68
I MIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU ` Enkosi. Masithobe iintloko zethu okomzuzwana nje. Bawo waseZulwini, sinombulelo kuWe, namhlanje, ngeli lungelo lokuhlanganisana kunye kwakhona, sisazi ukuba ngemini ethile siyakuhlanganela okokugqibela, njengababhubhayo, size sihlangane kwelo lizwekazi lobuqaqawuli kunye naWe, kwaye bonke abahlangulweyo bazo zonke izigaba zexesha bayakuhlangana apho. 2 Owu, iintliziyo zethu zibetha ngokukhawuleza, nge^ ngokulangazelela okukhulu, silindele ukufika kwalo yure! Ngenxa yaloo nto, konke ukoyika kuyanyamalala kuthi. Asinanto siyoyikayo, asinanto sinokuyoyika. Sikhangele phambili kwelo dinga wathi uThixo onguNaphakade wasenzela lona, kwaye siyazi ukuba liyiNyaniso. Yiyo loo nto siphilayo. Siphilele loo nto, loo yure, elo xesha, xa oku kubhubhayo kuyakutshintshwa, size senziwe sifane naYe, kwaye akusayi kubakho kugula kwakhona, kungabikho ntsizi, kungabikho zintliziyo zibuhlungu. Owu, kuyakube kuphele konke. Kwaye ngovuyo ezintliziyweni zethu, thina, ngokholo nenkuthalo, silindele loo Mini. 3 Kungoko sihlangene apha namhlanje, Nkosi, ukuza kuvuma iziphoso zethu sicele inceba. Yiyo loo nto sijongene nesi sibingelelo kusasanje, ngokuba siyazi ukuba singabantu ababhubhayo, kwaye kukho iimpazamo ezininzi kuthi, kwaye sizele ziziphoso. Kodwa sizokuvuma iziphoso zethu, size sikhangele kuBawo wethu waseZulwini ngeentliziyo ezivulekileyo, ukuze sifumane iintsikelelo nokuhlaziywa kwamandla nokholo, aze Yena asinike ngale yure, njengokuba sihlangene apha ngokwedinga, “kwiindawo zaseZulwini kuKristu Yesu.” Kuba sibanga ukuba sidlule ekufeni sangena eBomini, ngedinga laKhe, kwaye sixwiliwe senyuselwa kumoya waseZulwini, sihleli naYe ngoku. Wanga Angasifundisa ngale ntsasa izinto Ayakuthanda ukuba sizazi, asinike iSonka soBomi, ukuze sibe nokumelana nekamva eliphambi kwethu. Siphe loo nto, Nkosi. Lowo ngumthandazo wethu esiwucela eGameni likaYesu Kristu. Amen. Ningahlala phantsi. 4 Bhotani kusasanje, nonke. Kwaye kumnandi kakhulu ukuhlanganisana nani apha kwakhona ngale ntsasa, kulo moya waseZulwini wokudumisa. 5 Ndifike emva kwexesha kancinane, besine^eyona ngenene eyona mibi iminxeba kwimizuzu embalwa edlulileyo;

XHO63-1110M Imiphefumlo Esentolongweni …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1110M Souls That Are...2 Owu, iintliziyo zethu zibetha ngokukhawuleza, nge^ ngokulangazelela okukhulu,

Embed Size (px)

Citation preview

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 1

IMIPHEFUMLO

ESENTOLONGWENI NGOKU

` Enkosi. Masithobe iintloko zethu okomzuzwana nje.Bawo waseZulwini, sinombulelo kuWe, namhlanje, ngeli

lungelo lokuhlanganisana kunye kwakhona, sisazi ukubangemini ethile siyakuhlanganela okokugqibela,njengababhubhayo, size sihlangane kwelo lizwekazilobuqaqawuli kunye naWe, kwaye bonke abahlangulweyo bazozonke izigaba zexesha bayakuhlangana apho.2 Owu, iintliziyo zethu zibetha ngokukhawuleza, nge^ngokulangazelela okukhulu, silindele ukufika kwalo yure!Ngenxa yaloo nto, konke ukoyika kuyanyamalala kuthi. Asinantosiyoyikayo, asinanto sinokuyoyika. Sikhangele phambili kwelodinga wathi uThixo onguNaphakade wasenzela lona, kwayesiyazi ukuba liyiNyaniso. Yiyo loo nto siphilayo. Siphilele loo nto,loo yure, elo xesha, xa oku kubhubhayo kuyakutshintshwa, sizesenziwe sifane naYe, kwaye akusayi kubakho kugula kwakhona,kungabikho ntsizi, kungabikho zintliziyo zibuhlungu. Owu,kuyakube kuphele konke. Kwaye ngovuyo ezintliziyweni zethu,thina, ngokholo nenkuthalo, silindele loo Mini.3 Kungoko sihlangene apha namhlanje, Nkosi, ukuza kuvumaiziphoso zethu sicele inceba. Yiyo loo nto sijongene nesisibingelelo kusasanje, ngokuba siyazi ukuba singabantuababhubhayo, kwaye kukho iimpazamo ezininzi kuthi, kwayesizele ziziphoso. Kodwa sizokuvuma iziphoso zethu, sizesikhangele kuBawo wethu waseZulwini ngeentliziyoezivulekileyo, ukuze sifumane iintsikelelo nokuhlaziywakwamandla nokholo, aze Yena asinike ngale yure, njengokubasihlangene apha ngokwedinga, “kwiindawo zaseZulwinikuKristu Yesu.” Kuba sibanga ukuba sidlule ekufeni sangenaeBomini, ngedinga laKhe, kwaye sixwiliwe senyuselwa kumoyawaseZulwini, sihleli naYe ngoku. Wanga Angasifundisa ngalentsasa izinto Ayakuthanda ukuba sizazi, asinike iSonka soBomi,ukuze sibe nokumelana nekamva eliphambi kwethu. Siphe loonto, Nkosi. Lowo ngumthandazo wethu esiwucela eGamenilikaYesu Kristu. Amen.

Ningahlala phantsi.4 Bhotani kusasanje, nonke. Kwaye kumnandi kakhuluukuhlanganisana nani apha kwakhona ngale ntsasa, kulo moyawaseZulwini wokudumisa.5 Ndifike emva kwexesha kancinane, besine^eyonangenene eyona mibi iminxeba kwimizuzu embalwa edlulileyo;

2 ILIZWI ELITHETHIWEYO

inkwenkwe ilele apho, isifa. Kwaye ngokuqiniseke kanyenjengokuba ndimi apha, iNkosi yawuchukumisa umzimba wayoyawuphindisela endleleni. Ngoko^6 Kwaye i_i_inkwenkwe emi apha, engunyana womzalawam. BabengamaKatolika wenene, indawo yokuqala, kodwabaya kumthendeleko wabo ngale ntsasa yaze into ethileyabaxelela ukuba beze apha. Ke ngoko ba^Kukhoukutshintsheka. Ngoko ba_bayeza ngoku kule ndlu, bezakulungiselela ubhaptizo lwamanzi. Ngoko ke ba_ba^Zizintonje ezimangalisayo ethi iNkosi yethu izenze nje ngokuthe rhoqoizinto. Beza ukuze bangene, kwaye ababanga nakungena. Bazebathi nje akubanga kho ndlela yakungena.7 Ndathi, “Kulungile, ukuba ufuna ukuthetha nam,” ndathi,“kulungile, nyukani nje niye endlwini, kwaye siyakuyithetha loonto, apho.”8 Ngoko ndacinga, endleleni yam yokuya eNew York ngoku,kule nkonzo izayo, ukuba nje kuyakuba mnandi kakhulu^Ndiyazi ukuba ndingavuseleleka kukufika nje apho ndi_ndincedise ukulumeka umlilo wam kulo mlilo beninawoninonke, kwaye semisa isithuba sosuku, ngale ntsasa. Kwayesingene izolo, izolo elinye, emini emaqanda.9 Kwaye ke sizakuhamba. Bendizakuhamba, ngalenjikalanga, kodwa ndiyacinga ukuba ndiyakuhamba^Kwayesiqalisa kusasa, kwangethuba, kwangethuba kakhulu loo^Sisenokuhlangana nekhephu ezindleleni, nezinto ezinjalo,phakathi kwalapha naseNew York. Simelwe kukunqumlaeVirginia, sinqumla ezintabeni, size sinqumle nakanjalo kwii-Allegheny’s nasemazantsi nje ecala ngoko le_le-Adirondack.10 Ngoko siqala e, ndiyalibala, isakhiwo esikhulu semidlaloesilapho, esitsha. Badiliza iSt Nicholas iholo enkulu yemidlaloendala bayiwisa, ndiyaqonda. Baze bakha le intsha. Kwayengokokwazi kwam, sizakufumana malunga nobunye ubusukubokuqala obakhe^abakhe babuvumela. Ngoko siyavuyangenxa yaloo nto, ngenxa yabantu benkonzo yoMoya yaseNewYork enkulu. Kwaye ndiyacinga ukuba sinamabandla aliqelaasebenzisanayo, kwaye silindele ithuba elimnandi.11 Ke siyakubuya, iNkosi ithandile, ngelinye ixesha kwivekiezayo. Kwaye_kwaye ukuba ibe yintando kaThixo, kuba,sithemba ukuba siyakumisa ngeCawe, kwiveki ezayo,ukwenzela_ukwenzela inkonzo yakusasa ngeCawe.12 Ngoko ke ndimqubulisile kwakhona umlungiseleli wethu,njengokuba ndihlala ndisenza, uyabona, nda_ndaze ndacingaukuba mhlawumbi ukuba ndithe ndangena, nangaphandlekokucela. Kwathi ke ngokuba lapho kukho iqela elilungileyoapha, nabantu endibabonayo abasuka ngaphandle kwedolophu,balapha; ndacinga ukuba mhlawumbi, ngokuhlwanje, ukubaumlungiseleli unento ethile esisikhawu, ukuba singanenkonzo

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 3

encinane ngokuhlwanje, emfutshane nje, ukuze, ke,mhlawumbi sithandazele abagulayo. [UMzalwana Nevillenebandla bayavuya_Mhl.] Enkosi.13 Sithemba ukuba siyakuthandazela abagulayo ngokuhlwanje,sithethe ngempiliso eNgcwele si_sithandazele abagulayo.Siqale kusengethuba ukuze siphume ngethuba. Kwaye ukubaumlungiseleli anganako, into^Ngokwesiqhelo niqalisa ngecalaleyesixhenxe. Ingaba kunjalo? Kunjani xa sinokuqalangentsimbi yesixhenxe ngokuhlwanje, ngeyesixhenxe?[UMzalwana Neville, “Amen.”_Mhl.] Nize nindinyuse ngecalaleyesixhenxe, loo nto iyakundikhupha ngentsimbi yesibhozokanye ngecala leyesibhozo, yaye loo nto inika abantu ixeshaloku_lokuhamba, ukuba oko_ukuba kuphelele apho_kulungile.Kwahleka wonke umntu nda_ ndakuthi ngeyesibhozo, okanyengecala leyesibhozo. Ndi_ Ndiyathemba ukuba ndiyakubendiphumile ngelo xesha. Ukuthandazela abagulayo, uyazi,asinakwazi.14 Ngoko besine_nexesha elimnandi ukusukela ekumkenikwam ekungeneni koBusika, kwangoko, yaze iNkosiyasisikelela ngezinto ezinkulu ezininzi. Oko^Kengokuhlwanje, ukuba iNkosi ithandile ndifuna ukunixelelangotyelelo lokugqibela endibe nalo, lukaThixo, eColorado,kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo. Kwaye yiloo nto endicingeukuba ndiyakunizisela yona ngoku, mhlawumbi ivuseleleukholo ukwenzela inkonzo yempiliso kusihlwanje, kwabobagulayo nababulalekayo.15 Ngoku, kusasanje, ukungena ngqo enkonzweni, ndi^Kukho into eyichukumisileyo intliziyo yam malunga nenyangaedlulileyo. Kwaye isenokuba, ngoku, ndicinga ukuba ba^Ingaba bayakushicilela oku? Niyakushicilela oku? Ewe.Kulungile. Ngoko ukuze ndazi ukuba kuphi na, ukuba elikhasethi liyaphuma liya kwabanye. Andinakuyithetha laa ntondizakuthetha ngayo ngale ntsasa^Andinakuyithethai_i_iyiyo^Ndiyazi ukuba ilungile, ’yabona, icala loMyalezoliyakulunga. Kodwa into enye, endifuna ukuyenza, ngumbuzoosengqondweni yam. Ukhangeleka uyinene kangako. Kodwanangoko oko ndifikile, kwaye ukusukela nda^yatyhilwayokum, bendisoyika kakhulu ukuba ndingathetha intoephosakeleyo ize ishiye umdla ongalunganga ebantwini. Kwayeyinto^Kwaye ndi^16 Into ebendinayo ibhalwe emaphepheni, kwintoebendizakuyithetha, ndiyayishunqulela inxalenye yayo, ukuzendingayenzi ibe ngqongqo kakhulu. Ngokuba, uyabona,ukuba_ukuba umntu^Ndi_ndiyayithanda iNkosi uThixo,kwaye, inye indlela endazi ngayo ukuba ndiyaYithanda,kungokuba ndinithanda nina. ’Yabona? Yiloo ndlela kuphelaendazi ngayo. Kwaye nangoko a_andifuni kuba nantoityhiliweyo kum ndize ndinganixeleli, ukuba yendifanelwe

4 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kukunixelela. Kwaye ngoko ndiyoyika ukuba ukuba ndithetheinto engqongqo kakhulu, isenokwenzakalisa umntu othile.Kwaye, uyazi, yi uphantse nje ukuba uthi ungena eqongeni uveukhokelelwa koko uyakukuthetha. Kuphelele apho. Kwayengoko ngamanye amaxesha usenokuthetha into, baze abanyebabe^bafumane enye imbono ngaloo nto, baze babalekebaphume ngapha ecaleni; aze ngoko omnye umntu athi, “Owu,yiyo le, ’yabona.”17 Kodwa ndifuna nazi ukuba oku ndizakukuthethakukuqikelela nje, kwaye igama u-qikelela lithetha “ukudelaingozi ngaphandle kokuba negunya.” Ngoko ndi^a_andithioku kuyinyaniso, kodwa yingcinga nje encinaneendisenokuyijula ize kuni, ukuze nibe nokuyivavanya niboneukuba nicinga ntoni na ngayo. Ukuze ke ibe, kakade, iya_iyakuba yeyeSibhalo, kuba akukho nto yimbindinokuyishumayela^18 Kodwa ingaba seyiyiloo yure? Ingaba oku kufike ngale yure,zibe ezi zinto bezithetha kona? Ndiyathandaza, ngako konkeokukum, ukuba ingabiyiyo. ’Yabona? Ndiyathandaza ukuba kubeakunjalo, ukuba kube akuyiyo loo yure. Kuyakwenzeka, kodwaingaba kufike elo xesha? ’Yabona, nantso into endimangalisweyiyo. Ngoku, wonke umntu uyaqonda, ngokupheleleyo, ukubaandazi? [Ibandla, “Amen,”_ Mhl.] Ndinje^Ingaba lixesha eli?Ukuba lilo, Thixo yiba nenceba kuthi. Kodwa, ukuba asililo eloxesha, maku^liyakufika.19 Ngoku, nje ukuba ukuba sibenako, sinocwangciso hamboolukhulu oluphambi kwethu, iNkosi ithandile. Kwaye ndimelwekukuya phesheya kolwandle, kanye nje emva kweKrismesi, e-Europe nase-Asia; e-Europe ingakumbi. Ndize ke ndibuyeleapha e-United States, ukuza kwiinkonzo ezimbalwa, ndizendibuyele ezantsi eSouth Africa. Ndiqalisa ngowesibinika_kaSeptemba, eDurban, ndize ndihambe ukusukangowesibini, ndiyacinga, kude kube malunga ngoweshumi,ndize ndibe neentsuku ezintathu zokusuka apho ukuyaeJohannesburg ndiqalise kwakhona. Kodwa ndiyacinga ukubakuyakuba yinyanga ka-April, siqale kumazwe eScandanavia,eNorway naseSweden nase_naseFinland, nase_naseHollandnaseSwitzerland naseGermany, na_nakuyo yonke i-Europeleyo. Ngoko nithandaze ngenxa yethu.20 Sineenkonzo ezimbalwa apha, lilixa leKrismesi ngoku,kanye emva kweKrismesi. Kodwa indlela, ndifuna ukuba laphangayo yonke iKrismesi, ’yabona, ekhaya. Abantwana bafunaukuza ekhaya, ngeKrismesi. Kwaye_kwaye siyayithanda i-Arizona, kodwa i_into esiyikhumbulayo, esinganako njeukudlula kuyo, leli bandla nani bantu. Akunamsebenzi nokubasiye phina, senza ntoni na, yinto nje^Abantwana, mna,inkosikazi nathi sonke. Akukho ndawo injengale. Kunjalo.Akukho ndawo nje.

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 5

21 Ndikhe ndazidada iilwandle ezisixhenxe, nda_ndakuyoyonke indawo, kodwa akukho ndawo ikhangeleka ngokungathiinobuqaqawuli kum njengale ndawana incinci ilapha kanye.Yiyo le. Mka nje kubekanye kuyo, ukuba ufuna ukwazi. Kukhointo ethile malunga nale ndawo. Ndikhe ndashumayela kulolonke ihlabathi, eneneni, kwaye andizange, nangaliphi naixesha, nakuyiphi na indawo, ndikhe ndive uMoya kaThixo,ngokukhululeka nezinto ezinjalo, njengokuba ndiwuva kanyeapha. Yiyo le.

22 “Thixo, makuthi^” Njengokuba ngalaa mini ndabekangayo ilitye lekona phaya, ndathi, “Nkosi Thixo, ungaze uvumeiwe.”

Abantu bathi, “Kwiinyanga ezimbini, iyakuba iyigaraji.”

23 Ndathi, “Ungaze uyivumele iwe, Nkosi. Mayime, nabantubabelapha ngaphakathi bedumisa Wena ekubuyeni kukaYesu.”Ndiyathemba ukuba kuyakubanjalo.

24 Ngoku masityhile eBhayibhileni ngoku, kwaye_kwayesilindele iNkosi ukuba isiphe kwiintsikelelo zayo. Kwaye sifunaukufunda iZibhalo ezithile. NdineZibhalo endizibhale aphaendifuna ukubhekiselela kuzo, nokubhaliweyo okuthile.Ndifuna ukufunda kwiindawo ezintathu eBhayibhileni, ndayendiyakuninika, kuqala. Ndifuna ukufunda kuYuda 5 ne-6.UYuda yiNcwadi nje enye, uyazi. Ndize ke ndifune ukufundakuPetros weSibini isahluko se-2, 4 ne-5. Ndize ndifuneukufunda kuPetros wokuQala, 3:18 ukuya kuma-20.

25 Kwaye ingongoma yam ngale ntsasa, iNkosi ithandile, yile:Imiphefumlo Esentolongweni Ngoku. Ehe. ImiphefumloEsentolongweni Ngoku, Ivalelwe, Igwetywe Ngokungapheliyo.Ingenakuze, akukho ndlela yakusindiswa, ’yabona, imiphefumloevalelwe entolongweni ngoku.

26 Ngoku masifunde ngaphaya kwiNcwadi kaYuda, kuqala.Ndiyakholwa ukuba ndiyiphawule apha indawo yokuqala,kuYuda; size siye ngaphaya kuPetros weSibini, silandele_silandele ngoPetros wokuQala. Ngoku, uYuda, ndingathandaukumfunda wonke; kodwa ukonga ixesha, ngokuba seyilicalaleyeshumi kakade, ndizakuqala ngevesi ye-5. Ngoku, uYudawayengumzalwana, umzalwana-mbumbulu, kaKristu Yesu,njengokuba sisazi sonke. ’Yabona? Wayengunyana kaYosefu.

Ndinga ke ndinganikhumbuza, nangona nikwazi okukakade, ukuba iNkosi yakuba ibasindisile abantuemhlabeni waseYiputa, yathi ngokwesibiniyabatshabalalisa abo bangakholwanga.

27 Yabasindisa, kuqala, yabakhupha eYiphutha, yazeyanyanzeleka ukuba ibatshabalalise ngokuba bengazangabaqhubeke nomyalezo wabo, uyabona.

6 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Kananjalo izithunywa zezulu ezo zazingalugcinangaulawulo lwazo, zesuka zalishiya ikhaya lazo, izigcineleu-^umgwebo ngemixokelelwane engunaphakadephantsi kwesithokothoko.

28 Iingelosi ezazikade zihleli eZulwini, zaze azaligcina ulawulolwazo nendlela ezazikuyo, zawa, kwaye ngokuzikwimixokelelwano yaphakade yobumnyama, imixokelelwaneengapheliyo yaphakade, zigcinwe kule meko kude kubenguMgwebo woMhla omkhulu xa ziyakugwetywa kunye nabobonke abangakholwayo.29 Ngoku kuPetros weSibini, isahluko se-2, siqala ngomqolowe-4, ntoleyo iyakuba yincwadi nje okanye ezimbini emvakwayo, ’yabona.

Kuba xa uThixo angaziconganga izithunywa zezuluezonayo, wesuka wathi ezikhahlele enzonzobileniwazinikela emixokelelwaneni yesithokothoko,zigcinelwe umgwebo;

Naxa angaliconganga ihlabathi lakudala, wesukawalondoloza uNowa, nabantu abasibhozo, umvakalisiwobulungisa, akuba elihlisele unogumbe ihlabathilabangahloneli Thixo;

30 Akazilondoloza iiNgelosi; wazifaka kwimixokelelwanoyesithokothoko, wagweba lonke ihlabathi ngentshabalalo, ka_kaNowa.31 Ngoku uPetros wokuQala, isahluko so-1 ne^UPetroswokuQala, isahluko se-3, siqala ngevesi ye-18, siyafundakwakhona. Ngoku, phulaphulisisa ngoku.

Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzimangenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxayabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo,ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomiekuwo uMoya:^ebulewe okunene esenyameni, kodwaedliswe ubomi ekuwo uMoya:

Awathi ekuwo waya washumayela koomoyaabasekukhonkxweni; washumayela kwabo bantuentolongweni;

Ababefudula bengeva xenikweni ukuzeka kadeumsindo kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa,kwakubon’ukuba kulungiswa ukhombe,ekwasindiselwa kuyo imiphefumlo embalwa, okokukuthi, esibhozo ngamanzi.

.^olusisindisayo nathi ngoku ubhaptizongokomfuziselo (olungekuko ukulahlaubunyhukunyhuku benyama, olukukubuzisa kuThixokwesazela esilungileyo,) ngokuvuka kukaYesu Kristu;

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 7

Osekunene kukaThixo, eye emazulwini;kwakubon’ukuba kuthotyelwe phantsi kwakheizithunywa zezulu noomagunya namandla.

Masithandaze kwakhona.

32 Ngoku, Bawo waseZulwini, olunje u_uludwe lweSibhaloolulapha, ubungqina obuthathu, iindawo ezintathu eSibhalwenizingqina. Kwaye Wena utshilo kwiLizwi laKho, ukuba,“Ngomlomo wamangqina amabini mhlawumbi amathathu,malithi lonke iLizwi lizinziswe.” Ngoku ndiyaKuthandaza, owuThixo, ukuba Uze ebantwini utolike eli Lizwi, loMyalezo,ngaloo ndlela kumele ukuba yiyo, ukuze yonke indoda, umfazi,inkwenkwe, okanye intombazana, ibe nokuqonda okokuphakathi uthe Wena wakumisela kwangaphambili ukubabakuqonde, kwaye ngoku sisazi ukuba la mangqina mathathuangqinela iNyaniso.

33 Kwaye ndiyathandaza ukuba Uthumele uMoyaoyiNgcwele phezu kwethu ngoku. Kwaye siyakukhangelakuYe Lowo unguKumkani wethu, uphakathi kwethu ngalentsasa, iNkosi uYesu Kristu; xa sithe saphakamisa izandlazethu ngoku ngokholo, sihleli kwezi ndawo ziseMazulwinikuYe. Silindele uMyalezo waKhe. Wuthethe ngathi, Nkosi,wuve ngathi, njengokuba siKucela waluse imilebe ethethayoneendlebe ezivayo, kuze kubekokwembeko nozuko lwaKheLowo usiSibhalo. Kuba ndikucela oko ngeGama laKhe.Amen.

34 Ngoku, nizikhumbule iinkonzo ngokuhlwa, inkonzoyempiliso. Andicingi ukuba kuyakuba yimfuneko ukukhuphaamakhadi omthandazo, ngoko siyakuthandazela nje abagulayo.Ndinento ethile endifuna ukunixelela yona kwayendi_ndiyathemba ukuba iyakulizisa nje ibandla kwindawo apholiyakuthi kubekho nje zonke iintlobo zempiliso. Ndiyazi ukubaukuba singakholwa nje kuyakubanjalo.

35 Ngoku lo_imiphefumlo ngoku esentolongweni, imiphefumloesentolongweni ngoku!

36 Ngoku, umphefumlo womntu asingomzimba womntu,ngumphefumlo. ’Yabona? Kwaye umphefumlo yinto e_e sisimosomoya. Kwaye xa imo yomntu^Xa wayesithi, “Sifile,”iSibhalo sisixelela ngokuphandle ukuba, “sifile, baye ubomibethu bufihliwe kuThixo ngoKristu, batywinelwa aphokuMoya oyiNgcwele.” Ngoku, yayingenguloo mzimba wakho;yayingengo moya wakho owafayo. Yayiyimvelo yomoyaeyafayo; ’yabona, imvelo, yona ingumphefumlo. Imveloyomphefumlo wakho i_inguThixo, ukuba uzelwe ngokutsha.Ukuba ayinjalo, yeyehlabathi. Nantoni na eyaqalayo inesiphelo,ngoko ke inye indlela yokuba ube noBomi obunguNaphakadekukuba ube noBomi obungazange buqale. Kwaye ngoko ubomi

8 ILIZWI ELITHETHIWEYO

bakho baqala ekuzalweni kwakho, xa uThixo waphefumlelaumphefumlo wobomi emathatheni akho waze waqalisa ukubangumphefumlo ophilileyo, ngoko waqala ngoko. Kodwa xauthe^

37 Loo mvelo yayikuwe, ngemvelo wawungowehlabathi,ungowasemzini kuThixo, ngeliphandle wawusisilwanyana.Injalo kanye loo nto. Nabani na uyazi ukuba sizizilwanyanaezanyisayo. Bangaphi abayaziyo loo nto? Thina, sizilwanyanaezanyisayo, sizizilwanyana ezigazi lishushu, kodwa loo nto yintoesiyiyo ngendalo yethu yasemhlabeni. Kodwa, uyabona, intoesenza sahluke kwezinye izilwanyana ezanyisayo, kukuba_kukuba uThixo wabeka umphefumlo phezu kwethu. ’Yabona?Ngoku, ezinye izilwanyana ezanyisayo azimelwe kunxibampahla. Akukho silwanyana simbi simelwe kukunxiba impahlaukuze sifihle ihlazo laso, ngaphandle kwethu. Kuphela kwethuabayenzayo loo nto, ngokuba sinomphefumlo. Kodwa, ’yabona,uThixo, ekuqalekeni, wazi ukuba uyakuba njani na umntu.Waze Wadala umhlaba, wezisa zonke iintlobo zezilwanyana,ukusukela kwesona sincinane ukuya kwesona siphakamileyo;kwaye esona siphakamileyo isilwanyana esavelayo, yabangumntu.

38 Ke ngoko, okokuqala, umntu wenziwa, wayengumntuwomoya, ekumfuziselo kaThixo.

39 Ntoleyo, “UThixo unguMoya,” uYohane oNgcwele 4. Ngoku,“Ungu_unguMoya. Kwaye abo baMnqulayo, baMnqulangoMoya nangeNyaniso. Kwaye iLizwi laKho liyiNyaniso.”Ngoku, siMnqula ngoMoya nangeNyaniso. Yena u_ubuBumeboMoya.

40 Ngoko kwakungekho mntu wakuwusebenza umhlaba, wazeuThixo wabumba umntu ngothuli lomhlaba.

41 Ngoko Wathabatha ecaleni kuye, imveliso ephumakwimveliso, ubambo; waze, ngalo olo, wahlula lo mntuwayenemvelo embaxa, owayekuko kokubini ubufazi nobudoda.Waze Wathabatha indawo yobufazi wayikhupha, ngokubayayiluthando, waze Wayibeka kumntu obizwa ngokuba ngu-Eva, awathi u-Adam wambiza ngokuba ngu-Eva,owayeyinkosikazi yakhe. Lwalulapho uthando lwakhe,ngokwemvelo, uthando lwenyama, lubambelele kwinkosikaziyakhe. Nantso indlela umntu amelwe ukuba yiyo namhlanje,naye exhomekeke kumyeni wakhe. Indoda, isiduna; umfazi,isikhomokazi.

42 Ke ngoko, ’yabona, emva kokuba Wagqibayo ukwenzaumntu ngokomfanekiselo OngowaKhe, “Wabadala ngoko,bayindoda nenkazana,” kwakungekho mntu wakuwusebenzaumhlaba. Waze Wampheka eluthulini lomhlaba, kwayewaba^wayenguloo mntu. Le ndoda yomntu yayiyi-mammal,

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 9

’yabona, yayisisilwanyana; kodwa Yena wafaka umoya kaThixo,ubomi, kuyo, wayenza ngokwesiseko sokuba ibenokuzikhethela. Kwaze kwathi xa le ndoda^43 Ngoku sicinga ukuba kukho into esiyiyo. Khumbula nje,ukuba siyintoni na? Ligade lothuli. Kuphelele apho. “Kwayengokuba uluthuli, uyakubuyela eluthulini.” Ngoko xa ubona lendoda ihamba isihla ngesitrato, icinga ukuba inguthile, uyazi,inemfundo encinane nezinto ezinjalo; khumbula, ligade lothulilwase-Indiana. Kuphelele apho. Naloo mfazi unxibe wonkeezimfutshane, etshaya imidiza eqhubela phambili esihlangesitrato, ezibhija ngokungathi lelakhe izwe, ligade lothulilwase-Indiana, kwaye kuyiloo ndlela ekujika kube yiyo. Ngokoakukho nto inguwe ncam indawo yokuqala, ’yabona. Ngoko loonto, injalo, nantso into oyiyo.44 Kodwa, loo mphefumlo ulapho ngaphakathi, ’yabona, loomphefumlo yiloo nto uThixo asebenza ngayo, ’yabona. Ukubanje Angafumana loo mvelo, loo moya, ukuba uvumelane naYe,ngoko loo mvelo iyafa, imvelo nothando lwehlabathi luyafa, zizeizinto zehlabathi zife. ’Yabona? Ngokuba, “Ukuba uthandaihlabathi, okanye izinto zehlabathi, uthando lukaThixo alukhokuwe.” ’Yabona? Kwaye umntu umelwe kukuzalwa ngokutsha.Ngoko, le mvelo imelwe kukuba ife, ize imvelo kaThixo ifikeiphile ngaphakathi kuwe. Kwaye uThixo kuphela kwentoekhoyo engazange iqale ingasayi kuze iphele.45 Ke, ngoko ke, Wadibana ngokusebenza, uyabona,wathabatha lo mntu, womhlaba, nalo Moya unguNaphakade,wakuhlanganisa. Ngokuba, uThixo waZibonakalalisa kuloo nto,ukuba Waba ngumntu xa Waba nguKristu Yesu, kwayeWayenguThixo, ’yabona. UThixo wayekuKristu; ukuze,’yabona, aphile kuYe, exolelanisa ihlabathi naYe ngokwakhe.Kwaye, ngaloo Ndoda igqibeleleyo, mntu ngamnye kuthisingagqibelelanga okholwayo kuThixo aze amkele Oko, ubangogqibeleleyo kuYe.46 Kwaye Yena akazange awushiye umzimba waKhe ukubaubone ukubola, engazange Awushiye umphefumlo waKhekwelabafileyo, kodwa waMvusa ngomhla wesithathu, kwayeUphila ngonaphakade. Kwaye siyakuba nomzimba ofananaLowo ungowaKhe wobuqaqawuli.47 Yiyo loo nto sibhaptizelwa eGameni laKhe, ukuze sibenokuvuka ngeGama laKhe, ekufeni kwaKhe, kuvuko lwaKhe,ukuze sivuke kwakhona, singqina kwihlabathi ukuba sinoBomiobutsha, ukuba umntu omdala ufile. Siyingcwabile laa mveloyokuqala. ’Yabona? Imvelo yokuqala iphelile, kwaye ngokusiyimvelo yaKhe. Uphila ngaphakathi kuthi, kwaye asenzintando eyeyethu. Senza intando yaKhe. Asicingi iingcingaezizezethu. Ingqondo, ingqondo yiyo ecingayo. IngqondoeyayikuKristu Yesu ikwikholwa ngalinye. ’Yabona,

10 ILIZWI ELITHETHIWEYO

nanko_nanko umphefumlo, kwaye yiloo nto le sithetha ngayo.Ngoku, nantso le ndawo ndicinga ngayo ngoku, loo nto kokokungaphakathi kuthi, umphefumlo.48 Ngoku, ukuba siyaqaphela, kule nto, zininzi izintoezenzekayo ngamanye amaxesha, size simangaliswe ukubakutheni na zisenzeka nje, kwaye siyazibuza, sibuze nabanye.Kodwa ekugqibeleni, emva komzuzwana, siyayifumanisa loonto, ukuba singaMakristu, konke kusebenziselanaokulungileyo, ngandlela ithile. Niyibonile loo nto. OnkeaMakristu ayayibona loo nto. Uyamangaliswa ukuba bekuthenina ukuze siyenze.49 Ndamangaliswa ngaxesha lithile, xa ndandiqala ukufundaiBhayibhile, “Kwakutheni ukuze uThixo avumele u-Abraham,loo ndoda ibalulekileyo, ime apho itsho ukuthi uSarawayengoyonkosikazi yayo?” Nendlela Awathi ngayo wamyekawema apho waxoka malunga naloo nto, nezinto awazenzayo,nokuba kwakutheni ukuze Avumele u-Abraham ashiye ilizweledinga apho Wayemxelele ukuba angalishiyi. Naliphi na iJudaelishiya ilizwe ledinga likreqile, kuba uThixo wabanika lonawathembisa ukuba mabahlale apho, ’yabona, baza balishiya.Ngoko wehla waya kutsho eGerari. Kodwa ukubakwakungekho ngenxa yaloo nto^50 Waze ke u-Abhimeleki, loo kumkani wayelapho ezantsikwilizwe lamaFilisti, wathanda uSara wabe ezakumtshata, wayewayeyindoda elungileyo, indoda elilungisa. Kwathi emva kokubangeliphandle^oku kuvakala kunobudenge, kodwa ukuyenzanje ibe yinene kuni. Emva kokuba wayehlambile ngokuhlwawanxiba iimpahla zakhe zokulala, wenza umthandazo wakhewaya kulala, iNkosi yavela kuye yathi, “Ufana nje nendodaefileyo,” yabe loo ndoda ingenzeka nto. ’Yabona? Wayeqhathiwengokupheleleyo, ngabo bobabini u-Abraham noSara. Injalo loonto. Wathi, “Uthabathe umfazi wenye indoda, ’yabona. Kwayea_andiyi kuyiva imithandazo yakho, akunamsebenzi nokubauthandaza kangakanani na. Uyafana nje nofileyo. Kodwa loondoda ingumprofeti wam.” ’Yabona?51 ’Yabona, kunzima ukuyiqonda loo nto, ’yabona. Kodwaukuba kwakungekho ngenxa yaloo nto, ngesingalwazi ukubalwaluyintoni na ubabalo.52 Kwakutheni ukuze ahambe aye kutshata uHagare, ekubeniwayenenkosikazi ethandekayo enjengoSara? Kwaye yenawayengafuni kuyenza loo nto, ’yabona, kodwa uSara nguyeowamxelela loo nto. Yaze ngoko iNkosi yamxelela ukuba,“Kuphulaphule oko akuxelela kona uSara.” Ngoba?Kwakumele kubekho u-Ishmayeli, “Ela khobokazananomntwana walo lalingayi kuba yindlalifa ndawonye nomfaziokhululekileyo nomntwana wakhe.” ’Yabona ukuba ndithethaukuthini na?

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 11

53 Zonke ezi zinto ziyimizekelo. Kwakutheni ukuze laamprofeti kufuneke atshate ihenyukazi abe^naba bantwana,abe nabantwana ababini ngalo? Njengomqondiso. Kwakutheniukuze omnye angqengqe ngasekunene kwakhe amakhuluamathathu anamashumi amane eentsuku, aze angqengqeiintsuku ezingako ubuninzi kwelinye icala ngolo hlobo?Njengomqondiso. Omnye wakhulula izinxibo zakhe wahambaphambi koSirayeli. Kwaye, ngoku, zonke ezo zinto,zaziyimizekelo nezithunzi, ’yabona; kwaye simelwe kukubasibe nazo ezo zinto, ukuze zidibanise.

54 Kwaye, ngamaxesha amaninzi, izinto ziyenzeka kuthiesimangaliswayo ukuba zitheni na. NguThixo esibonisakwangaphambili into ethile.55 Ngoku, ndiyinkwenkwe encinane, kwaye niyalazi ibalilobomi bam, nda_ndasoloko ndikholwa yiloo nto, ukusukelaokokuqala ndikhumbula^Enye yezona zinto zokuqalazibalulekileyo ndizikhumbulayo^Ngoku lento, ngoku,usenokuba undixelele into ethile izolo, ndingayilibala xakunamhlanje. Kodwa kukho izinto ezithile, zakudala, ezenzekangemihla yobutsha bethu, abaninzi bethu balolo hlobo, esihlalasizikhumbula njalo. Kwaye lento ivakala ngokungathiyephokotsheleyo ukuba ndiyithethe, kodwa ndikhumbulangethuba ndandikhasa, ndinxibe ilokhwe ende. Iintsanaezincinane, ngoku abanye benu bantu bangangam ubudalabanokuyikhumbula loo nto, iintsana zazikade zinxiba iilokhweezinde kakhulu. Kwaye ndikhumbula ndikhasa, ndisusaikhephu kwiinyawo zikatat’omncinci ndilidla, ekungenenikwakhe wema ngaseziko.56 Ize into elandelayo endiyikhumbulayo eyenzekayo ebominibam, ibe ngumbono, owokuqala endakhe ndawubona,owandixelela ukuba inxalenye enkulu yobomi bamndiyakuyiphila kufutshane nesixeko esibizwa ngokuba yiNewAlbany. Kwaye ndandilusana oluncinane lwasezintabeni aphophezulu, kungekho nogqirha ukuzalwa kwam. Kwaye_kwayendi_ndi^Uyazi, bona^Ndihleli apha isithuba samashumiamahlanu eminyaka, kanye apha; umbono.

57 Kwaye nendlela ebendihleli ndisazi ngayo kukubakwakukho uThixo kwindawo ethile, kwaye ndiyinkwenkweencinane Wathetha kum, “ungaze utshaye, okanye usele,okanye ungcolise umzimba wam,” oko kukuqhubangokuziphatha kakubi kunye nabafazi nezinto ezinjalo.Ndahlala ndiyoyika kakhulu loo nto, ndaye ndandingumfana.58 Kwaye ndandizingela ngaxesha lithile, ntoleyo ikhangelekangathi yimvelo yesibini kum, ukuthanda ukuzingela.Ndandiphaya phandle ndizingela nenkwenkwe, uJim Poole,umntwana othandekayo. Ndicinga ukuba unyana uhamba aphaenkonzweni, uJim omncinane, usapho olulungileyo lwabo

12 ILIZWI ELITHETHIWEYO

bantu. Ndiyabazi abakwaPoole. U-Jimmy kunye nam sasilalakunye siphila kunye ukusukela sisengamakhwenkweamancinane esikolweni. Sishiyana malunga nenyangaezintandathu, ngobudala. UJimmy kwenzeka ukuba umpuwakhe awudubulise, wandidubula waphumela kwimilenzeyomibini, ekufutshane kakhulu kum, ngombaxa omde.Ndathatyathwa ndasiwa esibhedlele, kwaye, apho, ndilele aphondisifa, kungekho siphelisi zintlungu okanye nantoni na ngaloomihla. Kwaye, ngoku, babeneshiti leseyile phantsi kwam,kwaye ndiyazi ukuba ngobo busuku^Babezakundiqhaqhangentsasa elandelayo.59 Bathabatha nje balicoca elo nxeba, amasuntsu amakhuluenyama edlavukile, bathabatha izikere bayisika bayisusa,kwaye kwakufuneka ndibambelele kwisandla sendoda ethile.Babeno-Frankie Eich, usandula kuzibulala kutshanje, bazebamxelela, ukuba avumbulule izandla zam zisuke ezihlahlenikuye, xa_xa babegqibile. Ndakhala ndalila, ndibambelele ngolohlobo, babe bona besika loo ndawo yomlenze beyisusa.Ndandineshumi elinesibini leminyaka ubudala, ndiyinkwenkwenje.60 Kwaye kwathi ngobo busuku ndazama ukulala, babe^Ndavuka, kwakho into egxampuzayo. Yayililwelo igazi, malunganesiqingatha segaloni, ndiyaqikelela, elaliphuma kuloomithambo. Kwaye babene^babewuthabathile umfanekisowegesi, baze bathi oko kudutyulwa kwakufike kufutshanekumthambo omkhulu wegazi, macala omabini, kangangokubaumkrwelo omncinane nje ungenza ukuba ukrazuke kubini,ndize ndiqalise ukopha. “Ke,” ndacinga, “sisiphelo sam esi.”Ndazithoba izandla zam kanje ndaze ndaziphakamisa, labeigazi lisihla ngezandla zam, yayiligazi lam elo ndandilelephakathi kulo. Ndakhwaza, ndakhalisa intsimbi. Umongikaziweza, wesuka nje walifunxa ngetawuli kuba kwakungekho ntoyimbi babenokuyenza.61 Kwathi ngentsasa elandelayo, phantsi kwezo mekozobuthathaka, babenganikezeli ngofunxo-fakelo gazi ngaloomihla, uyazi, ngoko ba_bandiqhaqha. Bandinika iyezalokulalisa. Ndaze ndathi nda^Elakudala iyeza lokulalisa,ndiyaqonda ukuba niyakhumbula, sisiphelisi zintlungu esidalaeso. Ndiphantsi kwelo yeza lokulalisa, ndakuqabuka,ndandiqabuka kweso siphelisi zintlungu emva kweeyureezisibhozo. Kwakumele bandinike esingako, babecinga ukubaandi_andisayi kuvuka. Babengakwazi kundivusa.62 Ndiyakhumbula ukuba uNkosk. Rooder wayemi ngakum,apho phandle kweso sibhedlele. Andinakuze ndimlibale loomfazi. Nokuba kwenzeka ntoni na, andinakuze ndimlibale.Wayengumfazi nje oselula ngoko. Umyeni wakhewayengumphathi ophambili phaya ezantsi kwimisebenziyeemoto. Kwaye ndi_ndikhumbula emi ngakum, inguye

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 13

noNkosk. Stewart. Kwaye ngabo ababethe ngenene bahlawulaityala lam lasesibhedlele. Mna^Sasingenako nokudla okukokudla, endlwini, ngoko sasinokuhlawula njani ityalalesibhedlele, amakhulu eedollar? Kodwa yena, ngombuthowecawe yakhe ne-Ku Klux Klan, bandihlawulela elo tyalalesibhedlele, eMason. Andinakuze ndibalibale. ’Yabona?Akunamsebenzi nokuba benze ntoni na, okanye ntoni na,ndiyakuhlala^kukho into ethile, kwaye loo nto ihleli nam,’yabona, yinto abandenzele yona. Kwaye bahlawula e lotyalakuGqirha Reeder. Usaphila, uhlala apha ePortFulton,anganixelela elo bali.63 Ndathi ukuqabuka kwam kwelo yeza lokulalisa, kwakukhointo eyenzekayo kum apho. Ndahlala ndikholwa ukuba loo ntoyayingumbono. Kakade, ndandiphelelwe ngamandla kangako,kwaye ndandi^Babecinga ukuba ndandisifa. Wayelila loomfazi. Ndathi ukuvula kwam amehlo ukuba ndijonge, ndabendimva ethetha, ndaphinda ndalala kwakhona, ndaze ndothuka,kwakabini mhlawumbi kathathu. Ndaze ndafumana umbonongoko. Kwaye ngoko ndandi^64 Malunga neenyanga ezisixhenxe emva koko, kwafunekandisuswe amaceba ompu odubula ngelothe nawempahlaezingcolileyo yi-oli kwimilenze yam; ugqirha wayengazangeawafumane. Koko ndaba netyhefu yegazi, imilenze yomibiniyayidumbile yaba mikhulu kakhulu ngaphantsi kum, bazebafuna ukuyisusa yomibini imilenze apha ezintsuleni. Kwayenje^Ndathi, “Hayi, ndathi nyukelani ngentla niyisuse apha.”Ndandingenakumelana nayo nje, ’yabona. Ke ngokoekugqibeleni uGqirha Reeder noGqirha Piritle, baseLouisville,benza olo qhaqho, baze basika nzulu apho ukuze bawakhuphe;kwaye namhlanje ndinemilenze engumangaliso, ngobabalolukaThixo.

Kodwa ku_kumbono wokugqibela endaba nawo^65 Umbono lowo, ndathi ndakuqabuka, ndaze ndangena kwelithongo. Ndandicinga ukuba ndandisesihogweni, kucacekangako^66 [UMzalwana osebandleni uthi, “Uxolo, mhlekazi._Mhl.]Aha. [Kukho umfazi ngapha ojubileyo, kanye phaya.] Kulungile,makube umntu ombeka izandla, kwaye yena^ qinisekaningokumbeka emoyeni. Ngoku nokuba ngubani na omi apho,beka izandla zakho kuye.

Masithandaze.67 Nkosi Yesu othandekayo, wanga udade wethu ogulayokusasanje, wabe ejubile kweli gumbi, lwanga ubabalo lwaKhonamandla negunya^kukho izandla ezibekwe phezu kwakhengoku, ezimele Wena. Kwaye iSibhalo sithe, “Nantsiimiqondiso eyakulandelana nabo bakholwayo. Ukuba bathebabeka izandla phezu kwabagulayo, bayakuphila.” Ke ngoku

14 ILIZWI ELITHETHIWEYO

wanga udade angaphuma koku kugula, aphiliswe ngenxayozuko lukaThixo. Egameni likaYesu Kristu siyakucela,simnikela kuWe. Amen.68 Ngoku mseni kwindawo enomoya. Ku_kushushungokoyikekayo. Ndibuva ndilapha, bubi, bubi ngenene.Kukuziva nje ngathi uyafuthaniseleka apha eqongeni. Ndiyivileloo nto, kwaba kane okanye kahlanu apha. Ukubakukho^nje ukuba ezive engcono, kuba, mseni kwindawoapho ayakufumana khona umoya. Ilungile loo nto. Aha.’Yabona, kushushu ngokoyikekayo nje, uyazi. Abantu badala,ngamnye kuthi, siziinyawo ezithile ngokulingana zokugula nje.Ukuba ninawo umntu othile onamanzi apho, okanye intoanokuyibeka phezu kwaloo dade. U_uzaku, kulungile ngoku.’Yabona? Kulungile. [UMzalwana ebandleni uthi, “Masizivuleiingcango nangoku, Mzalwana Branham.”_Mhl.] Ewe,mhlawumbi ukuba ningavula iingcango, mhlawumbi, okanyenenze intwanana yomoya, kangangoko sinokuba nako,ngandlela ithile, ’yabona.69 Ngoku ngeli xesha, njengokuba ndandibone loo mbono,ndicinga ukuba nda_ndandidlule kubomi ndayakwintuthumbo.

70 Kwaze kwathi kwiinyanga ezisixhenxe emva koko aphakwiSibhedlele iClark County Memorial, ndenziwa uqhaqholwesibini. Kwathi ke ngelo xesha, ndakuqabuka, ndacingaukuba ndandihleli ngaphandle eNtshona. Ndabona omnyeumbono. Kwakukho umnqamlezo omkhulu wegolideesibhakabhakeni, babe uBuqaqawuli beNkosi buvuza buphumakuloo mnqamlezo. Ndema ke izandla zam ndiziphakamisengolu hlobo, baze bathi obo Buqaqawuli babe bungenaesifubeni kum. Ndaze mna^Wandishiya loo mbono. Utatawayehleli apho endijongile, ekufikeni kwaloo mbono.

71 Ndasoloko ndisiva, mna^Bonke abantu ababendazi kuyoyonke le minyaka, bayazi ukuba ndahlala ndifuna ukuyaeNtshona. Niyazi ukuba kunjani na. Kwasoloko kuyinto ethileukuya eNtshona. Kodwa ngenxa yokuba iingcali zeenkwenkwezizandixelela ngaxesha lithile, kwaloo nto, ukuba ndimelwekukuya eNtshona^Iinkwenkwezi, xa zithe zanqamleza indlelayazo njalo njalo, ndazalwa phantsi kwaloo mqondiso, kwayeandinakuze ndibe nampumelelo eMpuma; ndimelwe kukuyaeNtshona. Ke kunyaka ophelileyo ndihambile ndaya, eNtshona,ukuzalisekisa loo nto uhleli uyiyo umnqweno wam wobomibonke, ’yabona, u_ukwenza loo nto.72 Kutheni ndiphaya nje? Eyona nto ingathi yeyempambano.Ndihleli apho entlango, ndihlawula ikhulu elineshumi leedollarngenyanga, zerhafu yokuhlala, kwakukho indlu elapha phezulu,indlu yobufundisi, ndifakelwe iimpahla kuyo, ’yabona. Kodwakukulandela iNkosi, ’yabona, koko_koko kuphela endikwaziyo

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 15

ukukwenza. Kwaye niyayazi imibono nokuba kwenzeke ntonina phaya ngaphandle. Ngoku_ngoku kule nto ndifuna ukuthiku^

73 Ngoku ukuba udade wethu uziva ebuthathaka na,Mzalwana Roy, kwaye anga^ufuna ukumbeka kwindawoethile umhlalise egumbini ngapha, apho ayakufumana omnyeumoya okanye into enjalo, loo nto ke ilunge kanye, ngokuba,ndiva ukuba uyakuphila ngoku, ’yabona. Kulungile. Uyajubanje, egula. Ke ngoko ndi_ndiyanixelela, ukuba anga^ukubanifuna ukumzisa ngapha apho kukho umoya^ ninyuseezifestile, Mzalwana Roy, ke ukuba ufuna ukuphumela eze, loonto_loo nto iyakulunga. ’Yabona, ukuba ufuna u_ukuzangapha, kulungile, ningayoyiki nje loo nto.

74 Ndifuna ukumbeka izandla xa adlula apha. Nindixolelenonke okomzuzu nje. Kwaye uThixo andixolele ngoku^Oko,oko kulungile, mzalwana.

75 Bawo oseZulwini, le ntombi yaKho ihleli apha kusasanje,yaye izokuva uMyalezo, ibe ne^USathana uzama ukuyibethakuwo, kodwa akanakuyenza loo nto. Akanakuyenza loo nto.“USathana akanako, eGameni likaYesu Kristu.”

Kulungile. Ke, elaa cango, ndicinga abambalwa^?^bazalwana, ngoko umoya ungangena apha, uze kuni.

76 Owu, uthetha ngobushushu, ukuba ungaya kwezinye zezindawo phesheya kolwandle apho bacukana nje omnye phezukomnye, beneqhenqa nomhlaza. Kwaye, owu, bethu, awukwazinokuphefumla, uyazi, kwizinto ezilolo hlobo. Belele kwezozakhiwo zikhulu ziphakamileyo, bebolile nje zi_zizifo. Kwayeuyazi ukuba lingayintoni iqhenqa. Ngoko, belele aphobengenazindlebe, icala lobuso babo lidlekile, bengenazingalo,benamaxhayana okwenza imilenze, nezinto ezilolo hlobo,belele, befumbe omnye phezu komnye. Abaninzi babo besifakanye ngoko, belele apho phandle, ngokufumba komnye phezukomnye, bezama ukungena kwindawo ethile, uyazi, ukuza kuvauMyalezo.

77 Ke ngoku_ngoku kule nto, ndinixelela into eyenzekayo.Embonweni loo ndawubonayo, ndizakubuyela, kubandiyivelisile loo nto, imibono emibini, ukuze ndinibonisengomnye wawo. Ndandingaphandle eNtshona. Ndihlelindiyilangazelela loo nto.

78 Ke ngoku, injongo yalo Myalezo ngale ntsasa kukuzisaibandla, kuyo yonke into Ayakundivumela ukuba ndilise kuyoibandla, kangangoko ndaziyo, kude ku^njengokuba ndibhekaphambili. Kwaye le nto indichukumisile, ngoko bendifunaukulisa phambili ibandla. Ngoku, oku kuza kulo Mnqubakuphela, ’yabona, kule ndawo. Ngoku, kwaye kulo mbono,okokuqala, nantsi into eyenzekayo.

16 ILIZWI ELITHETHIWEYO

79 Emva kokuba undifikele loo mbono, ndayendandibuthathaka kakhulu, ndaye ndandilahlekwe lilo lonke elogazi, ndaze ndahamba^ndacinga ukuba ndandizika nditshonakwiNaphakade elingenasiphelo. Abaninzi benu bakhe bandivandiyibalisa loo nto ngaphambili, kwaye_kwaye ndandiseyelakwiNaphakade elingapheliyo. Okokuqala, ndandidlula kwintoenjengamafu, ndaze ndadlula ebumnyameni, ndabe ndizikanjalo ndisihla, ndisihla ndisihla. Yaze into yokuqala uyazi,ndaya kungena kwiingingqi zabalahlekileyo, kwathi phakathiapho nda_ndakhala. Ndaze ndakhangela, ke apho, yonke njeinto. Kwakungekho siseko kuloo nto. Ndandingaphezi ukuwa.NgoNaphakade, kwakhangeleka ngathi, ndandiyakuwa njalo.Kwakungekho kuma, ndaw.80 Kwaze ke kwakho umahluko onjani kumbono endibe nawoapha, kungekudala kwithuba elidlulileyo, ngokubaseBuqaqawulini kunye nabantu, sisichasi! Kodwa kulo,ndandisiwa, ekugqibeleni, nda_ndakhalela utata. Kuba,ndingumntwana nje, yiloo nto endandinokuyenza. Ndakhalelautata, wabe utata engekho apho. Ndaze ndakhalela umama,“Makubekho umntu ondibambayo!” Kwaye kwakungekhomama apho. Ndandihamba nje. Ndaze ndakhala kuThixongoko. Kwakungekho Thixo apho. Kwakungekho nto apho.81 Kwathi emva komzuzwana ndeva esona sandi sokulilandakhe ndasiva, kwaye yayiyimvakalo eyona imbi. Akukhondlela^Nditsho nomlilo ovuthayo ngenene. Ungaluyoloendaweni yento eyayiyo le. Ngoku loo mibono ayizange iphosise.Kwaye yayikokunye kokona kuziva koyikekayo ndakhandanakho, kwaye kwenzeka ntoni^82 Ndeva ingxolo, kwavakala ngathi luhlobo lo_lo_lwemekoyokungcungcuthekiswa. Kwathi kwakubanjalo, ndakhangela,kusiza, yayingabafazi. Baye babenento eluhlaza, ndibona njeubuso babo, baye ke benento eluhlaza phantsi kwamehlo abo.Amehlo abo ekhangeleka ngathi arhoxile, njenga_abafazinamhlanje abaqaba amehlo abo, bawabuyisele emva ngolohlobo, amehlo abo nje nobuso. Babekhala ke, “Owu, owu, owu,owu!” Owu, bethu!

83 Ndakhala ndikhwaza, “Owu Thixo, yiba nenceba kum. Yibanenceba, kum, Owu Thixo! Uphi na Wena? Ukuba njeUyakundivumela ukuba ndibuye ndiphile, ndiyaKuthembisaukuba ndiyakuba yinkwenkwe elungileyo.” Ngoku, yiloo ntokuphela endaba nokuyithetha. Ngoku, uThixo uyazi, kwayengaloo Mhla woMgwebo, Uyakundigweba ngaloo ntetho. Yiloonto endayithethayo, “Nkosi Thixo, ndivumele ndiphindeleemva, kwaye ndiyaKuthembisa ndiyakuba yinkwenkweelungileyo.”84 Kwaye ngethuba ndadutyulwayo, ndandixoka, ndandenzephantse yonke into eyayinokwenziwa, inye kuphela into

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 17

endiyithethayo^ndisenokuyisusa ndiyicoce ngeli thubandiselapha kanye ngoku. Ndathi ndakukhangela phantsi ndazendajonga ndiphantsi kokudlabhuka okubini, ngokufutshane,ndathi, “Thixo, yiba nenceba kum. Uyazi ukuba andizangendikrexeze.” Yiloo nto kuphela endandinokuyithetha kuThixo.Andizange ndilwamkele uxolo lwaKhe, nazo zonke ezi zinto.Ndithi nje, ndathi, “Andizange ndikrexeze.”85 Baze ke bandikhupha apho. Ke ngoko, kuloo nto, ndakhala,“Thixo, yiba nenceba kum. Ndiyakuba yinkwenkwe elungileyo,ukuba uyakundivumela ndibuyele emva,” kuba ndandisaziukuba kukho uThixo kwindawo ethile. Ke ngoko ndincede, ezozidalwa zidiniweyo kuyo yonke indawo, ndandisandula ukufikanje. Eyona nto yoyikekayo, emanyumnyezi, ukuzivangokungenathixo okwakulapho^ kukhangeleka ngathi amehloamakhulu avulekileyo, imisebe emikhulu iphumile ngolo hlobo,abuyela umva ngokwekati, erhoxele emva ngolu hlobo; nentoeluhlaza, ngokungathi adlekile okanye into elolo hlobo. Bona kebabe_babeqhubeka nje, “Owu, owu, owu!” Owu, ukunjaniukuziva! Ngoku ndathi nda^86 Kwathi emzuzwini wexesha, ndabuyela kubomi bemvelokwakhona. Loo nto yandihlupha. Ndacinga, “Owu, makwenzekeukuba ndingaze ndiye kwindawo enjengaleyo; akukho mntuuphilayo wumbi umelwe kukuya kwindawo efana naleya.”87 Kwiinyanga ezisixhenxe emva koko, ndabona umbonowokuba ndandimi eNtshona, njengokuba ndandibona loomnqamlezo wegolide usihla phezu kwam. Kwaye nda_ndaziukuba kwakukho ingingqi zabagwetyiweyo kwindawo ethile.88 Ngoku, andizange ndiqaphele kakhulu kwade kwamalunganeeveki ezine ezidlulileyo. Inkosikazi^Andizange ndicingengale ndlela. Malunga neeveki ezine ezidlulileyo, inkosikazikunye nam sehla saya ezantsi eTuscon, ukuya kuthenga. Sathike sisahleli^Inkosikazi, sehla saya kwigumbi elingaphantsi,kwaye_kwaye kwakukho iqela lamakhwankwe afana noosisiinwele zawo zimanzisiwe, uyazi, njengokuba besenza njaloabafazi, ne_nezihlwitha zichazwe zehla apha ngaphambili,benxibe ezi bhulukhwe ziphezulu kakhulu, uhlobo,ndiyaqikelela ukuba zii-beatniks, okanye nokuba nizibiza njanina. Ayelapho ngaphakathi ke, wabe wonke umntu ejonge kuwo,iintloko zawo zazingaka ubukhulu, njengaba bafazi baba nezizinto apha i “waterheads” zendlela yokucheba, uyazi. Ayelaphoke ngaphantsi.89 Waze umfazi oselula wedlula, wabuza, “Ucinga ntoni ngalaanto?”90 Ndathi, “Ngoko ubumelwe kukuba unentloni ngesiqusakho, ukuba unokuyicinga loo nto.” Ndathi, “Umfanaunelungelo nje lokuyenza loo nto kanye njengokuba uyenzanawe. Akakho onelungelo kuni loko.”

18 ILIZWI ELITHETHIWEYO

91 Ngoku ndenyukela kwigumbi elingaphezulu, ndaze ndahlalaphantsi. Ndathi ndakwenza njalo, kwakukho izitepusiezizihambelayo, kwakukwa J.C. Penny evenkileni, zabeizitepusi ezizihambelayo zinyusa abantu. Ke, ndazivandikruquke ngenene, ndibona abo bafazi benyuka apho;abaselula, abadala, nabaphakathi nje, beshwabene, bebatsha,nakuyo yonke indlela, befake iibhulukhwana ezincinaneezimfutshane; imizimba yabo engcolileyo, abo bafazi banxibengokuvelisa imizimba, benezontloko zinkulu ngolo hlobo, naboke besiza. Kwakho omnye ephuma kwizitepusi ezizihambelayonje, enyuka nje ngolo hlobo, apho kuloo ndawo ndandihleli kuyoesitulweni, ndihleli apho ndithobe intloko yam.

92 Ndajika ndakhangela. Kwaye omnye wabo wayenyukangezitepusi wayesithi, “Whu-u,” ethetha iSpanish, komnyeumfazi. Yayingumfazi omhlophe ethetha nomfazi womSpanish.Ndathi ndakukhangela, [UMzalwana Branham uqhwakrazaumnwe wakhe_Mhl.], kwathi ngequbuliso ndatshintsheka.Nako, ndakhe ndayibona loo nto ngaphambili. Amehlo akhe,uyazi, indlela abathi aba bafazi benze ngayo ngoku, kukuqabaamehlo abo, kutshanje, njengekati, uyazi indlela abawafakekanje, wabe enxibe iindodo zamehlo zekati nayo yonke into,uyazi, amehlo enyuke kanje, loo nto iluhlaza iphantsikwamehlo wabo. Yayilolo hlobo lwento endandilubonendisengumntwana. [UMzalwana Branham unkqonkqozaepulpitini kambalwa] Yayinguye lowo loo mfazi kanye nje.Ndaze ndaziva umzimba uphelelwe wonke, ndaqalaukubheka-bheka, nabo ke abo bantu behumzela, uyazi,bethetha malunga namaxabiso malunga nezinto ezazikwesosakhiwo. Ndasuka nje^

93 Kwakhangeleka ngathi nditshintshiwe okomzuzwana.Ndaze ndakhangela, ndacinga, “Yilento ndayibona esihogwenileya.” Yayingabo abo, okwakudleka. Ndandicinga ukubakungokuba babesesihogweni into eyabenza ukuba babe lolohlobo, into ebuluhlaza okwengca nokwesibhakabhaka phantsikwamehlo abo. Kwaye yayingabo abo bafazi beqabe loo ntoiluhlaza okwengca nokwesibhakabhaka, kanye le ndlelaumbono wathetha ngayo kumashumi amane eminyakaeyadlulayo.

94 ’Yabona, malunga neminyaka engamashumi amaneeyadlulayo, yiloo nto ebekuyiyo. Ndinamashumi amahlanuanesine; ndandineshumi elinesine ngoko. Ngoko kwakumalunganamashumi amane eminyaka eyadlulayo, nda^Kwaye loo ntoyi_yi^Nalo inani, nakanjani na, lomgwebo, uyabona. Ngokukwakukho^

95 Ndandibone loo nto ndaze andakwazi nokuthethanenkosikazi yam ekubuyeni kwayo. Yayiphaya ngaphesheyaizama ukufunela uSarah nabanye abantwana into ethile, uhlobo

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 19

oluthile lwe_lwelokhwe okanye into ethile yesikolo, kwayea_andizange ndikwazi noku^ndandingakwazi nokuthethanayo. Yathi, “Bill, kwenzeke ntoni kuwe?”

Ndathi, “Sthandwa, ndinje^Ndikufutshane nokubayindoda efileyo.”

Yaze yathi, “Kwenzeke ntoni? Uyagula?”Ndathi, “Hayi. Kukho into esandula kwenzeka.”

96 Ngoku ayazi yona. Ilindele ukubuya kweli khasethi.Andizange ndiyithethe nakubani na. Kwaye ndacinga ukubandiyakulinda, njengokuba ndathembisayo, ndiyizise ebandlenikuqala. ’Yabona? Ndiyizise ebandleni. Yayisisithembiso sameso. Kwaye niyakuqonda, emveni koku kuhlwa, isizathu sokubandizame ukusigcina isithembiso sam. ’Yabona?97 Ndacinga ngoko, njengokuba ndawaqaphelayo loo mehloakhangela edlekile kwabo bafazi. Babelapho abamaSpanish,amaFrench, nama-Ndiya, nabamhlophe, bebonke behlangene,kodwa ezo ntloko zinkulu, uyazi, zenziwe imfumba aphaphezulu, zineezokama, ngale ndlela bazikamela ngayongasemva, zibe nkulu kakhulu, zize ke zivele. Uyazi, niyaziukuba bazenza njani na, bazilungise kanye ngolu hlobo benzangalo. Ukuze ke loo mehlo akhangeleka edlekile, namehloanaloo nto iqatywayo, abuyela emva ngokwamehlo ekati. Babebethetha, nako ke ndilapho kwakhona, ndimi aphongaphakathi kwivenkile i-J.C. Penney, ndisesihogwenikwakhona.98 Ndo_ndo_ndoyika kakhulu. Ndacinga, “Nkosingokuqinisekileyo andifanga, kwaye Uvumele ukuba ndize kulendawo ekugqibeleni.”99 Babelapho ke, besenza^ngokujikeleza ngolo hlobo, kuloonto ifana nombono, kwakunzima nje ukuba uyive ngendlebezakho, uyazi. Ukuhumzela nje kokuqhubela phambili,kwabantu, babe abo bafazi benyuka ngezitepusi ezizihambelayobehamba bejikeleza apho, nalo, “Owu, owu!” Yayingawo lawo,loo mehlo aluhlaza akhangeleka kakubi, ingawokwenza isijwili.100 Inkosikazi yenyuka. Ndaze ndathi, “Khawundiyeke ndihlalendedwa okomzuzu, sthandwa.” Ndathi, “Ukuba uyavuma,ndi_ndi_ndifuna ukugoduka.”

Yathi yona, “Uyagula na?”101 Ndathi, “Hayi, hamba nje wena, sthandwa, ukubausenezinto ofuna ukuzithenga.”

Yathi, “Hayi, ndigqibile.”102 Ndaze ndathi, “Mandikubambe ngengalo.” ’Yabona?Ndaphuma ndahamba.

Yathi, “Kwenzeke ntoni?”

20 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Ndathi, “Meda, ndi_ndi_ndi^Kukho into eyenzekileyophaya phezulu.”

103 Ndathi ndisephantsi kwaloo nto, ndacinga le nto, “siphilakowuphi umhla? Ingaba olu luTsalo lweSithathu lwamandla?”Ngoku ndinokubhaliweyo apha.

104 UYesu. Sifumanisa ukuba uYesu, kulungiselelo lwaKhe,emva kokuba Wayeshumayele ebantwini. Ngoku ndizakuqhubangokweSibhalo ngenene kule nto. Emva kokuba uYesuwayelugqibile ulungiselelo lwaKhe, lwabe ulungiselelo lwaKhelwaliwe ngabantu. Ngoku uyakufunda phakathi kwemigca ke,uzithabathele oko ukuqondayo. Nikhumbule intoebendinixelele yona ekuqaleni. Emva kokubaWayeshumayele^

105 Weza njengaLowo wayethenjiselwe loo mini. Siyayazi sonkeloo nto. ISibhalo samqondakalisa uYesu Kristu njengoMesiya.Kunjalo. Ngokupheleleyo, ngokuqinisekileyo, kungqinelwenguThixo neLizwi laKhe, ukuba Yena wayenguMesiya. Akukhombuzo ngaloo nto. Ukuba kukho mntu oyibuzayo, ukubaunawo, ngoko umelwe kukuza esibingelelweni, ukuba, “YenawayenguMesiya.” Wayeqondakalaliswe ngokucacileyonjengoMesiya. Kodwa emva kokuba Wathi ngokucacileyo^UThixo waMqondakalisa.

106 Njengokuba uPetros watshoyo ngoMhla wePentekoste, xawayethetha neSanhedrin apho, ngolwesine^malunganeentsuku ezine emva koko. Wathi, “UYesu waseNazarethe,iNdoda engqinelweyo nguThixo phakathi kwenu ngemiqondisonezimanga, awathi uThixo wayenza ngaYo phakathi kwenu,esingamangqina ayo thina sonke. ’Yabona? Niyithabathile,ngezandla zabachasene nomthetho, nayibethelela iNkosanayoBomi; awathi uThixo wayivusa, wazibonakalalisa ezi zintonizibonayo.” ’Yabona? UKristu waphila oko. Kakade, usaphilananamhlanje.

107 Ngoku emva kokuba uYesu weza ngokucacileyo, waZazisa;uThixo waMazisa, naYe waprofeta. Kwathi emva kweentsukuzokuprofeta kwaKhe, nangona wayazisiwe ngokweSibhalo,abantu baMala. Injalo loo nto. Kwaye Washumayela kwazekwathi emva kokuba beMalile apha, abo babefanelwe kukubangebasindiswayo. Khumbula, ngethuba Wayeshumayela,yayilithuba lokuba nabani na angasindiswa. Asazi ukubabangoobani na. Bamiselwe ngenxa engaphambili. KodwaWashumayela njalo eqhubela phambili.

108 Kodwa emva kweentsuku zokushumayela kwaKhe,ulungiselelo lwaKhe lwaqhubela phambili, kuba iqelalokugqibela Awashumayela kulo yayiyimiphefumloesesihogweni, eyayingenakuxolelwa. Ndiyifundengokucacileyo loo nto eBhayibhileni apha, kuPetros weSibini.

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 21

’Yabona? Waya washumayela kwimiphefumloeyayisentolongweni, oko kuthetha isihogo, ivalelwe kude kubenguMhla woMgwebo.

109 Kuba, uyabona, uMgwebo awukho ngoku, kwaye akukhosihogo sivuthayo ngoku. Ukuba kukho umntu okuxelela, “Loo mfousesihogweni esivuthayo ngoku,” yimposiso leyo. ’Yabona?Umgwebi weli hlabathi wanele nje kukuba angakhe agwebe mntuade aziswe ematyaleni. Kwaye uThixo akasayi kuze ajule mntukwi_kwiziko lomlilo kuqala abe abe ugwetyiwe ngemithethoEyekaThixo. Wayala inceba, ngoko, uyabona, umelwe kukuthikuqala ade abe nokuvavanywa, kwaye ukuvavanywa kwetyalanguMgwebo weTrone eNkulu eMhlophe. Kodwa ngokuukwindawo ebizwa ngokuba yindlu eyintolongo.

110 Njengokuba ndawubonayo umbono wezo ndawo zombini,kwaze ngobabalo lukaThixo^Oko ndikuthetha ndingenzeliukuhlambela, ukuba kuyimposiso, uThixo andixolele.Ndikholelwa ekubeni ndikhe ndaya kwezo ndawo zombini,’yabona, kwezo ndawo zombini. Kwaye ndababonaabahlanguliweyo, abasikelelekileyo; ndaze ndababonaabalahlekileyo, nalapho babekhona. Kwaye kungeso sizathundisima njengomzalwana wenu, namhlanje, ukuba ndiniyaleukuba nibaleke nimke kuloo ndlela isingisa ezantsi. Ningakheniye kuloo ndlela. Kwaye ninayo yonke into eninokuyiphilela,laa ndlela isikileleyo isingisa phezulu, apho abahlangulweyobaseluvuyweni naseluxolweni, kwaye abanakona. Abanakuzebabe lusizi. Abangekhe. Apho, apho akukho nto; ngaphandlekokuba begqibelele. Ndazibona zombini ezo ndawo! Ndiyaziukuba yintetho eyoyikekayo ukuba yenziwe ngumntu leyo,kodwa, uThixo enguMgwebi wam, ndikholwangokunyanisekileyo ukuba ndazibona zombini ezo ndawo.Ndi_ndiyakholwa yiloo nto.

111 Kwaye, owu, makube le kuye nabani na ukuba abe nokuyakungena kweza ngingqi zabalahlekileyo! Ukuba ubumi kukhoiingcingo ezishushu ezigqojozelwe zaphumela ngaphaya,wathuthunjiswa ngandlela zonke, bekungayi kufana nokuyakuthuthunjiswa komtyholi kula ndawo. Loo nto ayinakubayodwa^ingqondo ayinakuze iyicinge, ingqondo yomntuayinakuze ibe nakuyiqonda into eziyiyo iingingqizabalahlekileyo. Akukho ndlela yakuyicacisa. Kwaye akukhondlela yakuyicacisa into eziyiyo iingingqi zabasikelelekileyo,imangalisa kakhulu. Leya yoyikeka kakhulu, kwaye Lei_imangalisa kakhulu, kusuka kwimfeketho ukuya kokuphantsikakhulu. Ngoko ukuba kukho umntu ondivayo^

112 Ndiya ndisiba lixhego. Andazi ukuba lingakanani na ithubaendisenalo. Ndizakuba namashumi amahlanu ubudalakwakutshanje. Kwaye a_andazi, ngokwendalo, ndisenokubaandinaminyaka mininzi. Andazi ukuba eli khasethi liyakuya

22 ILIZWI ELITHETHIWEYO

phi na. Kodwa makathi wonke ovayo, apha okanyeekhasethini, okanye nokuba kuphi na apho linokuya khona.Musa ukusingisa ngakwingingqi zabalahlekileyo. Awunakoukuba nomfanekiso wesihogo ukuba sibi ngolo hlobo. Kwayenantoni na oyenzayo, ungakhe ufumane nakuphi na^ukulibale oku, ukuba ingingqi zabasikelelekileyo^Ndingathetha oku, kunye noPawulos oNgcwele, “Ilisoalibonanga, indlebe ayizivanga, okanye akuthanga qathaentliziyweni yomntu, oko uThixo akugcinele abobaMthandayo.” Ngoko yima, ukuba uphulaphule eli khasethi,wumise umatshini lowo, uze uguquke ukuba awusindiswanga,ulungisane noThixo.

113 Oku ndikuthetha njengomntu onamava ngokwawo,njengokuba ndikholwa entliziyweni yam. Kwaye ndithi, ukubaezi zinto, ukuba imibono indilahlekisile, uThixo abe nencebakum ngokwenza intetho enjengaleyo. Kodwa ngokunyanisekaokusentliziyweni yam, ndisazi ukuba akukho namnye kuloomibono owakhe wasilela, ndiyakholwa ukuba ndakhe ndakuzozombini ezo ndawo. Makube le kuye nawuphi na ongumntuukuhamba loo ndlela ibheka zantsi!

114 Ngoku, uYesu, emva kokuba Wayelugqibile ulungiselelolwaKhe, washumayela kwimiphefumlo eyayingenakusindiswa,eyayingenakuze isindiswe. Ngoku iBhayibhile iyasixelela loonto. “Waya washumayela kwimiphefumlo eyayisentolongweni,eyayingaguquki.” Xa inceba bayinikwayo, bayimangalainceba, ke ngoku balindele uMgwebo. Owu, inokubayayilixesha elinjani elo! Owu, ndinqwenela ukuba kubebekukho indlela ethile ebendinokulishukumisa ngayo ihlabathingaloo nto, ndenze ukuba babone ukuba iyinene kangakananina.

115 Kwaye uYesu wathi, ngokwaKhe, “Njengokuba uBawowaNdithumayo, ndinithuma ngokunjalo naM.” Kwayenjengokuba uBawo waMthumayo ukuba ashumayele kwa_kwabaphilileyo, kwabo babenethemba,aze aphinde aziseuMyalezo okwamnye kwabo babengenathemba, kubonakalakulungele, ngeli xesha, ukuba oko kumelwe kukwenziwa, kubauMoya kaKristu ophila ngaphakathi kuthi akayitshintshi imveloyaKhe, okanye awuyitshintshi inkqubo kaThixo. Umelwe ukubaabeyinto enye kuso sonke isizukulwana. Umelwe kukuba yintoenye. Wathi, “Njengokuba uBawo waNdithumayo, Ndinithumangokunjalo naM.”

116 Ulungiselelo lumelwe kukuba yinto enye, kangangokubaYena wathi^Ndibona abanye benu bezibhala iZibhalo.KuYohane oNgcwele 14:12, “Lowo ukholwayo kuM, imisebenzieNdiyenzayo Mna uyakuyenza naye.” ’Yabona, “imisebenzi,”ukushumayela kwabalahlekileyo, ukuphilisa abagulayo, ukuzeke kube kwabo kungenakwenzeka ukuba baze basindiswe.

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 23

’Yabona? Umsebenzi waqhubela phambili kuyinto enye nje.Ngoko, oku kwenzekile, (kwenzekile?) ndanga ndingakubekangolu hlobo, ulungiselelo lukaYesu Kristu lufakwe ngaphakathikwiBandla laKhe kule mihla yokugqibela. Nantso into eyenzeabaninzi bethu bakholwa. Ndikholwa kunye nani. Ndiyakholwakoku. Ukuba bendingakukholelwa, ngendisenza into ethilengako. Ngokuba, ngaphaya koko, ndim lo unoxa-^unoxanduva apha ngaphakathi. Kwaye ukuba uMoya kaThixoungaphakathi kuwe, unoxanduva ngabantu.117 Kwakukho iSibhalo esasihlala sindixaka, ukubakwakutheni na ukuba uMosisi abe nokuxelela uThixo imbonoengcono kunaleyo uThixo wayenayo, ndade ndafumanisaukuba yayinguMoya kaKristu lowo ungaphakathi kuMosisi.’Yabona?118 UThixo wathi, “Mosisi, zahlule kubo. Ndiyakuyitshabalalisayonke into, ndiqalise ngawe.”119 Wathi, “Nkosi!” Waziphosa ethubeni, wathi, “Thabathamna. Licime igama lam.” Ngenxa yaba bantu kanyebabevukela, intliziyo yakhe yabavela. ’Yabona?120 Kwaye xa umlungiseleli enabantu entliziyweni yakhe^Ndingathini ukuziva ndingenatyala kokwam^phambikoThixo, nakum, ukuba ndibe nento ethile endiyikhohlileyoebantwini obathanda ngcono kunokuba uzithanda wena.Ingathini indoda ukuthabatha umntu ebandleni ngokujoyinangesandla, okanye ukufefa okuthile, okanye ubhaptizo oluthilelobuxoki, okanye into eyenye, ize ibenze bahlale phantsi kwe_kwempembelelo yobuxoki ibe isazi ukuba iBhayibhile ileleapho, ize ithi iyamthanda loo mntu?121 Nokuba ndithe ndakungqibela ukuphila kwam, nokubakuyintoni na, mandinyaniseke kuThixo nabantu, ukubandibaxelele iNyaniso. Mandingaze ndibe ngumlahlekisi.Ndingathini ukulahlekisa endimthandayo? Nokubandingabenza buhlungu ndiyabathanda nangoko. Naso isizathusokuba umthwaxaze umntwana wakho, kungokubauyamthanda. Akukho ngenxa yokuba ungamthandi; kungokubauyamthanda. Ukuba wenza into ephosakeleyo, uyakufa ukubaawumlungisi.122 Ngoku, ngoko lube njalo ulungiselelo. Njengokubakwakunjalo, kunjalo namhlanje. Kushunyayelwe,kwangqinelwa ngokupheleleyo ngeLizwi likaThixo, ukubaayinakuba ngumntu, kunyanzelekile ukuba ibe nguThixo.Kunyanzelekile ukuba kube njalo. Qaphela, laa miqondisominye yomoya waYenzayo uYesu, ityhilekile emhlabeningemihla yokugqibela. Kwa lamqondiso mnye womoyawaMazisayo ngokwaKhe ukuba nguMesiya, uMazisilenamhlanje. UsenguMesiya! Kwa ukwenzeka kwala miqondisookunye kuvelile emhlabeni, oko kwavela ngaYe, into

24 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Awayeyiyo. Laa Ntsika yoMlilo inye wathi uPawulosioNgcwele wayibona, Lowo mnye, konke oko kuphindekilekunemveli enye kuko, kusenza into enye.123 UYesu wabanga ukuba Yena wayengenzi nto ade uYiseaMbonise. Kwaye uYise nguMoya oyiNgcwele, siyayiqonda loonto. Sisikhundla nje sikaThixo. Ukuba asiyiyo, ngoko nguwuphikubo onguYise kaYesu Kristu? UYesu wathi uThixowayenguBawo waKhe, kwaye iBhayibhile ithe uMoyaoyiNgcwele wayenguYise waKhe. Ngoku, awunakuMenzaukuba abe ngumntwana ongumgqakhwe, ngoko uMoyaoyiNgcwele nguThixo, ngokunjalo uYesu wayenguThixo. Ngoko,uThixo, uYise, uNyana, noMoya oyiNgcwele ngu^Zizi^Zizikhundla ezithathu zikaThixo omnye. Zizibonakalisoezithathu, zikaThixo omnye.124 Uyinxalenye kaThixo, uyinxalenye kaThixo, ’yabona;kodwa andinguye wonke uThixo, nawe awunguye wonkeuThixo. ’Yabona? ’Yabona? Ezi zibonakaliso zikaThixoeziphezu kwethu, njengoonyana abenziwe oonyana nguYesuKristu. Awathi, uThixo ngokwaKhe waba yinyama, ukuzeasifele.125 Ngoku, uMoya oyiNgcwele wahlala uMbonisa izintoezizayo, kwaye Akazange aphosise. Yayigqibelele yonke loonto. Ingaba kunjalo? Akazange aZamkelele dumo. Wanikelaudumo kuThixo. Wathi, “Unyana akanakwenza ntongokwaKhe koko Abona uYise ekwenza.” Kwaye uYise,uMoya oyiNgcwele, yayinguYise waKhe. Ingaba kunjalo?“Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathelakuwe uMariya inkosikazi yakho, kuba oko kukhawulweyongaphakathi kwakhe kungoMoya oyiNgcwele,” owayenguYisewaKhe. Kwaye uMoya oyiNgcwele wabonisa uYesu izintoezizayo, waMxelela izinto ezazikho.126 Kwaye Yena wayengumprofeti-Thixo. Ngokuba iLizwileNkosi liza kuphela kumprofeti; libonisa ukuba aMazwi eza,ekwimo engeneno, abaprofeti babhala oko iNkosi yayibaxelelakona. Kodwa Yena akazange abhale nto, ngokuba YenawayeliLizwi. Yayinguye iLizwi.127 Qaphela, kwaloo Moya uyiNgcwele wawuphila kuYe,“Kuyakuba mzuzwana, ihlabathi lingabisandibona; ke ninaniyakuNdibona, ngokuba Ndiyakuba nani, ndibe kuni, kudekusephelisweni kwehlabathi. Ndiyeza kuni,” Wathi. “Mna,”yayinguYise owayengaphakathi kuYe lowo, “Oyakuza kuni.”Kwaye Wathi, “Xa uMoya oyiNgcwele uthe wehla phezukwenu, Uyakunityhilela ezi zinto Ndinifundise zona, aniboniseizinto ezizayo.” Nantso ke ngoku.128 Ngoku siyaqaphela, ukuba njengokuba uMoya oyiNgcwelewasebenzayo eBandleni ngoko, wenze ngokunjalo uMoyaoyiNgcwele kanye izinto ezikwanye namhlanje; usazisa

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 25

ngeNtsika yoMlilo, kanye ngokuchanekileyo njengokubakwakunjalo ekuqalekeni, yinto enye. Ekuboneni yona isihlaphezu koYesu, uYohane wayivakalisa emlanje iYordane.Kwaye yaqondakalisa yonke into. Nditsho nemifanekisoyenzululwazi yayo. Ayinakuphikiswa. Yayingokwenzululwazi.Yayiyinto ephathekayo. Yayingeyongcinga intsomi.Yayingebobungcali bengqondo. Njengokuba uGeorge J. Lacywathi, “Iliso lobuxhakaxhaka bekhamera alinakubambaubungcali bengqondo. KukuKhanya okubethe kwilisolekhamera.”129 Kuyintoni ngani, bandla, nokwathi malunga neenyangaezintandathu okanye ezisibhozo ezidlulileyo apha, ndimi apha,ndisithi, “NguITSHO INKOSI, ndizakuya eTuscon, e-Arizona.Kuyakubakho ukudubula, kuyavela iiNgelosi ezisixhenxe.”Niyakhumbula? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.] Kungekho^UThixo eyenza ibeyinene kangangokuba ulindi-xesha i-Lookwathabatha umfanekiso waloo nto. Ngokomoya, ibonwekwangaphambili, yenzeka yayinto ebonakalayo kanyengokuchanekileyo, iiNgelosi ezisixhenxe ezathi zezisangokuhlanganiswa kweZibhalo ziphela. Kuba, zonke iimfihlelozeBhayibhile iyonke zilele kuMatywina aSixhenxe. Siyaziukuba loo Nto yi_yiNcwadi, Itywiniwe, loo Nto nayoilungelelene. Imfihlelo yeNcwadi iyonke, ilele kuloo MatywinaaSixhenxe, eyathi iNkosi yenza ukuba siwazise.130 Kwaye kukho amadoda ahleli apha, namhlanje, awayelaphokanye ekho kunye nam ukwenzeka kwaloo nto. Ulindi-xeshaiLook waqondakalisa kwaloo nto inye, ukuba e_eneneniyenzekile. Ngokuba, yayinguThixo owayethethe ngayo.YayinguThixo oxhasa iLizwi laKhe, ukuba Alenze xa AthiUyakulenza. Ngoko ke, asingomntu uthile, umntu onengqondoyobuntu njengam, ophakathi kwenu bantu. NguThixoonguNaphakade.131 Usebenzisa umntu. Yinyaniso leyo. Akukho nto ayenzayongaphandle kokuba Ayenze ngomntu. Siyayiqonda loo nto.Yena, okwaKhe_sisixhobo saKhe sokusetyenziswa eso. Nantsointo Awayikhethayo. Ukuba kutheni, andazi. Ngewenza ukubailanga lishumayele iVangeli. Ngewenza umoya ukubaushumayele iVangeli. Ngewenza umoya ukuba uzenze ezozinto, kodwa Wakhetha umntu.132 Yayiyimbono yaKhe leyo, ukuba umntu athethe emntwini;hayi ngokwakhe, kodwa, “ILizwi leNkosi leza kubaprofeti,”abaprofetayo, abashumayeli. Oprofetayo ke okhanyela iLizwilakuqala, angathini ukuba ngumprofeti wenyaniso? ’Yabona?Akanakuba nguye, ngokuba ukhanyela iNyaniso yeLizwi.Kwaye ngoko ukuba akenzi njalo, ngoko eli Lizwi, ngokwaLo,kukuba Lishunyayelwa ngobunyaniso beLizwi nangobunyanisoboMoya, Liyakubonakalisa lonke idinga Elalithembisayo. Nantsoindlela esazi ngayo ukuba yinyaniso na okanye hayi. Nantso into

26 ILIZWI ELITHETHIWEYO

eyathethwa nguYesu, “Ukuba andenzi oko kubhaliweyo ngaMukuba ndiyakwenza, ngoko musani ukukholwa ndiM.” ’Yabona?Ngoku siyazibona ezo zinto.133 Khumbula, aMatywina asixhenxe ayegqityiwe, zathi ezoNyaniso zisixhenxe ke^134 Enye yazo, Akazange asivumele ukuba siyazi. Thina^Bangaphi ababekho kwiTywina leSixhenxe, beva? [Ibandla,“Amen.”_Mhl.] Ninonke, ndiyaqikelela. ’Yabona, i_iTywinaleSixhenxe, Akazange asivumele.135 Wema kanye phaya kwelaa gumbi wawatyhila onkengamanye. Kwaye ukuba ndiyakuze ndishumayele nantoni naebomini bam, eyakhe yaphefumlelwa, yayiyiloo nto. Imelweukuba ibe yinyani, kuni. Ndime apha ndinixelele intoezakwenzeka, ze ndiye kanye phaya, ukuze nkqu inzululwazinayo yonke enye into, uphando lwezenzululwazi nayo yonkeinto, imfihlelo ebantwini, iqondakalise ngokuba oko kwenzekilekanye phaya. Nize nibuye niyive isombuluka, yenze iLizwingalinye libe yinene kanye. Ngowuphi lo mhla siphila kuwo?Siphi apho sikhoyo?136 Kwaye khumbula, kwelaa Tywina leSithandathu, apho,onke loo Maxilongo aSixhenxe avakala phantsi kwelaa TywinaleSithandathu. Sakufika kulo, uyakuyibona loo nto. Onke(isixhenxe) amaXilongo enzeka kwelaa Tywina leSithandathu.137 Isixhenxe sihlala njalo siyimfihlelo. Sikhangele esosixhenxe, kukugqitywa oko. YayikuKuza kweNkosi oko. Izululazola, kwathi cwaka, akwabikho mntu ushukumayo. Ngokuba,uYesu wathi ngokwaKhe, “Akukho neNgelosi yeZulu eyaziyoukuba Ndibuya nini na. Andikwazi oko, ngokwaM, ukubakuxesha nini na. UBawo ukufake engqondweni yaKhe.”nguThixo okwaziyo, uMoya. Wathi, “Bendingakwazi.” Ngoko,kwakungatyhilwanga. Xa elaa Xilongo leSixhenxelavakaliswayo^okanye iNgelosi yeSixhenxe i_iTywinalavulwayo, ngoko kwabakho ukuzola eZulwini. ’Yabona,akuzange kukhutshwe, okuya kwenzeka.138 Kodwa phantsi kweTywina leSithandathu, apho laamaXilongo avulwa khona. Khumbula, ngaphantsi apho,sifumanisa ukuba laa Mvana yavela, yathi gqi. Yasishiya iSihlaloseNceba. Umsebenzi wayo wokuhlangula wawugqityiwe. YazeYavela yathabatha iNcwadi kwisandla sokunene saLowowayehleli phezu kweTrone, ke “Ixesha lalingasekho.” Kwathingesiquphe iNgelosi yavela kwisahluko sesixhenxe, okanyeisahluko se-10 umqolo we-7, isithi^Le Ngelosi yehla yafunga,ukuba, “Ixesha lalingasekho.”139 Kodwa, uyabona, kule Ncwadi, kwakulaphookuhlangulweyo. YayiyiNcwadi yeNtlangulo. Kwaye yonke intoAwayeyihlangule yayibhalwe kuloo Ncwadi. Konke okoWakufelayo kwakubhalwe eNcwadini, kwaye Wayengenako

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 27

ukusishiya iSihlalo saKhe sokucamagushela Ade abe ugqibilengokupheleleyo. Kwaye Wayengenako ukukuhlangulaemnqamlezweni, ngokuba babemiselwe ngenxa engaphambilikwiNcwadi yoBomi yeMvana, kwaye Wayemelwe kukuma Aphoenze izincwino ade umntu wokugqibela kugqitywe ngaye.Uzuko!140 Kodwa ngenye imini Waphakama apho, weza. YayiphiiNcwadi? YayisekuMnini ongumoya, uThixo Onamandla onke.Kwaye uYohane wabhekabheka, walila, ngokubakwakungekho mntu unakho nokukhangela oku eNcwadini aze,ngokukodwa avule aMatywina, ukutyhila into eyayiyiyoimfihlelo efihliweyo.141 Iimfihlelo zazikuMatywina aSixhenxe. NgethubalaMatywina aSixhenxe avulwayo, oko kwavula iBhayibhileiphela. AMatywina aSixhenxe; Yayitywinwe ngeMfihleloeZisixhenxe, kwaye kula Matywina aSixhenxe kwakuqulethweimfihlelo iphela yaYo. Kwaye yayiyiNcwadi yeNtlangulo,iTestamente eNtsha.142 Asiyiyo endala. Yayimemeza kuphela ngeTestamenteeNtsha. “Abenziwanga^abanakwenziwa bagqibelelengaphandle kwethu,” amaHebhere 11. ’Yabona? ’Yabona?Ngoku, intlangulo yeza kuphela akuba uMhlanguli efile. Kwayebona babephantsi kwegazi leemvana ngokolutho, hayiuMhlanguli; babengekahlangulwa, wade uMhlanguli wafika.143 Qaphela ngoku xa lo Mhlanguli^uYohane wabhekabheka,naku kuhleli uThixo eTroneni, eneNcwadi esandleni sakheeyayitywinwe ngaMatywina aSixhenxe, kwaye lonke icebolentlangulo lalikuyo.144 Kwaye yayilahlekile kuhlanga loluntu, ku-Adam. WazeuThixo^Yaphindela phi? USathana wayengenakuyithatha;wenza nje ukuba alahlekwe yiyo. Kodwa yayaphi ngoko looNcwadi? Yayingeyoyohlanga loluntu. [UMzalwana uBranhamunkqonkqoza kambalwa epulpitini_Mhl.] Iintsikeleloyayingezozalapha; apha uhlanga loluntu lwayilahla. Ngokoyaphindela emva kuMnini wayo wakuqala, yayinguThixo kelowo.145 Naku Ehleli naYo apha, waze Wabiza umntu othile, othileukuba aze kuYibanga.146 UYohane wabhekabheka, akwabikho mntu eZulwini,akwabakho mntu emhlabeni, akabakho, naNgelosi, nanye intoenokuyithabatha iNcwadi okanye inqike aMatywina, okanyenokuYikhangela oku. Akukho mntu wayefanelekile. UYohaneuthe walila ngokukrakra.147 Ngoko iNgelosi yeza kuye, yathi, “Musa ukulila, Yohane,kuba iNgonyama yeSizwe sakwaYuda yoyisile, kwayeIfanelekile.”

28 ILIZWI ELITHETHIWEYO

148 Kwaye uYohane wakhangela ukuba abone iMvana^okanye abone iNgonyama, kodwa wafumanisa ntoni? IMvana,kwaye yayiyiMvana eneGazi, iMvana eyayixheliwe. Ithubaelingakanani? Ukusukela ekusekweni kwehlabathi.

149 IMvana yeza, yahamba yaya kuLowo wayeneNcwadiesandleni saKhe sokunene, yayithabatha iNcwadi; yakhwelaphezu kweTrone yahlala phantsi. Yiyo leyo. Kwakuphelile(Nini?) xa aMatywina atyhilwayo. Xa owokugqibela, leyoyayiyinto yonke Awayeyihlangule, kwakungekho nto^

Wezela ukuhlangula.

150 Uthi, “Kwakutheni ukuze Angahlanguli kumashumi amaneeminyaka eyadlulayo? Kumawaka amabini eminyakaeyadlulayo?”

151 ’Yabona, amagama abo aseNcwadini yoBomi, kulooNcwadi. Kwaye Yena wayemelwe kukuma apha, ngokubayayiyinjongo kaThixo ukubahlangula. Amagama abo abekwakwiNcwadi yoBomi yeMvana ngaphambi kokusekwakwehlabathi. IMvana yayilapho kunye nawo, ukuze ixhelwe.Nantso iMvana isiza, xa yaxhelwayo, yabuya ukuze yenzeizincwino zentethelelo.

152 Khangela kuYo! Kungakho okuninzi ukulinganisa, okuninzikwayo yonke enye into, kodwa kukho othile oyineneowayeyakusindiswa, kuba Yona^IBandla lalimiselwe ngenxaengaphambili ukuba lingabi nabala okanye mibimbi. LiyakubaPhaya. Kwaye iMvana yafela loo njongo. Kwaye ngoko xa igamalokugqibela elikula Ncwadi lahlangulwayo, iMvana yafikayathabatha iNcwadi, “NdinguLowo wakwenzayo oku!”

153 IiNgelosi, iikerubhi, amashumi amabini anesine aMadodaamakhulu, iZilo, yonke into, yathula izithsaba zayo, yawaphambi kweTrone, athi, “Ufanelekile Wena!”

154 UYohane uthe, “Yonke into eZulwini nasemhlabeniyandiva ndikhwaza, ‘Amen,’ ndikhwaza, ‘Haleluya,”neendumiso zikaThixo. Ukukhwaza kwenyuka. Kuba?Amagama abo ayekulaa Ncwadi, ukuze atyhilwe, yaze iMvanayabe ityhilile.

155 IMvana yayiyihlangule, kodwa Yona yayingenakuza lide libelonke igama lityhiliwe, oko kwakusenzeka phantsi kweTywinaleSithandathu, phambi kokuba ele Sixhenxe liqhekezwe. Bazeabangenabala^IMvana yezela oko Yakuhlangulayo. Yezakubanga oko Yakuhlangulayo. Sele inako kakade, kulaphakanye eNcwadini, Yayithabatha esandleni saKhe. Ngoku Iyezaukuza kwamkela oko Yakuhlangulayo. Ngumsebenzi waYolowo. Igqibile. Ize kukwamkela. Owu, elinjani_lelinjani ixesha!Ikuqondakalisile oko, iTywina leSixhenxe likuqondakalisileoko. Yabuya Yathabatha iNcwadi yeNtlangulo!

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 29

156 Qaphela, yayinguMyalezo wesithunywa sesixhenxeowawuzakutyhila elesixhenxe, aMatywina aSixhenxe.ISityhilelo 10:7, ngoku, uyakukufumana apho oko. ’Yabona?157 “Wayibona le Ngelosi isihla yabeka unyawo lwaYo phezukomhlaba naphezu kolwandle,” yayinguKristu lowo,“enomnyama phezu kwentloko yaKhe.” Qaphela Yena,uyakuMfumanisa kwiSityhilelo 1, kwakhona, “enomnyamaphezu kwentloko yaKhe; ekhangeleka njengeyaspilenesardiyo,” njalo njalo. NguYe lo esiza, ephakamise esinyeisandla^“Olunye unyawu luphezu komhlaba, olunye luphezukwamanzi; waphakamisa isandla saKhe. Wayenomnyamaphezu kwentloko yaKhe,” esenjalo. Ngumnqophiso lowo.WayeyiNgelosi yoMnqophiso, eyayinguKristu; enziwewanganeno kancinci kuneeNgelosi, ukuze eve ubunzima.NguYe lowo esiza, “Waphamisela izandla zaKhe phezulueZulwini, wafunga Lowo uphila ngonaphakade kanaphakade,”Lowo unguNaphakade, uYise, uThixo, “ukuba akusayikubakho xesha,” xa kusenzeka oku. Liphelile. Kuphelile.Kugqityiwe.158 Kwaye ngoko iZibhalo zithi, “Ngo_ngoMyalezowesesixhenxe isithunywa sasemhlabeni,” umthunywaosemhlabeni, esesixhenxe neSigaba seBandla sokugqibela,“ekuqaleni kolungiselelo lwaso,” xa siqalisa ngokungenaemhlabeni, ngelo xesha, “imfihlakalo kaThixo, yala MatywinaaSixhenxe, iyakwaziswa ngeloo xesha.” Ngoku siyabona ukubasiphi na. Ingaba kunjalo, zihlobo, ingaba kunjalo? Qaphela,konke kungenzeka.159 Konke okwakuhlangulwe eNcwadini, Weza ukuzakuhlangula. Konke okwakuya kuhlangulwa kwakuseNcwadini,kumiselwe kwangaphambili ngaphambi kokusekwakwehlabathi. Wezela ukuhlangula oko. KonkeAwakuhlangulayo kwakubhalwe apho.160 Ndifuna ukunibuza umbuzo ngoku. Nani bantu bamameleikhasethi, phulaphulisisani. Loo mehlo oyikekayo, ezo ntlokozinkulu ngokoyikekayo, ingaba seso sizathu esibangela ukuba loMyalezo ubachase ngolo hlobo abafazi besi sigaba sanamhlanje?Ingaba lo nguloo Myalezo woMthunywa wokugqibela? WathiniYena phaya ezantsi emlanjeni, malunga namashumi amathathuanesithathu eminyaka eyadlulayo? “Njengokuba uYohanewathunyelwayo,” ’yabona, “ukuza kubauakalisela ukuzakokuqala kukaKristu, uMyalezo wakho uyakwazisa uKuzakwesibini.” Kwihlabathi jikelele, kwaye wenze loo nto kanye,ngoko uKuza kunokuba kusondele. Khangela into eyenzekayongoku.161 Kuba? Ndiye ndakrwempa intloko. Ndazibhuqabhuqaphezu komqamelelo wam. Ndahamba emgangathweni. “Yintoniundonakele?”

30 ILIZWI ELITHETHIWEYO

162 Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, ndabuza amadodaamabini endandikhwele nawo. Ndakhe ndabuza uJack Moorengaxesha lithile. Kwaye nonke niyamazi uJack Moore. Ndiyakuye eShreveport. Ndathi, “Mzalwana Jack, ube ngumhloboosenyongweni endakhe ndanaye emhlabeni.” Kwaye phambikokuba ndimbuze, ndabuza inkosikazi yam.163 Ukuba kukho umntu onento ayaziyo ngam, okubi no_nakokonke, inkosikazi yam, ’yabona, umntu endimthandayo.Ndakhe ndathi ke kuye ngenye imini, ndathi, “Sthandwa,ndingumyeni wakho, ndingumlungiseleli weVangeli. Andifunikuzisa hlazo kuLowo ndimthandayo. Hayi. Andifunikukukhathaza. Andinakukuzisela hlazo. UThixo makale ukubandingaze ndenze nantoni na enokukwenzakalisa. Kwaye ucingaukuba ingamenzakalisa kangakanani yena uThixo, ukubandiMthanda kangakanani na! Uyinkosikazi yam, Yenangumsindisi noThixo wam. Ndifuna ukukubuza umbuzo.Ungafihli nto. Undixelele inyani.” Ndathi, “Ndifundekakhulu^”164 Kwaye ndiye ndamangaliswa. Mna, ndi_ndenziwengendlela apha, engaqondakaliyo, engaqhelekanga. Ndiyayaziloo nto. Wonke umntu wathi, “Luhlobo olunjani lomntu!” Ke,’yabona, awunakho ukuzenza. Uyiloo nto uyiyo, ngobabalolukaThixo.165 Kwaye nda_nda_ndathi, “Ingaba ndilahlekwe yingqondoyam nje kancinane, yazi, nda_ndabe ndiphantse ukungabikho?”Ndathi, “Kutheni ndibagxeka nje aba abafazi, rhoqo, ngelithuba ndibathandayo?”166 Bandibiza, bathi ndingu “mthiyi-bafazi,” andithiyi nje^mna nje “ndithiye abafazi.” ’Yabona? Yimposiso leyo.Ndiyabathanda abafazi, ndithetha ukuthi, njengoodade wethu.167 Andizukunimbambazela emqolo, ndibona ukuba nenzaokungalunganga. Andinako ukunixelela loo nto. Ndinithandakakhulu ukuba ndingayeka loo nto. Amanye amadodaanokuyenza loo nto, luhlobo olwahlukileyo lothando olo.’Yabona? Ndiyanithanda ngokuba ndithanda oko nikuko;ningumncedi kunyana kaThixo, kwaye niyinxalenye yaKhe.’Yabona? Kwaye ndi_ndiyanithanda ngokuba ne_nenziwengokomfanekiselo wendoda, nendoda yenziwengokomfanekiselo kaThixo, ngoko ke, kunye, nibanye kuKristu.Naso isizathu sokuba ndinithande. Nayiphi na enye into,ayinanto yakwenza noko. UThixo uyakwazi oko, ubomi bambonke. ’Yabona? Injalo loo nto. Ndiyanithanda. Ndingathiniukuma ndithi rhoqo^168 Xa bathi, “Xelela bonke abafazi, xa bathi bazakuza aphabeze kumamela uMzalwana uBranham eshumayela, mabakameiinwele zabo ngendlela eyahlukileyo. Bathwale umnqwaziokanye into eyenye, kuba uyakuqalisa ukubadubula nje

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 31

malunga neenwele ezimfutshane, nezenu^Ningafaki intoeqatywayo,” nezinto ezinjalo ezilolo hlobo. Nantso intoababeyenza. “Owu, uthethe ngomntu othile^”169 Bathi, “Kutheni unga^” Bathi, “Abantu bayakholwakuwe ukuba ungumprofeti. Kutheni ungafundisi abafazi ukubabangazamkela njani na izipho zomoya nje, nezinto ezilolohlobo, endaweni yokuzama ukubafundisa izintoezinjengaleyo?”170 Ndathi, “Ukuba abanakubafunda oo-ABC babo, bayakuzazinjani izibalo ezisebenza ngoonobumba?” ’Yabona? Lungani,kuqala.171 Kwaye okukhona ndishumayelayo, kokukhona kusiya kubakubi. Ngoko uthi, “Kutheni ungayeki nje?” Hayi, mhlekazi.Kumele kubekho izwi, elingqina ngokuchasene noko.172 Enye yawona madoda abalulekileyo kubulungiselelinamhlanje, yabeka isandla sayo phezu kwam kungekudala,yathi, “Ndizakukuthandazela, Mzalwana Branham, ukubauyakuvuma ukuba ndiyenze loo nto, ukuba uThixo ayikhupheloo nto entliziyweni yakho.” Yathi, “Bayeke aba bafazi, kwezozinto.”173 Ndathi, ndathi, “Uyakholwa kuloo nto, mhlekazi?Ungumshumayeli wobungcwele.”174 Yathi, “Ngokuqinisekileyo. Andikholelwa yiloo nto, kodwa,”yathi, “ku_kuxhomekeke kum^”

Ndathi, “Hayi.”Yathi, “Kuxhomekeke kubalungiseleli.”Ndathi, “Abakwenzi.”

175 Kumele kubekho umntu okwenzayo. Umelwe kukuwelaumlambo. Simelwe ukuxotyulwa isikhumba. Andifuni kuyenzaloo nto. UThixo uyazi ukuba andifuni kuyenza. Abaninzi babobafazi bondla abantwana bam, kwaye bangabuncama ubomibabo ngenxa yam, ngokufutshane. Uyacinga, kwaye ubabalolukaThixo lusasazwe ngoMoya oyiNgcwele, ucinga ukubandingema ndizole ndibone usizana lomntu lusiya ngqo phayaphandle kwiNaphakade lingenathemba, ukuba andikhwazingokuchasene naloo nto?176 Ndingenzeli kuba ngokrele-krele; kodwa umoya wesi sizwe,umoya webandla, ingenguwo uMoya kaKristu, ngoku; uMoyawebandla, ihlelo, ubajikile aba bafazi bayakungenakwimbutyulela phaya ngaphesheya. Kwaye mna ndilizwi nje,elikhwazayo, “Phumani kuyo. Balekani nimke ekungcoleni.”Musani ukuvumela umtyholi enze into enjalo kuni. Yintoengalunganga!177 Kwaye nina ma-Assemblies of God, nivumela abo bafazi,nibavumela banqothule iinwele zabo, nize nibalele ukuba

32 ILIZWI ELITHETHIWEYO

baqabe imake-up. Eneneni akukho Sibhalo sichasene nemake-up, kodwa sikho esichasene nokunqothulwa kweenwele.Akamelwanga nakuthandaza phambi koThixo, itshoiBhayibhile. Umyeni wakhe unelungelo lokumala amshiye.Kunjalo. Uzimisa kwihlabathi njengomfazi ongengcwele.IBhayibhile itshilo. Uyamhlaza owakhe umyeni xa esenza loonto. Yiloo nto kanye eyathethwa yiBhayibhile. ’Yabona?

178 Ke, kodwa umfazi oqaba imake-up, sifumanisa umfaziowayenzayo loo nto eBhayibhileni, kwakanye. Yayingu-Izebhele. Yayingulowo ke. Kuphela komntu eBhayibhileniowayeziqaba ubuso, yayingu-Izebhele, kwaye uThixo kwangokowondla ngaye ii_izinja zasendle. Waba lihlazo, kwayenaye^Yonke into, yonke into eziphethe kakubi ibizwangokuba ngu-Izebhele.

179 Animelwe kukuyenza loo nto. Aninyanzelekanga ukubaniyenze. Yintoni ebangela ukuba niyenze ngoko? Ngumoyawomtyholi.

180 Aniyiqondi loo nto. Ndiyazi ukuba aniyiqondi.Ni_ningabantu abalungileyo kakhulu. Nilungile. Nindibambaisandla, nithethe nam.

181 Ndiyanithanda. Injalo loo nto. Kodwa ukuba ndiyayibonaloo nto, andingebi ndingumhanahanisi^UPawulosi wathi,“Andikucezelanga ukunixelela lonke iCebo likaThixo.”Kwanga akungebikho gazi lamfazi liyakuba phezu kwamngaloo Mini, okanye nokuba lelendoda. Ndinixelele iNyaniso.Kwaye bendikuthiyile ukuyenza loo nto; ndingakuthiyangangenxa yokuba ndingafuni kukwenza oko uThixo andixelelaukuba ndikwenze, kodwa ndiyanithanda. Andifunikunikhathaza, ngoko ndiyakwenza ntoni? Kodwaolusulungekileyo, uThando oluNgcwele luyakukuqhuba ukubauyenze loo nto.

182 UYesu wathandazela nkqu ukuphepha umnqamlezo.“Kunokwenzeka ukuba indebe idlule?” Wathi, “Noko ke, ingabiyintando yaM, koko eyaKho.”

183 Ingaba kuyakufuneka ndibe nguloo mfo uyakukuthethaoku? Kuyakufuneka ndibathathe aba bafazi bathandekayobalunge kangako nayo yonke into, ndize ndibacukuceze babengamasuntsu? Ingaba ndiyakunyanzeleka ukuba ndiyenze loonto? Ingaba ndiyakunyanzeleka ukuba ndithathe abazalwanabam abangabalungiseleli, ndize ndime apho ndibaxelele ukubabathanda imali ne_nehlelo lemvaba kunokuba bethandauThixo? Mna, kubazalwana bam abathandekayo ababeka ingaloyabo^Owu, ingaba ndimelwe kukuyenza loo nto? Owu Thixo,musa ukuvumela ukuba ndenze loo nto.

184 Kodwa andikucezelanga ukunixelela lonke iCebo.LuThando olululo olundiqhubele kuloo nto.

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 33

185 Ingaba yiloo nto lo Myalezo ulolu hlobo nje? Akukho ndawoyimbi ehlabathini okuyo. [Ibandla, “Amen.”_Mhl.] Uphi aphoukhoyo? Kulungile. Bayoyika. ’Yabona? Kodwa ubungenaloyiko.Ngokuchanekileyo. UThixo wahlala enjalo, ’yabona. Kulungile.Ingaba yiloo nto aba bafazi bekhalinyelwe kangaka nje nguloMyalezo? Bengazi, ukuba awutyhilwanga. Ndakuboniswa oko,kodwa akukhange kuthi qatha kum kwade nje kwangenyeimini. ’Yabona? Khangela apho. Kulungile. Ngokuqinisekileyokulingene ulungiselelo.186 Ngoku yima umzuzu nje. Ingaba kwakhe kwakho ixeshaapho kwathi kwakho ihlabathi lomfazi ngaphambili? Ewe.Ngokwezembali, ngemihla ka-Eliya, kwakukho umfazi obizwangokuba ngu-Izebhele. Waba nolawulo phezu kwebandlalikaThixo, ntoleyo ithi iBhayibhile uyakuphinda kwakhonakwimihla yokugqibela; umoya wakhe, ngebandla, umbutho.Kwaye uyakuba lihenyukazi, aye amanye amabandla kunyenaye ayakuba ngabafazi abaziphethe kakubi, kanyenjengokuba enjalo yena. Ingaba kunjalo? [Ibandla lithi,“Amen.”_Mhl.]187 ISityhilelo 17, sithe, “Wayelihenyukazi, kwaye yenauNGUNINA WAMAHENYUKAZI.” Ayinakuba ngamadodalawo. Ngabafazi abo. ’Yabona? Kwaye bonke balahlwa, bephila,bafakwa eChibini loMlilo, batshatyalaliswa. Ingaba yinyanisoleyo? Nantso ke.188 Qaphela, ngethuba laa Izebhele wabakhoyo, kwakukhoindoda eyathi yabakho yachasana naye. UThixo wezisa indoda.Asazi nokwazi ukuba yayivela phi na. Yayingenamlibowolungiselelo. Ayizange ibe ngumpriste okanye nantoni na.Yafika, indoda yakudala engqashalala yasemahlathini enegamaelingu-Eliya, kwaye yabeka izembe kwiingcambu zomthi,kwaye babeyithiyile. Ingekokuphela oko, kodwa ibandla layoliphela laliyithiyile.189 Kwaye ngethuba elithile yayicinga ukuba yayimi yodwa.Wathi Yena, “Hayi, ndinamawaka asixhenxe asekhoyo akunyenawe.” ’Yabona? Yayiliqela elinyuliweyo elo, ’yabona. Kuhlalanjalo kukho elo qela. Wathi, “Musa ukoyika, Eliya. Ndiyaziucinga ukuba ulahliwe, ngenxa yokuba amahlelo etheakunyusela phaya phezulu phezu kwenduli. Kodwa,”wathi,“ndinamawaka asixhenxe akholwa kwalento uyishumayelayo.’Yabona, ndinawo.”190 Ngoko emva komhla wakhe, iRoma yathabatha ulawulo,kwaza kwakho ixesha ekwakukho ihlabathi lomfazi ngalokwakhona, zonke iifashoni za_zabafazi, indlela abathi ngayobavela neminqwazana yabo nezinto ezinjalo, ’yabona. WazeuThixo wavelisa omnye okwanaloo Moya mnye kuye, uMoya ka-Elisha. Ingaba kunjalo? Waze wathi, “Izembe libekiweezingcanjini zomthi.”

34 ILIZWI ELITHETHIWEYO

191 Kwaye kwakukho umfazana omdala okrwada apho,awayemtshatile^washiya umyeni wakhe, watshataumntakwabo, uHerode. UHerodiya, kwaye yena e_eziqabileengohlekisayo waloo mhla, edanisa. Wafundisa intombazanayakhe ukudanisa. Wayenentombi, ngoyise lo ungengoyise,u_uyise-mbumbulu; ngoyise, umntakwabo. UHerodiya!Yayiyintombi yakhe lo_lo_lomfazi. Waze ke wayifundisaukudanisa, yaze yangozihluba iimpahla wenene umdanisi, ifuzeunina. Kwaye wayecinga ukuba wayenokutshata kane okanyekahlanu, enze nantoni na athanda ukuyenza.192 Naku ke kuphuma uHerode. BabengamaYuda bonke, ngokuukhumbule. Babengabantu benkonzo. Naku kufika uHerode,nebandla lakhe, ukuza kuphulaphula umprofeti, kwaye abantubabekholwa ukuba wayengumprofeti.193 Wahamba waya ngqo ebusweni babo bobabini, wathi,“Akukho mthethweni kuwe ukuba umthathe.” Indlelaekwamphakamisa isiciko ngayo oko! ’Yabona?194 Ngoku, indoda nje eqhelekileyo ngeyathi, “Kunjani,Herodiya? Siyavuya ukuba nani kweli bandla lethu namhlanje.”Kodwa hayi uYohane.195 UYesu wathi, “Naniye kubona bani, xa naniphumele ukuyakubona uYohane? Ingaba naniye kubona umpriste onxibekakuhle wonke?” Hayi, akunakubanjalo, olo hlobo luncamisaiintsana lungcwabe abafileyo. ’Yabona? Wathi, “Naniye kubonantoni? Umoya, ingcongolo ezanyazanyiswa nangawuphi naumoya? Bathi, ‘Welela ngapha, Yohane. Siyakukuhlawulangokuthe chatha ukuba uyakushumayela kuthi. Kwaye, thina,singowona mbutho mkhulu’?” Hayi uYohane. Hayi, akazangeaye kubona loo nto.196 Wathi, “Naniphume nisiya kubona ntoni, ngoko, xa naniyekuva nokubona uYohane, umprofeti?” Wathi, “Kwaye ndithi,kuni, nongaphezulu komprofeti!^ningakwamkela, nguye loumprofeti wayethetha ngokuba uyeza, ‘Ndiyakumthumaumthunywa waM phambi kobuso baM, yena uyakulungisaindlela yeNkosi.’” Wayengumthunywa woMnqophiso. Wathi,“Akuzange kubekho ndoda, izelwe ngumfazi, inkulunjengokuba yena enjalo.” ’Yabona?197 Nalo uhlobo lwendoda uThixo awayivelisela loo mhla, u-Eliya, indoda yasemahlathini emva. UYohane, ikwayinto enye.’Yabona? UMoya ka-Eliya wawuphezu koYohane. Kwaye Yenawathi, xa kuthe kwafika umhla womfazi kwakhona, loo Moyauyakuvela kwakhona, “Phambi koKuza kweNkosi, xa ihlabathiliyakutsha, aze amalungisa ahambe phezu ko_ kothuthulwabangendawo, njengothuthu phantsi kwenyawo zabo.”Wayithembisa loo nto, kwakhona, kule mihla. Qaphela, uMoyaoyiNgcwele uyithembisile loo nto. Lixesha elifanelekileyo kwelixesha siphila kulo.

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 35

198 Kumele kubekho ubani oyakuvela. Omelwe kukuthi eze,kuba lowo nguITSHO INKOSI, uMalaki isahluko se-4. Yiloo ntokanye Awathi iyakuba ngumqondiso, “Kanye phambi kokuzakweMini enkulu eyoyikekayo yeNkosi, Ndiyakunithumela u-Eliya.” Ke yena uyakwenza ntoni? “Uyakubuyisela iintliziyozabantwana emva kwiMfundiso yooyise, emva eBhayibhileni,”baphume koku kwahlukana kwamahlelo, “babuyele emvaeBhayibhileni, babuyele kuThixo.” Nantso into Ayakuyenza.Qaphela ukuba lixesha elimnandi kangakanani na eli siphilakulo.199 Abo baprofeti babakhalimela abo bafazi bangengabo mhlabaloo mihla, kwaye bobabini bayihlawulela ngobomi babo loonto. Imbali iqondakalisa ukuba ngalinye kuloo maxeshayayilihlabathi lomfazi, apho abafazi babelawula khona.200 Khangela ngonamhlanje. Siyakuba noMongameli omnyengolunye lwezi ntsuku, kukhangeleka ngathi ingenzeka loo ntokhona ngoku. Eneneni, ngumfazi uMongameli. ’Yabona? Yenaungumfanekiso nje oyintloko. Apha kungekudala kwixeshaelidlulileyo, kwesinye sezinye izizwe, umfazi wafumanaukudunyiswa nayo yonke into kubo bonke abantu, ngokudeuMongameli, ngokwakhe, athi, “Ndim umyeni wakhe.”UMongameli weZizwe eZimanyeneyo, ’yabona. Nguye omiselaiifashoni, abafazi bezilandele, kanye njengokuba wenzayo u-Izebhele. Nake nayiva intshumayelo yam ngoNqulo Luka-Izebhele. ’Yabona Uyazi. Niyazi ngalo. Niyabona ukuba siphi nangoku?201 Niyabona ukuba kwenzeke ntoni na apha, kwiveki okanyeezimbini ezidlulileyo, apha esixekweni? Umlungiseleli weFaithLutheran wamema umpriste wamaKatolika weSacred Heartukuba enyuke aze kumshumayelela, waze wenza njalo, kwayeumlungiseleli weFaith Lutheran wehla waya kumpristewomKatolika wamshumayelela.202 IBhunga leeNkonzo liphaya ngaphesheya ngoku, lihlangeneeRome. Le leta ijikelezayo athe umhlobo wam olungileyouDavid duPlessis; xa ndandihleli apho ndamxelela malunganayo, eFourteen-Mile Creek, kungekudala kwixeshaelidlulileyo; engaqondi ukuba wajika ibandla walifaka kanyeeBhabhilon, xa wonke umntu wayesithi, “Owu, zonke iinkonzozizakubanye ngoku.” Ewe, ndiyayazi loo nto, ’yabona, kanyenjengokuba kwakubhaliwe encwadini yam yesiprofeto ngowe-1933, ukuba oko kuyakwenzeka. Ngoba, aniqondi ukuba okokukumanya nokuhlanganisa kukaSathana? IBhayibhileiyayithetha loo nto. Kwaye kuyakuba semva komzuzu nje,umzuzwana nje, nje ukuba zihlangane zibe nye, ukuzeunkonzo-zonke abe ugqityiwe, ’yabona. Liyakuba lapho iphawulakho lerhamncwa, kunjalo. ’Yabona?203 Andinaxesha nje lokuqhubela phambili noku, kodwa,sekumalunga nomkhono phambi kweyeshumi elinesibini.

36 ILIZWI ELITHETHIWEYO

’Yabona, ndifuna ukugqiba, ndifake eli nqaku. Ndizibeka njeezi Zibhalo apha apho unokubona khona kuba kunokwenzekaukuba siphi na size ke sivale emizuzwini nje embalwa.204 Ngoku qaphela nje okwenzekayo. A_abaprofetibabakhalimela abo bafazi ngaloo mihla baze babizwa ngokuba“ngabathiyi-bafazi.” Injalo loo nto. Ezembali ziqondakalisaukuba kwakunjalo.205 Ngoku yima umzuzu nje. Niyazibhala iZibhalo, bhalaniuTimoti wokuQala 5:6. IBhayibhile ithe, “Umfazi ophilakwi_kwiziyolo zehlabathi.” Azinakuba ziziyolo zikaThixo;ngoko zimelwe ukuba zizo ezo, ’yabona. “Umfazi ophilakwiziyolo zehlabathi ufile ngeli thuba adla ubomi.” Nantso intoeyathethwa ngumprofeti, uPawulosi oNgcwele, “Umfazi ophilakule meko yasehlabathini ufile ngelithuba adla ubomi.” Ukubawala inceba, unokuwela umgca owahlulayo apho kungekhothuba kuye kwakhona. Ngoko ke uphi, naloo mehlo akheaqatyiweyo, iinwele zakhe ezichetyiweyo? Ungaphaya komgca,kungekho ndlela yakubuya umva, kwaye kufanelwe kukubakubekho ulungiselelo oluya kumshumayeza. Kodwa khumbula,ngelo xesha, sekugqitywe konke. Kuphelile.Kukungcungcuthekisa nje.206 Kuyakubakho ululungiselelo oluyakubonakalisaimimangaliso emikhulu, uYoweli watsho, kodwa akuyi kubakhoixesha lentlangulo. Seliphelile. IMvana sele iyithabathileiNcwadi yaYo, kwaye ukuhlangula kwaYo kugqityiwe.Njengokuba uYesu kuqala washumayela waze waliwa, wazawaya wangcungcuthekisa abo babengaphakathi apho,wabashumayeza abo babesentolongweni, bengenakuguquka,bengenathuba lakusindiswa, olo lungiselelo lunye lumelwekukuphindeka kwakhona. Kungathini ukuba lona lungabaluTsalo lweSithathu lwamandla, lusiya kwabalahlekengoNaphakade. Kungenzeka ntoni ukuba kulapho?Ndiyathemba ukuba akukho apho. Kuthini ukuba kulapho?Yicinge nje loo nto umzuzu ngoku. Kuthini ukuba kulapho?UThixo makale. Ndinabantwana. ’Yabona? Kodwakukhangeleka ngokuqinisekileyo kukufutshane apha.207 Wawutheni ukuze loo mbono ufike ndisengumntwana?Kwakutheni ukuze ndingacingi ngawo ngaphambili?Kwakutheni ukuze elo thongo lize apho kwelo gumbi ngenyeimini, lithi, “Lulo olu”? Kuphakathi ezinzulwini ze-^mi_miphefumlo elahlekileyo. Kwaye uYesu washumayela kuyo,wangqina, kodwa yona_yona ayizange iguquke. Kwayeokukhona ndashumayelayo, kokukhona baya besibababi.Akukho nguquko. Akukho thuba layo.208 IMvana iyithabathile iNcwadi yaYo xa, iTywinaleSixhenxe ilungele nje ukulivula, iTywina leSithandathu.Khumbula, Walifihla iTywina leSixhenxe kuthi. Akazangeakwenzeoko. Xa iNgelosi yemayo, umhla nomhla, iwachaza,

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 37

kodwa ngoko Ayizange yenze njalo kweliya. Yathi, “Kukhoukuzola eZulwini.” Akukho mntu waziyo. YayikuKuzakweNkosi.

“Owu,” uthi, “akunakubanjalo.” Ndiyathemba ukubaakunjalo.209 Masihambe nje sibheke phambili apha. Ndinento ethileendiyibhalileyo, ’yabona. Kulungile.210 Khumbula, “Lowo uphila kwiziyolo zehlabathi,” zezintozehlabathi, esenza njengalo. Angaya enkonzweni enzenjengengcwele, oko akunayo nanye into yokwenza noko,’yabona, kodwa, “ufile ngeli thuba adla ubomi.”211 Khangela into amenzele yona umfazi amahlelo. Amenzeumphathi weLizwi eliNgcwele, ntoleyo ichaseneyoneBhayibhile. Amenze umshumayeli. Oko kuyaliwa siSibhalo.Bade bamenza ngoku wangumlawuli, usodolophu, abalawuli,nayo yonke into elizweni, nomlungiseleli endlwini kaThixo.212 Ngeli thuba, anetyala laso sonke isono esakhe senziwa,inguye unobangela waso. Injalo loo nto. Ngoku, andithi,andithethi ngamalungelo. Unetyala. Nguye owabangela ukubalonke usana luzalwe luyimfama. Nguye unobangela wokubakumbiwe lonke ingcwaba. Nguye owabanga isono, ukugula,hosizi. Inqwelo yezigulana ayinakukhala ngaphandle kokuba okokube kubangwe ngumfazi. Akukho kukhala kunokwenziwa,akukho sono, akukho kufa, akukho lusizi, akukho kutsala nzima,koko ngumfazi owakwenzayo. Kwaye uThixo makale ukubaumfazi aye kungena epulpitini ashumayele, kodwa bayayenza loonto. Ihlelo lemvaba, ’yabona ukuba kuphi na?213 Usisithixokazi. Indlela asebenza ngayo umtyholi! Kuba,abantu abangamaKatolika bayabenza, abafazi, izithixo,bathandaze kuzo; injalo loo nto, isithixokazi uMariya, njalonjalo. Ndiyayibona eyokuba kwiBhunga lezeNkolo batshiloukuthi kuyakwenzeka ukuba bathandaze ngokuthe chathakuYesu ukuba oko oko kunganceda ekubeni amaProtestantiangene. ’Yabona? ’Yabona? Owu, elo qhinga!“Ayinakuguquleka,” batsho. ’Yabona? Isekwangulaa Mtyholiwakudala mnye. IBhayibhile yatsho, ukuthi, “lenza ukubabamnkele uphawu emabunzini abo, abo bamagamaangabhalwanga eNcwadini yoBomi yeMvana.”214 LiBandla elamiselwa ngenxa engaphambili eli ndithethanalo, hayi kwabo baphaya phandle. Hayi, mhlekazi. Bephumakwiqela ngalinye, Ubatsalile abamiselwa ngenxa engaphambilibaKhe. Nabo Azela bona, kwisigaba sexesha ngasinye.215 Kodwa nalo limile. Lilo elo. Lilo; lishumayela iLizwi,liphatha iLizwi, laba sisithixokazi, nonobangela waso sonkeisono. IBhayibhile yathi, “Andimvumeli umfazi ukuba afundise,okanye abe negunya,” koko makathobele njengokuba usitsho

38 ILIZWI ELITHETHIWEYO

u_umthetho.” ’Yabona? Kwaye akanakuyenza loo nto. Kodwabamenza umlawuli welizwe, usodolophu, irhuluneli;kungekudala uyakuba nguMongameli. Ngokuqinisekileyo.Nantso ke. Yiloo ndlela, nantso indlela ekuhamba ngayo,’yabona. Kwaye abantu bayayenza loo nto ngenxa yokubabengakhathali ngeli Lizwi. Hayi, mhlekazi. Abanakuzebayibone loo nto.

216 Khangela kulaa maJuda emi phaya, izifundiswa, amadodaachubekileyo. Waze uYesu wathi, “Ningaboyihlo, umtyholi.”

217 Bekunokuthini ukuba bendinokuMzisa ematyaleni khonangoku phambi kwenu? Masike sikuzame oko okomzuzu nje,kwaye uThixo andixolele ngokuma ngokuchasene naYe; kodwaokomzuzu nje, ukunibonisa into ethile.

218 Kungathini ukuba uthi, “Ke, mna, uzuko kuThixo,ndathetha ngeelwimi! Haleluya! Ndiyazi. Mna, ewe, ndi_ndinaWo. Makabongwe uThixo. Ewe!” He-eh, wenza njalo?

219 Khumbula abo bantu bakwaSirayeli. IBhayibhile ithe,emva kokuba Wababizayo baphuma abantu, wabasindisaebakhupha eYiphutha, Wabatshabalalisa ngenxa yokubabengazanga bawulandele uMyalezo. ’Yabona? Badla imanaephuma eZulwini. Badla imana awathi uThixo wayinisa phezukomhlaba ukuze badle, baze bema phambi komthunywa,bayibona iNtsika yoMlilo, baliva iZwi likaThixo, baze balibonalingqinelwe. Baze ngoko, ngenxa yokuba babefuna ukukholwakuKora, “Akusenakubakho madoda angcwele angamanye.Kungakho oku, okunye, okanye okuya. Simelwe kukubasingcwele, nathi. Simelwe kukukwenza konke oku. Bonkeabantu bangcwele.” UThixo wathi, “Zahlule kubo. Mnkaapho.”

220 UMoses wathi, “Bonke abangakwicala leNkosi, mabahambenam.” Injalo loo nto. ’Yabona? Yaze Yavula nje umhlabawabaginya. ’Yabona?

221 Babengabantu abalungileyo, nabo, ngokuqinisekileyo,babengabo. Babengabantu abalungileyo. Ewe, mhlekazi, kodwaoko akuzange kubangele loo nto. “Asingabo bonke, abathi,‘Nkosi, Nkosi,’ koko ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo waM.”“Asikokoqalisayo; ngulowo ugqibezelayo.” Ngoko, akukho ndlelazinqunqayo; uyakhutshwa ngokusemthethweni ekugqibelenielugqatsweni. Akukho zindlela zinqunqayo. Umelwe kukuba uzenje ngendlela esayithethayo iSibhalo.

222 Ukuba Sithi, “Guqukani, nibhaptizwe eGameni likaYesuKristu, naniyakwamkela isipho soMoya oyiNgcwele,” akukhondlela inqumlayo, ukubamba isandla, ukujoyina icawe okanyeimvaba. Yiza ngaloo Ndlela! Ngaphandle kokuba ufe kwisiqusakho, uze uzalwe ngoMoya oyiNgcwele kaThixo, u u_u_lahlekile. Kuphelele apho. Akukho ndlela zinqumlayo.

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 39

223 Wena uthi, “Ke, ndingowenkonzo.” Ndiyayazi loo nto.Ilungile loo nto. “Ke, umama wam^” Andiyithandabuzi loonto, kodwa apha nguwe endithetha naye. ’Yabona? Nguweomelwe kukuza ngaloo Ndlela, ngokuba akukho zindlelazinqumlayo; uyakukhutshwa ngokusemthethweni ngoMgwebo.Yiza ngaloo Ndlela inye.224 Inye kuphela iNdlela, kwaye uKristu nguye loo Ndlela.Kwaye uKristu uliLizwi eliphila ngaphakathi kuwe, elingqinayonke into Awayithembisayo ngethuba elilelayo. ’Yabona?Nikuqondile oko? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.] Kulungile.Qaphela ngoku.225 Abanye bathi, “Aba bantu balungile.” Ngokuqinisekileyo.Anditsho ukuba abangobantu balungileyo. Anditsho ukubauCecilia oNgcwele nabo bonke babengengobafazi balungileyo;wayenjalo nomama, kodwa ngokuqinisekileyo andithandazikuye. Ngokuqinisekileyo andenzi njalo. Ngokuqinisekileyo,ndikhe ndabona abantu abaninzi abalungileyo, kodwaabazozithixokazi. Bangabafazi, amadoda. “Mnye kuphelauMlamleli phakathi noThixo nabantu.”226 Ngoko kutheni, kutheni ukuba umntu, ongowakwaMoya,indoda yehlabathi^ileta ejikelezayo awathi uMzalwanauduPlessis, umzalwana wethu othandekayo, amelwekukuyijikelezisa. Mhlawumbi abanye benu banayo. Ahlale^Ewe, ninayo. Kwi-Bhunga leeNkonzo zonke, ngakuphapha, ithi,“Ibiyinto eyeyomoya kakhulu.” Kukucalula oomoya oko,akunjalo? “Owu, uMoya weNkosi ubukho phaya, ibinomoyakakhulu.” Ewe. Nantso ke.227 Kuba? Ngokuba lithuba lokuhlanganisa amaProtestanti naloonto abemanye, into esithe sayilwela iminyaka nyaka, kwayeiBhayibhile imele loo nto yasixelela ukuba iyakwenzeka. Kwayeabethu^enye yezona nkokheli zethu zibalulekileyo ingenakanye phakathi, ithi, “Ilungile laa nto. Yinto eyenziwe sithi,” lizelonke ibandla lobuProtestanti liyiwele.228 Kanye ngokuchanekileyo nje, ukuba uyakukhangela phayaphezulu, ITSHO INKOSI. Okokuqala, iLizwi layithetha loo nto.Waze uMoya weNkosi wayithetha loo nto, ngowe-1933, okokwachaza zonke ezi zinto malunga nezizwe ezizakuyaemfazweni, nendlela abayakuba yiyo oomatshini, yonke intoelolo hlobo, yathi yiloo nto kanye eyakwenzeka ekupheleni.Kwaye yiyo le ke. Ayizange isilele. Kwaye naku siyibonaihlangana.229 Niyayikhumbula intshumayelo yam ngoUnqulo Luka-Izebhele kungekudala kwixesha elidlulileyo? Niyamkhumbulau-Elisha esihla ngendlela ngaloo ntsasa, ukuya kubaxelela?Ukuba, ndashumayela ngaloo nto. ’Yabona? Nendlela endathindachaza ngayo kwangaphambili ngoko ukuba kuyakufikaixesha xa eli Bhunga leNkonzo liyakuthi ekugqibeleni libe

40 ILIZWI ELITHETHIWEYO

luphawu lwerhamncwa, ngokuba luyakumanyana nerhamncwa.Liyayenza loo nto. Kwimihla yam, ndiphile ndade ndayibona loonto. Kwaye nanga amaProtestanti, ngezigidi, esiwela loo nto.Kuba? Yiloo nto abakhangele yona.230 Bazimfama! UYesu wabaxelela aboo baFarisi, “Zimfamandini zabakhokeli beemfama. Ukuba imfama ikhokela imfama,”wathi, “azisayi kuthi zeyele zonke emhadini?” Kwaye nakoapho bawele khona. Ndingayikholelwa njani into yokuba indodaingema kunye nam ithethe kunye nam, ibe nokuhlala izeindixelele into enjalo! ’Yabona, “Ifihliwe, amehlo, kumehloeengqondi nezilumko, Yatyhilelwa iintsana eziyakuthandaukufunda.”231 Ndiyazi ukuba ngamhla uthile loo nto iyakundidla ubomibam. Kunjalo. Iyakwenza njalo, kodwa nantsi iNyanisoisaziswa. Ehe.

Owokuqala ukufela eli cebo loMoyaoyiNgcwele,

NguYohane umBhaptizi, kodwa akazangeagungqume; wafa ngokwendoda;

Ngoko, kweza iNkosi uYesu, baYibethelela,Washumayela ukuba uMoya ungasindisa

umntu Esonweni. (Ingaba kunjalo?)Baze bamxuluba uStefano, washumayela

ngokuchasene nesono,Wabacaphukisa kangako, bayifaka phakathi

intloko yakhe;Kodwa wafa ekuMoya, wanikela ngomoya,Waya kuhlangana nabanye, loo mkhosi

wobomi.Kwakukho uPetros noPawulos, noYohane

ongcwele,Banikela ngobomi babo ukuze iVangeli

ibengezele;(Benza ntoni?) Baxuba igazi labo, nelabaprofeti

bakudalaUkuze inyaniso yeLizwi kaThixo ixelwe

ngokunyaniseka.Imiphefumlo ephantsi kwesibingelelo,

yayikhala, “Lixesha elingakanani?”Ukuze iNkosi ibagwebe abo benza okubi;Kodwa kuyakubakho abangabanye

abayakunikela ngegazi lobomi babo (ewe,injalo loo nto)

Ngenxa yale Vangeli kaMoya oyiNgcwelenomkhukula wayo obomvu.

232 Ihlala isopha ligazi! Ewe, kuyakwenziwa njalo ngenye imini,kodwa ndilindele loo yure xa sekugqityiwe.

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 41

233 Kukho odade osandula kuphupha iphupha. Walithumelakum, wathi, “Ndibabonile, ela bandla lilungisa indlelayokubulala” mna, ngokufihlakeleyo, ngaxesha lithile xandiphuma emotweni yam, ndingena, ndidutyulwe ngokusuka^Kodwa wathi, “Ngoko uMoya wathi, ‘Hayi ngeli xesha,kodwa loo nto iyakuza emva kwexesha.’” Aha.234 UThixo makale ukuba ndibe nokwenzelela nangayo nantonina. Andazi nto ngaphandle koYesu Kristu naYe ebethelelweemnqamlezweni. Siphila kumhla owoyikekayo Sisono esenzeoku. Ewe. Ba_bamxuluba uStefano. Benza ukuba intlokokaYohane inqunyulwe, ngumfazi owenza oko. Andazi ukubasiyakunikela njani ngezethu, kodwa oko kuyakwenzeka ngenyeimini. Kulungile, qaphela.235 KuYohane oNgcwele, ukuba benisifuna eso Sibhalo malunganaloo nto. UYohane oNgcwele 6:49, kulapho babesidla khonaimana, waze uYesu wathi, “Ke bonke, ngabanye, bafile.”236 Uthi, “Ke, u_udade wethu, nda_ndakhe ndambona lomfazi exhentsa ekuMoya.” Owu, ewe. Ehe. “Ndakhe ndababonabesenza loo nto. Ndakhe ndambona ethetha ngeelwimi. Ndikhendambona^” Ewe.237 UYesu wathi, “Baninzi abayakuza kuM ngaloo mini, bathi,‘Ndazenza zonke ezi zinto.’” ’Yabona? “Badla imana entlango,”uYesu wathi, “kwaye, bona, ngabanye, bahlukaniswengoNaphakade. Bafile.” Kuphelile ngabo ngoNaphakade.Batshabalala kanye apho entlango.238 Niyawakhumbula amaHebhere isahluko se-6, “Abo bakhabayaziswa iNyaniso, bakwala ukuhamba kuYo, akusekhonguquko konke kubo.” ’Yabona, elasemdeni ikho-^Ngelithuba iNyaniso izisiweyo emntwini okwethuba lokugqibela,baze bakwale ukuYamkela; ngokweNcwadi yamaHebhere,’yabona, bayakuthi^akusekho kwanto ehlabathini inokuzeibasindise.239 Kuphelile ngabo. Akukho nguquko, akukho kuhlangulwa,akukho nto ishiyekileyo kubo. Bahlukaniswe ngoNaphakade.IBhayibhile itshilo, “Balindele ingqumbo eyoyikekayo yomliloeyakutshabalalisa abo bachasayo.” Kwaye xa iNyanisoyeVangeli iqondakalisiwe, ngokupheleleyo yangqinelwa, baze kebajike bemke kuYo, kuphelile ngabo. Kuphelele apho. Yintoeyoyikekayo, kodwa ndimelwe kukuyithetha.240 Khumbula iiNgelosi ezazingayigcinanga indawo yazoyakuqala, kodwa zemka zaya kutsho kwindlu yentolongoyasebumnyameni, apho ihlabathi lihamba khona namhlanjekwakuloo ntolongo inye, akukho nguquko.241 Khumbula kwiminyaka embalwa edlulileyo, ndathi, xandandisihla ndivela eChicago, “Kuphakathi kokuba iMelikaiyamkele kulo nyaka, kungenjalo ayinakuze iyamkele konkekonke.” ’Yabona ukuba ibhekele phi na? Ewe.

42 ILIZWI ELITHETHIWEYO

242 Ngoku ndiyamangaliswa ukuba ingaba luTsalolweSithathu na olu? Owu Thixo, makube le kuloo nto! Ingabayiloo nto uTsalo lweSithathu olulolwayo? Kunganjalo? Owu,bethu! Yicingeni nje, zihlobo. Yicingeni; andithandi ukwenzanjalo.243 UYesu wathi, “Oluhlobo lobuhanahanisi^” Ukuba ufunaukuyibhala loo nto, uMateyu 23, -sixhenxe. Ndi_ndinayo apha,“funda apho,” kodwa ningayibona. “BaFarisindini bazimfama!”Ma^244 Ninayo imizuzu nje embalwa eyeminye? [Ibandla lithi,“Amen.”_Mhl.] Masibone. Masityhile kuyo, kuba ndithe“fundani.” Bekukho into ethile ebendifuna ukuyifunda njephambi kokuba^Ngoku ndiyakuthi mhlawumbi ndishiyeleleenye into, kodwa ma_masifumane nje le okomzuzu nje.UMateyu 23, umzuzu nje, kulungile, kwaye sizakuqalisa ngevesiyama-27. Phulaphula nje ngoku. Ukuze uyifunde yonke loo ntowakufika ekhaya, ukuba unakho. Okweminye nje imizuzuembalwa.245 Ngoku khangela apha. Mateyu 23, siqale ngomqolo wama-27,“Yeha nina, babhali!” Ngoku, khumbula, ngamadoda angcwelela Athetha nawo.

Yeha nina, babhali baFarisi, bahanahanisindini!ngokuba nifana namangcwaba aqatywe ifutha(ngabantu abafileyo abo, ’yabona), namangcwabaaqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunenengaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathamboabafileyo, nokungcola konke.

246 Ukuhanahanisa noomona neengxabano, ngaphakathikwabo; ngaphandle, “NdinguGqirha uZithilengeshe.”

Ngokukwanjalo nani ngaphandle okunene nibonakalakubantu ningamalungisa, ( khangela kwiBhungaleeNkonzo nezakwaMoya zihleli apho), kantingaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasenenomthetho.

247 Yintoni ukuchasana nomthetho? Yinto eneneni owaziyoukuba ilungile uze ungayenzi. UYesu, ngoku khangela Yenawa^sesiphi isizukulwana Akubeka kuso oku ngoku.

Yeha nina, babhali baFarisi, bahanahanisindini!Ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathiseamangcwaba amalungisa, ’yabona, “Owu, abaprofeti!”

Nithi, Ukuba sasikho thina ngemihla yoobawo, singesingabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti.

248 “Ngesakholwayo liLizwi leNkosi ukuba sasiphila phayakudala.” Khangela.

Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babobabulala abaprofeti.

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 43

Wuzaliseni kambe nina umlinganiselo wooyihlo.249 Yiloo nto kanye le yenzekayo. Ngoku khangela intoAwayithethayo apha.

Ziinyokandini, nzala ndini yamarhamba, ningathinina ukuwusaba umgwebo wesihogo?

250 Ningayenza njani loo nto? Ngoku uthetha nabalungiseleli,’yabona, injalo loo nto, amadoda angcwele. Ningathini ukumanisazi ukuba iBhayibhile ixele kwangaphambili ibaxelelaabantu ukuba bangayenzi loo nto, nize nime nenzelelele ngenxayeminqongo embalwa, yeedollar ezinukayo, ngenxa yodumooluthile, nomntu othile oyakumbambazela emqolo akubizengokuba ungu “Gqirha,”? Ungathini ukuthi uyabathanda abobantu?

Ndishumayela kumakhasethi, kananjalo. ’Yabona?251 Ungathini, ungathini ukuthi uyabathanda abo bantu, uzeuvumele into enjengale ukuba yenzeke? ’Yabona? Nina_ninabaFarisi, zimfamandini, ziinyokandini, nzalandini yamarhamba,niyakuwusaba njani umgwebo wesihogo? Xa nithi^Ingathiniindoda namhlanje, eyaziyo ukuba ezi zinto azilunganga, ize imeukuba ibambe ibandla layo, ukuze yenze ihlelo layo likhule, izeisilele ukuxelela abafazi namadoda? Uyakuyisaba njaniingqumbo yesihogo, ngeli thuba yayenzelwe wena? Uyakuyenzanjani loo nto? ’Yabona?252 Phulaphula, phulaphula apha. Iyakuba yintoni ke? “Ngokoke^” Ivesi yama-34.^niyabona, mna ndinithumela abaprofeti,^253 “Ndini,” ‘kwixesha elizayo. Nabo abaFarisi bakho bebuyakwakhona. ’Yabona?’”

^nezilumko,^nababhali: niyakuthi inxenye kuboniyibulale niyibethelele eminqamlezweni; nithi inxenyekubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungo,niyitshutshise kwimizi ngemizi:

254 Waxela kwangaphambili ukuba Uyakuthumela abaprofeti,neLizwi leNkosi. Baye beyakwenza ntoni ke? Kwalanto inyeooyise babo bayenzayo, kuba leyo yinto oyiyo. ’Yabona, imimoyaayifi. Ngabantu abangenwe yiyo abafayo, kodwa imimoya ayifi.Wathi, “Ningabantwana babo. Ningabo kanye.” Kwaye qaphelanje indlela eziyiyo ezi zinto.255 Indlela awathi ngayo uPawulos oNgcwele wema apho(niyakholwa ukuba ungumprofeti?) wabagxeka abafazi,ngokunqothula iinwele; wawagxeka amahlelo abo; wavakalisaukuba wonke umntu owayengabhaptizwanga ngeGamalikaYesu Kristu unyanzelekile ukuba eze aphindweukubhaptizwa kwakhona. Injalo loo nto.256 Kwaye namhlanje bayenzelelela bayifake iswekile jikelele.Abawazi umahluko, nangoko. Kulusizi. Ukuba iyure idlule,

44 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ndisenokukuthetha oku, ’yabona: babeziimfama, baxelwekwangaphambili ukuba bayakuba ziimfama. UThixo makabenenceba. Abazange babe nakuyibona.257 UYesu wathi, “Niziimfama. Babhalindini nabaFarisiabazimfama, bahanahanisindini! Ngeli thuba nifunda kwa elaLizwi bathi bonke balifunda, naku ke nisiza niNdigxeka.Kwaye ngokuchanekileyo ndiyiloo nto iLizwi lathi iyakubakhongalo mhla. Ndandimelwe kukuba ndibe nguMthunywa walomhla. NguMesiya,” Watsho, ngamazwi amaninzi.“NdinguMesiya. Ingaba ndisilele ukukuqondakalisa oko?Ukuba andenzanga oko kubhaliweyo ngaM, ngokoNdigwebeni. Kwaye nina baFarisi bazimfama nikhokelelaabantu nibakhuphela kanye kwinto efana naleyo, nizeniluthumele lonke elo qela.” Wathi, “Ke, imfama ikhokelaimfama.” Wathi, “Nizi^”258 Nina nithe, “Owu, ukuba sasiphile phaya kudala ngexeshalikaPawulos oNgcwele, ewe, ngendathabatha icala likaPawulosoNgcwele.”259 Bahanahanisindini! ’Yabona? Kutheni ungathathi icalaleMfundiso yakhe nje? Ngenenza kwa into enye ngoko naleniyenze namhlanje, ngokuba ningabantwana booyihlo, ooyihlobobuhlelo: abaFarisi, abaSadusi, nabazenza ngcwele. Yiloo_yiloo nto. Aha. Ndiyanixelela, kwaye_kwaye iyure le siphilakuyo, ndiyamangaliswa ukuba ayingebi luTsalo lweSithathu naolu? Umzuzu nje ngoku, ’yabona, uYesu wathi, “Ababafanelwe lolona gwebo lukhulu.” ’Yabona? Asiyontoyoyikekayo leyo?260 NjengomMelika omkhulu, ngaxesha lithile, xa utshabalwalulungela ukuthabatha eli lizwe, kukho indoda ngeyureyenzulu zobusuku, eyaphuma yaxhumela phezu kwehasheyaphalisa isihla ngendlela, ikhwaza, “Utshaba luyeza!”YayinguPaul Revere.261 NdingumMelika, nam. Kwaye ndiyaphalisa, kule yureyenzulu zobusuku, ndingathi utshaba luyeza, koko lulapha!Aluzi; selulapha! Seloyisile. Ndiyoyika ngokuba kuphelile;ukoyiswa, ngale yure yenzulu zobusuku.262 Khumbula, eTuscon, iiNgelosi ezisixhenxe, ngokubayayiyintoni na uMyalezo, “Ukupheleliswa kwemfihlelokaThixo.” Ngokukhawuleza emva koko, ekuhleni ulundi^263 Nakhe neva nonke ngezoo ntaba. Qaphela. UMzalwanaFred wayithabatha imifanekiso yayo, noMzalwana uTom.Kwaye ndinayo imifanekiso ethile, imifanekiso ehambayo, nayoyonke into. Sikuyibonisa apha ngenye imini, sinibonise kanyenje ukuba kwakuphi na. Niyalazi elo bali nonke.264 Khangela, iinduli ezintathu. Wathi, “Nalo olokuQala lakho,elesiBini, nolweSithathu.”

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 45

265 Kwaye uMzalwana uFred unomfanekiso onguwonauphume phambili wayo, ngethuba yena noDade uMarthababedlula. Amafu ayenyukile ukusuka ekunyakamenikomhlaba, aze azifihla eziseleyo zazo, ubonisa nje oko kuTsalakuThathu; enye apha, enye apho, nenye phaya. ’Yabona?Isixhenxe!

266 Khangela, olokuQala, iSithathu. ISithathu yingqibelelo.Kuxa imfihlelo yathi yavela.

267 KuTsalo lwesiBini yayikukucalula oomoya, ukuprofeta.(Elokuqala yayikukuphilisa abagulayo.) ElesiBini yayisiprofetoesaphumayo, saze sazi imfihlakalo yeengcinga, ngethuba iLizwingokwaLo lathi labonakalaliswa. Olo ke, lubabalo.

268 Kodwa, khumbula, eyesixhenxe kukugqiba. Ingaba oluluTsalo lokugqibela, kuphele konke? Ingaba kunjalo? Yicinge loonto ngoku. Cinga nje. Uphi apho sikhoyo? ’Yabona? Isixhenxesisoloko sigqibela. UkuTsala okuthathu!

269 Ulungiselelo lukaYesu lwalwenziwe kukuTsala okuThathu.Ubuyazi loo nto? Qaphela! Kwaye unyaniseke, ukuba wakhewanyaniseka ebomini bakho, ngoku okomzuzu nje, imizuzuembalwa.

270 UTsalo lwaKhe lokuQala yayiyimpiliso yabagulayo. Wabayindoda edume kakhulu. Wonke umntu wayekholwa kuYe,kwakhangela njalo. Ingaba kunjalo? Ngethuba wathi Wahambaephilisa abagulayo, wonke umntu wayeMfuna kwinkonzoyakhe.

271 Kodwa ngenye imini Wabuya wajika waqala ukuprofeta,ngokuba Yena wayeliLizwi, kwaye Wayengulaa Mprofetiwathetha ngaye uMosisi. Kwaye Wahamba ukuya kubaxelela,ebaxelela indlela ababephila ngayo, nezinto ababezenza,Akazange adume kakhulu. YayiluTsalo lwaKhe lwesiBini olo.

272 Ndimangaliswa kukuba ingaba kuzenze umzekelo waphayaemva na kwakhona? Yicinge nje okomzuzu. Ingaba kunjalo?OlokuQala, yimpiliso, wonke umntu. OlwesiBini: “Owu,inganguYesu Yedwa. Ingaba nguBhelezabhule, ingaba ngu^”Yiloo nto inye bayenzayo ngoko. ’Yabona? Loo mimoya minyeisaphila kuhlobo olunye lwabantu, abantu abagwetyiweyoabangenakuze basindiswe, ukuba babegwetywe ngaphambili;bona, njengoYuda Skariyoti, wazalwa engunyanawentshabalalo.

Uthi, “UYuda?” Ngokuqinisekileyo.

273 Khumbula, wayelikholwa kakhulu, kodwa akazangeahambe yonke indlela kunye noMyalezo. Wayenako ukuthathainxenye yawo, kodwa okuseleyo kwawowayengenakuwuthwala. Bangayithatha impiliso nezinto ezilolohlobo, kodwa kuthi kwakufika kuThixo ethetha kubekho

46 ILIZWI ELITHETHIWEYO

oonomatse, ngoko loo nto inzulu kakhulu kubo.“Ayinakwenzeka!” YayinguYuda lowo. Umoya wakhe ungaphilaude uyokufika nje kuloo ndawo. Akanakuba sayihamba emvakoko. ’Yabona?

274 Babenokumthabatha uMosisi ngokukuko ekuvuleni kwakheuLwandle oluBomvu, nezinto ezinjalo ezinjengaleyo. Kodwakwathi kwakufika ekubeni axele, babengekhe, bebonkebabengamelwanga kukukwenza oku okanye okuya, okanyeokunye; “Uzenza uThixo, phezu kwethu.” ’Yabona,babengenakuyihamba loo ndawo, uKora nabanye. Ngoko,kwakunyanzelekile ukuba babe nombutho, ngoko uThixowabaginya nje baphela.

275 Ulungiselelo lukaYesu, ngethuba Wayephilisa abagulayo,“Wayengumntu omangalisayo, laa Mprofeti uselula waseGalili!Kuba, Wenza ukuba iimfama zibone. Uvuse nabafileyo.Sinabathathu kwababefile. Wabavusa ngenene abafileyo.”

276 Kodwa ngenye imini Wajika, Wathi, “Nzalandiniyamarhamba. Nicoca umphandle wesitya. Nikhangeleka ngathiningcwele, kodwa ngaphakathi kwenu, akukho nto niyiyo kokoniligquba leenyoka.” Owu, sathi eso siprofeto sakuphuma,sigxeka loo mbutho, kwatshintsha ke ngoko. BaMjikela. Injaloloo nto. Kwaze kwathi ekugqibeleni, ngokuMala,baMbethelela.

277 Kodwa awunako ukubulala uLungiselelo. Luphila lubhekephambili. Ungamenza alale umthunywa, kodwa awungekheuwenze njalo uMyalezo. Aha. Kunjalo. Waphila wabhekaphambili. Kwaye qaphela ngethuba uTsalo lweSithathulolungiselelo lwaKhe lwafikayo. OlokuQala yayikukuphilisaabagulayo.

278 OlwesiBini yayikukukhalimela amahlelo, nokuprofeta; intoabayenzayo, into abebyeyiyo, nento eyayisiza. Yintoni, yintoni,eyakuza; nokuba yintoni eyayikho, yintoni ekhoyo, nokubayintoni na eyakuza. Nantso into Awayenzayo. Ingaba kunjalo?[Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.]

279 Kodwa uTsalo lwaKhe lweSithathu lwaluxa Washumayezaabalahlekileyo abangenakuze basindiswe kwakhona. Babephayaezantsi lawo makhulu, aqatyiwe amehlo ayekhona, “Uhu, uhu!”Washumayela kwimiphefumlo esesihogweni, eyayingayamkeliinceba, kodwa yayahlukaniswe ngoNaphakade kuBukhobukaThixo. Kodwa nangoko abazange bayiqonde loo nto, intoAwayeyiyo, ngokuba uThixo waMenza apho.

280 Ndiyamangaliswa ukuba ingaba ulungiselelo lwaKhelunyukela kwindlela enye kwimihla yokugqibela, njengokubalwalunjalo? “Njengokuba uBawo waNdithumayo, ngokunjaloNdithuma nina mna. Imisebenzi endiyenzayo Mna niyakuyenzanani.”

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 47

281 Abalahlekileyo, abangenakuze basindiswe. Babeyalileinceba. YayiluTsalo lwaKhe lwesiThathu olo.282 Ngoku ingaba kukho umbuzo? UTsalo lwaKhe lokuQala,WAPHILISA ABAGULAYO. Ingaba kunjalo? [Ibandla lithi,“Amen.”_Mhl.] ULungiselelo lwaKhe lwesiBini,WAYEPROFETA. ULungiselelo lwaKhe lwesiThathuWAYESHUMAYELA KWABALAHLEKE NGONAPHAKADE.Iintaba ezintathu, njalo njalo; abalahlekileyo, ngoNaphakade!283 Ulungiselelo lukaNowa, lonke ulungiselelo, lwenza intoenye. UNowa washumayela. Injalo kanye loo nto. Wangenaenqanaweni. Wathi akungena enqanaweni, kwakukho iintsukuezisixhenxe ekwathi akwenzeka nto ngazo. Ubungqina bakhebushumayela kwabagwetyiweyo.284 ISodom neGomora! UYesu wabhekiselela kuzo zombininjengokuza. “Phambi kokuza koNyana womntu, kuyakubanjaloukuba njengemihla kaNowa, kuyakubanjalo ukuba njengemihlayeSodom.” Wabhekiselela kuNowa.285 UNowa wayenoTsalo oluThathu, kwaye olwesiThathulwakhe lwalusiya kwabalahlekileyo emva kokuba ucangolwasele luvaliwe. Kuba, uThixo wayiyeka yahlala apho, aphokwakungekho mntu unokungena okanye aphume.Babengaphakathi bona. Kuba, (njengaphezu kwentabayesixhenxe) eyona ntaba iphakamileyo, kulapho Yahlala khonainqanawa, entabeni. ’Yabona? Ingaba kunjalo?286 Ngemihla yeSodom, uTsalo lokuQala yayililungisa uLothe.Kwaye iBhayibhile ithe, “Izono zeSodom zawuthuthumbisaumphefumlo wakhe olungisayo imihla ngemihla,” indlelaabafazi ababeqhuba ngayo.287 Niyakhumbula, “Njengokuba kwakunjalo ngemihlakaNowa.” Babesenza ntoni? “Babesidla, besela, bezeka,besendisa.” Abafazi, ’yabona, abafazi. Yayiyintoni ngemihlaye_yeSodom? Ngabafazi.288 Umyalezo wokuQala yayinguLothe. Bamhleka bephoxisa.289 Baze bathunyelwa abanye abathunywa, ababini, baze behla.YayiluTsalo lwaKhe lwesiBini lukaLothe^lweSodom.290 Kodwa khangela kuLowo waya ekugqibeleni, kukho enyeinceba engaphezulu. Kwasekuphelile ngoko, kwasekuphelilekonke ngelo xesha. Loo Mthunywa wesithathu wathi wehlaapho, uTsalo lwesiThathu wayeyintoni Yena? Yayiluhloboolunjani lolungiselelo Awayenalo? Wahlala nabanyuliweyo, wazewabaxelela oko kwakusenzeka emva kwaKhe. Ingaba kunjalo?Kodwa wathi Akuhla ebhekisa eBhabhilon, okanye eyakungenaeSodom, Wafuna ukufumana^291 No-Abraham ngokwakhe, ekhala, “Ukuba ndinokufumanaamalungisa angamashumi amahlanu?” Konke ukuhla ukuya kwi“shumi lamalungisa?”

48 ILIZWI ELITHETHIWEYO

UThixo wathi, “Ewe, fumana ishumi lamalungisa.”292 Mandikuxelele into ethile, dade, umzuzu nje. Usenokubaungowodidi lwakudala, kodwa unento ethile abakumkanikazibokwazana kwendoda nomfazi abangenayo. Unento ethileangenakuze abe nayo. Kunjalo. Usenokuba ngowodidilwakudala ngokunxiba kwakho, unxibe njengenenekazi.Basenokuthi, “Khangela kula mqengqeleki ungcwele mdala.”Musa ukukhathazeka. Unento ethile loo kumkanikazi mncinanewokwazana kwendoda nomfazi, onehlabathi liphela lijongekuye phaya phandle, angenayo. Akanakuze abenayo. Ulahlekile,ngoNaphakade. Ugwetyiwe. ’Yabona? Akangeze^Unokuziphatha kakuhle; unesidima. Akukho nto anayo yena.Unelobi ebambisa ingenise imiphefumlo elahlekileyoesihogweni. Iimfama zihamba ziyokutshona kuyo. Ngoku,unento ethile wena.293 Uyazi, usenokungabikho nkqu kwincwadi yenkonzo, kodwakusenokwenzeka ukuba bubomi bakho bobulungisa ukubambaingqumbo kaThixo ukuba ingaweli ihlabathi. Ihlabathi alisayikukholwa yiloo nto. Nina madoda nibizwa ngokubaningabaqengqeleki abangcwele, wena ndodana ingazi kwanto,kodwa ukhala kuThixo, imini nobusuku, ngenxa yezonoezilapha elizweni, isenokuba nguwe obambe loo ngqumboingawi. “Ukuba Ndingafumana ishumi, ndiyakuyisindisa.Ukuba ishumi Ndingafumana ishumi!” “Njengokubakwakunjalo ngemihla yeSodom, kuyakubanjalo.” ’Yabonaukuba ndithetha ukuthini na?294 Hayi, “Ukuba Ndingafumana amaWisile alishumi, ukubaNdingafumana ishumi lamaBhaptizi, ukuba Ndingafumanaishumi labakwaMoya, ukuba Ndingafumana ishumi leembaleki,ukuba Ndingafumana ishumi labaphathiswa, ukubaNdingafumana ishumi labalungiseleli.”295 Kodwa, “Ukuba Ndingafumana ishumi lamalungisa!” UkhoOlilungisa, nguKristu. UKristu uphila ngaphakathi, Lowoungaphakathi kwabo_kwabo balishumi, ’yabona,“Ndiyakubasindisa.”296 Kodwa umthunywa wokugqibela washumayelakwabagwetyiweyo. Uthi^Wehla waya apho. ISibhalo asixeliukuba kwenzeka ntoni na, kodwa umlilo wawa ngentsasaelandelayo, injalo loo nto, emva kokuba Yena wenza loomiqondiso, kwamsinya emva kokuba Wenza ulungiselelolwaKhe lokuprofeta. “Uhlekele ntoni uSara?”

Wathi yena, “Andihlekanga.”Wathi, “Ewe, uhlekile.” ’Yabona?

297 Ngoku, ngokukhawuleza emva koko, yaYa kungenaeBhabhilon, okanye yehla yaya kungena eSodom. Ayizangeibafumane, ngoko umlilo wawa. Yafumana uLothe neentombi

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 49

zange ezimbini, yathi, “Phumani apha ngokukhawuleza ngoku.”’Yabona? Yaphuma. Yehla yaya apho. Khumbula, Yonayayisendleleni yaYo ehlayo. Yayithumele izithunywa phambikwaYo, kodwa Yona yehla ngokwaYo, kunjalo, ukuyakufumanisa ukuba yonke into yayinjalo na. Yaze Yayifumanaizaliswe yintoni? Ngabafazi abaqabe ubuso. UMyalezo oyakwabagwetyiweyo. Bayakwenza ntoni? Bawuhleka.298 Benza ntoni namhlanje? Kwaloo nto inye. “Ndingowe-Assemblies. NdingowoBunye. Ndi_ndi^Ndikhe ndaxhentsandikuMoya. Uzuko kuThixo, ndiyathetha ndiku^” Kulungile,qhubela phambili. “Ndiyakuzicheba iinwele zam ukuba ndifunaukwenza njalo. Ndiyakwenza oku. Ndi_ ndiyakuthetha nje oku.Andinyanzelekanga ukuba ndibhaptizwe eGameni likaYesu.A_andikhathali nokuba kuthethwa ntoni na. UPawulosiwayengumthiyi-bafazi omdala, nanjani na. Loo nto yi^”Kulungile, qhubela phambili.299 Ngolunye lwezintsuku, ukuba akusenjalongo, niyakuwuwelaloo mgca. Anisayi kunqwena kwakhona ukuba nenzeokulungileyo. Niyivile into endiyithethileyo? Ngumcimbi.Mzwalwana, dade, niyayiqonda into ethethiweyo?Niyakuwuwela loo mgca, kwaye anisayi kufuna ukuyenza loonto. Niyakuhlala niyiva iVangeli, ngokuqinisekileyo kodwaaninakuze niYamkele. Aninako ukuYamkela. Kodwa iVangeliiyakushunyayelwa kwabagwetyiweyo, kwabo balahlekengoNaphakade, bangenakusindiswa, kwakhona. Senikuloondawo ke, nibe ningazi. Nicinga ukuba niphila eziyolweni, nibenifile ngoku nidla ubomi.300 Owu, phulaphula. Bonke abo bawalileyo uMyalezo weyure,ngaphambi komgwebo, iVangeli yashunyayelwakwabagwetyiweyo, kuqala, ngaphambi kokuba bahambe;ngokungaphandle kwenceba. UNowa, wavala, wababubungqina. UThixo waluvala ucango, emva koTsalolwesiThathu. Emva koTsalo lwesiThathu eSodom, iingcangozavalwa. Kwakungasekho nceba. Ishumi lalingenakufunyanwa.Kwaye abalahlekileyo babenayo iVangeli ishunyayelwa,ababengenakusindiswa, ngokuba yayikukuthi nje^Kwahlalakuyiloo ndlela kwisigaba ngasinye sexesha, sigaba ngasinyesiyawala uMyalezo ngaphambi koMgwebo.301 Ingaba bayenzile loo nto kwakhona? Ingaba oko kuvelakuyiNtsika yoMlilo apha ezantsi phezu komlambo? Ingaba okwakuvela koMyalezo osika abafazi, uze ujule indawo apho bameleukuba khona, ukhalimele abo balungiseleli bathabatha indawokwicala lehlelo endaweni yokuhlala neLizwi, ngeli thuba, uThixoathe waqondakalalisa ngokupheleleyo ukuba nguYe lo,ingelosizana lwento engazinto engafundanga enjengomntu.NguThixo! Ingaba sifikelele kwindawo ke apho uTsalolweSithathu luyakubuyela kwakhona kwabalahlekileyo,ngoNaphakade?

50 ILIZWI ELITHETHIWEYO

302 Ingaba lowo yayinguloo mbono ndawunikwayo,njengenkwenkwe nje encinane yento phaya ngaphesheya?Kwaye ndiye ndaya eNtshona, kwaye kukho uMnqamlezowegolide weVangeli obengezelayo usihla, uqondakalisa ukubangumqondiso ovela eZulwini, ngokuchanekileyo nje. Khumbula,uMnqamlezo wabonakala, unjenge_ njengephiramidi, kananjalo,wakhiwe. ’Yabona? Ingaba oko yile ndawo iyintloko aphokuphelele khona, kwaze kwaqala apha kwayakufikaebuntlokweni?

303 Njengephiramidi, eyenyuka ukuphumela kuLuther,uWesley, iPentekoste, ukuze ke kulandele ukucika kwelitye.Ingaba yiloo nto le? Ukuba yiyo leyo, siphi ke? [UMzalwanauBranham unkqonkqoza kasixhenxe epulpitini_Mhl.] Loo nto,isenokuba yiyo. Ndithemba ukuba asiyiyo, kodwakunyanzelekile ukuba ibe yiyo. [UMzalwana uBranhamunkqonkqoza kathathu epulpitini.] Inyanzelekile ukuba ibeyiyo. Khumbula nje, loo malungiselelo anyanzelekile, asolokoenxibelelana kanye eyinto enye nje. Olunye nolunye. Kumelwekukufika oko. Kwaye uThixo akatshintshi. Yicinge loo nto!

304 Luma isazela sakho ngamazinyo akho omoya, ufumaniseukuba siphi na. Kunokuthini ukuba yiyo leyo, kube useyilendlela uyiyo? Ngoko usenokusuka nje uhambe^Kuphelilengani, kwabo bangaphandle. Emva kokuba iNcwadiyathatyathwayo yiMvana, iTywina leSithandathu lityhiliwenawo onke aMatywina, kuphelile. Kungenzeka. Ndiyathembaukuba akunjalo. Kungenzeka. Kulungile.

Ngoku, ingaba seso sizathu esibangele ukuba olu TsalolwesiThathu lube lundindize ithuba elingaka?

305 Uyaqaphela, uTsalo lokuQala noTsalo lwesiBini ahambeukusuka kolunye ukuya kolunye. Ndaxela kwangaphambili,niyakhumbula, ngethuba ndandiqala ukuqalisa, malunganolokuQala. Ndaze ndathi, “Kuyakufika ixesha apho Luyakuthilwazi iimfihlelo zentliziyo.” Niyakhumbula? Bangaphi? Kuba,nonke niyayikhumbula loo nto, kwiinkonzo zam jikelele. Kwazekwathi ngobunye ubusuku ndaya kungena nje eRegina, phayaphezulu, ndahamba ndaya eqongeni; wabe uMzalwana uBaxterelapho, amawaka athile abantu. Kwaze kwenyuka indoda yezaeqongeni, [UMzalwana Branham uqhwakraza umnwe wakhekanye_Mhl.] yaba yiyo leyo. Kwaye ukusukela ngoko kuhlelikuyinto enye.

306 Kodwa sekuyiminyaka [UMzalwana Branham unkqonkqozakambalwa epulpitini_Mhl.] ukusukela ndaphumayo entsimini,mine, kumalunga neminyaka emihlanu ukusukela ukumkakwam. Yintoni na? Yintoni eyenze oko? Ingaba kungeso sizathuukuba kube njengasekuqalekeni, kwiGenesis, “Ukuzeka kadeumsindo kukaThixo”?

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 51

307 Khumbula, xa Wenza ihlabathi, ngomhla wesixhenxeAkazange enze nto. Waphumla. ’Yabona? Ukuzeka kadeumsindo kukaThixo kuloo nyaka wesithandathu, engathandiukuba kungatshabalala bani, kodwa bonke babenokuzaenguqukweni. Ukuzeka kade umsindo kukaThixo.

308 Kwakhona, kananjalo, kwiGenesis 15:16, ukuba ufunaukuyibhala, 16,15. Waxelela u-Abraham, “ngaphesheya phayakulaa mhlaba wama-Amori, ukukreqa kwabo,” babeziNtlangangoku. “Andinakukuthatha ndikuse phaya, kwangoku, kubaubugwenxa bama-Amori, iiNtlanga, abukazaliseki. Kodwandiyakuwagweba. [UMzalwana Branham unkqonkqozakambalwa epulpitini_Mhl.] Ndiyakuza kweso sizukulwanasesine, ndize Ndisigwebe eso sizukulwana ngentongayentsimbi.”

Ingaba kunjalo?

309 Ingaba kube lithuba elide kangako, ukuze ukuzeka kadeumsindo kukaThixo, kulungiselelo oluqhubekayo, ngamakhasethinayo yonye enye into, lube lurhangule kwihlabathi jikelele, ukuzelubone ukuba akusekho omnye na ongomnye? Kodwa mhlawumbilowo wokugqibela ungene kwakutshanje. Ingaba ibubugwenxaobe buqhubeka ixesha elide kangaka? Ukuba uYesu ukwayintoenye, leyo Ayiyo, kumaHebhere 13:8, uMyalezo waKhe ufanelweukuba ube yinto enye. (Silungiselela ukuvala.) Isenzo saKhesimelwe kukuba sinye.

310 Ukuba olokuQala noTsalo lwesiBini lungaphandle kobuzwa!Ingaba ukho umbuzo engqondweni yakho malunga nolokuQalanoTsalo lwesiBini? Ingaba loo nto yenzeke kanye njengokubaWatshoyo? [Ibandla, “Amen.”] Ngoko kutheni ukuba lubuzweolwesiThathu? ’Yabona? Kungani ukuba niLubuze? Awokuqalaamabini ayeqondakalaliswe siSibhalo. Ndiyiqondakalalisile loonto kuni kusasanje ukuba olwesiThathu kukwaziswangeSibhalo, kananjalo.

311 Khangela phezu kwehlabathi, bona ukuba liphina.Khangela indlela abayale ngayo iNyaniso, nendlela etheyaqondakaliswa ngokupheleleyo ngayo, le ndawo isisiprofeto.Ngoku siphi na? Owu Thixo, yiba nenceba! Loo nto iyenzaintliziyo yam yophe ngaphakathi. Kuthiweni ngayo? Siphi aphosikhoyo?

312 Khumbula, ezi ncopho zisixhenxe phaya phezulu,zazinokukuxelela. I^Akukho ncopho ngaphaya kwazo.KukuMda weMpelazwe. Ziyekungena kanye entlango, ukusukaapho ukuya phambili. Kungena ingunaphakade. Iincophoezisixhenxe, kanye kuMda weMpelazwe. Apho kuphakathikokulungileyo nokungalunganga kanye. Kwaye ekuphelenikoko, uTsalo lwesiThathu lwaluTsalo lokugqibela lololundi.Ingaba kunjalo? ’Yabona? Kulungile.

52 ILIZWI ELITHETHIWEYO

313 UNowa waya kungena, kwaze kwathi emva kweentsukuezisixhenxe, akwabakho nto yenzekayo, ’yabona. Kwiintsukuezisixhenxe umgwebo wafika. Ukuba nje^Phulaphulangoku, xa sivala. Ukuba nje, ngexesha likaNowa,ngebabewazile la mqondiso! Ukuba nje babazile! Ngokundizakuvala. Ukuba nje babewazile loo mqondiso, ihlabathingaloo mhla! Ukuba, uThixo uwuqondakalalisile apha,ngokufundwa kweSibhalo, emzuzwini odlulileyo,Wabatshabalalisa abo bantu.

314 Kungengakuba yayingekho inceba; inceba yayithunyelwengobuprofeti. Abazange bayikholelwe. UThixo unenceba,kodwa, Wathumela inceba kodwa abazange babe nakuyamkela.Uhlala ethumela inceba njalo, kuqala.

315 Bekunokuthini ukuba babewazile loo mqondiso ukubayayilixesha lesiphelo? Kwaye bathi bakubona, kwathingequbuliso, usindiso lwayekelela akwabikho mntu^ ’Yabona?Nje, into yokuqala uyazi, ucango lwaba luvaliwe. Ukubabona^Mnye kuphela umntu owawaziyo loo mqondiso,yayinguNowa lowo neqela lakhe. Nguye kuphela ke owaziyo.Xa olo cango lwajijekayo lwahlangana, uNowa wayeyazi loo nto.UNowa wazi ukuba kwakugqityiwe. Wayazi loo nto. Injalo loonto. Ukuba beniwazi nje umqondiso!

316 Owu, ukuba babewazi nje loo mqondiso, xa bambonayoLowo engena apho, owayephaya phezulu kunye no-Abraham!

317 Ukuba nje babazile ukuba laa Billy Graham walaa mhla,wehla waya apho, inguye no-Oral Roberts, bashumayela laaMyalezo kwabo bantu bamfanyekisiweyo! Ukuba banokwazinje, laa malungisa akudala amaWisile namaBhaptizi phayaemva ukuba bekukho umqondiso wawo waloo mhla, uLothe,xa izono zayithuthumbisayo kwa imiphefumlo yabo. NgokoamaWisile namaBhaptizi ajika angena entweni? Kanyenjengokuba wenzayo uLothe, ikwayinto enye. Kodwaamalungisa, phaya ngaphandle, aphuma. Ngokuqinisekileyo.

318 Ungathini ukuba bekunjalo xa uBilly Graham wehlayo,benyukela ukwenza isigqibo, kuhlafunwa iintshungama,kugojwana, kuhlekwa, kunqothulwe iinwele, ubuso buqatyiwe,kungekho nento encinane anokuyenza malunga naloo nto.Kubuywe ngemini elandelayo, waze uBilly wathi,“Ndinamashumi amathathu amawaka; ndibuye emva konyaka,ndibe ndingenawo namashumi amathathu.”

319 “Owu, ndisenzile isigqibo. A_a_andiyi esihogweni; ndiyaeZulwini,” grampuza kanye ebheka phambili esonweni. Ukubanje bebenako^

320 Ukuze ke ngoko iVangeli ibe ishunyayelwe ngaMandlanemiqondiso nemimangaliso, neNtsika yoMlilo iphezu kwayo,nayo yonke into iqhubeka kanye nje ngokuchanekileyo, uxele

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 53

kwangaphambili uze uhlalise ngendlela. Ukuba bebe^Bathi,“Iqela labaqengqeleki abangcwele. Kukufundwa kwengqondongobuchule obuthile. Luhlobo oluthile lomoya wobugqwirha.Umtyholi, nantso kuphela into Eyiyo. Musani ukuYikholelwa.Ayikho kumbutho wethu. Asinanto yakwenza nalaa Nto.”Ukuba nje bebewazile umqondiso! Ukuba nje bebazile!

321 UYesu wathi, wathi, “Ukuba ubuwazile umhla wakho,Yerusalem. Ukuba nje ubuwuqondile! Kodwa,” wathi, “ngokunishiywa nedwa.” ’Yabona? ‘Ukuba nje ubuwazile. OwuYerusalem, Yerusalem, kufuthi kangakanani na Ndithandaukunibuthela ngaphantsi kwamaphiko njengokuba isikhukazisisenza kumantshontsho aso, ukunisusa kwimigwebo le izayo!Kodwa aniwazanga umhla wenu.” “Ubaxulube ngamatyeabaprofeti, wawabulala amalungisa, ukuba nje ubuwazileumhla wakho! Ukuba nje ubuwazile, wabe umi kwiSibhalosakho, uze wazi ukuba ukuza kwaM kwakungumqondisowesiphelo sakho. Ngoku uyimfama. Ngoku ukhalinyelwe.Ixesha lakho liphelile.” Kwaye kwakunjalo. Injalo loo nto.“Ukuba nje ubulazile ixesha!”

322 Khangela, ngethuba uYesu wasenzayo esa sibhengezo,ihlabathi laqhubekela phambili nje. ’Yabona? Ihlabathilaqhubekela phambili, ngokuqhelekileyo. Kuba? Kubababengayazi iyure yabo.

323 Ihlabathi laqhubela nje phambili, ngethuba uNowawangenayo enqanaweni. Ihlabathi laqhubela phambili nje.Abagxeki, ngaloo mhla, babesaqhubela phambili ngemigidiyokwazana ngokwesini. Basadla, bayasela, bayatshata, benzaezo zinto bazenza namhlanje. Ngokuchanekileyo kanye,ngokuqhelekileyo. “Ha-ha! Laa mqengqeleki ungcwele mdalauluvalile ucango. Ngoku, nakhe nayiva into enjalo? Ha-ha!Uyazi ukuba uthini? Sizaku ‘rhaxwa’ sonke. Yimfeketho! Aphiloo manzi?”

324 Abagxeki, ngemihla kaNowa. “Kuyakuba njalo ekuzenikoNyana womntu.” Kulungile. UNowa wawazi umqondiso.Kwakuyinto enye ngemihla kaLothe. Kwakuyinto enyengemihla kaYesu. Kunjalo namhlanje. Bayaligxeka ixesha labolokugqibela^?^

325 Kwakuyinto enye eSodom, babengazi. Ngethuba laaMthunywa wayemi apho, uMyalezo ovela kuThixo, babahlekanje bazama ukubaguqulela kwizenzo zabo. Ingaba kunjalo?“Yizani nijoyine kuthi. Yibani ngabanye bethu.” Ingaba kunjalo?“Ngenani nize kusijoyina, yibani ngabanye bethu. Niyakubangabanye babafana. Yizani, sijoyineni.” ’Yabona? Abazangebawazi umqondiso wabo.

326 Babengazi ukuba xa laa Myalezo wawuqhubeka, ukubakwaloo nto^Babengenakuyibona, into yokuba umlilo

54 ILIZWI ELITHETHIWEYO

nengqumbo yomgwebo, njengoThixo, umlilo ovutha isulfurewawubila esibhakabhakeni. Babengenakuwubona. Abathunywababenako. Aha. ULothe wayesazi, naye. Wayesazi ukuba ukho.Ngokuqinisekileyo.

327 Yinto enye namhlanje, yinto enye kanye. Umsindo uyabila,iziqhushumbisi ze-atom ziyajinga, yonke into isekupheleni.Kuyinto enye ngoku.

328 Khangelani, bantu, phulaphulani. Benisazi^nithi,“Mzalwana Branham, owu, kuthiweni ngaloo nto yonke?”Uyazi, abantu bangaqhubela phambili nje beshumayela iVangelikanye njengokuba bebehleli besenza, loo nto bayibiza ngokubayiVangeli, kusenokuba kuphelile. Benza njalo ngemihlakaNowa. Benza njalo ngemihla kaLothe. Benza njalo ngemihlakaYesu. Ingaba kunjalo?

329 Nkqu amaJuda, emva kokuba uYesu wawaxelela ukubaumsindo^”Kuphelile ngani. Kugqityiwe ngani. Akusekho nto.Kugqityiwe ngani.”

330 “Owu,” batsho, “laa mqengqeleki ungcwele. Uphumakwesiphi isikolo Yena? Ingaba Wayevela phi, laa nto?”

331 Khumbula, Wayesele elungele uTsalo lwaKhe lwesiThathu.Aha. Injalo loo nto. Wathi, “Kufuthi kangakanani na Ndithandaukunihlanganisela ngaphantsi kwamaphiko!”

332 ULothe wenza ubizo lwakhe lokugqibela^okanye,ndithetha, ingelosi eyenza njalo, umthunywa, nokubayayingubani na. UThixo umisele ukwenzela le mini, uThixoemelwe ekwinyama yomntu, wenza umqondiso wakhewokugqibela, wenza umsebenzi wakhe wokugqibela.Kwakuphele konke ngoko.

333 UNowa washumayela intshumayelo yakhe yokugqibela;ucango lwavala emva kwakhe. Kwakuphelele apho. Bayihlekaloo nto, bahlekisa ngayo.

334 Cinga, abantu bangaqhubela phambili kanyeekushumayeleni! Ibhunga leeNkonzo lingaya kujoyina ibandlalobuKatolika, kanye njengokuba bethembise ukwenza njalo.Yonke imibutho ingeza, kodwa uphawu lwerhamncwaseluphaya. Bayalithatha, kulaa nto. ’Yabona? Kwaye bathi,“Owu, haleluya makabongwe uThixo, baninzi kakhuluabasindiswe phezolo.” Basindisiwe? “Baxhentse bekuMoya.Bathethe ngeelwimi.” Loo nto ayithethi nento enye. ’Yabona?Owu, bathobekile bathozamile bazithobile. Ewe, mhlekazi.Banaso isiqhamo soMoya.” Ngomqondiso lowo. Nakancinane.

335 Makhe ndininike isiqhamo soMoya, phakathi koYesunabaFarisi, nibone ukuba nguwuphi owayenesiqhamo soMoya.Bekunokuthini ukuba bendinokuma, njengokuba ndiqalisileukuyithetha loo nto kwithuba elincinane elidlulileyo,

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 55

ngokubhekisele kuKristu ngoku okomzuzu nje? UThixomakandixolele nangokuba ndithethe nje loo nto, ’yabona,kodwa ukunibonisa nje into ethile.

336 Bekunokuthini ukuba bendinokuza kuwe ndithi, “Nithi,nina bandla, ngubani umhlobo wenu? Ngubani obonakalisaisiqhamo soMoya? Ngumpriste wenu omdala onobubele.Ngubani oza kuni esibhedlele xa nigula? Ngumpriste wenuomdala onobubele. Injalo loo nto. Ngubani ohlala enibolekaimali xa niyiswele, nikwingxaki naloo nto? Nina malunguebandla lakhe, aniyi kumpriste wenu omdala onobubele azeaniboleke imali? ’Yabona? Ngubani ohlala enothando enobubele,ebonakalisa isiqhamo soMoya? Umpriste wenu omdalaonobubele.

337 “Ngubani lo wafunda iminyaka ngeminyaka,kwisynagogue phaya ezantsi, apho uyisemkhulu-mkhulu-mkhulu-mkhulu-mkhulu mkhulu-mkhulu wayephuma khona,konke ukuhla? Ngubani owafunda waza wafumana^wasebenza nzima izidanga zobugqirha neePh.D nee LLD,ukuze azi eli Lizwi, aze eme apha anikezele ngalo kuni njalongentsasa yangeCawa ebandleni lakhe? Umpriste wenuomdala onobubele.

338 “Ngubani le ndlavini, ibizwa ngokuba, ‘Yesu’? Wayevelakwesiphi isikolo Yena? Uphuma kwesiphi isikolo Yena? Liphiikhadi laKhe lobudlelane? Ngowuphi umbutho Angowawo?

339 “Wenza njani xa sukube nonke nixambulisana elusatsheni?Ngubani ozayo kuni? Ngumpriste wenu omdala onobubele,ukuzama uku^Kwaye ninokuxambulisana eninako nalommelwane ungaphaya, aze umpriste wenu omdala onobubeleeze anilungise. Athi, ‘Nonke ningabantwana bakaThixo.Animelwanga kukuyenza loo nto.’ Yiloo nto a^

340 “Yintoni lo Yesu waseNazarethe ayenzayo? Uyayikrazula loonto. Wenza ntoni Yena? Ugxibha umbutho wenu. Wenza ntoniYena? Ubiza umpriste wenu ngokuba ‘ngumkhokeli oyimfamaweemfama.’ Umbize ngokuba ‘yinyoka engceni.’ Wathabathaumnikelo awathi uThixo wawumisela, wakhaba iitafilezabhukuqeka, waza imali wayilahla phandle, wabajongaenomsindo. Wake wambona umpriste wakho ekhangeleka ngolohlobo?” Ngoku siphi isiqhamo soMoya? Aha. Aha.

341 Akuyi ngakuthetha ngeelwimi. Akuyi ngakuxhentsakuMoya. Akuyi ngakujoyina cawe. Akuyi ngasiqhamo saMoya;iNzululwazi yoBukristu ingadlula nabani na kuni ngaloo nto,’yabona, ize iphike kwa ukuba uYesu Kristu wayengozelwengokuNgcwele. Asiyi loo nto.

342 Koko liLizwi, eliphilayo! Nantso ke. Ukuba njebabekhangele, Yena wayenguMesiya. WayeliLizwi eliphilileyo,libonakalalisiwe.

56 ILIZWI ELITHETHIWEYO

343 Kwaye indoda enoMoya kaThixo ngaphakathi, okanyeumfazi, uphila ela Lizwi, liphila kanye ngaphakathi kubo.Kukubetha kweentliziyo oko, kwabamiselwe ngenxaengaphambili, kuba iLizwi leNkosi liza kubo, kwaye bonabaliLizwi ebantwini. “Iincwadi ezibhaliweyo ezifundwangabantu bonke.” Ingaba kunjalo? Ingaba uTsalo lwesiThathuluyaqhubeka?344 Nina bantu bamamele amakhasethi, ndithetha ninabaphulaphule eli khasethi, ndinqwenela ukuba nibebeninokujonga kweli bandla ngeli xesha. Aha. Ndithembaukuba niziva kwangendlela enye.345 Kungathini ukuba kunjalo? Khangela ezi Zibhalo zifumbeapha. Ingaba kunjalo? Ingaba uTsalo lwesiThathulelokushumayela kwabagwetywe ngoNaphakade abawalileyouMyalezo wosindiso?346 “Kulungile, uthi, “ibandla liyahamba^” Ewe,liyakuhamba. Liyakuqhubela phambili, liyinto enye.347 Kodwa, khumbula, lonke eli xesha, uNowawayesemkhombeni. UMtshakazi utywinelwe ngaphakathikuKristu, ilungu lokugqibela selihlangulwe. ITywinaleSithandathu lizizele. ITywina leSixhenxe liMbuyiselaemhlabeni kwakhona. IMvana izile yayithabatha iNcwadiesandleni saKhe, yahlala phantsi yabanga oko kukokwaYo, okoYakuhlangulayo. Ingaba kunjalo? Bekuhleli kuluTsalolwesiThathu.348 Isithathu yingqibelelo. Ulungiselelo luza kwingqibelelo yalolakuvelisa uKristu kwakhona ngokwemveli, phakathi koluntu,njengokuba kwakuxelwe kwangaphambili, “Njengokubakwakunjalo ngemihla kaLothe.”349 Owu, cinga, abantu bangaqhubela phambili beshumayela,becinga ukuba bayasindiswa, becinga ukuba benzaokulungileyo, becinga ukuba imibutho yabo iyakhula,ngokuqinisekileyo, kube kungekho nelitha elincinane lethemba.Kwaye ukuba loo mbono wawuyiloo nto, ube bekulukhunikangaka ngokuchasene nabafazi, sifikelele kulo yure. Ucangoluvaliwe, kuphelile, iNcwadi sele isezandleni zaKhe. Yicinge loonto.350 Mandinixelele lento kanye nje phambi kokuba sivale ngoku.Ndiyavala. Kwaxelwa, malunga ne-Ireland, ejongene namanzi.Kwakukho intlambo enkulu ehla ecaleni konxweme, yenyukangale nduli inkulu. Kwakukho indoda eyayihamba, ihamba aphongenye imini, kanye_kanye ngexesha lokuba imisinga ingene.Kwaye kwakukho indoda ebekekileyo eyayihlala kuloo nduli,eyayiyazi loo misinga. Yayilazi ixesha lemini apho loo misingayayimelwe kukuza ngalo. Yayisazi ukuba umsinga ungena xeshanini na. Lo mfo akazange akhathalele xesha. Wayengomnyewabasazi konke. Wayenembono eyeyakhe. Wayeyindoda ekwazi

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 57

ukubala, ilumkile, ingqondi yomfo, kodwa wayengazi nje ixeshalomsinga. Wayengalazi elo lizwe. Wayengalazi ixesha aphoumqondiso ulunge ngalo, xa inyanga ithe yawunikela umvaumhlaba.

351 Kwaye xa uThixo ekhe wawususa uMoya wakhe emhlabeni,mzalwana, kuphelile kuwe, kugqitywe konke.

352 Laa nyanga ukuba ingakhe ishukume isuke endaweni yayo,amanzi angawugubungela umhlaba njengokuba kwakunjalongethuba uThixo wawuqalayo, kwiGenesis 1. Kodwa inyangaihleli phaya, kwaye xa ijika nje intloko yayo, imisinga iyaqalaukubaleka ingena.

353 Eli xhego lilumkileyo lalihlala phaya ngaphandle kubukhobayo, lalisazi ukuba kwakuxesha nini na ngoko. Lo mfowayengazi. Wayengazange afunde ngaloo nto.Wayengakhathali ngayo. Kwaye eli xhego lilumkileyo labalekalaphuma, lathi, “Mfo olungileyo wakuthi, ungakhe ubhekelephambilana. Jika ubuye umva, ngokukhawuleza. Kukhoudonga. Awunakho ukunyuka kolo donga. Uyakutshabalala.I^Imiqondiso ivelile, ixesha. U_umsinga uzakugqumaungene ngokukhawuleza, kwaye awunakuba nako ukubuya.Musa ukuya phambilana.”

354 Kwaye loo ndoda yajika, yalihleka yathi, “Hambauyokujonga imicimbi eyeyakho. Ndiyazi ukuba yintoni naendinokuyenza nendingenakuyenza.” Yaze imisinga yambamba.’Yabona?

355 Kusenokuba liphelile ixesha kunokuba sicinga. ’Yabona?Iyakunibamba. Musani ukuya phambilana. Musani ukuyenza loonto, bantu. Ukuba benihleli nikholwa kum ukuba ndisisicakasikaThixo, thabathani ilizwi lam kusasanje, ukuba nakhe nenzanjalo. Kusenokuba sele kusemva kwexesha kakade. EsingakoiSibhalo sibonisa ukuba kunjalo. Ngoku, khumbula, andithikunjalo. Andazi. Kodwa khangela nje.

356 Ndishiyelele ishumi lamaphepha apha ebendisoyikaukunixelela ngawo. ’Yabona? ’Yabona? UNkosk. Woodsububungqina boko, noMnu. Woods. Xa bendihlile ngale ntsasaukuya kubabona, ndathi, “A_andinakubaxelela loo nto,andinakufikelela apho. Ndiyakubeka nje iSibhalo esingaka,ndiyishiye nabo, kuba yinto eyakushicilelwa.” Iyakuhamba.

357 Kwaye abantu bayakuwuhleka lo Myalezo. Kulungile,iyakuba lixa elidlulileyo libuya, ngenye yezi mini. Hamba, yibalilungu nje lenkonzo. Cheba iinwele zakho, unqothule, uqabeubuso. Hamba, uthabathe u”Yise, Nyana, noMoya oyiNgcwele,”ukuba ufuna njalo, ukuze, wenze ooThixo abathathuubengumhedeni. Hamba, namathela kumbutho wakho. Yenzanjalo, ukuba ufuna ukwenza njalo.

58 ILIZWI ELITHETHIWEYO

358 Uthi, “Ndaxhentsa ndikuMoya, ndathetha ngeelwimi;ndinaWo.”359 Ndakhe ndazibona iidemoni zisenza kwaloo nto. Ndakhendabona amagqwirha ethetha ngeelwimi aze azitolike; abhalengolwimi olungaziwayo, ayitolike loo nto; awayesela igazingeqokombe lentloko yomntu, abize kumtyholi, axhentseekumoya.360 Ama-Mohammed axhentse ekumoya, ngolo hlobo, ade abenokuthatha iingceba azifake phantsi kweminwe yawo;athabathe incula ayikhuphe ebusweni kuwo, ngolo hlobo,ayikhuphe iphume, kungabikho nethontsi legazi eliyakuphumakuwo.361 AmaNdiya ayakuhamba emlilweni, enganxibanga ntoezinyaweni, unobunzulu beenyawu ezintathu; nesine-,nesithathu, okanye isine seenyawo ukunqamleza; udangazela,ungamalahle ngokokude abe mhlophe bubushushu; angafumaninokutyabuka ngumlilo ezinyaweni zawo, aze akhanyele ukubakukho into efana noYesu Kristu.362 Hayi, hayi, sihlobo. LiLizwi eliyixelayo loo nto. Abantukunye neLizwi bamelwe kukuba banye. ’Yabona? UYesuneLizwi wayeyinto enye,; Yena wayeliLizwi. Kwaye uYesuuphila emntwini, loo nto imenze ukuba yena neLizwibabebanye. Musa^Ubomi bakho buyakuxela ukuba ungubanina.363 Ngoku zikhangele nje kwiglasi yokujonga kaThixo, uthi,“Ndikhangeleka njani ngale ntsasa?” Ngoku sithandazayo.364 [UMzalwana uthetha ngolunye ulwimi. Omnye umzalwanawenza ingcaciso._Mhl.]

Ndizula kude noThixo,Ngoku ndiza ekhaya;

Thandaza, ukuba wakhe wathandaza!

Zivule kakhulu iingalo zaKho zothando,Nkosi, ndiza ekhaya.Ndiza^

365 Usaqhubela phambili ukucula, ndifuna ukukubuza into.Ingaba kukho indawo entliziyweni yakho ekhangeleka imnyamasisono? Ukuba ikho, ngoku lixesha lokuba wahlukane nayo,khona ngoku, ukuba isekho inceba eseleyo.366 Le nto, ndiyathemba, ukuba ayinjalo. Ndiyathemba ukubaayikho. Kodwa ayikhangeleki ngokungathi inokubakho?Phulaphula oko kuthethwe nguMoya oyiNgcwele phakathikwabantu, emva kokuba ndigqibile, “LiLizwi eliza kuni.”367 Kwaye ukuba ikho, ukuba ubunobumnyama obuthileebomini bakho, awunakuza kanye apha ngasesibingelelweni

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 59

ngoku, ngeli thuba siqhubela phambili ukucula. Khona ngoku,ukuba kukho ukudinwa, kukho indawo ethile, musa ukuyimisaelinye ithuba.368 Ndiyathemba ndithembile ukuba akunjalo oku; kodwakuyakuba njalo ngolunye lwezi ntsuku, kwaye kusenokubanamhlanje.

Ngoku, Nkosi, ndiyeza^369 Umphefumlo wakho usemathatheni akho kanye kuwe!Ukuba abantu abamamele amakhasethi bangabona nje ukubakuqhubeka ntoni apha ngoku; kuthontelene omnye phezukomnye, belila, bevela kuzo zonke iindawo.370 Ingaba laa mbono, ngethuba ndandiyinkwenkwe encinane,ingaba yile yure? Ingaba leli xesha apho abo bantubakhangeleka bediniwe, beluthuzula; isihogo sidalwa kanyeapha phezu komhlaba?371 Izibingelelo nemigca ephakathi kwezitulo, nayo yonke into,zizele ngoku, ukuba awunako ukusondela esibingelelweniokanye kwindawo ephakathi kwezitulo, naphi na phakathikwala makhulu alapha; yima nje ngenyawo, ukuba uthi,“Ndifuna ukuma ndithandaze, ukwenzela nje ukuba abantubazi,” okanye uguqe, nantoni na ofuna ukuyenza. Owu, bethu!Ngoku awunakuba nakho nokubona nabani na ohleli phantsi.Ngabantu abemiyo kuyo yonke indawo.372 Ndingathetha oku. UThixo makale, uThixo makale ukubandibe ndiyithethile le nto ngoku. Ndanga ndingayiqonda, wonkeumntu; uThixo makale. Kukho^Ndinabantwana abangekhongaphakathi. Neentombi ezimbini nonyana. Ndinabantakwethu.Ndinabantu bakuthi abangekho ngaphakathi. UThixo makaleukuba ibe inceba isishiyile; oku nje kube kukuzenzisa njekuphela.373 Ingaba ikho inceba eseleyo, Nkosi? Mandibe ndiphosisilengale nto, Nkosi. Mayibe yephosakeleyo ngeli xesha. Ukubamna, akunjalo, ukuze abantu babe basenokusindiswa. Sipheoko, Nkosi. Ndiyathandaza, ndinikela esi sihlwele kuWe ngoku,eGameni likaYesu Kristu.374 Wonke umntu athandaze ngoku kanyenjenge^Kungathini ukuba kunjalo? Ngoku, andazi ukubakunjalo na oko, kodwa kuthini ukuba kunjalo? Ungathandazangendlela yakho. Thandaza nje ngendlela ofuna ukuthandazangayo. Ungathini nje ukuba oko bekuyinyaniso, singenzantoni, zihlobo? Singenza ntoni? Yintoni, yintoni eyakwenzeka?Ngoku thandazani, wonke umntu. Nje_nje lila, thandaza njengendlela ofuna ngayo. Lila nje kuThixo, ngeyakho indlela.Owu Thixo!

^iingalo zaKho zothando,Owu Nkosi, ndiza ekhaya.

60 ILIZWI ELITHETHIWEYO

375 “Nkosi, bendinqwenela ukwenza loo nto kwixesha elideeladlulayo. Ingaba ndilinde ixesha elide, Nkosi? Ingaba oku,ingaba kuphelile? Owu Thixo, vula iingalo zaKho zothandoundamkele. Into ethile, intliziyo yam icenga ngenxa yayo,Nkosi. Vula kube kanye kwakhona. Ukuba igama lamlalikwiNcwadi yeMvana, thetha nam ngoku, Nkosi.Mandiyamkele khona ngoku. Nceda wenze njalo, Thixo.”

Ndiza ekhaya, ndiza ekhaya,Owu, andisayi, andisayi, Nkosi, andisayi

kujikeleza;Zivule kakhulu iingalo zaKho zothando,Owu Nkosi, ndiza ekhaya^

376 IBhayibhile yathi, bathi bakumqonda uYesu, ukuba,“Ngabanye bayakulila njengononyana okuphela kwakheobuleweyo.”

^-za ekhaya,377 Nina ningaphandle, nina nisezimotweni zenu, ngamazaamafutshane, nina nimi nijikeleze isakhiwo, abaninzi benu,yayamisani nje iintloko zenu esakhiweni, nithi, “Nkosi Thixo,yiba nenceba kum. Vu-^” Yibani nokunyaniseka kokufa,zihlobo! Cingani ukuba siphila xesha nini na! Siphi aphosikhoyo? [UMzalwana uBranham unkqonkqoza kambalwaepulpitini_Mhl.]

^thando,Nkosi, ngoku ndiza ekhaya.Ndiza ekhaya,^

378 Nkosi, Yesu, ndenze okona kungcono ndaziyo ukukwenza.Ndenze konke oko ndikwaziyo ukuba kwenziwa njani na.Siphe, Nkosi, ukuba iingcango zakho zenceba zibe zisavuliwe.Kula makhulu, ngeli phandle ngamakhulu aKufunayo ngelixesha, susa lonke ichaphaza elinesono, Nkosi, ubangenisenamhlanje.379 Ndi_ndiyacenga, ngentliziyo yam yonke, njengokuba sibonaukuba asingomntu nje othile othethayo, koko, iSibhalongokwaSo sisisiza kule yure. Kwaye laa mbono, wenkwenkweencinane, ibabona abo bantu bekuloo meko; ke ngoku, cinga,ukuba isihogo ngokwaso, inceba icinyiwe emhlabeni, kwayengoku isihogo ngokwaso silapha, babe abantu, Nkosi,bekwimeko eyoyikeka kakhulu.380 Owu Thixo Onamandla onke, weli Bandla liNyuliweyo,ndiyathandaza, Thixo, ukuba Uthulule iintsikelelo zaKho,ukuze babe nokwamkela u_ulungiselelo lobungqina, obufananokuba uLothe wayenabo, njengokuba uNowa wayenabo,njengokuba uYesu wayenabo, kwabalahleke ngoNaphakade,ukuba unokubakho; ukuze bona ngokwabo batywinelwengaphakathi eBukumkanini bukaThixo, kodwa benika

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 61

ubungqina kuYesu Kristu ukuba isenguye izolo, namhlanje,nangonaphakade. Siphe oko, Nkosi. Wanga ungaMnkelaumthandazo wethu, njengokuba sicenga eGameni likaYesu.381 Thandaza nje ngendlela ofuna ukuthandaza ngayo ngoku.Musa ukungxama. [UMzalwana uBranham unkqonkqozaepulpitini_Mhl.] Musa ukungxama. Ungathini ukuba uligamalokugqibela ukungena eNcwadini?

Ndiza ekhaya.Ndiza ekhaya, ndiza ekhaya,

382 Mzalwana Neville, nyuka uze, bathandazele umzuzwana.Umlungiseleli uzakuthandaza kunye nani ngoku ngeli thubanithandazayo. Ndiza kucula mna.

Zivule kakhulu iingalo zaKho zothando,Nkosi, ndiza ekhaya.Ndiza ekhaya, ndiza ekhaya,Andisayi kuzula kwakhona; (Ewe, Nkosi.)Zivule kakhulu iingalo zaKho zothando,Nkosi, ndiza ekhaya.Ndiza ekhaya, ndiza ekhaya,Andisayi kuzula kwakhona;Zivule kakhulu iingalo zaKho zothando,Nkosi, ndiza ekhaya.

383 [UMzalwana uBranham nebandla bacule eli culo lingentlangeli thuba uMzalwana uNeville athandazayo. “ThixoOnamandla onke, Bawo wethu waseZulwini, njengokubabekunjalo, namhlanje, siyavuya ukuba Ube usinikile,njengokuba kwakunjalo, ngalo mzuzu wexesha ukuba sibe nakoukuzisinga iindlela zethu phambi kwaKho. Thixo wam,namhlanje, ngokusuka nzulu emphefumlweni wethu, sikhalakuWe, Nkosi, singamelanga, iziqu zethu zodwa, koko omnyeemele omnye. Mayithi le yure, Thixo, ibe lelo xesha, ngalentsasa, Bawo, apho Uyakuthi, ukuba Usasolulele inceba, Bawo,makwenzeke ukuba aba bathe ngale mini bashiya ikratshi labo,abakuthandayo, nezinye izinto. Nkosi Yesu, namhlanje,sithandazela ukuba Usiphe ukuba aba baguqileyo, owu,nabathobe iintloko zabo kuso sonke esi sakhiwo. Owu Thixo,malithi ela Zwi, livela eZulwini, lithethe ngale ntsasa. Nikaisiqiniseko, Nkosi. Makathi la madoda, abo bafayo amadodanabafazi, Yesu, masifumane, ngale mini, intuthuzelo yeloNgqina lihla livela eZulwini kusasanje. EGameni likaYesuKristu, siyacela, Nkosi, ukuba kusekho ukwandiswa kwencebangeGazi, mayihle phezu kwabo ngabanye, namhlanje,ngokokuza kwabo. Kunganga njalo, namhlanje.”_Mhl.]

[UMzalwana uNeville uqhubela phambili ngokuthandaza.“Kwaye wanga ngamnye kubo, Nkosi, anganeliseka, ngale mini,ukuba Wena unguThixo Onamandla onke. Ukuba okukukwandiswa kwenceba, mayifikelele kuye ngamnye, kumntu

62 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ngamnye.” Siphe oko, Nkosi. [“Makwenzeke ngoku, Bawo.Kwaye maluthi uxolo lukaThixo, elahlala lidlula ukuqonda,maluze kwakhona kwiintliziyo ezilindeleyo.”] Ewe, Nkosi.[“Kodwa, ukuba akunjalo, malize elo Ngqina.”] Ewe, Nkosi.[“Mabathi aba bezileyo, mabafumane uxolo ngalo mhla,”]Siphe, Nkosi. [“ngoYesu Kristu. Kwaye sithandaza eGamenilaKhe. Amen.”_Mhl.]384 Nkosi Yesu, ndiyaKuthandaza sindisa uBecky noSarahnoJoseph, nabanye, kananjalo, Nkosi. Musa ukuvumela okukwenzeke ebantwaneni bam, Nkosi. Musa ukukuvumela okukwenzeke kubantakwethu nakubahlobo bam. Ndiphe oko,Nkosi.385 Asazi, asazi, kodwa kukho into esiyibonayo, Nkosi. Ingabangumqondiso wokushukumisa khona ngoku phambi kwethu?Siphe oko, Nkosi. Sitsale usisondeze kuWe, ngokukhawuleza,Nkosi. SiyaKuthanda kwaye siKuswele. Makube njalo, Bawo,uMoya oyiNgcwele asiphe intuthuzelo ezintliziyweni zethungoku.386 Siyathandaza ukuba sibe nokuba ngamangqina aKho ngaleyure, ngokuba siyazi ukuba oku kumelwe ukwehla. Kuxelwekwangaphambili kuzo zonke izigaba zexesha, kwaye simelwekukujongana nako, kuba sisekupheleni kwexesha xa sibona lemiqondiso ivela. Siyazi, kwaye sixelelwe kwiminyaka emininzingoku, ukuba le nto iyakwenzeka. Ngoku siyibona kanyekumnyango wethu, umsindo omkhulu onamandla kaThixoushukuma uhamba ngezitrato, ukhupha abangalukileyo. Aphokungekho Gazi khona phezu komnyango, ingelosi yokufaiyatyelela; kwaye bayahamba beqhubela phambili ukuphila,kodwa bafe ngoku badla ubomi. Akukho ncebabanokuyifumana, abanaThixo, bengenakuze basindiswe.387 Thixo, indlela esiKubulela ngayo ngenxa yabobasindisiweyo! Indlela esiyi^Yintsikelelo enkulu kangakananikwiintliziyo zethu, ukuba sibe kwicala elingaphakathi ngokubaphantsi kweGazi, ngeli thuba ingelosi yokugqibela idlulayoelizweni, ikhupha a^388 Abo baphuma phantsi kwegazi, bafa ngaphandle kwenceba.Yayilutsalo lokugqibela lukaMosisi olo. Olokuqala, u_umfanaowayethetha noSirayeli; olwesibini, wehla waya kubahlangula;olwesithathu, ngumyalezo wokugqibela. Imimangalisoyayenziwe, uMosisi wayesendleleni yokuya kwilizwe ledinga,nabahlunguliweyo.

Owu Thixo, yiba nenceba, ndiyathandaza, eGamenilikaYesu.389 Ngoku ndingathanda ukukubuza oku. Wena uthandazayo,wena uvayo ukuba uyifumene inceba, nokuba u (Thixo) uvayoukuba useBukumkanini bukaThixo, usiva ukuba_ukubaumiliselwe ngandlela ithile okanye enye, ukuba kuKristu

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 63

unokholo lokukholwa ukuba unguMkristu, uzelwe ngokutshakwaye uyazi ukuba unguMkristu, ngaphandlekwamathandabuzo. Ndinqwenela ukuba nibe ningemangeenyawo nonke, nina nifuna oko, nikholwayo koko, ukubainceba niyolulelwe ngoku. Kwaye ningaMakristu, kwaye ni_niyakholwa ukuba_ukuba iGazi liqatyiwe entliziyweni yenu,kwaye_kwaye_kwaye nixolelwe sonke isono.

390 Ibe nzima kakhulu le nto ukuyithetha kuni bantu.Ndinombulelo kakhulu. Ndibona abantu abasuka kwindawoyonke. Kunye nani, ndi_ndingoko^

391 Andazi ukuba oku kuyinyaniso na, kodwa kumelwe ukubanjalo, ngaxesha lithile. ’Yabona, kufanele ukuba kufike kuloonto, kwaye kusenokuba kungoku. ’Yabona? Ngayo yonkeindlela ihlabathi liyakuqhubela phambili. Abantu bayakubabeseza esiguqweni, bayakube besakhala, kodwa oko akusayikunceda nto. ’Yabona? Bayakube belahlekile, ’yabona,kuyakube kuphelile. Akusayi kubakh nceba. Yikhumbuleni loonto. “Kwaye isibingelelo saba msi.” “Lowo unyhukuyhuku,makahlale enyhukuyhuku; lowo ulilungisa makahlaleelilungisa; nalowo ungcwele, ahlale engcwele.” Akusekhonceba, xa iMvana iyithabatha iNcwadi; kunjalo, kuphelelekonke. Kwaye kukhangeleka kakhulu ngokungathi kunokubakungoku.

392 Mhlawumbi sisenomnye umhla; mhlawumbi namhlanjeyiloo mini. Mhlawumbi ngomso yeyoku^Mhlawumbingokuhlwanje bubusuku bokugqibela. Mhlawumbi kulo nyakauphelileyo. Andazi, zihlobo. Ndiyanixelela, andazi. Andinakuzendiyixelelwe loo nto.

393 Kodwa xa uThixo ethabatha elaa gama lokugqibelaalihlangule ukusuka kwiNcwadi yoBomi, kuphelele ngaloo nto.’Yabona, akusenakubakho bangabanye, nakanjani na.Akunakubakho bangabanye, nakanjani na. Kuphelele apho.Kugqityiwe.

394 Bangaphi abaziyo ukuba yiNyaniso leyo? [Ibandla, “Amen.”]Kulungile. Yi_yiNyaniso leyo. Ngoku njengokuba siziva.

395 Ndibone eli bandla ndishumayele kulo ndaliyala, yonke leminyaka, ndabona uMyalezo onjengalo ndi^lo ndi_ ndiwuziseukwimo yokungagqibeleli. Kwaye khumbula nje, ndikutsho okoukuze nibe nokuqonda, kwimo yokungagqibeleli; kukho ezinyeizinto ezinokusuke nje zinishukumise nivuthuluke, ’yabona.Kodwa ndizitsibile nje, ndive ukuba mandenze njalo, kubaandiqinisekanga. Kwaye ukuba andiqinisekanga ukubandinyathela phi na, ndiyakunyathela ngobulumko, ’yabona,kodwa ndinixelela nje.

396 Phulaphulani. Anivuyi? Ingaba ikho into eyona inkulu,eninokucinga ngayo, enakhe nayenza ebomini benu?

64 ILIZWI ELITHETHIWEYO

397 Kuthini ukuba sekudlule ngoku? Kungathini ukubasekugqitywe konke? “Owu,” uthi, “Mzalwana Branham,mhlawumbi^” Ewe, ndiyazi. Bangaqhubela phambili. Benzanjalo, xesha ngalinye. Ndiyicacisile loo nto ndayiqondakalisangeSibhalo, ’yabona, ihlabathi laqhubela phambili lijikeleza,kodwa kwakugqityiwe. ’Yabona? ’Yabona?

398 “Ubudenge bokushumayela busindisa abalahlekileyo.Kububudenge, ebantwini. Kububulumko kuThixo.” ’Yabona?UThixo unguMoya. Usebenza ngeendlela zokomoya, ’yabona,ukwenza imimangaliso yaKhe; iindlela ezimangalisayo.Kodwa, thina luntu, sinesiphelo. Asazi nto; singakhangela njekoko sinokukubona. Kodwa iNto ethile engaphakathikwethu^

399 Xa uhamba uphuma apha kwela gumbi, ukuba awuzangeube nayo ebomini bakho, ungazange wayibona imini, ungaziukuba uphumile ukusuka kweli gumbi lilapha, waya kungenaekukhanyeni okanye kwenye into. Kube kushushu. Ungakuvaoko. Ukuba akukho luvo emzimbeni wakho lokukuchaza oko,ungazi, owu, kungekho luvo lakubona kuwo. Kungekho ndlelayakubona imithi eluhlaza, yakubona indalo, ubeungenakukubona, kungekho mntu wakha wanako. Ungaziukuba kungabe ukubukho bento ethile; ukuziva kwakhokungakuxelela ngaloo nto. Ungayazi loo nto. Ukubandingazama ukukuxelela, “Lilanga. Liyakhanya. Libonisaizinto.” ’Yabona, ungazi ukuba likho ngokuba unakho ukulivangezimvo zakho. Ingaba kunjalo? [Ibandla lithi,“Amen.”_Mhl.]

400 Ngoku, siyazi ukuba uKristu ulapha. ’Yabona? MhlawumbiawuMboni ngamehlo akho. ’Yabona? Mhlawumbi awuMboni.Kodwa ngombono, ndiyakuxelela, Ulapha. SiyaKuva oko. Siyaziukuba kukho iNto ethile apha ezithi izimvo zethu zingabinakuyixela. NguMoya oyixelayo, ukuba uKristu ulapha.

401 Ndiva ukuba Usihlangule. Ndiva ukuba amagama ethuaseNcwadini yaKhe. Ndiyakholwa ukuba sihlangulwe ngeGazileMvana.

Ndiyanithanda, kwaye ndiyazi ukuba niyathandana.

Owu, lisikelelwe iqhina elibophaIintliziyo zethu kuthando loBukristu;Ubudlelane bengqondo evanayoBufana nobo baPhezulu.

402 Sifanele ukuhlala siziva ngaloo ndlela omnye ngomnyenjalo. ’Yabona, sinyanzelekile, sinyanzelekile ukuba sizivengaloo ndlela omnye ngomnye. ’Yabona? Kuba, njengokubasithandana, siyamthanda uThixo. “Ungamthiya umzalwanawakho ombonileyo, uze uthi uyamthanda uThixoOngambonanga?” Simelwe kukuba sithandane. “Akukho

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 65

luthando lukhulu emntwini kunokuba Abeke phantsi ubomibaKhe ngenxa yeentshaba zaKhe, ukuze zibe zizihlobo zaKhe.”Owu!403 Niyalazi elo culo, Lisikelelwe Iqhina elibophayo?Alimangalisi? Lisikelelwe iqhina! Ungasinika isingqi kulo, dadeapho? Siliyeke lidlale umzuzu nje.404 Kuthiweni ukuba sekudlule? Kungathini ukuba uTsalolwesiThathu, luyenyuka ngoku, lelokushumayelakwabalahlekileyo? Kuthini ukuba yonke imizekeloizakubonakala ngoku? Kwaye singaphakathi, kwayesingaphakathi, ayinakuba yinto emangalisayo leyo? Obunjaniubudlelane!

Owu, lisikelelwe iqhina elibophayo (nantsi intoeyenza oko)

Iintliziyo zethu kuthando loBukristu;Ubudlelane bengqondo evanayoBunjengobo^(Qhubela phambili.)

405 Yintoni leyo? Bubudlelane bengqondo evanayo.“UBukumkani bakho mabufike. Intando yakho mayenziwe.”’Yabona?406 Sizama ukwenza uThixo i_inkwenkwe yomkhoka,isithunywa okanye enye into, “Thixo, yenza oku, yenza okuya.”407 UYesu wathi, “Thandazani, ‘UBukumkani bakho mabufike.Intando yakho mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwaeZulwini.’” Ngoko, iZulu lithotyelwe kuthi, kwaye thina_thinasinyuselwe phezulu eZulwini, kwaye sihleli kwiindawozaseMazulwini ngoku kuKristu Yesu. Siyakholwa sonke ukubauMyalezo uyiNyaniso, ukuba uYesu Kristu uNyana kaThixo,uyasihlangula.408 Masivale amehlo ethu ngoku siphakamise izandla zethu,ngoku siliculayo.

Lisikelelwe iqhina elibophaIintliziyo zethu kuthando loBukristu;Ubudlelane bengqondo evanayoBunje^( Lidlale njalo.)

409 Ngoku, akukho noncumo olunye. Eli ayilo xesha loncumo.Ngobunzulu bokunyaniseka, ngoku ela culo lidlalayo,masibambane izandla nomntu ongakuwe, uthi, “UThixoakusikelele, Mkristu,” ngokunyaniseka.410 UThixo akusikelele, Mzalwana Neville. [UMzalwanauNeville uthi, “Akusikelele, Mzalwana Branham!”_Mhl.]Yiminyaka engamashumi amahlanu anethoba ubudala.[“Kunjalo.”] Indlela ende!

UThixo akusikelele, Mzalwana^?^Ngokumasiphakamisele izandla zethu kuYe.

66 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Xa sisahlukana,Kusinika intlungu ngaphakathi;Kodwa sisayakuba sihlangene entliziyweni,Sithembe ukuhlangana kwakhona.

411 Ngoku masithobe iintloko zethu, kwaye, kunye, singaziukuba ingomso lisiphathele ntoni na, ngalo mzuzu, singaziukuba kokuphi na okudlulileyo. Andazi. Andinakutsho.Andinakutsho. Andazi. Kodwa ebusweni bezi ngongomandizityhilileyo kusasanje, masithandaze umthandazo weNkosieyasixelela ukuba siwenze. Nokuba kunjalo, “UBukumkanibakho mabufike. Intando yakhe mayenziwe.” ’Yabona?Masiwenze kunye.412 [UMzalwana Branham nebandla benza lo mthandazoulandelayo kunye, usuka kuMateyu 6:9-13._Mhl.]

^Bawo wethu osezulwini, Malingcwaliswe igamalakho.

Ubukumkani bakho mabufike. Intando yakhomayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa eZulwini.

Siphe namhlanje isonka sethu semihla ngemihla.Usixolele izono zethu, njengokuba nathi sibaxolela

abo basonayo thina.Ungasingenisi ekuhendweni, usisindise

enkohlakalweni; Ngokuba ubukumkani bobakho,Namandla, Nozuko, ngoNaphakade. Amen

413 Ngoku iintliziyo zethu zithotyiwe. IBhayibhile yathi,“Bacula iculo baphuma.” Khumbulani, bathi bakwenza loo ntoeSibhalweni, kwakungenxa yokuba babelubetheleleulungiselelo lweNkosi yethu loTsalo lwesiBini, lwaze uTsalolwesiThathu lwabe lulungele ukungena. Emva kweeyureezimbalwa emva koko, Wehlela esihogweni washumayelakwabalahlekileyo ababeyalile inceba yabo.414 Isingqi sika: Lukhangela Kuwe Ukholo Lwam.

Lu_lukhangela kuWe ukholo lwam,Mvana yeKalvari,Msindisi ongcwele;Ngoku ndive ndithandaza,Susa zonke izono zam,Mandinga^kusukela namhlaNgokupheleleyo ndibe ndingowaKho!Ndisacand’udada,Usizi lundijikelezile,Yiba nguMkhokeli wam;Yithi ubumnyama mabube yimini,Hlamba usizi, uloyiko lumke,Owu kususela namhlaNdibe ngowaKho ngokupheleleyo!

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU 67

415 INkosi inisikelele, yenze Ukuba uNyana wayo nobabalolukhazimle phezu kwenu. Ize iNkosi ininike uBomiobunguNaphakade, ibe nani apha kweli hlabathi, nakwihlabathieliyakuza emva koku. Kwaye, uBomi obunguNaphakade, nanganingaYikhonza kuzo zonke izigidi zezigidi zexesha eliyakuza.

416 Ukuba leloxesha eli, sibe sifikile kulo ndawo, andinazintloningoko ndikushumayeleyo. Kwaye ukuba umlungiseleli ngamnyeumelwe ukuba eme nebandla lakhe agwetywe, njengokubandawubonayo umbono, ndinombulelo ngenxa yeVangeliendiyishumayeleyo, ngokuba yiVangeli enye awathi uPawulosnabanye bayishumayela.

417 Ndiyavuya ngenxa yenu. Ndiyavuya ngokuba nimamkeleuKristu njengoMsindisi wenu. Mthandeni Yena, nithandaze.

418 Ke ndiyakunibona ngale njikalanga, iNkosi ithandile,ngentsimbi yesixhenxe, apha enkonzweni. UThixo anisikelele.Ningakhululeka. `

IMIPHEFUMLO ESENTOLONGWENI NGOKU XHO63-1110M

(Souls That Are In Prison Now)

Lo Myalezo kaMzalwana uWilliam Marrion Branham owawushunyayelweekuqaleni ngesiNgesi ngeCawe kusasa umhla we-10 kuNovemba, ngowe-1963,kuMnquba kaBranham, eJeffersonville, e-Indiana, eMelika, wathatyathwakwisishicileli-mazwi washicilelwa ungafinyezwanga ngesiNgesi. Le nguquleloyesiXhosa ipapashwe ngowe-2002 ngabe:

C2002 VGR, ALL RIGHTS RESERVED

VOICE OF GOD RECORDINGS

P.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

Ilungelo lombhali elilelakhe lokushicilela

Onke amalungelo agciniwe. Le ncwadi ingaprintwa kwiprinta yasendlini ukwenzela ukuba isentyenziswe okanye kunikezwe ngayo, ngaphandle kwentlawulo, njengesixhobo sokukhawulezisa iVangelli kaYesu Kristu. Le ncwadi ayinakuthengiswa, yenziwe kwakhona ngesixa esikhulu, ifakwe kwi website, igcinwe kwindawo apho inokukhutshwa khona, itolikelwe kwezinye iilwimi, okanye isetyenziselwe ukurhwebesha imali ngaphandle kwemvume echaziweyo ngombalo ephuma eVoice Of God Recordings®.

Ngeechukacha ezithe vetshe okanye malunga nezinye izinto eziphathekayo, nceda qhagamshela:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

www.branham.org