UQeqesho lwe-Microsoft ® Office Excel ® 2007

Preview:

DESCRIPTION

UQeqesho lwe-Microsoft ® Office Excel ® 2007. Yila incwadi yokusebenzela yakho yokuqala. Iziqulatho zeZifundo. Ushwankathelo: Kuqalwa phi? Isifundo 1: Dibana nencwadi yokusebenzela Isifundo 2: Ngenisa idatha Isifundo 3: Hlela idatha kwaye uqwalasele iishithi zokusebenzela kwakhona. - PowerPoint PPT Presentation

Citation preview

UQeqesho lwe-Microsoft® Office

Excel® 2007Yila incwadi yokusebenzela

yakho yokuqala

Iziqulatho zeZifundo• Ushwankathelo: Kuqalwa phi?

• Isifundo 1: Dibana nencwadi yokusebenzela

• Isifundo 2: Ngenisa idatha

• Isifundo 3: Hlela idatha kwaye uqwalasele iishithi zokusebenzela kwakhona

Isifundo ngasinye siqulethe uluhlu lweethaski ezicetyisiweyo kunye noluhlu lwemibuzo yovavanyo.

Ushwankathelo: Kuqalwa phi?

Uceliwe ukuba ungenise idatha kwi-Excel 2007, kodwa awuzange wakhe wasebenza nge-Excel. Uqala phi?

Okanye mhlawumbi wakhe wasebenza nge-Excel kodwa usaxakiwe kukwenza ezinye zezinto ezisisiseko njengokungenisa nokuhlela iteksti namanani, okanye ukongeza nokucima iikholam nemiqolo.

Apha uza kufunda izakhono ozidingayo ekusebenziseni kwi-Excel, ngokukhawuleza nangokuphaphazela ngento encinci.

Imigomo yeSifundo• Yila incwadi yokusebenzela entsha.

• Ngenisa iteksti namanani.

• Hlela iteksti namanani.

• Fakela kwaye ucime iikholam nemiqolo.

Isifundo 1:

Dibana nencwadi yokusebenzela

Dibana nencwadi yokusebenzelaXa uqalisa i-Excel, ujongana negridi enkulu engenanto eyenziwe ngeekholam, imiqolo, neeseli.

Ukuba umtsha ku-Excel, unokuxakwa kukuba wenze ntoni na elandelayo.

Ngoko ke esi sifundo siya kuqala ngokukunceda uqhelane neziseko ezithile ze-Excel eziya kukukhokela xa ungenisa idatha kwi-Excel.

IRibhoniIbhendi ekumphezulu wefestile ye-Excel 2007 kuthiwa iRibhoni.

IRibhoni yenziwe ngezahlukileyo iithebu, nganye kuzo izalana neendidi ezithile zomsebenzi owenziwa ngabantu ku-Excel.

Ucofa iithebhu kumphezulu weRibhoni ukubona imiyalelo eyahlukileyo kwithebhu nganye.

Fakela

Cima

Fomatha

iiSeli Ukuhlela

iKhaya

Sota &Hluza

IRibhoniI eKhaya thebhu, yokuqala ekhohlo, iqulethe yonke imiyalelo esetyenziswa kakhulu ngabantu.

1

2

IRibhoni ingxabalaza kumphezulu wefestile ye-Excel.

Imiyalelo ekwiRibhoni ilungelelaniswe ngamancinci azalanayo amaqela. Umzekelo, imiyalelo yokusebenza ngeziqulatho zeeseli ihlanganyiswe ndawonye kwi Ukuhlela qela, kwaye imiyalelo yokusebenza ngeeseli ngokwazo ikwi iiSeli qela.

Umfanekiso ubonakalisa eKhaya imiyalelo yethebhu kwiRibhoni.

Fakela

Cima

Fomatha

iiSeli Ukuhlela

Sota &Hluza

iKhaya

Iincwadi zokusebenzela neeshiti zokusebenzelaXa uqalisa i-Excel, uvula ifayili ekuthiwa yi ncwadi yokusebenzela.

Incwadi yokusebenzela entsha nganye iza nezintathu ii-worksheet ongenisa kuzo idatha.

1 Incwadi yokusebenzela yokuqala oya kuyivula kuthiwa yiNcwadi1. Esi sihloko sibonakala kwibha ephezulu yefestile ude ube uyigcine ngesihloko esisesakho incwadi yokusebenzela.

Okuboniswe apha yishiti yokusebenzela engenanto kwincwadi yokusebenzela entsha.

Apha injani?

iNcwadi1 – i-Microsoft Excel

iShiti1 iShiti2 iShiti3

Iincwadi zokusebenzela neeshiti zokusebenzelaXa uqalisa i-Excel, uvula ifayili ekuthiwa yi ncwadi yokusebenzela.

Incwadi yokusebenzela entsha nganye iza nezintathu ii-worksheet ongenisa kuzo idatha.

2 Iithebhu zeShiti zibonakala kumphantsi wefestile. Yingcinga elungileyo ukuzithiya ngokutsha iithebhu zeshiti ukwenza ulwazi olukwishiti nganye lwazeke ngokulula.

Okuboniswe apha yishiti yokusebenzela engenanto kwincwadi yokusebenzela entsha.

Apha injani?

iNcwadi1 – i-Microsoft Excel

iShiti1 iShiti2 iShiti3

Iincwadi zokusebenzela neeshiti zokusebenzelaUnokuba usaxakiwe ukuba iyilwa njani na incwadi yokusebenzela entsha.

1. Cofa i iQhosha lika-Microsoft Office kwinxenye engaphezulwana kwikhohlo le-window.

Apha injani?

2. Cofa eNtsha.

3. Kwi iNcwadi yokuSebenzela entsha festile, cofa iNcwadi yokuSebenzela eNgenanto.

iNcwadi1 – i-Microsoft Excel

iShiti1 iShiti2 iShiti3

Iikholam, imiqolo, neeseliIiShiti zokusebenzela zahlulwe ngokweekholam, imiqolo, neeseli.

Le yigridi oyibonayo xa uvula incwadi yokusebenzela.

1 Iikholam zisuka phezulu ziye phantsi kwishiti yokusebenzela, ngokuthe nkqo. Ikholam nganye inesihloko soonobumba kumphezulu.

Imiqolo ihamba ngokunqamleze ishiti yokusebenzela, ngokuthe tyaba. Umqolo ngamnye nawo unesihloko. Izihloko zemiqolo zingamanani, asuka kwi-1 ukuya kwi-1,048,576.

2

Iikholam, imiqolo, neeseliIiShiti zokusebenzela zahlulwe ngokweekholam, imiqolo, neeseli.

Le yigridi oyibonayo xa uvula incwadi yokusebenzela.

Izihloko zoonobumba ezikwiikholam kunye nezihloko zamanani ezikwimiqolo zikuxelela ukuba uphi na kwishiti yokusebenzela xa ucofa iseli.

Izihloko ziyadibana ukwenza idilesi yeseli. Umzekelo, iseli esekunqamlezeni kwekholam A nomqolo 3 kuthiwa yiseli A3. Le kukwathiwa yi referensi yeeseli.

iiSeli zilapho iya khona idathaiiSeli zilapho ungena kushishino kwaye ungenisa idatha kwi-worksheet.

Umfanekiso osekhohlo ubonisa okubonayo xa uvula incwadi yokusebenzela entsha.

Iseli yokuqala ekwikona ephezulwana yasekhohlo yeshiti yokusebenzela yi seli esebenzayo. Inemida emnyama, ebonisa ukuba nayiphi na idatha oyingenisayo iya kungena apho.

iiSeli zilapho iya khona idathaUngangenisa idatha naphi na apho uthanda khona ngokucofa nayiphi na iseli kwishiti yokusebenzela ukukhetha iseli.

Xa ukhetha nayiphi na iseli, iba yiseli esebenzayo. Njengoko kuchazwe ngaphambili, yenzelwa umda omnyama.

Izihloko zekholam nomqolo ekulapho iseli ifumaneka nazo zikwaqaqanjisiwe.

iiSeli zilapho iya khona idathaUngangenisa idatha naphi na apho uthanda khona ngokucofa nayiphi na iseli kwishiti yokusebenzela ukukhetha iseli.

Umzekelo, ukuba ukhetha iseli ekwikholam C kumqolo 5, njengoko kuboniswe kumfanekiso osekunene:

1

2

Ikholam C iqaqanjisiwe.

Umqolo 5 uqaqanjisiwe.

iiSeli zilapho iya khona idathaUngangenisa idatha naphi na apho uthanda khona ngokucofa nayiphi na iseli kwishiti yokusebenzela ukukhetha iseli.

Umzekelo, ukuba ukhetha iseli ekwikholam C kumqolo 5, njengoko kuboniswe kumfanekiso osekunene:

3 Iseli esebenzayo, i-C5 kule meko, iqaqanjisiwe. Kwaye igama layo—ekwaziwa njenge referensi yeseli—iboniswe kwiGama leBhokisi kwikona ye-worksheet ephezulwana ekhohlo.

iiSeli zilapho iya khona idathaIseli eyenzelwe umda, ikholam eqaqanjisiweyo nezihloko zomqolo, nembonakalo yereferensi yeseli kwiGama leBhokisi yenza kube lula kuwe ukubona ukuba i-C5 iyiseli esebenzayo.

Ezi zibonisi azibalulekanga kakhulu xa ungaphezulu kweshiti yokusebenzela kwiiseli ezimbalwa zokuqala ngqa.

Kodwa xa usebenza phambili naphambili phantsi okanye ngaphesheya kweshiti yokusebenzela, zingakunceda ngokwenene.

Iziphakamiso zomsebenzi1. Thiya ngokutsha ithebhu yeshiti yokusebenzela.

2. Hambisela ishiti yokusebenzela enye ukuya kwenye.

3. Yongeza umbala kwiithebhu zeeshiti zokusebenzela.

4. Yongeza futhi ucime iishiti zokusebenzela.

5. Funda ngokutsha izihloko futhi usebenzise iGama leBhokisi.

Uvavanyo 1, umbuzo 1Udinga incwadi yokusebenzela entsha. Uyiyila njani? (Chonga impendulo ibe nye.)

1. Kwi iiSeli qela, cofa Fakela, kwaye uze ucofe Fakela i-Sheet.

2. Cofa i iQhosha lika-Microsoft Office, kwaye uze ucofe eNtsha. Kwi iNcwadi yokuSebenzela entsha festile, cofa iNcwadi yokuSebenzela eNgenanto.

3. Kwi iiSeli qela, cofa Fakela, kwaye uze ucofe iNcwadi yokuSebenzela.

Uvavanyo 1, umbuzo 1: ImpenduloCofa i iQhosha lika-Microsoft Office kwaye uze ucofe eNtsha. Kwi iNcwadi yokuSebenzela eNtsha window, cofa iNcwadi yokuSebenzela eNgenanto.

Uvavanyo 1, umbuzo 2IGama leBhokisi libonisa iziqulatho zeseli esebenzayo. (Chonga impendulo ibe nye.)

1. Inyaniso.

2. Ubuxoki.

Uvavanyo 1, umbuzo 2: ImpenduloUbuxoki.

IGama leBhokisi likunika ireferensi yeseli esebenzayo. Usenokusebenzisa iGama leBhokisi ukukhetha iseli, ngokutayipha loo referensi yeseli kwibhokisi.

Uvavanyo 1, umbuzo 3Kwishiti yokusebenzela entsha, kufuneka uqalise ngokutayipha kwiseli A1. (Chonga impendulo ibe nye.)

1. Inyaniso.

2. Ubuxoki.

Uvavanyo 1, umbuzo 3: ImpenduloUbuxoki.

Ukhululekile ukuba ubhadule kwaye utayiphe naphi na apho ufunayo. Cofa kuyo nayiphi na iseli futhi uqalise ukutayipha. Kodwa musa ukwenza abafundi basikrole ukubona idatha ebingaqalisa kwi-seli A1 okanye A2.

Isifundo 2:

Ngenisa idatha

Ngenisa idathaUngasebenzisa i-Excel ukungenisa zonke iintlobo zedatha, eyobuchule okanye eyobuqu.

Ungangenisa iindidi ezimbini ezisisiseko zedatha kwiiseli zeshiti yokusebenzela: amanani neteksti. Ngoko ungasebenzisa i-Excel ukuyila iibhajethi, ukusebenza ngeerhafu,

ukurekhoda amabanga okanye ubukho babafundi, okanye uluhlu lweemveliso ozithengisayo. ungade uloge imisetyenzana yemihla ngemihla, ulandele ukuhla kobunzima bakho, okanye ulandele umkhondo wendleko zokubunjwa ngokutsha kwendlu yakho. Iindlela zokusebenzisa azipheli ngenene.

Ngoku masintywilele kungeniso lwedatha.

Amabanga abafundi

iNgxelo yeentengiso

Iindleko zekhefu

Yiba nobubele kubafundi bakho: qala ngezihloko zeekholam

Xa ungenisa idatha, yingcinga entle ukuqala ngokungenisa izihloko kumphezulu wekholam nganye.

Ngale ndlela, nabani na owabelana naye ngeshiti yokusebenzela yakho angakuqonda okuthethwa yidatha (kwaye nawe ungakuqonda, kamva).

Kwakhona uya kufuna izihloko zemiqolo rhoqo.

A B C D E F1 2004 2005 2006 2007 2008

2iMisebenzi yoBudel' ingozi

3

iMyuziyam yeSayensi kaBaldwin

4 i-Contoso

12

Yiba nobubele kubafundi bakho: qala ngezihloko zeekholam

Ishiti yokusebenzela ekumfanekiso ibonisa iintsingiselo zokwenene nezilindelekileyo ngaphezu kweminyaka eyahlukeneyo.

Isebenzisa izihloko zeekholam nezemiqolo:

1

2

Izihloko zeekholam, ngaphesheya kumphezulu weshiti yokusebenzela, ziyiminyaka.

Izihloko zemiqolo ngaphantsi kwecala lasekhohlo zingamagama enkampani.

A B C D E F1 2004 2005 2006 2007 2008

2iMisebenzi yoBudel' ingozi

3

iMyuziyam yeSayensi kaBaldwin

4 i-Contoso

12

Qalisa ukutayiphaMasithi uyila uluhlu lwamagama abathengisi.

Uluhlu nalo luya kuba nemihla yeentengiso, kunye neemali zazo.

Ngoko uya kudinga ezi zihloko zeekholam: Igama, Umhla, ne Imali.

A B C D

1

2

3

4

5

Igama Umhla Imali

Qalisa ukutayiphaMasithi uyila uluhlu lwamagama abathengisi.

Uluhlu nalo luya kuba nemihla yeentengiso, kunye neemali zazo.

1. Tayipha Igama kwiseli A1 futhi ucinezele TAB. Kwakhona tayipha Umhla kwiseli B1, ucinezele TAB, uphinde utayiphe Imali kwiseli C1.

Umfanekiso ubonisa iprosesi yokutayipha ulwazi nokuhambisa iseli uyisa kwenye iseli:

A B C D

1

2

3

4

5

Igama Umhla Imali

Qalisa ukutayiphaMasithi uyila uluhlu lwamagama abathengisi.

Uluhlu nalo luya kuba nemihla yeentengiso, kunye neemali zazo.

2. Emva kokutayipha izihloko zeekholam, cofa kwiseli A2 ukuqalisa ukutayipha amagama abathengisi. Tayipha igama lokuqala, kwaye uze ucinezele ENTER ukuhambisa ukhetho phantsi ikholam ngeseli ukuya kwiseli A3. Uze utayiphe igama elilandelayo, njl-njl.

Umfanekiso ubonisa iprosesi yokutayipha ulwazi nokuhambisa iseli uyisa kwenye iseli:

A B C D

1

2

3

4

5

Igama Umhla Imali

I-Buchanan

I-Suyama

Ipikoko

Ngenisa imihla okanye amaxeshaI-Excel ilungelelanisa iteksti kwicala lasekhohlo leeseli, kodwa ilungelelanisa imihla kwicala lasekunene leeseli.

Ukungenisa umhla kwikholam B, i Umhla kholam, kumele usebenzise isileshi okanye ihayifeni ukwahlula iindawo: 2009/07/16 okanye 16-eyeKhala-2009. I-Excel iya kuwuqaphela njengomhla nokuba ngowuphi na.

A B C D

1

2

3

4

5

Igama Umhla Imali

I-Buchanan

Ipikoko

2009/05/03

2009/05/05

I-Suyama 2009/06/05

Ngenisa amananiI-Excel ilungelelanisa amanani kwicala lasekhohlo leeseli.

A B C D

1

2

3

4

5

Igama Umhla Imali

I-Buchanan

I-Suyama

Ipikoko

2009/05/03

2009/06/05

2009/05/05

5500

6300

4180

• Ukungenisa amaqhezu, shiya isithuba phakathi kwenani elipheleleyo kunye neqhezu. Umzekelo, 1 1/8.

• Ukungenisa iqhezu kuphela, ngenisa uziro kuqala, umzekelo, 0 1/4. Ukuba ungenisa 1/4 ngaphandle kukaziro, i-Excel iya kulitolika inani njengomhla, uJanyuwari 4.

• Ukuba utayipha (100) ukubonisa inani elinegethivu ngezigweqe, i-Excel iya kulibonisa inani njenge -100.

Ngenisa amanani Amanye amanani kwanendlela owangenisa ngayo

Iziphakamiso zomsebenzi

1. Ngenisa idatha usebenzisa TAB no ENTER.

2. Lungisa iimposiso njengoko utayipha.

3. Ngenisa imihla namaxesha.

4. Ngenisa amanani.

Uvavanyo 2, umbuzo 1Ukucinezela ENTER kuhambisela ukhetho lweseli enye ekunene. (Chonga impendulo ibe nye.)

1. Inyaniso.

2. Ubuxoki.

Uvavanyo 2, umbuzo 1: ImpenduloUbuxoki.

Ukucinezela ENTER kuhambisela phantsi ukhetho. Ukucinezela TAB kuhambisela ukhetho ekunene.

Uvavanyo 2, umbuzo 2Yeyiphi kule eya kuqatshelwa yi-Excel njengomhla? (Chonga impendulo ibe nye.)

1. eyoMdumba 6 1947.

2. 2,6,47.

3. 2-eyoMdumba-47.

Uvavanyo 2, umbuzo 2: Impendulo2-eyoMdumba-47.

Usebenzisa isileshi okanye ihayifeni ukwahlula iindawo zomhla.

Isifundo 3:

Hlela idatha kwaye uqwalasele iishithi zokusebenzela kwakhona

Hlela idatha kwaye uqwalasele iishithi zokusebenzela kwakhona

Wonke ubani wenza iimposiso. Nkqu nedatha oyingenise ngokuchanekileyo ingadinga ii-updates kamva.

Maxawambi, iyonke ishiti yokusebenzela idinga utshintsho.

Masicinge ukuba udinga ukongeza enye ikholam yedatha, kumbindi weshiti yokusebenzela yakho. Okanye sicinge ukuba udwelisa abaqeshwa ngabanye kumqolo ngamnye, ngokulandelelana koonobumba—wenza ntoni xa uqeshe umntu omtsha?

Esi sifundo sibonisa ukuba kulula kanjani na ukuhlela idatha nokucima iikholam nemiqolo yeshiti yokusebenzela.

Fakela iKholam

Hlela iDatha

Fakela uMqolo

13256123456

Hlela idathaMasithi ubufuna ukungenisa 5400 kwiseli A2, kodwa ungenise 4500 ngemposiso.

Wakuba uyibonile imposiso, kukho iindlela ezimbini zokuyilungisa.

1

2

3

Cofa kabini kwiseli ukuhlela idatha ekuyo.

Okanye, emva kokucofa kwiseli, hlela idatha kwiBha yeFomula.

Emva kokucofa iseli nokuba kungendlela, ishiti yokusebenzela ithi Hlela kwibha yesikhundla ekwikona engaphantsana ekhohlo.

2007 2008 20094500

Hlela

4500

2700 3900

Hlela idathaUyintoni umahluko phakathi kweendlela ezimbini?

Nalu uhlobo ongazenza ngalo iinguqulelo nokuba kukweyiphi na indawo:

• Cima oonobumba okanye amanani ngokucinezela BACKSPACE okanye ngokuwakhetha kwaye uze ucinezele DELETE.

• Hlela oonobumba okanye amanani ngokuwakhetha futhi nangokutayipha into eyahlukileyo.

Uncedo lwakho. Unokufumanisa iBha yeFomula, okanye iseli uqobo lwayo, kulula ukusebenza ngayo.

2007 2008 20094500

Hlela

4500

2700 3900

Hlela idatha

Nalu uhlobo ongazenza ngalo iinguqulelo nokuba kukweyiphi na indawo:

• Fakela oonobumba okanye amanani amatsha kwiseli yedatha ngokubeka ikhesa nokutayipha.

Uyintoni umahluko phakathi kweendlela ezimbini?

Uncedo lwakho. Unokufumanisa iBha yeFomula, okanye iseli uqobo lwayo, kulula ukusebenza ngayo.

2007 2008 20094500

Hlela

4500

2700 3900

Hlela idatha

Nokuba wenza ntoni na, xa ugqibe konke, khumbula ukucinezela ENTER okanye TAB khon' ukuze iinguqulelo zakho zihlale zikwiseli.

Uyintoni umahluko phakathi kweendlela ezimbini?

Uncedo lwakho. Unokufumanisa iBha yeFomula, okanye iseli uqobo lwayo, kulula ukusebenza ngayo.

2007 2008 20095400

Hlela

5400

2700 3900

Shenxisa ukufomathwa kwedathaIsimangaliso! Umntu othile ongomnye usebenzise ishiti yokusebenzela yakho, wafakela idatha ethile, waza walenza ngqindilili nabomvu inani elikwiseli B6 ukuqaqambisa ukuba ama-2008 yayiyeyona volyum iphantsi kakhulu.

Kodwa loo volyum itshintshile.

Ufuna ukulungisa imeko.

iKhaya

Susa iiFomathi

A B

A B

A B

2007 2008

2007 2008

2007 2008

5400

5400

5400

2700

4000

Susa Konke

Shenxisa ukufomathwa kwedatha

1

2

3

Inani yokuqala yafomathwa ngqindilili nabomvu.

Ngoko ucima inani.

Ungenisa inani elitsha. Kodwa lisengqindilili nabomvu! Yintoni enika?

Njengoko ubonisa umfanekiso:

iKhaya

Susa iiFomathi

A B

A B

A B

2007 2008

2007 2008

2007 2008

5400

5400

5400

2700

4000

Isimangaliso! Umntu othile ongomnye usebenzise ishiti yokusebenzela yakho, wafakela idatha ethile, waza walenza ngqindilili nabomvu inani elikwiseli B6 ukuqaqambisa ukuba ama-2008 yayiyeyona volyum iphantsi kakhulu.

Susa Konke

Shenxisa ukufomathwa kwedathaInto eqhubekayo yeyokuba ubuqu beseli bufomathiwe, hayi idatha ekwiseli.

Ngoko xa ucima idatha enokufomathwa okukhethekileyo, unokudingeka ukuba ucime ukufomathwa okukwiseli.

Ude wenze njalo, nayiphi na idatha oyingenisa kulo seli iya kuba nokufomathwa okukhethekileyo.

iKhaya

Susa iiFomathi

A B

A B

A B

2007 2008

2007 2008

2007 2008

5400

5400

5400

2700

4000

Susa Konke

Shenxisa ukufomathwa kwedathaNalu uhlobo lokushenxisa ukufomathwa.

1. Cofa kwiseli, kwaye uze kwi eKhaya thebhu, ekwi Ukuhlela qela, cofa utolo ku Susa .

2. Cofa Susa iiFomathi, esusa ifomathi kwiseli. Okanye ungacofa Susa Konke ukushenxisa zombini idatha nokufomatha ngaxeshanye.

iKhaya

Susa iiFomathi

A B

A B

A B

2007 2008

2007 2008

2007 2008

5400

5400

5400

2700

4000

Susa Konke

Fakela ikholam okanye umqoloEmva kokungenisa idatha, unokufumanisa ukuba udinga ukongeza iikholam okanye imiqolo ukubamba ulwazi olongezelelweyo.

Ufuna ukuqalisa kwakhona? Ngenene, akunjalo.

Ukufakela ikholam enye:

1. Cofa nayiphi na iseli ekwikholam ngoko nangoko ekunene kwalapho ufuna iye khona ikholam entsha.

2. kwi eKhaya thebhu, ekwi iiSeli qela, cofa utolo ku Fakela. Kwimenyu yokwehlisela phantsi, cofa Fakela iiKholam iPhepha. Ikholam entsha engenanto ifakelwe.

Fakela

Fakela iiSeli…

Fakela iMiqolo

Fakela iiKholam

Fakela iphepha

Fakela ikholam okanye umqoloEmva kokungenisa idatha, unokufumanisa ukuba udinga ukongeza iikholam okanye imiqolo ukubamba ulwazi olongezelelweyo.

Ufuna ukuqalisa kwakhona? Ngenene, akunjalo.

Ukufakela ikholam enye:

1. Cofa nayiphi na iseli ekumqolo ngoko nangoko ngaphantsi kwalapho uwufuna khona umqolo omtsha.

2. Kwi iiSeli qela, cofa utolo ku Fakela. Kwimenyu yokwehlisela phantsi, cofa Fakela iMiqolo iPhepha. Ikholam entsha engenanto ifakelwe.

Fakela iiSeli…

Fakela iMiqolo

Fakela iiKholam

Fakela

Fakela iphepha

Iziphakamiso zomsebenzi1. Hlela idatha.

2. Cima ukufomathwa okukwiseli.

3. Sebenza kwimowudi yokuHlela.

4. Fakela kwaye ucime iikholam nemiqolo.

Uvavanyo 3, umbuzo 1Wenza ntoni kuqala ukucima ukufomathwa okukwiseli? (Chonga impendulo ibe nye.)

1. Cima iziqulatho zeseli.

2. Cofa Fomatha kwi iiSeli qela kwi thebhu yaseKhaya.

3. Cofa Susa kwi Ukuhlela qela kwi iKhaya thebhu.

Uvavanyo 3, umbuzo 1: ImpenduloCofa Susa kwi Ukuhlela qela kwi eKhaya thebhu.

Uze ucofe Susa iiFomathi.

Uvavanyo 3, umbuzo 2Ukongeza ikholam, cofa iseli ekwikholam ekunene kwalapho uyifuna khona ikholam entsha. (Chonga impendulo ibe nye.)

1. Inyaniso.

2. Ubuxoki.

Uvavanyo 3, umbuzo 2: ImpenduloInyaniso.

Uze kwi eKhaya thebhu, ekwi iiSeli qela, cofa utolo ku Fakela, futhi ucofe Fakela iiKholam iPhepha ukufakela ikholam.

Uvavanyo 3, umbuzo 3Ukongeza umqolo omtsha, cofa kwiseli ngoko nangoko ngaphezu kwalapho uwufuna khona umqolo omtsha. (Chonga impendulo ibe nye.)

1. Inyaniso.

2. Ubuxoki.

Uvavanyo 3, umbuzo 3: ImpenduloUbuxoki.

Endaweni yoko, ucofa nayiphi na iseli ekumqolo ngoko nangoko ngaphantsi kwalapho uwufuna khona umqolo omtsha.

Recommended