utata, ebuya evenkileni, wafumana intombazana yakhe encinci inesanti emlonyeni. Uyise walentombi incinci wazama ngandlela zonke ukoyikisa nokucenga intombambazana le ukuba iyikhuphe isanti kodwa ayavuma, kuba yayithanda kakhulu incasa. Ke wayolulela i-ice-cream ebeyithengele yaza intombazana yathufa isanti ngoko nangoko. Xa uThixo esithi masiyeke isono simlandele akungaba ufuna ukusisusa ekonwabeni. Kungenxa yokuba unento ebhetele asiphathele. Usinika uxolelo lwezono, ubomi banaphakade kunye nolwalamano Naye.

Page 11: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWESI 7: UVUKO

Wakhe wabhujelwa? Ukuba kunjalo, uyayazi ukuba kunjani ukunxunguphaliswa sisiphelo sokufa. Phofu, inye into esiqiniseke ngayo - sonke sizakubhubha. Babexhelekile emphefumlweni abahlobo bakaYesu bakum-bona esifa kakubi. Isizathu yayikukuba babelibele ukuba wayebathembisile ukuba uzakubuya. Wakhewena wazibuza ukuba ingaba uYesu usaphila na, ingaba ubuKrestu yinto yokwenyani na, bukhona na ubom ngaphaya kokufa? Sinye isisganeko esimangalisayo ezimbalini esiyiphendula yonke imibuzo onayo.

Isifundisa ntoni iBhayibhile?1 Ke kaloku, ekupheleni kwesabatha, ekuseni ngolokuqala usuku lweveki, kweza uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beza kulikhangela ingcwaba. 2 Kwasuka kwabakho unyikimo olukhulu; kuba kwakuhle isithunywa seNkosi emazulwini, seza saliqengqa ilitye lesuka emnyango, sahlala phezu kwalo. 3 Ukubonakala kwaso ke kwaye kunjengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu. 4 Ngokoyika sona ke bangcangcazela abalindi, baba njengabafileyo. 5 Saphendula ke isithunywa sathi kubafazi abo, Musani ukoyika nina; kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu, lowo ubebethelelwe emnqamlezweni.6 Akakho apha; kuba uvukile, njengoko watshoyo; yizani niyibone indawo apho ibilele khona iNkosi. 7 Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile kwabafileyo; niyabona, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho. Yabonani, ndinixelele.8 Bephume kamsinya engcwabeni, benokoyika nokuvuya okukhulu, bagidima baya kubabikela abafundi bakhe. 9 Ke kaloku, xa baya kubabikela abafundi bakhe, wathi thu uYesu, wabahlangabeza, esithi, Vuyani. Beza ke bambamba ngeenyawo, baqubuda kuye.10 Aze athi uYesu kubo, Musani ukoyika; yiyani kubatyela abazalwana bam ukuba baye eGalili; bondibona khona apho. UMatewu 28:1-10

Ithetha ukuthini kum?Uvuko luthetha ntoni, kuthi? Luthetha ukuba ngenene uYesu nguThixo. Yiyo le nto la manina aye amnqula. Yiyo le nto ayebenesibindi sokuxelela wonke umntu (v10). Lo nto ithetha ukuba ubuKrestu buyinyani. UJosh McDowell, ongakholwayo kuThixo, whakhe whazama ukubonakalisa ukuba uvuko lukaKrestu 'zange lwenzeke, kodwa emva kokujonga ubungqina obusembalini, waqinisekile ukuba kwenzeka nhyani. WaabanguMkrestu wabhala incwadi eyaathengwa kakhulu ethi The Ressurection Factor (Um-ba Wovuko) engqina uvuko njengoluyinyan ngokwembali. Lo nto ithetha ukuba sinokuqiniseka ngobom obungunaphakade. Njengoko uYesu waphilayo emvakokufa, usithembisa ubom banaphakade ukuba sithembela kuYe. Ithi loo nto uYesu uyaphila. Loo nto yenza uYesu ohluke kakhulu kubaseki bezinye iinkolo. Nguye yedwa ongenangcwaba! Ithi loo nto singasikeleleka! Waathi uYesu kwaabo babengamangqina okuba uvukile, ‘Utsho wakholwa ngenxa yokuba undibonile; Basikelelekile abo bakholwa bengandibonanga - kodwa bakholwa kunjalo!’ (UYohane 20:29)

Ndingenza ntoni?Uvuko luthetha ntoni kuwe?

Ufuna ukufunda banzi?Jonga kwabaseKorinte 15:12-22. Ufunde kwiziTyhilelo 1:9-18 ukuze Lowo Uvukileyo umbone ubuso ngobuso.

Page 12: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWESI 8: UKULANDELA UYESU

Kwenze nje!' Lesi isiqubulo sikaNike, kodwa sichaza nokushaywa kwesizukulwane sethu.Namuhla, izigidi zabantu bazibiza ngamaKristu kodwa 'bangakwenzi nje.' Empeleni abafuni ukulandela nokulalela uNkulunkulu abathi bakholelwa kuye. AmaKristu okuqala ayenza zibizi ngamaKristu, kodwa kunalokho babebizwa ngokuthi abafundi, noma abalandeli bakaJesu. Ake sibheke abanye abantu ababenethuba eliyingqayizivele lokumlandela futhi bakwenza nje.Lifundisani iBhayibheli?17 Kusukela kuleso sikhathi uJesu waqala ukushumayela nokusho ukuthi: “Phendukani, ngokuba umbuso wezulu ususondele.” 18 UJesu ehamba ngaselwandle lwaseGalile wabona izelamani ezimbili, uSimoni othiwa uPetru no-Andreya umfowabo, bephonsa inetha elwandle; ngokuba babe ngabadobi. 19 Wayesethi kubo: “Ngilandeleni; ngiyakunenza nibe ngabadobi babantu.” 20 Base bewashiya masinyane amanetha, bamlandela. 21 Esedlulela phambili wabona ezinye izelamani ezimbili, uJakobe kaZebedewu, noJohane umfowabo, besemkhunjini kanye noZebedewu uyise, belungisa amanetha abo; wababiza. 22 Base beshiya masinyane umkhumbi noyise, bamlandela. 23 UJesu walihamba lonke elaseGalile efundisa emasinagogeni* abo, eshumayela ivangeli lombuso, ephulukisa abantu ezifweni zonke nasebuthakathakeni bonke. NGOKUKAMATHEWU 4:17-23Kusho ukuthini kimi?Kusho izinto eziyisithupha: 1) Ukhungatheke ukuhlakanipha namandla akhe. Kungani futhi laba bantu babemlandela ngokulangazela (20)? UJesu unokuhlakanipha namandla esiwadingayo ukuze siphile kahle. 2) Qala ubudlelwane naye. Lokhu bekuyisiqalo sobuhlobo baphakade noJesu kulaba bantu. uJesu ufuna ukuba umngane wethu. 3) Yenza ngokwesibonelo sakhe. Kamuva abantu baphawula ngokuthi lamadoda amkhombisa kanjani uJesu ezimpilweni zabo (bona Izenzo 4:13). UJesu ufuna, kanti futhi ayakwazi, ukusenza sifane naye nathi. 4) Kholwa futhi ulalele imfundiso yakhe. Abafundi laba bathatha ngokungathí sina ukufundisa kwakhe. Kuthinte indlela abaphila ngayo (v17-23). Imfundiso kaJesu nayo ingasenza ukuthi sicabange ngendlela efanele futhi siphile ngomdlandla. 5) Joyina kuye ekuthunyelweni kwakhe ukufinyelela abantu. Uthembise uPeter no-Andrew ukuthi uzobasebenzisa ukuguqula izimpilo zabanye abantu (v19). Leso sithembiso siyasebenza nakithi. 6) Mnike ukwethembeka kwakho okuphezulu kakhulu. Bashiya imisebenzi kanye nemindeni yabo ngasikhathi sinye (v22). Noma yini esiyidelayo ayilutho uma iqhathaniswa nalokho esiku zuzayo. Isinqumo esibaluleke kakhulu esingasenza 'ukuthi nje sikwenze' bese simlandela.Ngenzeni?Ingabe usunqume ukulandela uJesu? Uma kungenjalo, kungani kungenjalo? Yiziphi kulezi zinto eziyisithupha ezingenhla zokulandela uJesu ekuphonsela inselelo enkulu? Ufuna ukuqhubeka nokufunda?Bheka uLuka 5:1-11 ngohlobo olude lwenye yale ndaba.

Page 13: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWE 9: INZUZO YANGAPHANDLE

Indoda ethile yahamba ngesikhephe yawela ulwandle. Wayengenayo imali yokuthenga itikiti ngoko ke xa abanye abantu beyokufumana isisdlo, yona yayihlala yodwa itye isonka esidala.Ukufika kwabo apho babesiya khona, wabuzwa ngumphathi sikhephe, "Bekutheni uze ungezi ngexesha lesidlo ngoba bezibaliwe kwela tikiti.' Eli bali lisikhumbuza ngabantu abaninzi abacinga ukuba ukuthembela kuYesu kukunika itikiti lokuya ezulwini. Ukuba ngumKrestu kunenzuzo eninzi nalapha ebomini.

Isifundisa ntoni iBhayibhile?14 Kuba bonke abakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo abo. 15 Kuba anamkelanga moya wabukhoboka, ukuba nibuye noyike; namkéle umoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngawo sithi, “Abha, Bawo”. 16 UMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo. 17 Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye. KwabaseRoma 8:14-17

Ithetha ukuthini kum?Ukuba sithembela kwaye silandela uYesu, kwenzeka ntoni? Samkela uMoya OyiNgcwele (v14). UbuBukho bukaThixo obuphilayo aphakuthi. Sifumana ubuni obutsha njengomntwana oyindlalifa kaThixo (v16,17). Akukho mfuneko yokuphinda sibenexhala lokwaliwa nguThixo.Siyazazi ukuba singoobani kuba siyazazi ukuba singabakabani. Sifumene isimemo sokuvuyela uThixo njengo bawo wethu osithandayo. Ngoku siyakwazi ukwazana naYe njengo Abba (uTata). Samkele isithembiso sokuba akasoze ayeke ukusithanda, noba kuyintoni na (v 35-39). Zizithembiso ezingumangaliso ezi. Intw'ebuhlungu kukuba amaKrestu, ayazilibala okanye kubanzima ukuzikholelwa. Kwathi kwakuthi tha kulo, yaphakamisa amaphiko alo labhabha okokuqala ngqa ebomini balo! Eli bali lifana nebali le ntshontsho ledada elalingum-bikanye, lili lolo phakathi kwamanye amadada, de lafumanisa ukuba lilirhanisi. Masisebenzise itikiti lethu lesidlo sitye esithebeni sikaThixo. Masisebenziseni amaphiko ethu sibhabhe ngezithembiso zikaThixo.

Page 14: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWE 10: IBHAYIBHILE

Ayibhalwanga nguThixo iBhayibhile. Kodwa nguYe owaphefumlela ababhali bayo bangama-40, kuquka imbongi, ikumkani, umalusi, ugqirha, um-buthi werhafu, umlobi, ababhala incwadi ezahlukeneyo kwminyaka eli-1600 adlulileyo. I-Testamente endala (iincwadi ezingama-39) yabhalwa phambi kokufika kukaYesu. I-Testamente entsha (iincwadi ezingama-27) yabhalwa emva kokufika kukaYesu. UThixo waqinisekisa ukuba babhala le nto ayifunayo kwaye iqulathe inyaniso ngoThixo, aakwenzayo nasakwenzayo, nangendlela yokuba nobudlelwane naYe. Ilizwe lembali eseBhayibhileni alifani nelangoku, kodwa umyalezo walo useyinyani kwaye usafanelekile namhlanje njengoko wanjalo nangoko.

Isifundisa ntoni iBhayibhile?9 Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe? Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho. 10 Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho. 11 Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, ukuze ndingoni kuwe. 12 Ungowokubongwa, Yehova; ndífundise imimiselo yakho. 13 Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wam onke amasiko omlomo wakho. 14 Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho, ngathi kusebuncwaneni bonke. 15 Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho, ndibheke kumendo wakho. 16 Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho; andiyi kulilibala ilizwi lakho. 17 Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi, ndigcine ilizwi lakho. 18 Vula amehlo am, ukuba ndiyibone imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho. 19 Ndingumphambukeli ehlabathini, musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho. 20 Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelela amasiko akho ngamaxesha onke. 21 Ubakhalimele abakhukhumali, abaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho. IIndumiso 119:9-21

Ithetha ukuthini kum?Kutheni kufukekaufunde iBhayibhile? Isigcina sinyulu (V9) singenasono (V11). Izanovuyo (v14) nokumangalisayo (v18). Yondla imiphefumlo yethu, njengoko ubusi kusondla imizimba yethu (v103). Isisalathiso xa sisenza izigqibo, njengedledlana esikhokelayo xa silahlekile (v105). Isinika ukuqonda (v104). Senza ntoni ukuze sibenomdla eBhayibhileni? Ngokuyithobela (v9). Sinkqaye iindawo ezithile kuyo (v11). Uthethela phezulu nesiqu sakho uthethe kunye nabanye abantu ngayo (v15). Uyixabise (v14). Ucinge ngayo de ibesegazini (v15). Ungayityesheli (v16). Cela uThixo avule amehlo akho xa uyifunda uyive (v16).Yilangazelele (v20). Ubenentobeko, ungazikhukhumalisi xa uyibambile (v21). Zonwabisa ngayo(v103). Akwanelanga ukuba ungene elizwini likaThixo ubenolwazi. Ilizwi likaThixo kufuneka lingene apha ngaphakathi kuthi de siguquke.

Page 15: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWE 11: IBANDLA

Ukuba ukhupha isikhuni emlilweni, uyacima umlilo kuso. Kufuneka kubekho ezinye izikhuni zamalahle ukuze uhlale uvutha umlilo. Ngokunjalo, ukuzondelela uThixo kuyaphela ukuba silandela uYesu umlandela wedwa awuzibandakanyi nenkonzo ethanda uThixo. Ezulwini izihloko zeendaba ayingabo abezopolitiko okanye abadlali koomabonakude. Zingezinto ezenzeka ebandleni likaThixo kwihlabathi jikelele.I-Bandla lusapho lukaThixo. Lisekelwe ukubonakalisa Yena nomyalezo wakhe kuloo ngingqi akubeke kuyo. Ayisosakhiwo okanye intlanganiso, ngabantu. AsingobakaThixo qha, siyazalana omye komnye. Ubom bomKrestu bobom bobunye. Inkomo edla yodwa ayivumelekanga. Masikhangele icawe engumzekelo omhle:

Isifundisa ntoni iBhayibhile?41 Bathe ke ngoko, ábalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa ngaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu.42 Baye ke bezingisa ukuhlala emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni. 43 Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile. 44 Bonke ke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke. 45 Baye bethengisa nangemihlaba nangempahla yabo, babele bonke, njengoko ebethi ubani aswele ngako. 46 Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, beqhekeza isonka kwizindlu ngezindlu, besidla ukudla benemigcobo, benolungelelwano lwentliziyo, 47 bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza abasindiswayo imihla ngemihla kulo ibandla. IZenzo 2:41-47

Ithetha ukuthini kum?Eli bali lisibonisa ngebandla. Zinikeleni ekufundisweni nasentlalweni esekelwe elizwini likaThixo. Yenzani konke eninako ukuba nazi kwaye niyithobele kunye iBhayibhile. Yakha ubuhlobo obumeleleyo. Musani ukuya ezintlanganisweni zodwa; hambelanani kumakhaya enu ningene nasebomini bomnye komnye. Qhekezani isonka kunye. Nitye isonka nisele isiselo kunye, nikhumbule ukufa kukaKrestu (Khangela II KwabaseKorinte 11:23-29).Thandazani kunye nidumise uThixo kunye. Sondelani kuThixo, nilindele ukuba azityhile ngokuzityhila kuni anityhilele nendlela zaKhe. Nikhathalelane. Nincedane, ingakumbi abo basentlungwini. Ningenise abangaphandle. Ukumgcina kuthi sodwa uThixo kukuzicingela sodwa, xelela abanye ngokholo lwakho, nibameme bezekwindibano ezithile. Ninganikezeli. Zonke iinkonzo yindimba yabantu abangagqibelelanga abazidibanisa nentloko egqibeleleyo. UYesu usinika ubabalo lokuba singagxekani. Ufuna sibeyinxalenye yesisombululo, hayi ingxaki.

Page 16: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWE 12: UMTHANDAZO

Kuthiwa amaSudani ayeguqukele ebuKrestwini ayezinikele ekuthandazeni imihla ngemihla. Umntu ngamnye wayenendawo yakhe ethafeni apho wayezityanda igila kuThixo. Ekuhambeni kwexesha yayityeka iingca kwezondawo. Ukubangaba omnye wabo wayengasathandazi, oko kwakucaca msinyane kwabanye. Babedla ngokumkhumbuza lowo usilelayo, 'Mntakwethu ingca iyakhula endleleni yakho.'

Isifundisa ntoni iBhayibhile?6 Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni. 7 Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. 8 Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli. 9 Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. 10 Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. 11 Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla. 12 Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi. 13 Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen. Mateyu 6:6-13

Ithetha ukuthini kum?Sifanele ukuthandaza njani? Susa iziphazamiso ujonge kuThixo onawe. Ulangazelela ukuphendula imithandazo yakho (v6). Ningazami ukuzithandisa kuye ngemilembelele engento (v7). Vakalisa um-bulelo, intlungu, umdla wokwazi, uthando, nantoni na.Sithandazela ntoni? Kuninzi esinokukuthandazela: jonga kuThixo umxelele ngendlela omthanda ngayo (v9). Cinga ngeenjongo anazo ngawe kunye nendawo okuyo. Mcela ukuba enze intando yaKhe (v11). Cela uxolo ngezono ozenzileyo (v12). Mnike intlungu yakho uxolele abakonileyo (v12,14). Cela ukuba akusindise ekulingweni akukhusele kumtyholi (v13). Kufuneka sithandaze nini? 'Thandazani ningayeki' (1 KwabaseThesalonika 5:17). Ungathetha noThixo okokoko. Zinyanzele xa ubona ngathi akakuva ngamanye amaxesha. Uyakuva. Qaphela ukuba ezinye izinto ozicelayo aziyomfuneko okanye awukakulungeli ukuyifumana. Yiba nomonde. Cela uMoya oyiNgcwele akuncede uthandaze. Hlala unonxibelelwano naYe.

Page 17: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWE 13: ISIQHAMO SOMOYA

Waabuzwa Micheal Angelo ukuba uwenze njani umfanekiso oqingqiweyo ka Davide. Ingxelo ithi waaphendula wathi ' Ndaabuka ilitye le mabhile ndasusa ez'indawo zingengoDavide.'UThixo ngumkroli omkhulu. Ufuna sifane no Yesu. Ufuna ukususa yonke into engafaniyo noYesu apha kuthi. Ukusindiswa kwethu saamkela ubumsulwa nobulungisa bukaYesu, hayi ubume bakhe. Leyo into ithatha ixesha, intobeko nokuphuhliswa ngoncedo loMoya Oyingcwele.

Isifundisa ntoni iBhayibhile?16 Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama. 17 Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda. 18 Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho. 19 Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyilé: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, 20 ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, 21 oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. 22Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa; 23 akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo. 24 Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo. 25 Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya. 26 Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana. KumaGalati 5:16-25

Ithetha ukuthini kum?UYesu unothando, unovuyo, unoxolo, unomonde, unyanisekile, unobulali, unokuzeyisa (v22-23). Yiyo le nto wayenempatho entle. Khawubenom-bono wakho ungumthi ovelisa iziqhamo. Xa uzisondeza kuMoya OyiNgcwele umthobela (v25) uyakuvelisa iziqhamo zesimilo sikaYesu. Awunyanzelekanga ukuba uzame ukulunga - yenza kangangoko unako uzisondeze kuMoya OyiNgcwele. Yena uzakwenza ukuba wena ubeneenkanuko zokubanyulu nezothando, usicekise isono, nangona simnandi nje umzuzwana, ekuhambeni kwexesha senzakalisa wena nabanye abantu.

Kuthetha ukuthini ukuti chu noMoya OyiNgcwele (v25)? Ithetha ukuba silimamela ngentobeko ilizwi laKhe elithetha nathi eBhayibhileni nakwizazela zethu. Xa sisekulingweni, sizakum-va ezintliziyweni zethu esilumkisa nje kamnandi . Kufuneka simthobele! Ngolohlobo sizakuluva uxolo novuyo Lwakhe. Ukuba asimthobeli, uzakukhathazeka (kwabase-Efese 4:30). Ukuba sonile, uzakusikhuthaza ukuba siguquke. Akufunekanga siziqinise iintliziyo zethu kuye. Xa sithe chu naye, sitsho simve nangakumbi, kwaye siye sifana ngokufana noYesu.

Page 18: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWE 14: UKUTHEMBELA

Xa abaqhubi beenqwelo-moya bebhabha emafini kubakho into ekuthwa yivethigo okanye isiyezi. Loo nto ithetha ukuba abazazi nokuba babhabhela phezulu okanye baya ezantsi. Abaninzi abamamela iimvakalelo zabo ezingathembekalanga, bawile. Abaqhubi nqwelo-ntaka abanobuchule bakholosa ngezixhobo ezibachazela ngokuchanekileyo ukuba babhabha kweyiphi inkalo. Kananjalo, amaKrestu amaninzi ayatyhafa elukholweni ngenxa yokugubungelwa ziimvakalelo ezinje ngokuthandabuza, umvandedwa, uloyiko, namaxhala. Ngamaxesha anjalo kufuneka singazithembi iimvakalelo zethu, sithembele kwizithembiso zikaThixo ezingaguqukiyo kunye nokunyaniseka kwaKhe, sifunde ukubhabhela phezulu ngendlela efanelekileyo.

Isifundisa ntoni iBhayibhile?35 Athi kubo kwangaloo mini, kwakuhlwa, Masiwele siye ngaphesheya. 36 Besindulule isihlwele, bamthabatha esemkhombeni njalo; kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye.37 Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku. 38 Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje? 39 Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. 40 Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Kutheni na, le nto ningenalukholo? 41 Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle? U-Makro 4:35-41

Ithetha ukuthini kum?UYesu usinika umkhombandlela (v35). Xa simthobela, siyafika isaqhwithi izinto zingahambi kakuhle (v37). Xa kunjalo ibangathi uYesu uthe cwaka akasincedi, kwaye akakhathali. (v38).Uyakhathala! Nguye ophetheyo, akaphathwa valo. Yiyo loo nto wayekwazi nje nokulala. Ukungamthembi kusenza sibenoloyiko (v40) singamthembi ukuba usikhathalele (v38).Angasiphelisa isaqhwithi nanini na. Kutheni esivumela sithwaxwe zizaqhwithi nje? Wenzela ukuphuhlisa ukholo lwethu kuye. Ukholo olungavavanywayo ayilokholo ncam. Kwisaqhwithi ngasinye uze ukhumbule ukuba ufefe lukaThixo llunakho kwaye luyakukulondoloza.

Wenza njani ukuze ukhule ekumthembeni? Siyazikhumbuza ukuba uYesu unathi. Usikhathalele. Uyazigcina izithembiso zakhe. Unamandla okuguqula nayiphi na imeko. Kufuneka sihlale simthembile de ayiguqule imeko. Ukuba asenzi njalo, iimvakalelo zethu ziyakusigubungela kwaye zisintlithekise. Kungcono ukubambelela kwizithembiso zikaThixo eziselizwini laKhe. Izithembiso ezinje, 'Andiyi kushiya kwaye andiyi kukuyekela' (KumaHebhere 13:15).

Page 19: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWE 15: ISISA

Awuziboni kakuhle iinkwenkwezi xa usecaleni kwezibane ezikhanyayo. Ngokunjalo, uphambuka lula ekunquleni uThixo naselukholweni lakho kuYe xa uthabathekile yimali namawonga aza nayo. Unqwenela engaphezulu - ngethemba lokuba izakuzakukuphathela izinto ezimnandi ebomini, yenze abantu bakuhloniphe. Ukuba (imali) yeyona njongo ibalulekileyo ebomini bakho usengozi. Kufuneka ukhe ubuy'umva kubukhazi-khazi bemali nezinto zehlabathi ubone uzuko lukaThixo ngokutsha.

Ibhayibhile isifundisa ntoni?5 izirhano ezingendawo, iimpikiswano zochuku lwabantu abonákele iingqiqo, abahluthwe inyaniso, beba ukuhlonela uThixo kukusekeleza inzuzo. Obona butyebi. 6 Ke kona ukuhlonela uThixo, kúndawonye nokwanela, kusekelezE inzuzo enkulu. 7 Kuba sibe singangEnanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto. 8 Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto. 9 Ke abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni, nasekutshabalaleni. 10 Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi. 11 Ke wena, mntu kaThixo, zibaleke ezo zinto; phuthuma ke ubulungisa, ukuhlonela uThixo, ukholo, uthando, unyamezelo, ubulali. 1 Tim 6:5-11

Ithetha ukuthini kum? Kutheni le nto kuyingozi ukuthanda imali (nezinto engakwenzela zona)? Awukwazi ukuyanayo eZulwini (v7). Yingcambu yeento zonke ezimbi (v10). Ukuthanda imali kwenza ukuba sophule imithetho kaThixo ngendlela ezininzi, kuba ungenza nantoni na ukuze ubenayo - ungade uxoke, ukhohlise, ube, uxhaphaze. Loo nto ingasenza sohlukane noThixo (v10). Ithembisa ubumnandi kodwa ikuphathela iintlungu, umonakalo kunye nentshabalalo ekuhambeni kwethuba. Ayithembakalanga, yinto yethutyana kwaye kulula ukuphulukana nayo (v17).

Singayisebenzisa njani imali ngendlela exolisayo kuThixo? Yazi ukuba siyakwazi ukwaneliseka yinto encincinane. Beka ithemba lakho kuThixo, hayi emalini (v17). Konwabele knoke uThixo akunika kona, ukubone njenge sipho sesisa saKhe (v17). Cela konke okudingayo kuThixo. Yipha ngesisa (v18) kwabo bahluphekileyo nakwinkonzo okuyo, ngokom-bono wecawe. Gxila kubutyebi banaphakade obuza ebomini ngokuthobela uKrestu. Uwukwazi ukungena ezulwini uphethe imali, kodwa xa uyityala kwinkqubela yobukumkani bukaThixo, uyithumela ngaphambili. Musa ukuleqa ubutyebi. Kungcono ulandele uThixo usebenzise imali akunike yona ngendlela eyakumenza oneliseke.

Page 20: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWE 16: SEBENZA

uTed wayengumdlali webhola ekhatywayo enesiphiwo kodwa engadlali kakuhle. Wayengazange akhe abukelwe nguyise edlala. Wabhubha uyise. Emangalisayo, wasuka waqalisa ukudlala kakuhle. Wayengawaphosi amaxesha oqeqesho, umqeqeshi wakhe wabuza ukuba yintoni emenze waguquka, waphendula wathi, "kaloku utata uswelekile mhlawumbi uyakwazi ngoku ukundibukela ndidlala - andikufuni ukumphoxa." Masifunde ngendlela uThixo, uBawo wethu osezulwini, asigcinana ngayo, nangendlela oko kufanele ukuba kusikhuthaze sisebenze.

IBhayibhile isifundisa ntoni?17 Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise.KwabaseKolose 3:17

22 Nina zicaka, bathobeleni abaphathi benu balapha emhlabeni kuzo zonke izinto. Thembekani emsebenzini naxa ningajongwanga; ewe, sebenzani ngokungathi nikhonza iNkosi ngenkqu, ningajonge kunconywa ngabantu. 23 Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. 24 Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.Kodwa yena umenzi wobubi uya kuvuzwa ngokwemisebenzi yakhe emibi; kuba uThixo ugweba wonke ubani engakhethi buso. 1 Nina basemagunyeni, izicaka zenu ziphatheni kakuhle, ngobulungisa. Ze nikhumbule ukuba nani nineNkosi esezulwini. KwabaseKolose 3:22 -25 & kwabaseKolose 4:1

Ithetha ukuthini kum?Ngezoontsuku, isiqingatha sabantu sasingamakhoboka. AmaKrestu amaninzi ayengamahlwempu. Babephila ngamalizo avela kwabasemagunyeni. Babewutyhafele umsebenzi, bengenam-bono ngomsebenzi wabo, babexhatshazwa ngabaphathi babo.Nangoku, imisebenzi yethu nezinto esinoxanduva lwazo ibangathi bubukhoboka ngamanye amaxesha. Kodwa njengamaKrestu kufuneka sifunde ukwanelisa uThixo ngemisebenzi yethu. Singenza ntoni ukuze simanelise uThixo? Yenza konke ngoncedo lukaThixo wenzele uzuko lukaThixo (v23). UThixo ufuna ukukunceda uphuhlise ulwazi nesakhono sakho. Yenzela uThixo, ungezeli bantu (v23). Musa ukufuna ukunconywa ngabantu (abaphathi, abahlohli okanye abafundisi-ntsapho. Yanelisa uThixo kuqala. Loo nto izakukukhuthaza ukuba usebenze ungajongwanga mntu, ujongwe nguThixo yedwa. Yenza konke ngomxhelo (v23). Impumelelo iza xa ukhuthele. Kodwa ke ukusebenza kakhulu ngokubaxekileyo kunxamnye noThixo (Psalm 127:1-2). Sebenzela ukufezekisa um-bono (v24). Cela uThixo akunike um-bono ngobom bakho usebenze ukuwufezekisa ngobulumko. Musani ukuxhaphaza abantu (4:1) UThixo ufuna amathuba avuleleke kuye wonke umntu.Yiyo le nto kudala, amaKrestu ayekhokela kumzabalazo wokuphelisa ubukhoboka.

Page 21: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWE 17: YENZA UMAHLUKO

Kutheni ulapha emhlabeni nje? Impendulo: Uzele ukubonakalisa imo kaKrestu nentando kaThixo. Ukuba uKrestu lithemba lehlabathi, abantu bakaThixo ngabathunywa nemizekeliso yelo themba. Ukulandela uYesu kuthetha ukuba sikunye noThixo kwiphulo lokuzisa iinguqu ehlabathini, siqale ngabo bantu basingqongileyo.

IBhayibhile isifundisa ntoni?11 Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam 12 Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu. 13 Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Ayisalungele nto, kukulahlwa phandle kuphela, inyathelwe ngabantu. 14 Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala; 15 Kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini. 16 Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini.Mateyu 5:11-16

Ithetha ukuthini kum?Singenza njani ukuze sibeyityuwa (v13)? Ityuwa isebenza xa iphumile kwisingxobo sayo idibane nokutya. UThixo unentsimi akubekele yona - ngabantu bakowenu, abasekuhlaleni, apho ufunda okanye usebenza khona. Ukuba uxelela abantu ngoKrestu kodwa lwaphela uthando lwakho kuye nakwiindlela zakhe, awusayi kubanafuthe kubo. Ubom bakho neendlela zakho ezinxamnye noThixo, zivakala ngaphezu kwamazwi owathethayo. Ubom obunongwe ngetyuwa nokubalitsha-ntliziyo likaThixo neendlela zakhe benza ukuba abanye banxanelwe uThixo.

Singenza njani ukuze sibekukukhanya? Ukukhanya kufuneka kubesekuhleni kumntu wonke, kungafihlakali. Ukulandela uYesu yinto yakho wedwa, kodwa asinto isemfihlakalweni. Ukhanyiselo lwakho malukhanye phambi kwabantu (v16). Bazakuthini abantu? Abanye abantu bazakunicaphukela (v11-12). Kanti ke bacaphukela ukukhanya kukaThixo okungaphakathi kuwe okuveza ubumnyama obungaphakathi kubo. Ingakukhathazi loo nto.

Lindela umvuzo wenyameko osuka kuThixo (v12). Abanye bazakubona imisebenzi yakho emihle babenomdla kuloThixo ukukhuthazayo (v16).

Page 22: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWE 18: LIBALISE IBALI LAKHO

Khawujonge kuloo ndawo kuyo. Ungqongwe ngabantu abangengomaKrestu. Ungafikelela njani kubo? Enye yeendlela zokwenza oko kukunyaniseka. Amabali okwenyani kamabonakude yindlela entsha eqwalasela izinto eziyinyani ezenzeka ebantwini. Isizukulwana sethu asiwafuni amabali angamasekeni okanye iintsomi. Bafuna okwenyani. Yiyo le nto enye yendlela enamandla yokubanefuthe elivakalayo lokubizela abantu kuThixo kukuba balisela ngendlela owathi wazana ngayo noThixo kunye nezinto akwenzele zona ebomini bakho ukususela ngoko. Abona bantu bangakholwayo bangahle bakumamele xa uqhuba ngoluhlobo.

IBhayibhile isifundisa ntoni?1 Madoda, bazalwana, nani bobawo, kuphulaphuleni ukuziphendulela kwam kuni ngoku.2 Bakuva ke ukuba udanduluka ngentetho yesiHebhere kubo, bazola okunye. Waza wathi:3 Mna ndiyindoda engumYuda; ndizalelwe okunene eTarso yelaseKiliki, kodwa ndondlelwe kulo mzi ezinyaweni zikaGamaliyeli; ndiqeqeshwe ngohlobo olucokisekileyo lomthetho woobawo, ndizondelela uThixo, njengokuba ninjalo nani nonke namhlanje. 4 Ndingowayitshutshisayo yona le Ndlela, ndada ndesa ekufeni, ndibopha, ndifaka ezintolongweni amadoda kwanabafazi; 5 njengokuba nombingeleli omkhulu endingqinela, nayo yonke intlanganiso yamadoda amakhulu; endamkela kubo iincwadi zokuya kubazalwana, ndahambela eDamasko, ndiya kuzisa nababekhona bebotshiwe eYerusalem, ukuze babethwe. 6 Ke kaloku kwathi, ndihamba, ndisondela eDamasko, malunga emini enkulu, ngesiquphe ndabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiselo olukhulu luphuma ezulwini. 7 Ndawa emhlabeni, ndeva ilizwi lisithi kum, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? 8 Ndaphendula ke mna ndathi, Ungubani na, Nkosi? Yathi kum, Mna ndinguYesu waseNazarete, omtshutshisayo wena. 9 Bona ke ababenam balubona okunene ukhanyiselo olo, besuka boyika; kodwa abalivanga ilizwi lalowo wayethetha nam. 10 Ndathi ke, Ndithini na, Nkosi? Yathi ke iNkosi kum, Vuka, uye eDamasko; woxelelwa khona ngazo zonke izinto ozimiselweyo ukuba uzenze. 11 Ndakuba ke ndingenakondela ngenxa yobuqaqawuli bolo lukhanyiselo, ndarholwa ngesandla ngabo babenam, ndafika eDamasko. 12 Ke kaloku, Hananiya uthile, indoda emhlonelayo uThixo ngokomthetho, engqinelwe kakuhle ngawo onke amaYuda amiyo khona, 13 weza kum, wema kufuphi, wathi kum, Sawule, mzalwana, buya ubone. Ndaza mna kwangelo lixa ndabheka phezulu kuye. 14 Wathi ke yena, UThixo woobawo bethu ukumisile wena ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, umbone lowo uliLungisa, uve ilizwi eliphuma emlonyeni wakhe; 15 ngokuba ùya kuba lingqina lakhe kubo bonke abantu, lezinto ozibonileyo nozivileyo. 16 Nakaloku ùsalibele yini na? Suk' ume, ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi. Izenzo 22:1-16

Ithetha ukuthini kum?UPawulosi ubalisela abobangakholwayo ngebali lakhe noThixo. Xa sifunda apha kuye, singathini? Okokuqala, balisela abantu ngamafutshane ngobom bakho phambi kkokuba uguquke ubenguMkrestu(v1-5). Emva koko ubachazele ngeziganeko ezaakhokelela ekubeni ulanedele uThixo (v6-11). Okokugqibela ubabalisele ngendlela ubom bakho obuyiyo ukususela ngoko (v12-16).Ungaze ulidelele ibali lakho ibe ngathi alimangalisi ngokwaneleyo. Abanye abantu abanjengoPawulosi badibana noThixo ngedlela exhomisa amehlo, kodwa abaninzi bayebazane noThixo ngendlela engawaxhomisi kangako amehlo. Balisa nje ibali lakho uthembe ukuba abantu bazakugqinelana nalo. Lenze lula. Umxholo mawusuke kubom bakho ungqale eubabalweni lukaThixo. Ukuba uthetha ngemisebenzi kaThixo ebomini bakho, kodwa akukho mahluko ebomini bakho ungamangali xa abantu bengayihoyi into oyithethayo.

Page 23: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWE 19: UKUKHONZA

Khawucinge, ume emgceni omde ulinde ithuba lakho, 'suke umgca ujike ababasemva kwakho ibe ngabo ngoku abokuqala. UYesu wenza njalo ebukumkanini bakhe. Wenza abokuqala babengabokugqibela abokugqibela ibengabokuqala. Apha emhlabeni oyena mntu mkhulu nguloo ukhonzwa ngabantu abaninzi, kodwa ebukumkanini buka Thixo oyena mntu mkhulu ngulo usisicaka sabantu abaninzi (Marko 10:42-45). Asisayi kubonakalisa ukuba uThixo unjani kweli hlabathi ngendlela efanelekiyo ngaphandle kokuba sifunde ukuba nentliziyo yesicaka ebantwini abasingqongileyo.

IBhayibhile isifundisa ntoni?1 Ke kaloku, phambi komthendeleko wepasika, esazi uYesu ukuba lifikile ilixa lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise, ebathandile abakhe abasehlabathini, wabathanda kwada kwasekupheleni. 2 Kwakubakho isidlo sangokuhlwa (akubon' ukuba uMtyholi selekufakile entliziyweni kaYuda Sikariyoti, okaSimon, ukuba amngcatshe), 3 esazi uYesu ukuba uYise uzinikele zonke izinto ezandleni zakhe, nokuba waphuma kuThixo, esiya kuThixo: 4 usuka esidlweni, azibeke phantsi iingubo zakhe, athabathe itawuli* abhinqe; 5 aze agalele amanzi esityeni sokuhlambela, aqale ukuzihlamba iinyawo zabafundi, nokuzisula ngetawuli abeyibhinqile. 6 Uza ke kuSimon Petros; athi yena kuye, Nkosi, zihlánjwe nguwe na iinyawo zam? 7 Waphendula uYesu, wathi kuye, Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; kodwa wokuqonda kamva. 8 Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule uYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam. 9 Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko. 10 Uthi uYesu kuye, Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; úhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke. 11 Kuba ebemazi lowo umnikelayo; ngenxa yoko wathi, Anihlambulukile nonke. 12 Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni? 13 Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo. 14 Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndíyiNkosi, ndínguMfundisi, nani nifanele ukuhlambana iinyawo. 15 Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenzé ngako mna kuni. 16 Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe, namthunywa umkhulu kunalowo umthumileyo. 17 Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze. UYohane 13:1-17

Ithetha ukuthini kum?Kutheni kufuneka nikhonze abanye abantu? Sisenzo sothando (v1). Sisebukumkanini bukaThixo ukuze sincede abanye (v10). UYesu wayengumzekelo wethu kwaye wasixelela ukuba sikwenze oko (v15). Ukuba sikhonza abanye, sizasikelelwa nguThixo (v17). Uyesu wathi kusikelelekile ukupha ngaphezu kokuphiwa (Izenzo 20:35)

Kutheni nje kufuneka sikhonze abantu? Kufuneka sikhonze abantu kubasibathanda (v1). Kufuneka sikhumbule ukuba singoobani na kuThixo kwaye ungubani na uThixo apha kuthi (v3). Olu lwazi lusenza sikwazi ukuzithemba kwaye sizithembe, ijike loo nto isenze sibenentobeko ebantwini. Kufuneka sibeneendlela ezisebenzayo zokukhonza abanye abantu (v5). Ukukhonza asiyondlela yokuba mkhulu, bubukhulu.

Page 24: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWAMA 20: IFUTHE ELUNTWINI

Enye yeempazamo ezimbi ezeenziwa libandla kule minyaka ilikhulu idlulileyo, kukuza nemfundiso ethi eyona nto ibalulekileyo kwiTestamente Entsha kukuba abantu baye ezulwini. Ayiyo nyani leyo. Khawucinge ngamazwi kaThixo athi : 'Ubukumkani bukaThixo bulapha.' Ucinge ngomthandazo ekufuneka siwuthandazile : 'Ubukumkani bakho mabufike.' Kucace gca ukuba uYesu wayengazanga nje ukuba ase abantu ezulwini, kodwa wayezise izulu ebantwini. Kuqala thina sivuyiswe kukugqibelela kukaThixo okusebenza ezimpilweni zethu ezonakeleyo. Siphele sisibangabahambisi bokugqibelela kukaThixo eluntwini, ingakumbi kwabona bantu basezimbandezelweni.

IBhayibhile isifundisa ntoni? 25 Ke kaloku kwafika umchazi-mthetho, walinga uYesu esithi: “Mfundisi, kufuneka ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” 26 UYesu wathi kuye: “Khawutsho, kubhalwe ntoni *emthethweni?” 27 Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ” 28 UYesu ke wathi kuye: “Uchane ecwethe! Yenjenjalo kanye; wobudla ubomi.” 29 Ke yena umchazi-mthetho, efuna ukuzenza ilungisa, wathi kuYesu: “Ngubani ummelwane wam?” 30 UYesu wamphendula wathi: “Umntu othile wayesihla evela eJerusalem, esiya eJeriko, waza wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba izambatho zakhe, zamngxwelerha, zemka zimshiya esecicini lokufa. 31 Ke kaloku kwakukho mbingeleli uthile owayesihla kwangaloo ndlela, owathi akumbona wacezela phaya. 32 Kwangokunjalo ke *nomLevi, akufika kuloo ndawo, uthe akumbona wacezela phaya. 33 Ke umSamariya othile owayeseluhambeni wafika kuye, wathi akumbona wavelana naye, 34 wasondela, wawabopha amanxeba akhe, ewagalela ioyile newayini. Wamkhwelisa kwidonki yakhe, wamsa kwindlu yabahambi, wamonga. 35 Ukumka kwakhe ngengomso, urhole imali, wanika umnini-ndlu, wathi kuye: ‘Uze umonge; nento othe wadleka yona ngaphezu koku ndoyihlawula ekubuyeni kwam.’ ” Waqhuba uYesu wathi: 36 “Khawutsho ke, nguwuphi kwabo bathathu owaba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?” 37 Umchazi-mthetho wathi: “Ngulowo waba novelwano.” Waza uYesu wathi kuye: “Hamba uye kwenjenjalo ke nawe.” Luka 10:25-37

Ithetha ukuthini kum? Ukulandela uYesu kuthetha ukuba kufuneka sifunde ukuthanda abantu esiphila nabo (v27), ingakumbi abo basentlungwini(v37). Kweli bali abezomtheth wenkolo (abefundisi nabaLevi) babexakeke gqitha okanye babengenankathalo ukuba bancede kodwa umntu okumgangatho ongaphantsi kowabo eluntwini (umSamariya) wabanobuntu wenza unako-nako. UThixo ufuna siphakame xa imeko isitsho sihoye izidingo, senze konke esinako sikhuthaze abanye ukuba babe yinxalenye yoko. Indlela yokholo ‘Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo', (EkaYakobi 1:27). Ningasilibali isilumkiso siska Mam'uTeresa: Abahluphekileyo abasidingi ngaphezu kokuba thina sibadinga.' Yinto yokuba ukunceda abantliziyo zityumkileyo kusisondeza kuThixo obathandayo.

Page 25: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

USUKU IWAMA 21: UKUXOLELANA

Indoda ethile wabiyela kwakhe ngothango lokumohlula kummelwane wakhe, awayengamthandi. UThixo wathi makadale uxolo phakathi kwakhe nommelwane.Amehlo akhe egwantyuzisa iinyembezi, wadiliza olothango, wasebenzisa lomaplanga ekwakheni indlela esuka kwakhe iyokuma kwammelwane. Ilizwe lethu lonzakele, ngenxa yenkohlakalo, ubandlululo, nempakamo. Kuthi sonke uThixo ufuna siguqule amathango sakhe indledlana.

IBhayibhile isifundisa ntoni?8 Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu. 9 Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe, 10 nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo; 11 apho kungekho mGrike namYuda, kwalùka nokungaluki, abangaphucukanga nabangenankcubeko, khoboka nokhululekileyo; usuke uKristu waba kwinto yonke, kwaye uyaphila kuthi sonke. 12 Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana, 13 nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. 14 Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalékani uthando, oluyintambo yogqibelelo. 15 Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela. Kwabase Kolose 3:8-15.

Ithini le nto kum?Kutheni nje kufuneka koyiswe iyantlukwano nenkohlakalo ebantwini? Xa silandela uYesu asisabalulwa ngomgangatho wentlalo, izithethe, uhlanga, okanye isini kuba sibalulwa ngokobuni bethu obutsha kuThixo (v10) njengeentandane nabanyulwa bakaThixo. Loo nto ithetha ukuba umKrestu oseNigeriya unokuvana nomKrestu oseMelika okanye eChina ngaphezu komhlobo wakhe waseNigeriya ongengomKrestu! Sidityaniswa kukuba, sonke sinobudlelawane noThixo. Yiyo le nto uhlanga, izithethe, umgangatho wentlalo, isini, imfundo,nobutyebi zingenakusihlukanisa. UKrestu uyinto yonke kwaye usezintweni zonke (v11). Silukhangela njani uxolo? Ukukhululeka emsindweni nakwintiyo (v8). Yiba novelwano, nobubele, intobeko, ubulali, umonde, ukuxolela, nokubanothando (v12-13). Eyona nto ibalulekileyo kukuvumela uthando lukaThixo lusidibanise sibebanye eluxolweni (v14-15). Inguquko mayiqale ebandleni (v12). Ukuba abantu bakaThixo abakwazi ukuxolelana, ayaphela amathemba. Yiba ngumenzi woxolo (Mateyu 5:9). UMoya oyingcwele uyakukukhokela ukomeleze.

Yintoni endinokuyenza mna?Wakhe waphila phantsi kobandlululo okanye kwenkohlakalo kokwenu, ekuhlaleni, kwindawo yempangelo? Zinguqu zini ekufuneka zenzekile entliziyweni yakho? Kufuneka uxolele okanye ucele uxolo? Ngawaphi amanyathelo onokuwathatha ukuze ubengumenzi woxolo.

Ufuna ukufunda banzi? Ngokubanzi khangela kwabase-Efese 2:14-22

Page 26: 21 Day Guide - Xhosa...bam-biza ngomxhelo wonke. 5) Mdali (v3). Wadala izulu nomhlaba. 6) Unobuqaqawuli (v3). Uzuko lukaThixo bubuqaqawuli obumangalisayo bokugqibelela kwakhe. Izulu

WAMKELEKILE EKHAYA

Kukho umntu okufuneka umxolele? Ungathumeli umyalezo nje okanye umtsalele umxeba namhlanje. Uthathe inyathelo lokuqala lokuvuselela ubudlelwane phakathi kwenu.

Um-bulelo ongazenzisiyo kuTerran Williams ngomxholo obhaliweyo wesisalathiso seentsuku

ezingama-21..

SAKHA IBANDLA UKUZE KWAKHEKE ISIZWEUNEMIBUZO? [email protected]

IMIYALEZO EKUSHICILELO LOBUGCISA (iTunes + Spotify)UFUNA UKWAZI BANZI: HILLSONG.COM/SOUTH AFRICA

Ufuna ukuqhubeka nokufunda? Bheka kwabase-Efesu 2:14-22.