Upload
others
View
1
Download
0
Embed Size (px)
Citation preview
INTETHO KA BONGINKOSI MADIKIZELA
MPHATHISWA WOKUHLALISWA KOLUNTU ENTSHONA KOLONI
INTETHO YOLWABIWO-MALI
24 MATSHI 2010
Sakha iindawo zokuhlaliswa kwabantu ezimanyeneyo
nezigcinakalayo ezinamathuba okuhlala nawoqoqosho omntu
wonke.
Somlomo oHloniphekileyo,
Nkulumbuso eHloniphekileyo yeNtshona Koloni,
Nkokheli eHloniphekileyo yoMbutho oneGunya lokuPhikisa,
Balingane bam beKhabhinethi yePhondo,
Malungu aHloniphekileyo eNdlu yoWiso-mithetho yePhondo,
Sodolophu abaPhezulu nooSodolophu,
BaPhathi bakaMasipala,
Ziintloko zamaSebe nabaPhathi abaPhezulu,
Mahlakani nani zindwendwe eziHloniphekileyo.
Kwiveki ezayo, ngomhla wama 31 Matshi 2010, iSebe loRhulumente
woMmandla nezeZindlu uza kuphelelwa kukusebenza. Uza
kuthathelwa indawo ngomhla woku-1 ku-Epreli, ngamaSebe amabini:
iSebe loRhulumente woMmandla neSebe lokuHlaliswa koLuntu.
Ndiza kwaziwa njengoMphathiswa wokuHlaliswa koLuntu eNtshona
Koloni. Esi sihloko asichazi nje kuphela indlela yokuvelela
kukarhulumente izibonelelo zamathuba ezindlu, kodwa urhulumente
kaZwelonke wenzile, ngokwenyani, ukuba amkele indlela yokuvelela
kwethu izibonelelo zezindlu.
Kulo nyaka uphelileyo, xa ndandiqala ukubuza ngokugcinakala
kwendlela ekhoyo ndaze ndacebisa ngendlela entsha ebeka phambili
iziza ezinikwa iinkonzo ukodlula izakhiwo ezingaphezulu nezibonelela
ngoncedo olunganeno kubantu abaninzi, abantu abaninzi
bathandabuza.
Nangona kunjalo, indlela yethu yokuvelela ngoku ixhaswa
nguMongameli uJacob Zuma, owathi kwintetho yakhe yokuThetha
neSizwe wabeka i-500,000 yeziza ezinikwa iinkonzo kuzwelonke
njengento emakujoliswe kuyo ebhekisa kuMphathiswa oJongene
nokuHlaliswa koLuntu, uMnu. Tokyo Sexwale. Kwintlanganiso
yeMinMEC ebisandul’ukubakho kancinci nje kangangeeveki ezimbini
ezidlulileyo, kwacaca ukuba zonke ezinye iiprovinsi seziyisebenzisa
le ndlela intsha yokuvelela izinto nazo.
Kuyanelisa ukufumanisa ukuba abanye abantu bayakuvuma
esikwazileyo ukukulondoloza njengendlela elungileyo yokuvelela
kangangeminyaka emininzi.
Mnu. uSomlomo, kwiNtetho yakhe eBhekiswa kwiPhondo,
iNkulumbuso, yasikhumbuza ukuba umyalelo wethu ovela kubemmi
bePhondo leNtshona Koloni kukwakha uluntu olunamathuba
avulelekileyo kumntu wonke.
Indlela yethu yokufikelela sele yaziswa ngokupheleleyo kakhulu ngulo
mbono.
Kuluntu olunamathuba avulelekileyo kubantu bonke, iindawo
zokuhlaliswa kwabantu ziyagcinakala yaye zimanyene, zibonelela
ngokufikelela kwabo bonke kumathuba ezentlalo nezoqoqosho.
Kuluntu olunamathuba avulelekileyo, indlela yakho ebomini
ayimiselwanga ziimeko zokuzalwa kwakho, kodwa singathi
ingokwezipho/iitalente kunye nemizamo yakho. Kuluntu
olunamathuba avulelekileyo, umntwana ozalelwe entluphekweni
unakho ukukwazi ukuba abe ngugqirha wengqondo okanye uMphathi
omkhulu wenkampani (company CEO), xa kusenzeka ukuba abe
unetalente yaye unemigudu efunekayo yokuphumelela.
Ndiyacinga ukuba sonke siyavuma ukuba sinendlela ende
emasiyihambe ukuze sizuze loo mbono. Njengokutsho
kweNkulumbuso, “UMzantsi Afrika awukabi yindawo yoluntu
olunamathuba ngokuba abantu abaninzi bahlala bebanjisiwe
kumnatha wentlupheko, benemibono embalwa ebonakala
njengokuba injalo, bethembela ekukhongozweni ngurhulumente
ukuze baphile.
Kufuneka kwakhona sivume ukuba ezimeko zokuphelelwa lithemba
abaphila phantsi kwazo abemmi bethu abaninzi zinyina/zicutha
kalukhuni amathuba abo okuphucula imeko yabo nokukwazi
ukufikelela kumandla wabo abanawo.
Umntwana ohlala etyotyombeni, elingenamanzi acocekileyo,
elingenambane, nokucocwa kwamanzi, nothutho lwenkunkuma,
kufuneka oyise okuninzi kakhulu ukuze aphumelele ebomini.
Kufuneka simbonelele ngamathuba ukuze abe nokukhululeka kulo
mjikelo wentlupheko ukuze abe koko afuna ukuba kuko.
Nivile, yaye niza kuva, kubalingane bam abaninzi ngamathuba
amaninzi awohlukahlukeneyo ayakubonelelwa okanye
ayakukhawuleziswa ukwenziwa ngulo rhulumente. Ndiya kujolisa
kwindlela iSebe lokuHlaliswa koLuntu eliza kunceda ngalo
ekwandiseni amathuba ayakuxhanyulwa ngabemmi beNtshona
Koloni.
Ngaphambi kokukhupha isicwangciso sethu sobuchule neenkqubo
zethu zonyaka ozayo, mandivume kwakhona ukuba, kuluntu
olunamathuba avulelekileyo, oorhulumente basekukhanyeni yaye
banoxanduva lokuphendula. Ngoko ke, kubalulekile ukucinga
ngesikuzuzileyo nemiceli-mngeni yonyaka-mali esikuwo ngaphambi
kokujongana nonyaka olandelayo.
Imiceli-mngeni esihlangabezene nayo kwakhona ibonelela
ngokusinika ingqiqo kwezinye izithintelo ekufuneka sizoyisile ukuze
sifikelele kumbono wethu wokuhlaliswa kwabantu ngendlela
emanyeneyo negcinakalayo. INtshona Koloni yazuza i-R1. 581
billion eyiNkxaso-mali yeZindlu eziManyeneyo nezokuHlaliswa
koLuntu kunyaka-mali ka 2009/10. Ekupheleni kwale nyanga , siya
kube sichithe malunga ne- R1.501 billion, okanye i-95 pesenti
yenkxaso-mali yethu.
Ngale mali, sakhe izindlu ezili- 16 324 sadlula kwebesijolise kuko
okuli- 16, 000 ezindlu (exceeding our target of 16 000) neziza
ezinikwa iinkonzo ezili-15 182 eziwa nganeno kwebesijolise kuko
okuli-16 000 ngeepesenti ezi-5 (falling short of our target of 16 000 by
5 percent).
I- R80 million (5%) yokuchitha ngaphantsi kokulindelekileyo
inxulumene neengxaki esizifumene kurhulumente wangaphambili
ezivela Projekthi yeN2 Gateway ekuzeni kuvalwa kuka- Thubelisha
Homes.
Nanjengokuba ungakhumbula kwintetho yam yoMthetho oYilwayo
woLungelelaniso loLwabiwo-mali kuDisemba odlulileyo, siphinde
sanohlahlo lwabiwo-mali olungama-R150 lwezigidi zeerandi (R150
million) ezazibekelwe u- N2 Gateway zaze zabhekiswa kwezinye
iiprojekthi ezazisebenza kwiprovinsi. IPhondo liye lathabathela kulo
inxaxheba yokuba ngumakhi ka- N2 Gateway, yaye phantse zonke
iiprojekthi zekhontrakthi zincanyelwe iSebe nguThubelisha yaye
zilawulwa ngaphakathi kwiSebe, yi-Arhente yokwakha ebizwa
ngokuba yi- Housing Development Agency (HDA) encedisa
njengoMphathi weProjekthi.
Nangona kunjalo, iSebe kungoku nje linyula abalamli abaya
kuxazulula iingxabano, ezingazange zasonjululwa nguThubelisha
kunye neentlangano zamaqumrhu ezisebenza kwiN2 Gateway.
Kungoku nje sifaka isicelo kuNondyebo ukuze akhuphe ezazigidi
zingama-R80 million eerandi ezingazange zisetyenziselwe esi
sibophelelo, nangenxa yokuba izezomsebenzi osele ugqityiwe
kakade.
Simcelile kananjalo uThubelisha ukuba abuyise imali engangama-
R33 ezigidi zeerandi (R33 million) eyayihlawulwe kubo ukwenza
lomsebenzi, engazange idluliselwe kwiikhontraktha.
Eyona nkqubela-phambili iqinisekileyo ukusukela kuDisemba
wonyaka ophelileyo, kukuba sifikelele kwizivumelwano no-Ibuyile.
Singalindela ukuba ukwakhiwa kuqhubeke ngokukhawuleza kulo
nyaka-mali umtsha.
Omnye umceli-mngeni esibenawo kulo nyaka kukufumana iiprojekthi
zethu zephondo- –Iqhayiya lethu (Our Pride), Isiqalo esitsha (Nuwe
Begin), Iprojekthi kaMama (Mama’s Project) noThembelihle ukuba
maziqaliswe.
Ngokwesiseko, sichithe unyaka sizama iimfuneko zesicwangciso
sokuxhobisa kwakhona ekwakufuneka kwenziwe kwangaphambi
kokuba iiprojekthi ezi zindululwe (ngaphambi kokunyulwa kwam).
Zidanisa zinjalo iimfuneko zesicwangciso- yaye ndikholelwe, ndiya
luxabisa ngokuphelelyo olu dano– kufuneka silumke ukuze singenzi
abantu balindele ngaphezu kwabanokunikwa, into ke leyo engena
kwenzeka.
Oku sekuthethekile, ndiya kholwa ukuba mkhulu umhlaba wokuba
kungaphuculwa isicwangciso sethu neenkqubo zolawulo lwekhonkco
lokuxhobisa (and supply chain management procedures).
Kufuneka sicwangcise kakuhle kwangaphambili, sithathele ingqalelo
zonke iinkqubo ekufuneka sizilandele, ukuqinisekisa ukuba
ekujoliswe kuko esizibekela ngokwethu kunakho ukuzuzeka.
Malunga nalo mba, iSebe liphonononga ukuba nokwenzeka
kokuphuhliswa koBume obuManyeneyo nobuGcinakalayo
bokuHlaliswa koLuntu kwiNtshona Koloni ngombono ka 2030.
UBume obunjalo bungavumela iSebe libone kwangaphambili izidingo
zokuHlaliswa koLuntu lize licwangcisele ixesha laphakathi nelakude
(medium to long term) ngokufanelekileyo.
Ndiya kholwa kwakhona ukuba uLawulo lweKhonkco leNkxaso
(Supply Chain Management) – kwiSebe nakwiSebe likaNondyebo –
akufunekanga kunyanzelwe ukubambelela kuphela kuMthetho
oLawula iiMali zikaRhulumente; kodwa kufuneka kwakhona incedise
ukukusebenzisa oko kubambelela ngokudlala indima yenkxaso eqine
nangaphezulu ebheka kwiinjongo zobuchule zesebe.
Inkoliso yoomasipala yenza kakuhle kakhulu ukuchitha ulwabiwo
lwabo abalunikiweyo luka 2009/10, nangona kwakukho oomasipala
abaye basokola:
Umasipala waseGeorge waba lixhoba lengxaki yemali esetyenziswe
ziikhontraktha into leyo eyabathintela ukuba baqalise iprojekthi.
Ngeso sizathu, iGeorge yachitha kuphela 55 pesenti yolwabiwo-mali
yayo.
I-Overstrand yaqalisa eyayo iprojekthi eKleinmond sekuleyithi ngenxa
yokuxabana okuphathelele kwi-Arhente eyayiza kuyiphumeza
kwabakho nokubambezeleka kwezigqibo kwiRecord of Decision
nangenxa yeso sizathu, yachitha kuphela iipesenti ezingama-55
zolwabiwo-mali lwayo.
IStellenbosch yafunyanwa kukuxenga-xenga kwezepolitiki kulo
nyaka, yaza yakwazi ukuchitha kuphela i-45 yeepesenti zolwabiwo-
mali yayo, ngeli lixa iSaldanha nayo yafikelela kwi- 45 yeepesenti
kuphela ngenxa yeengxaki zokuxhotyiswa.
I-Laingsburg nePrince Albert banonyino lwesambuku seenkonzo
ezisisiseko ezifuna ukusonjululwa, baze ngoko bachitha
imbandesikhova (iqanda) neepesenti ezintathu ngokulandelelana.
Olu lwabiwo lwemali yezindlu zikamasipala luncinci kakhulu.
Enye yeendlela ekufuneka sizicingisisile ngeSebe likaZwelonke
kukusebenzisa uhlahlo lwabiwo-mali lezindlu lwabo ukuxhasa
isambuku seenkonzo ezisisiseko.
Besisoloko sizixakekisa norhulumente kazwelonke ngokuba
kuchithwe iingxaki zesambuku seenkonzo ezisisiseko
njengesithintelo kuphuhliso lokuHlaliswa KoLuntu. Ifuna umanyano
olusondeleleneyo phakathi kweMIG neNgxowa-mali yeZindlu,
phakathi kwezinye. Ndiya neliseka ngoko kukunazisa ukuba kukho
isicwangciso seNgqungquthela kulo nyaka ukusombulula ukumanywa
kwenkxaso-mali – kuquka nesebe likazwelonke lokuhlaliswa koluntu,
ulawulo lwembumba, nemicimbi yemveli, amanzi nemicimbi
yokusingqongileyo, namandla (energy), kunye namasebe ephondo
orhulumente wemimmandla nezezindlu/ezokuHlaliswa koLuntu.
Ngaphandle kukaN2 Gateway ochithe ngaphantsi kwama- R80
ezigidi zeerandi (R80 million), yonke iinkcitho eyayiphantsi
yabhekiswa kwezinye iiprojekthi ezinamandla okuyisebenzisa,
okwabangela ukuba oomasipala abaninzi bedlula ngekhulu lonke
leepesenti (100%).
Mnu. uSomlomo, injongo yethu yokuqala kule minyaka mihlanu izayo
kukukhawulezisa ukubonelela ngamathuba ezindlu, ngokubeka
phambili inkqubela yokwakha kumatyotyombe asel’enikezelwa
iinkonzo nokubonelela ngokhuseleko lwengqesho kwiziza
ezinikezelwa iinkonzo. Kufuneka siqinisekisa ukuba abantu abahlala
ngasemva ezindlwini (backyard dwellers) nabo baya bonelelwa
kumhlaba ofumanekayo ongenamntu.
Amathuba eZindlu aquka umda ogcweleyo woncedo lwezindlu
oluvela kuRhulumente nabanye abanikezeli ngeenkonzo – ukusuka
kubonelelo lweziza ezinikwa iinkonzo, ukuya kwizindlu ezihlawulelwa
irente, ukuya kwindlu ehlawulelwa ngurhulumente ephuhliswe
ngokugcweleyo.
Awona manani aphantsi abantu bonke kumathuba ezezindlu–
nezalathisi ezingundoqo kuBuchule bukaRhulumente kaZwelonke –
lukhuseleko lwengqesho nokufikelela okungenasithintelo kwiinkonzo
ezisisiseko.
Ngaphandle kokukhawuleziswa kokukhutshwa kweenkonzo, oku
kuya kuvumela abo baxhamli-zinkonzo banezinto zokuphila
(imali/indyebo) ukuba babe zii-arhente zekamva labo baze bazakhele
izindlu zabo ngokwabo kwimihlaba enikwa iinkonzo ekungoku nje
iyeyabo.
Utshintsho olunguNdoqo kukuba onke amaqela athabatha ubumnini
obupheleleyo beemfanelo zabo. URhulumente uya khawulezisa
ukukhupha iziza ezinikezelwa iinkonzo, ezibhaliswe egameni
lomnini/mnikazi omtsha. Umntu ngamnye wenza imigudu
yokuzinqikela obunye ubutyebi/ubuqili aze abilele ukwakha ikhaya
lakhe; necandelo labucala liya khuthazwa nokuba lifake inkuthazo
ekuncedeni – oku kudibanisa uncedo lwemali evela ebhankeni,
uxhotyiso lomanyano lwentlalo, abaqeshi nabantu ngabanye. Inkxaso
yezindlu elungiselelwe abaqeshwa, ingakumbi, babe namandla
okuvula inkxaso-mali eqondakalayo yokuzakhela amakhaya
ngokwabo.
Elinye iqela labaqeshi abasele bebonakalise umnqweno wokunceda
abasebenzi babo ukuba babonelelwe ngendawo yokwakha kwenye
indawo ngabalimi. Ndiye ndahlangana nabalimi baseStellenbosch,
yaye ndiye ndacela umlingane wam, uMphathiswa uvan Rensburg,
ukuba ancedise ukuqhuba intlanganiso nesebe lephondo le- Agri-SA,
ukuze kuthathwe iingxoxo zisiwe phambili malunga neendlela
ezifumanekayo zokunceda abasebenzi basezifama, nokuthi
singasebenza njani na ngokubambisana ukuqinisekisa ukuba bay
lufumana uncedo. Inyathelo lokuqala elihlabeka amadlala kukuba
umasipala kufuneka aqinisekisa ukuba abahlali basezifama baya
fakwa kwidatabheyisi yobango lwezindlu. Indawo yethu yokunduluka,
nako, kukuba, apho kunokwenzeka khona ukuba abasebenzi
basezifama bathuthwe ngezithuthi ukuya emisebenzini, amathuba
ezindlu kufuneka abonelelwe kwidolophu ekufutshane, apho indleko
zokubonelela ngeenkonzo zikamasipala zitshiphu khona
kunasefama, nalapho abahlali bakwaziyo ukufikelela
kwiindawo/nezinto eziluncedo ekuhlaleni.
Nokuba kunjalo, zikhona ezinye iindlela zokunceda abalimi
nabasebenzi basezifama. Amafama angaphuhlisa izindlu
ezihlawulelwa irente nezinenkxaso-mali yezindlu kwiifama zabo
(okanye banike iziko lezindlu zokuhlala ingqesho yexesha elide
ukuba lenze loo nto), okanye bangadlulisela inxenye yomhlaba wabo
kubasebenzi babo. Eyona nto ifunekayo kubonelelo lwezindlu
ezifama, kwakhona, lukhuseleko lwengqesho yezindlu.
Somlomo, apho kuyimfuneko khona, kufuneka sikhuthaze abantu
ukuba bangalindeli urhulumente. Izindlu ezininzi ezakhiwe
emaphandleni – umzekelo, kwiMpuma Koloni naKwaZulu-Natal –
zakhiwa ngaphandle koncedo lukarhulumente. Abantu bazenzela
ngokwabo, ngamanye amaxesha ngokucothayo kakhulu. Kufuneka
siqinisekise ukuba abo bantu abazithathela ulawulo lwekamva labo
banofikelelo kuncedo nenkxaso yemali. Ngokumalunga noku,
ndiyakholwa ukuba sidinga amancedo enkxaso yezindlu
afumanekayo ukuba andiswe ngakumbi aquke nemali-mboleko evela
kurhulumente.
UMongameli wazise ngengxowa-mali eqinisekiweyo engangesigidi-
gidi seerandi (R1 billion guarantee fund) ukukhuthaza iibhanki ukuba
zixhase ngemali izindlu ezifikelelekayo. Nokuba kunjalo, le ngxowa-
mali ijoliswe, ngokuchanekileyo, kwintengiso yokuvala izithuba (gap
market). Ndiya kholwa kwakhona ukuba sidinga ukukhulisa inkxaso-
mali yezindlu ekhutshwa ngesikali esincinci kwintengiso yezindlu
yabamkela imali ephantsi ukuze incede abantu ukuba bakhe izindlu
zabo.
Sendikuthethile oku, ukuvala izikhewu phakathi kwezindlu ezifumana
inkxaso nentengiso enesiqiniselo semali eyakubuyiswa inenzala
ngexesha lezivumelwano ibalulekile. Ukuthekelela ukuba siwuthatha
nzulu njani lo mba, sakhe iCandelo lokuSebenza ngeZindlu
eziFikelelekayo (Directorate of Affordable Housing) kwisebe. Eli
candela liya kusebenza ngeZindlu eziHlawulelwa iRente noko
sikubiza ngokuba ziZindlu zeZikhewu/zamaThuba (Gap Housing).
Kodwa oyena ndoqo womsebenzi weli candelo iya kuba kukwakha
ubuhlakani.
Ndisandul’ukubuya e-United Kingdom apho ndahambela inkomfa
ephathelele kwiZindlu eziHlawulelwa iRente (Social Housing),
nokuhambela iiprojekthi ezininzi nokuhlangana neengcaphephe
ezininzi kulo msebenzi. Into eyandibetha kakhulu kutyelelo lwam
bubukhulu bendlela abakhe ngayo ubuhlakani bamacandelo
amaninzi (multi-sectoral partnerships) ukuhlasela imiba yentlalo
ngezindlu. Yonke into ijikeleza kwizindlu. Umzekelo, imibutho
yezindlu ezihlawulelwa irente ihlasela imiba yokusetyenziswa
kweziyobisi, iindlela zokuphila ezingalunganga, ulwaphulo-mthetho
nokungabikho kwengqesho, yonke le nto yenziwa ngokwezindlu
(through housing).
Sesinazo iiprojekthi zokuqalisa apha eNtshona Koloni – umzekelo,
uThintelo loBundlobongela ngenkqubo yokuQhubela-phambili
iiNdawo zaseziDolophini ngaphantsi kweSixeko saseKapa. Nokuba
kunjalo, namhlanje lusuku lweSifo seMiphunga kwiLizwe lonke
(World TB Day), nomnye ummandla apho singakwazi ukwenza khona
impembelelo ebonakalayo ekulweni i-TB nezinye izifo
ezinokuthintelwa. Ngokuphucula iimeko zokuphila zabantu abaninzi
kakhulu, singanciphisa umthwalo wesifo kweli phondo lethu, yaye
ngethemba siya kukwazi ukonga imali eya kukwazi ukuphoswa
kweminye imimmandla enesidingo.
Kufuneka sibe nendlela yokuvelela izinto elungelelanisiweyo kuyo
yonke le miba. Kodwa akufuneki sizame ukwenza izinto zonke
ngokwethu. Kufuneka samkele ukuba amandla karhulumente
anomda aphela kuwo size sitsale amahlakani kwicandelo labucala
nasebantwini jikelele ukuze basincede.
UBuhlakani baBucala boLuntu bunikezela ngeendlela zobonelelo
lwezindlu ezigcinakalayo– ingakumbi kwintengiso yezirentwayo
nezifikelelekayo. E-UK, urhulumente akaboneleli ngazindlu, IMibutho
ejongene nezindlu ezirentwayo nezifikelelekayo yiyo eyenza loo nto
(Social Housing Associations). URhulumente uxhasa kuphela i- 40
yeepesenti yezakhiwo ezintsha. Iipesenti ezingama 60 kufuneka
yakhiwe kwingeniso nenkxaso-mali yale mibutho. Ukunikezela
ngezindlu simahla asiyonto enokumelwa kwixesha elide. IZindlu
eziRentwayo nePPP zona zinakho.
Kwinyanga ezayo, ndiya kube ndindulula uBuchule beZindlu
eziRentwayo (Rental Housing Strategy), into eza kuba iyila
umkhomba-ndlela kule meko. Owona mgqaliselo ungundoqo wobu
buchule kukwandisa ulawulo lwezindlu ezirentwayo ukuphucula
ukuqokelelwa kwerente nolondolozo lomhlaba.
Sihlangene namahlakani e-UK abanomdla kakhulu wokusinceda
ngenkxaso yaMaziko eZindlu eziRentwayo Entshona Koloni, kunye
nokuxhobisa ngezakhono nobungcaphephe kwisebe lethu. Siza
kubakhondoza ngezi zithemiso zabo zesisa.
Njengokuba ndatshoyo ngexesha iNkulumbuso isenza iNtetho
yoBume bePhondo, ukuphakanyiswa kweziza ezinikwa iinkonzo
akuyi kwenzeka ngobusuku obunye.
ULwabiwo-mali lwethu lonyaka-mali ka- 2010/2011 ludlule nje
kwizigidi-gidi ezi-2 zeerandi (R2 billion), apho i-mali engaphantsi nje
kwe-R1.9 billion ixhaswa yiNkxaso-mali evela kwingxowa-mali
yeZindlu eziManyeneyo neyokuHlaliswa kwaBantu. Ngolu hlahlo
lwabiwo-mali, sijolise ekunikezeleni inkonzo kwiziza ezingama- 18
000 nokwakha izindlu ezili - 15 400. Izikhewu phakathi kweziza
nezindlu zisencinci kakhulu, ngenxa yezibophelelo esezikhona
namaxesha eziqalelo zocwangciso ezifunekayo.
Noxa kunjalo, yinjongo yethu ukuba sisandise kancinci isikhewu
phakathi kwangoku nonyaka wama- 2014. Olu longezelelo luthe chu
luza kusivumela ukuba sibonelele ngeziza eziphuhlisiweyo ezingama-
150 000 kwiminyaka emihlanu, ngokuchasaniswe nezingama- 80 000
kuphela xa silondoloza indlela yokuvelela izinto yoshishino lwesiqhelo
(a business-as-usual approach).
Oku koko iNkulumbuso engabhekisa kuko njengojoliso olutweziweyo.
Kodwa iza kukhupha kwakhona amathuba ezindlu angalinganiswa
ne-sithathu ekhulwini (third) yentsilelo ekhoyo ngoku. Ngoko ke
kufuneka sizitwabulule yaye sizame ukufikelele koko sijolise kuko.
INkqubela-phambili yeNkqubo yaMatyotyombe (Upgrading of
Informal Settlements Programme-UISP) isembindini wokuzuzwa
koko kujoliswe kuko. Ukuze sibe nokuncedwa ngesicwangciso,
sinyule umnikezeli-zinkonzo ukuze amise idatabheyisi
yamatyotyombe kwiNtshona Koloni. Le databheyisi iya kwenza
iingcebiso zokuqala zenkxaso engamandla yexesha langoku,
eliphakathi nexesha elide eliya kunikezelwa ngokuvumelana
nenkqubela-phambili leyo, yaye iza kuthi ekugqibeleni ikhokele
uphuhliso lweSicwangciso esinguNdoqo sePhondo seeNdawo
ezingaMatyotyombe. Sibeke ulwabiwo-mali oluzizigidi-gidi ezili1,9
zeerandi (R1.9 million) kule projekthi, eza kugqitywa kunyaka-mali
olandelayo.
Amanye amatyotyombe akhiwa ngenxa yokusondela kwawo
kwiindawo ezinamancedo eluntwini, iipaseji zothutho namathuba
ezoqoqosho.
Kufuneka sikhulise inani lamakhaya anokushiyeka kwezo ndawo
zokuhlala emva kokuba zilungisiwe. Kufuneka sandise umthamo
wokuxinana weeprojekthi zethu kumhlaba ome kwindawo entle.
Sizibekele oko sijolise kuko okuzizindlu ezingama-90 zeendawo
zokuhlala nehektare (average net density) kumhlaba ome kwindawo
entle ngo 2014/15. Umzekelo omhle woku yiJoe Slovo: ukwela
okokuba kukwazeke ukuhlaliswa abantu abaninzi abakhoyo
kangangoko, siyile indawo yokumisa iziza eya kuzuza umthamo
wokuxinana wezindlu ezingama-110 ngehektare.
Ngaphandle kokukhulisa ixabiso esilikhuphayo kwihektare nganye
esiyilungisayo, uphuhliso lomthamo wokuxinanisa ophakamileyo
unezinye iinzuzo, ezinjengokongiwa kweenkonzo ezisisiseko
nokwandiswa kokufikelela koluntu kwizinto zothutho ezifikelelekayo.
Inyaniso yeyokuba, phakathi kwephondo noomasipala, sinomhlaba
ongenamntu yaye ongasetyenziswanga okumphetho weendawo
ezisezidolophini – ongangeehekthare ezili- 7 800. Ayinguwo wonke
okwaziyo ukuba ungaphuhliswa, uninzi lwawo kufuneka ukhangelwe
ngaphantsi kokusingqongileyo nesicwangciso sokwamkelwa
ngaphambi kokuba ukhululelwe ukusebenza. Iinkoliso yoomasipala
sele belathe umhlaba owaneleyo weminyaka nje emibini elandelayo
yophuhliso lokuhlaliswa kwabantu. Kodwa kufuneka siqalise
ukucwangcisa kwangoku silungiselele ukukhululwa komhlaba esiza
kuwufunela amanani amakhulu eziza eziphuhlisiweyo kwiminyaka
elandelayo.
Endaweni yalo, iSebe liya kukhulula iihekthare ezingama-300
zomhlaba liwunike abakhi noomasipala ukuze bawuphuhlisele
ukuhlalisa abantu kunyaka-mali omileyo. Siza kube sisebenza ne-
HDA ukuqinisekisa ukukhululwa komhlaba ome kakuhle ongowesebe
likazwelonke namaziko akhoyo karhulumente ukuze kuphuhliswe
ukuhlaliswa kwabantu.
Ndingalatha kwakhona ukuba urhulumente wephondo ngomthathi-
nxaxheba omnye kuphela kuphuhliso lokuhlaliswa kwabantu.
OoMasipala, ngokokwabo, basesazulwini sokufikelela kwisiphumo
sombono wethu, ngeli xesha uRhulumente kaZwelonke naye
ephembelela emakuzuzwe – njengoko senditshilo. Kubalulekile
kakhulu ukuba sibe nendlela elungelelanisiweyo kuwo onke
amaqonga karhulumente – nakuwo onke amasebe amaphondo –
ukuya kutsho kwiSicwangciso esiManyeneyo soPhuhliso ne,
ingakumbi iSicwangciso sokuHlaliswa koLuntu.
Somlomo, nanjengokuba sewuvile kwingxelo yam yonyaka-mali
omileyo, kukhona ukusweleka kwemiceli-mngeni yoxhobiso, kwisebe
nakoomasipala abaninzi.
Ukusombulula okuthetheke ngaphambili, simisela iProjekthi
yeCandelo loLawulo (Project Management Unit) kwi-Ofisi yeNtloko
yeSebe ukuze iphuhlise inkcubeko yolawulo lweprojekthi kwisebe.
Silindele ukuba eli candela liza kusebenza ngaphakathi kweenyanga
ezintandathu zokuqala zalo nyaka-mali. Zonke iiprojekthi
zokuhlaliswa koluntu ziza kubekw’esweni yiPMU eya kusebenzisa
indlela ye-Executive Dashboard system – ukusukela kwisicwangciso
sokuqala ukuya enikezelweni kwenkonzo kubaxhamli – zivumela
ukubhaqwa kwezinto ezinganobungozi nezithintelo kwasekuqaleni,
ezinokukwazi ukuthonyalaliswa, zilungiswe okanye ziphetshwe
ngokupheleleyo.
Ukusombulula iingxaki zokuxhotyiswa kumgangatho wesiphaluka,
sinolwabiwo-mali oluyi- R3.3 million ukuze siqinise inkxaso
koomasipala. Kufuneka siqinisekise ngomanyano lweZicwangciso
zokuHlaliswa koLuntu ukuya kutsho kwizicwangciso zobuchule
zikazwelonke. Oku kuqukanisa ukuba uphuhliso lwexesha elizayo
luhlangabezana neenqobo zogcinakalo ezisekelwe kwisithathu
sezinto ezibalulekileyo – oko kukuthi, ezemali, ezentlalo
nokusingqongileyo. Ngokumalunga nalo mbandela wokugqibela,
siqala kolu joliso luncinane lweepesenti ezili-10 lwezindlu ezakhiweyo
kusetyenziswe iindlela ezisebenzisa amandla ombane ngempumelelo
ngo-2010/11; kodwa sifuna ukubona oku kusanda ukuya kwiipesenti
ezingama- 40 ngo 2014/15.
Kulo nyaka, sisebenze noomasipala abathandathu kwiNkqubo
yeNkxaso eyiBuilt Environment Support Programme ukuhlanganisela
IziCwangciso zokuHlaliswa koLuntu noBume bamaThuba oMhlaba
woPhuhliso akholisayo. Eminye imiba etshisayo enqamlezileyo
yalathwa, kuquka nokuswelwa kogqaliselo lobuchule lweZicwangciso
eziManyeneyo zoPhuhliso.
Ngokusekelwa kwizifundo esezifundiwe, sithatha enye indlela
yokuvelela aba masipala bathandathu balandelayo. Siya kunyula
abaniki-zinkonzo ukuze benze uhlahlelo lwezithuba olupheleleyo
kumasipala ngamnye, badwelise izithuba koBume boPhuhliso
lweziThuba nee-IDP, kunye nolwazi-nkqubo oluphakanyiswayo
oluya kusetyenziswa neendleko eziqikelelwayo zomsebenzi
ofunekayo ukuvala ezo zithuba.
Ekupheleni kwale nkqubo, umasipala ngamnye uya kuba nendlela
yokuyila isicwangciso soluhlu lweeprojekthi zexesha elifutshane,
eliphakathi nelide, eziya kuphumela kwisicwangciso esiphuculiweyo
esimanyeneyo.
Siza kuphinda kwakhona simisele iMbutho yokuCwangcisa
kwiphondo kulo nyaka ukwenza bonke abathath’inxaxheba ukuba
bacwangcise ngokungqinelelana neziCwangciso ezintsha
neziphuculiweyo zokuHlaliswa koLuntu. Ngokubeka phantsi
iZicwangciso zokuHlaliswa koLuntu ezikholisayo kwisazulu
socwangciso lwethu olubheke phambili, siza kukwazi ukuqinisekisa
ukuba abemmi abaninzi baya kwazi ukufikelela kwizikolo, iiklinikhi
nezinye iindawo zoncedo loluntu, kunye namathuba ezoqoqosho.
Abo masipala banezakhono baza kuncedwa ukuze benze izicelo
zokuqinisekiswa kwezindlu, nokuze kuthathwe iimfanelo ezininzi
ekungoku nje zigcinwe kakuhle liphondo. ISixeko saseKapa
sesisifakile isicelo yaye sesivavanyelwe umgangatho woku-1 nowesi-
2 wokuqinisekiswa. Silindele ulwamkelo lokugqibela oluvela
kuMphathiswa kaZwelonke.
Ukongeza kugqaliselo lwethu kwisicwangciso esiphuculiweyo – kuyo
yomibini imigangatho owephondo nokamasipala – sazisa indlela
yommandla yokuvelela ukukhutshwa kwezindlu. Sakhe iCandelo
lommandla (Regional Directorate) namacandelwana amabini (two
subdirectorates) – elinye liza kujonga i-Eden neCentral Karoo, elinye
lijongane neCape Winelands. Okokuqala ukuba, iSixeko saseKapa, i-
Overberg neWest Coast ziya kube zincedwa ngamacandelo okuqala
akuluhlu olusebenzayo. Iinjongo zethu kukubeka umthwalo
weprojekthi nokubonelela ngenkxaso yokuphunyezwa esondeleyo
nangaphezulu koomasipala.
Mnu. uSomlomo, njengoko nditshilo ngaphambili, ukuba ukuhlaliswa
koluntu lwethu kufuneka kugcinakele, kubalulekile ukuba abaxhamli-
zinkonzo abafumana uncedo lukarhulumente bathathe inxaxheba
buqu yomsebenzi wabo. Eyona njongo ingundoqo karhulumente
ngokuphathelele koku kukubethelela ingqondo yobango phakathi
kwabaxhamli-zinkonzo bezindlu nokwandisa ukuqonda nokwazi
amalungelo neemfanelo zabo.
Kwixeshana elifutshane, siya hlola kwakhona inkqubo yethu
yemfundo yabathengi. Asanelanga kukuba inkxaso-mali esiyibonelele
oomasipala kwixesha elidlulileyo ikwazile ukuza neziphumo
ebezifuneka. Kulo nyaka, sibeke ulwabiwo-mali oluyi- R1.05 million
yokwenza iindibano zokwabelana ngamava nabaxhamli-zinkonzo
abathembisayo nabatsha kunye namagosa kamasipala asebenza
kuhlaliso loluntu.
Kwixesha eliphakathi ukuya kwelide, sijonge ukunyusa umlinganiselo
wezindlu esizakhayo sisebenzisa inkqubo yePHP. Abantu abenza
igalelo ekwakhiweni kwezindlu zabo – nokuba kungemali okanye
ngamandla okusebenza kwabo – bayazingca ngoko bakwakhileyo
yaye bayalivuyela inyaniso yexabiso lwezinto ezibalulekileyo
abanazo. Ngo 2010/11, iipesenti ezingama-25 zezindlu esizakhileyo
ziya kuvela kwinkqubo yePHP. Ngo 2014/15, oko kuya kunyuka kuye
kwiipesenti ezingama 50.
Kodwa njengoko ndatshoyo kunyaka ophelileyo, kufuneka sixoxe
ngezithuba ezikhoyo kumaziko neengxaki nePHP. Ukuza kuthi ga
ngoku, ndiyavuya ukwazisa ukuba uMlawuli wethu omtsha wePHP
uza kuqalisa ngomhla woku-1 ku-Epreli 2010. Umsebenzi wakhe
wokuqala kukuba aphucule uxhobiso lolawulo nempatho yeprojekthi
kwicandelo lakhe. Siqalisa indlela yokusebenza ngokuzinikela
kwiPHP, sineemanejala zokulawula kunye nabaxhamli-zinkonzo
ngezantsi.
Somlomo, kubalulekile ukuba ukukhethwa kwabaxhamli-zinkonzo
kungabi ngobobulungisa kuphela kodwa bukwazi ukubonakala
bunjalo.
Ngokuphathelele koku, sinolwabiwo-mali engange- R4.5 million
ukuze sikwazi ukuphuhlisa inkqubo esemgangathweni, ecacileyo
nenobulungisa nenkqubo yokukhetha abaxhamli-zinkonzo kusekelwe
kulawulo lwenkcukacha nalapho zigcinwa khona. Oku kuquka
ukuphunyezwa kwenkqubo yenkxaso yedatabheyisi yobano lwezindlu
zikamasipala, eyakuqinisekisa ukuba iinkcukacha ezifanelekileyo
ziqokelelwe zaze zabanjwa kwinational Housing Subsidy System
Needs Register ukuze ziqinisekiswe, zize zilondolozwe ngendlela
eqhubekekayo.
Ukukhethwa kwabaxhamli-zinkonzo kufuneka kuthath’ingqalelo
amabali abantu abahlala ezindlwini ngokungafanelekanga
kumasipala, baphathwe ngobulungisa.
Ngaphandle koko kuqinisekiswe ukuba izidingo zabantu abahlala
ngasemva ezindlwini ziya sonjululwa kukhetho lwabaxhamli-zinkonzo
abaphuhliselwa izindlu phantsi kwegreen field developments,
siqalisile kwakhona ukuphengulula ukuba nokwenzeka kokulungisa
imeko yabahlala ngasemva kwezindlu apho bakhoyo. ISixeko
saseKapa siqhuba iprojekthi esaqalayo ukulungiselela inkqubela-
phambili yabantu abahlala ngasemva kwezindlu kwimihlaba yabo.
Ukulungiswa kwalo mhlaba sele uphuhlisiwe waba bantu kumhlaba
ongengowabo ngumceli-mngeni omkhulu, onemivuka emininzi
ebekungaqondwanga kuyo – into ke leyo eyafundwa naliRhawuti,
nakwindleko yalo.
Asinazo iimpendulo zale mingeni okwangoku. Kodwa asikwazi
kwenza ngathi asiyiboni. Siya kuqhubeka sithetha noomasipala,
iiYunivesiti nezinye iinzululwazi ngokucinga ukuze kuziwe nezinye
iindlela eziphucukileyo zokoyisa le mingeni minzima njenga lona.
Akukho rhulumente naqela lunoxhamlo-lodwa lweengcinga ezintle.
Sinombono omhle, kunye neengcinga ezininzi ezilungileyo
esinokusebenza ngazo ukuya kulo mbono, kodwa sihlala sivulekile
ukuba samkele zonke iinguqulelo ezinokusinceda sifikelele kumbono
wethu woluntu olunamathuba avuleleke kumntu wonke. No
government or party has a monopoly on good ideas.
Enkosi.