40
IMAGAZINI ESESIKWENI YE EQUAL EDUCATION IKOPI YASIMAHLA • kwiziGQEBA eziLAWULA IZIKOLO (SGB’S) • Ingaba iLungelo lokuChasa liPhantsi koHlaselo? • Ukufundisa nokufunda: IZikolo zePrayimari eMzantsi Afrika • Iindleko Zemfundo IPHULO LOKULUNGISA IZIKOLO ZETHU LIYAQHUBA

iEqualizer Magazini Juni/Julayi 2015 Xhosa Yamanani

Embed Size (px)

DESCRIPTION

iMagazini Esesikweni Ye Equal Education

Citation preview

JUNE 2015 B

IMAGAZINI ESESIKWENI YE EQUAL EDUCATION

iKopi Yasimahla

• kwiziGQEBAeziLAWULAIZIKOLO(SGB’S)• IngabaiLungelolokuChasaliPhantsikoHlaselo?• Ukufundisanokufunda:IZikolozePrayimarieMzantsiAfrika• IindlekoZemfundo

IPhulo lokulungIsa IZIkolo Zethu lIyaQhuba

A THE EQUALIZER

COntEntSInDLEKOZEMFUnDO zinyuke kabini ngaphezulu kokunyuka kwamaxabiso okubangwa kukwanda kwemali

UKUFUnDISAnOKUnFUnDA IZikolo zePrayimari eMzantsi Afrika

IntEtHOKABOnGInKOSIMAnASE

InGABAILUnGELOLOKUCHASALIPHAntSIKOHLASELO

KWISGB’SUkukhuthazwa kweMfundo eFanelekileyo kubo Bonke aBafundi

IPHULOLOKULUnGISAIZIKOLOZEtHULIYAQHUBAImifanekiso ezotywe yiOfisi yeEqual Education eseMpuma Kolon

UGXEKO-nCOMOLEnCWADIAfrika My Music

2

3

6

14

21

24UHLELOUMlawuliwoHleloYOlIswA DwAnEUMhleliOyintlokoDUMIsA MBUwAUMhleliOPhezulu

wIM lOUwUMncedisiwoMhleliBAYAnDA MAZwIUMyiliweMizobo:lOUIsE lOUw

UMfoti:JUlIAn GOlDswAIn PhOtOGAPhY

AbaShicileliPAArl MEDIA

AbaGuguli-ZilwimiPUMlA MstUtUDUMIsA MBUwA

Abanikimanqaku:AnDIswA KOlAnIsI

BOnGInKOsI DlAMInIDAnIEl lInDEDAPhnE ErOsIDOrOn IsAAcs

DUMIsA MBUwAJOsh MAsErOw

lUZUKO sIDIMBAntsAKIsI MAswAnGAnYI

shEllY wIlBUrnwIM lOUwE

wIsEMAn MZwEnDODA DInGAnI

IBALILAM Eli icandelo liqwalasela kwamabali obomi lwabazali besebe loluntu lweEE.

8.DAPHnEirozi ekhule kumqwebu

16.AnDISWA“MAA”KOLAnISIUmgama wam omde wokuya kwiMfundo

28.PAtrICKrALEHOKOUbomi bam, Impembelelo Enkulu

32.WISEMAn:IMbali yoMalusi

38

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

iFoto: daniel linde

JUnE/JULY20151

ILEtAYOMHLELI

kungembeko nolonwabo okokuba ndinikezele olu papasho lwalo nyaka lwemagazini iEqualizer.

Ukususela kwasekusulungweni kwale Magazini, injongo ephambili ibikukusoloko sithanda ukufikelela kubafundi bethu abaselula, abazabalazi kunye nabeEqualizer. Njengombutho wolutsha, iEqual Education iqhutyelwa phambili lulutsha ukulwela isidima sobuntu, ukulingana nemfundo esemgangathweni eMzantsi Afrika.

Olu papasho lunike ingqwalasela kukubandakanyeka kwabazali abasebenza njengaBaququzeleli baBazali kwiSebe loLuntu lweEE. Ijonga ubomi babo, indlela bangathi njengabafazi namadoda aqhelekileyo, babe nakho ukunikela ngokunentsingiselo ekwakheni nasekwandiseni umsebenzi owenzwa yiEE kwiingingqi zoluntu lwethu. Ngokunjonga kubo njengabazali, sinikezela kuni umzobo wabazali abaphuma kwiingingqi zethu zoluntu nokubaluleka kwabo kumzabazalo wethu wemfundo elinganayo.Sinethemba lokugcina ingqiqo yakho ijolisile ngamabali ethu,

ngeli thuba ukulungele ukufunda, ukwabelana nokuxoxa kusoloko kuvuselelela ziingxoxo zethu kwiziGqeba zoLawulo zeZikolo nexabiso lazo kwizikolo zethu.

IEE ixakeke kakhulu ngamaphulo ayo ukususela ekuqaleni kwalo nyaka, yaye ukuyibonisa le misebenzi, ukulungiselela into yokuba uxhotyiswe luqhankqalazo lokuya ePalamente nakumaSebe eMfundo. Umphumela woku, othi usiqhubele phambili kumbutho wethu, ngowokuba isiCwangciso soMiliselo lweZithethe neMigangatho sibe sikhutshiwe.

Singathanda ukubulela bonke abanikezeli ngokwenza la mabali nezi ngxoxo sifunyanwe ngabafundi bethu. Ingakumbi abazali abathe bavolontiya ngemiphefumlo yabo ukuze babe luvuselelo kuninzi lwamanani abafundi, ulutsha, abazabalazi, yaye ngakumbi abazali abakuMzantsi Afrika nakumazwe angaphandle.

Yonwabele!Dumisa

2tHEEQUALIZEr

Iindleko zemfundo zinyuke nge-si-9.3% ngoMatshi xa kuthelekiswa noMatshi wonyaka ophelileyo. Le pesenti ngaphezulu ngesi-5.3%

ngaphezulu kunongqameko elibeki-weyo lenani lokunyuka kwamaxabiso okubangwa kukwanda kwemali (infley-ishini) elizipesenti ezi-4% kunyaka ngon-yaka kwinyanga enye, ngokweenkcukacha zamanani eStatistics SA. Ezi nkcukacha zamanani zisekwe kwimirhumo ebizwa zizikolo namaziko emfundo ephakamileyo. Ukunyuka kwamaxabiso emfundo kuthe gqolo ukuba ngaphezulu kokunyuka kwa-maxabiso okubangwa kukwanda kwemali (kwe-infleyishini), utshilo umbutho ween-kcukacha zamanani iStatistics SA. Uthi: “Amakhaya abemi boMzantsi Afrika ku-funeka azilungiselele ukubeka umthamo omkhulu kuhlahlo lwabiwo-mali lwawo ukulungiselela ukuhlawula imirhumo yokufunda enyuka.”

U-Old Mutual uqikelela ukuba, ukuba umntwana ungene kwibanga likaGreyidi R kulo nyaka, ukuqukumbela imfundo —kubandakanywa nemfundo yamabanga asepramari, amabanga esikolo, esiphezulu

IINkcukacha zamaNaNI omzaNtsI afrIka ezIXhaLaBIsaYo ezINgeeNdLeko ezIBoNIsa aBaNtu aBaNaBaNtwaNa BaYa kuBa phaNtsI koNXINzeLeLo oLukhuLu LwemaLI.

IIndleko Zemfundo ZInyuke kabInI ngaPheZulu kokunyuka kwamaxabIso

okubangwa kukwanda kwemalI

NGU NTsaKisi masWaNGaNYi ,

Umhla Wama-28 KUEpREli 2015.

(Uphaphashwe kuqala kwiBusiness Day).

kunye neminyaka emithathu yeyunivesiti — ukuya kudla nje ngaphantsi kwesigidi R1m kwimfundo ekwizikolo eziphantsi kolawulo lukarhulumente okanye ezigidi ezi-R2.2m zemfundo efunyanwa kwizikolo zangasese (ngokwemiqathango ephantsi).

IStatistics SA iyayivuma — njengoko kuso-loko kuhlatywa ikhwelo yimibutho yokuba imfundo yamabanga aphakamileyo ibe simahla — into yokokuba iindleko ezinyu-kayo zisisithintelo kwimfundo.UVavanyo lwamaKhaya ngokuBanzi olu-sandula ukwenziwa lubonisa into yo-kokuba ama-33% abantu ukuya kutsho kubudala beminyaka engama-24 luchaze ukunqongophala kwemali njengesizathu sokungabi nakho ukungena kumaziko em-fundo.

Xa uwachalule ngokwephondo, inani libe ngama-45% KwaZulu-Natal yaye ahle aya kutsho kuma-21% eNtshona Koloni. Nan-gona iNorthern Cape ibonise ukwanda kweendleko zemfundo okungama-59% phakathi konyaka wama-2010 nalo nya-ka umiyo, ngama-22% kuphela abo baphakathi kobudala beminyaka emi-5

ukuya kwengama–24 achaze ukunqongo-phala kwemali njengesithithelo ekubeni bafunde.

Ubuthathaka berandi batyunjwa njengen-to engunobangela wokwanda kwendleko kwiincwadi nemathiriyeli ethengwe ku-mazwe angaphandle.

Ingxelo yeStatistics SA ngobume bemali bamaziko aphakamileyo emfundo ibonise into yokokuba iinkcitho yande nge-12% ngowe-2013 xa kuthelekiswa nonyaka wama-2012, isanda ukususela kumawa-ka ezigidi ezingama-R41.4bn ukuya ku-ma-R46.2bn.

JUnE/JULY20153

Ingxelo ekuvula amehlo yeNational Education Evaluation and De-velopment Unit (NEEDU) – eya-qukunjelwa ngowama-2013 kodwa

ayakhutshelwa uluntu nguMphathiswa weMfundo yeSiseko, uAngie Motshekga – ibhengezwe ngabapapashi beendaba. IMail & Guardian (M&G) inike ingxelo “ngobuqabane obandileyo, ukuphaza-misa kombutho nengqesho yootitshala engawuse so umgaqo-nkqubo”, ibekwe elubala lengxelo yeNEEDU, yaze yaxhaswa yimithombo ezimeleyo. Iyadanisa into yokokuba uMphathiswa Motshekga asilele ukuyibhengeza ingx-elo yeNEEDU yowama-2013, njengoko okufunyenweyo yiyo kubaluleke kangaka. Umthombo we M&G uchaze into yokoku-ba iDBE“ yenze konke okusemandleni ukuthintela ingxelo ekubeni ikhutshwe ngenxa yendlela embi ngayo”. I EE inike inkxalabo yayo emalunga namandla oMphathiswa okufihla anawo kwiNEEDU kwasentlandlolo.

ImveLaphII National Education Evaluation and Devel-

IZIKOLO ZEPrAYIMArI EMZANTSI AfrIKANgu Wim loUW

opment Unit (NEEDU) yiyunithi ekwiSebe leMfundo yeSiseko (DBE), yaye ilawulwa ngqo nguMphathiswa. Yasekwa mva nje ekubeni uMphathiswa Motshekga eqeshi-we, emva konyulo jikelele lowama-2009. I NEEDU ivavanya indlela eyiyo yokuse-benza kwezikolo, kweesekethe, kwezith-ili, namaphondo ngokubhekiselele kwimiyalelo yeeDBE (o.k.t.uhambelwano phakathi komgaqo-nkqubo nendlela yokusebenza); ichonga iingxaki kumilise-lo; yaye inika iingcebiso. Umsebenzi wayo“kukunikezela ingxelo engunya-zisayo, ehlahlelweyo neyinyani kuM-phathiswa weMfundongobume bezi-kolo eMzantsi Afrika kunye. Ingakumbi, ngobume bekufundisa nokufunda.” Abaphandi beNEEDU bafuna ukuvavanya (1) ‘ukulunga kokufundisa nokufunda’ (ngakumbi `imiphumela yokufunda ethe ngqo’, o.k.t.umsebenzi womfundi kwiimva-vanyo) kunye (2) nokulunga ‘kobunkokheli bokufundisa’ kwinkqubo (o.k.t.ingaba kulunge kangakanani ukumiliselwa kweenkqubo zolawulo). I NEEDU ixhomekeke kuphando lokulunga olubandakanya uthethwano olubanzi

(olwenziwe ngendlela emisiweyo kunye nolumbalwa olwenziwe ngendlela en-gamiselwanga kakuhle) kunye nabachap-hazelekayo kwinqanaba ngalinye (ootit-shala, iinqununu, iiNtlokoze Sebe, iiNtloko zeSekethe neSithili, njl. njl.), ngokunjalo nendlela ezikhangelekangayo iincwadi zokusebenza zabanfundi nokuqhutywa kweemvavanyo, ukugqalwa kwemisebenzi yeklasi, nokukhangelwa kwengxelo/amax-webhu asesikweni. I NEEDU iphuhlise uyilo lokuvavanya apho ukusebenza kumphumela wecandelo ngalinye linikwa inqaku kuthelekiswa noluhlu lwezikhokhelo ukulungiselela ‘ukulunga’ (umzekelo, umqondiso, ‘woku-funda’ kukufunda kakuhle kwabafundi; ukunikezelwa kwamaxwebhu eKharit-yhulam (amaxwebhu eCAPS) ngomnye umqondiso wokumiliselwa kwekharity-hulam, njl. njl.). Iingxelo zesikolo ziyilelwe isikolo ngasinye, ngoko, isithili ngasinye, ezi ngxelo ziqinisiwe kwiingxelo zesithili, yaye, okokugqibela, ingxelo yesizwe ihlan-ganiso zonke iingxelo zesithili. Ifumanise ntoni iNEEDU?Izikolo zaseprayimari zoMzantsi Afrika

Ukufundisa nokufunda:

4tHEEQUALIZEr

ziyasilela ukuxhobisa abafundi ngamakho-no esiseko okufunda nokubala.Oku-funyenweyo okuqaqanjiswe nokunjalo kwiNational School Effectiveness Study (2011). Ingxelo ekhutshwe yiNEEDU ngowa-ma-2012 (ethe yavavanya iNqanaba lesiSeko kwimimandla yasedolophini) kunye nengxelo yeNEEDUyowama-2013 (ethe yavavanya iNqanaba eliPhakathi kwimimandla yasemaphandleni) ezi zombini zafumanisa into yokuba amak-hono esiseko okufunda nokubala ukuba abafundi baseMzantsi Afrika banga-phantsi kweenkcukacha zekharityhulam. Izikolo zasemaphandleni – apho iNgxelo yowama-2013 igxile kuyo– azinazibonele-lo zaneleyo, yaye ziphelelwe lixesha, yaye zichatshazelwa kukusilela kwinkqubo yemfundo.INEEDU 2012 qwalasele izikolo zepray-imari ezingama-134 neeofisi zezithili nezamaphondo ngokunjalo ezikwimi-mandla ikakhulu engenelwa luluntu olun-inzi (imimandla yasedolophini). Ingxelo yama-2012, iNEEDU inikwe ingqwalasela kwinqanaba lesiseko.INEEDU 2013 inike ingqwalasela kwiz-ikolo zeprayimari ‘zasemaphandleni’ ezingama-219 (ezingama-99 ‘ekufundiswa igreyidi nganye kwiklasi’ ze ezili-120 ‘ibezizikolo ekufundiswa iigreyidi ezininzi kwiklasi enye’). Ingxelo yowama-2013, iNEEDU inike ingqwalasela kwiNqanaba eliPhakathi.I FET namanqanaba aphezulu(2014), kunye neGreyidi R nezikolo zeeMfun-do zeeMfundo eziZodwa (LSEN) abe-lungiselelwe ukuphandwa ngowe-2014 nowe-2015. I EE ayilazi iwonga lezingxelo.Iingxelo zeNEEDU zifumanise into yokokuba, ngelithuba ubunkokheli bokunikwa kwenkcazelo nokufundisa nokufunda kuhamba kunye, kubalulekile ukukhunjulwa kwentto yokuba nangona ubunkokheli obulungileyo bunceda oot-itshala ukuba basebenze ngokupheleleyo – ngokuqinisekisa ngezibonelelo ezizizo zokunikwa kwengxelo kunye nokunikeze-la nolawulo lwezibonelelo – bunokwenza kangakanana. Ukulunga konxibelelwano lweklasi kunye nenkqubela phambili yoku-funda isengumsebenzi wokufundiswa ka-kuhle – nto leyo ingumbuzo woqeqesho nophuhliso, kodwa ngokunjalo ubukhono kunikezelwa kootitshala abalungileyo.Nangona iingxelo zeNEEDU zinika ingq-walasela kuninzi lweendlela ezininzi ezimb izokufundisa, zithi ngokunjalo ziqwalasele

inani lamathuba apho ootitshala abangq-ongqo neenqununu zinakho ukwenza umahluko kwizikolo ezingasebenzi kakuh-le konke konke.Ngokuhambelana ngokufundisa noku-funda ingxelo yeNEEDU yama-2012 (ethe yanika ingqwalasela kwinqanaba lesiseko kwimimandla yasedolophini) ichonge ezinye zezi ngxaki zilandelayo: • Ukufunda nokubhala akunyanzeliswa

ngokwaneleyo ngootitshala (ngokus-esikweni nangokolonwabo);

• Uninzi lwabafundi abakrele-krele bayasilela ukufunda kwinqanaba elifanelekileyo;

• Ukubala akuzange kunikwe ngq-walasela ilungelelanisiweyo eyidin-gayo – ootitshala soloko bexhome-keke kumaxwebhu okusebenza angayilwanga ngendlela eyiyo;

• Kumathuba amaninzi izibonelelo ezinikezelwa yiDBE azisetyenziswa ngokupheleleyo;

• Iinkqubo zoqeqesho lweetitshala zithathwa njengezingasebenziyo yaye zithathwa njengenkcitha-xesha eyangezelelweyo;

• Uqeqesho lokuxabangela lootitshala lubonwa njengolusilelayo ukuphuh-lisa ootitshala ukubalungiselela ukufundisa, de kuyilwe iinkuthazo zobugwenxa apho abanye ootitshala banikwa inkuthazo ngokuthabatha izifundo ezilula ukulungiselela ukuba banyuselwe imivuzo – njengoko ukuvavanywa kootitshala kunxulu-nyaniswa nemivuzo nokunyuselwa;

• Uqeqesho lwangaphamb ikwen-konzo, lubonwa njengolusilelayo ukuvelisa ootitshala abanamakhono, ingakumbi kwizifundo ezifana nenzu-lulwazi nemathematika.

• Ngowama-2013 ingxelo yeNEEDU (ethi inike ingqwalasela kwimimandla ‘yasemaphandleni’) enza imigqalisela, ibandakanya:

• Ulawulo lwexesha lwafumaneka lun-galunganga konke konke : Ootitshala bachitha ixesha elininzi bemakisha okanye besenza umsebenzi wolawulo ngeeyure zesikolo, umzekelo;

• Ukufunda ngengqiqo akunyanzeliswa ngokwaneleyo;

• Ukubhala akunyanzeliswa ngokwan-eleyo.

I NEEDU 2013 yafumanisa ngokunjalo into yokuba izikolo ekufundiswa iigreyidi ezininzi kwiklasi enye (apho abafundi

benqanaba legreyidi ezahlukeneyo bafundiswa kwiklasi enye) uninzi lootit-shala liyasilela ukufundisa kusetyenziswa iimethodi ezahlukeneyo – “uninzi lootitshala ezihloliweyo azenzi zinzame zokunikezela ngeendlela ezahlukeneyo zokufunda, ezifanele ukufundisa amanqa-naba eegreyidi awahlukeneyo…” Kuzo zonke izikolo, kuncinane kakhulu ukufunda okanye ukuzibhala ngokuz-imela okubonakeleyo kuninzi lweeklasi; ukwahlula kwakucotha kakhulu; ukufunda ngokukhwaza kakuhle “akubonakali ka-kuhle” ngokwengxelo (kwiSA ngokubanzi, kodwa ingakumbi kwizikolo zasemaphan-dleni); iincwadi zokusebenza zazingas-etyenziswanga ngokufanelekileyo. Ingxelo yeNEEDU yowama-2013 ibone ukunqongophala kootitshala abaqeqesh-we ngokwaneleyo njengomnye kwimiba engundoqo kwimimandla yasemaphan-dleni. Izikolo ezisemaphandleni ziyasilela ukutsala umdla wootitshala abahlakani-phileyo. Emaphandleni kunezikolo ezininzi kakhulu, ezithe saa kummandla omkhulu, ze abafundi babe mbalwa kakhulu kwisi-kolo ngasinye. Ootitshala kwimimandla yasemaphandleni baphelela bexabisa kakhulu ngenxa yezizathu ezithathu: badala, imivuzo ephezulu iyadingeka ukutsala umdla wootitshala kwimimandla yasemaphandleni, yaye ngenxa yeeklasi ezinamanani abafundi ambalwa indleko ngomntwana ngamnye ziphakamile. Ngaphandle kwezi ndleko ziphakamileyo ulwazi lokuqulathwe zizifundo luphantsi kakhulu kunolo lweetitshala zasedolophi-ni.Umlinganiso ofanelekileyo kufuneka ufike-lelwe phakathi kokuqeshwa kootitshala kwelinye icala kunye nabasebenzi benkxa-so yobugcisa nolawulo kwelinye icala – lo mlinganiselo awulingani kakhulu eMzantsi Afrika. Ngaphezulu, kubonakala ngathi amaphondo asemaphandleni ubukhulu bohlahlo lwabiwo-mali lwephondo luya emivuzweni , oku kuchaphazela ubun-gakanani bemali enokucithwa kwezinye izibonelelo.

4tHEEQUALIZEr

JUnE20155

2012

2013

2014

2015

Esi-1INCITSHISIWE INKXASO-MALI

IWAKA LESIGIDI

YONKE IMIHLA

ABANTWANA ABAHLUPHEKILEYO ABASELUNGELWENI LOKUTHUTHWA KODWA ABATHUTHWA

KZN NW EC

69%Abathuthwa

54% 40%

IIMFUNO ZESISEKO AZIFEZEKISWANGA

IZIGIDI EI-3 zabantwana zihamba ngenyawo

iSikolo

(48769) (38381) (37762)

UNGAHAMBA UMGAMA ONGAKANANI

NGEMFUNDO?UKUSUSELA KWISIQINGATHA

SEYURE

ISIQINGATHA SESIGIDIsabantwana sihambangenyawo ukususela

KWIYURE ENYE

Abathuthwa Abathuthwa

umFanekiso-nGcaciso: louise louw

6tHEEQUALIZEr

Ndingumfundi wesikolo esaziwa ngokwem-bali ngokuba yiFORBES GRANT SENIOR SEC-ONDARY SCHOOL , eMpuma Koloni. IForbes Grant yasekwa ngowe-1941. Ibe ngumhlaba otyebileyo wokukhulisa amaqhawe embali eMzantsi Afrika afana noSteve Tshwete, uVic-toria Mxenge kunye neqhawe lam uSteve Bantu Biko.

Ngowe-1976 uluntu lwahlangana lwaze lwa-nakho ukwakha uthango olujikeleze isiko-lo. Olo thango lwaba yinguqu yokugqibela yolwakhiwo eyakha yenziwa eForbes Grant. Ukususela ngowe-1976 ukuza kutsho kow-ama-2015 akukho lulungiso lwakhe lwenzi-wa esikolweni. Ukuba uyayibala, yiminyaka ngqo engama-39! Andiqondi okokuba un-okusithabatha njengesikolo kwakhona, sifan-ele ukuba yihoko yeenkuku.

Silindeleke ukuba sifunde njani?! Siphuphe njani ukulungiselela ukuba sibe ziinkokheli zangomso xa yonke imihla sigagana nezige-benga eziphethe iimela kumasango esikolo? Ezi zigebenga zithatha iiselula zethu zisixuthe

INtetho kaBoNgINkosI maNase kuqhaNkqaLazo Lwasempuma koLoNI

LokumILIseLwa kwezIthetha NemILINgaNIseLo eLuNgIseLeLwe IzIBoNeL o zesIkoLo, NgomhLa

woku-1ukuYa kowe-3 kuepreLI 2015.

ndIyanIbulIsa nonke maQabane

Igama lam ndinguBONGINKOSI MANASE . . .

JUnE/JULY20157

iFoto: daniel linde

uBonginkosi uyathetha.Igama lam ndinguBONGINKOSI MANASE . . .

ngenkani imali yethu. Ootitshala abakwazi ukusikhusela. MAQABANE isakhiwo sesikolo sethu asisiwe so.

Njengoko nditshilo, uSteven Tshwete ongas-ekhoyo wayefunde eForbes Grant. Inyaniso yeyokuba, isebe lemfundo lisithiye esi sikolo ngaye. Yaye manditsho, isakhiwo sabo sihle kakhulu yaye sinothango olulungileyo. Ndi-yacamngca ukuba angathini uMnumzana STEVE TSHWETE ongasekhoyo ukuba ebeno-kubona isimo sesikolo sakhe. Ndiyacamngca ukuba angathini ukuba unokuyazi into yo-kokuba isakhiwo esibizwa ngaye siyasidilike-la. IForbes Grant kulapho abantu abafana noSTEVE BIKO ongasekhoyo baliphuhlisa khona ikhono lokumnyola ubuso. Angakha-thazeka kakhulu adane bubume besikolo xa ebenokuthi kanti usaphila namhlanje.

I Forbes sisikolo sembali ngenxa yembali yaso nangenxa yeenkokheli, iinkcuba-buchopho ezithe zaphuma kwesi sikolo, ubunokulindela ukuba sibe siyakhuselwa.

Kukho isicatshulwa endisithandayo esithi ‘’kungenxa yemfundo apho entombi yehl-wempu inokuba ngugqirha’’ ngutata Nelson

Mandela.Akufuneki yenze umahluko into yokuba umn-tu usistyebi okanye ulihlwempu, ukuba uvela edolophini okanyeni elalini okanye elokishini. Wonke umntu unelungelo kwimfundo efan-elekileyo. Yinxalenye yenkululeko yethu.

Kutheni singabaLinganisi? Singabalingan-isi kuba sifuna ukugqiba oko bekuqalwe ngamaqhawe ethu. Loo maqhawe ebelwela imfundo esisayilwelayo nangoku. I FORBES GRANT ayilweli nje yona kuphela koko ilwela nezinye izikolo ngokunjalo ezifana namaqa-bane ethu aseImiqhayi, eQonce, eBisho High, Mbulelo Benekani, eHector Peterson, eBreid-bach, eVukile Tshwete nazo zonke ezinye izikolo ezikwiMpuma Koloni ezikhoyo apha namhlanje. Isizathu sokokuba sibe yinxalenye yeEqual Education sesokuba sifuna ukulwela ukulingana nemfundo efanelekileyo.

Silapha namhlanje ukwenza ibango lokoku-ba uMphathiswa uMama Angie Motshekga akhuphe izicwangciso zezithethe nemilingan-iso ezilungiselelwe izibonelelo zesikolo. Sifuna ukwazi Mphathiswa, uza kuzilungisa njani izikolo zethu? Sibe namaphulo eminyaka emininzi njengeEqual Education ukuqiniseki-sa ngento yokuba lo mthetho olungiselelwe izibonelelo zesikolo uyiliwe. Ngoku sifuna

ukuwubona usebenza.Besilapha kwesi sakhiwo ngomhla woku-1 kuEpreli. Thina njengabalinganisi silele ngaphandle kwesi sakhiwo sisenza ibango lezi zicwangciso. Asizange sizifumane. UM-phathiswa Motshekga akazange azinikezele izicwangciso. Wasibiza “njengabantu aba-funa ingqalelo” Sathi ewe, Mphathiswa Mot-shekga,sifuna ukumanyelwa nguwe. Sifuna unike ingqalelo kwizikolo zethu, kuba azikhu-selekanga.Sifuna ukuba unike ingqalelo kubume bazo kuba azikulungele ukufundela. Xa siqhankqalaza apha, sicela ukubona uMEC weMfundo, uMandla Makupula, kodwa aka-khange eze azokuthetha nathi. Namhlanje, kwakhona thina njengeEE sicele uMEC ukuba abe lapha ukuza kwamkela imemorandam yethu. Kodwa kwakhona akakho apha. MEC, siding ingqalelo yakho!

Njengamalungu eEqual Education siya kuqhu-beka sivuselela yaye sisilwela amalungelo ethu. Asisayi kuphumla de izithethe nemilin-ganiselo ithe yamiliselwa ngokupheleleyop, yaye zonke izikolo zibe zinento yonke edingwa ngabafundi ukuze baphumelele.

PHAMBILI KWIMFUNDO EFANELEKILEYOVIVA EQUAL EDUCATION VIVA

8tHEEQUALIZEr

IrozI ekhuLe kumqweBedu Ngu DaphNE ERosi

daPhne erosI:

IBALI LAM:

JUnE/JULY20159

IrozI ekhuLe kumqweBedu

ndazalwa ngowe-1963 eKapa, ngenxa yokuba umama wam wayesebenza, ndandingenaye umntu

wokundilolonga, ngoko wanyanzelelka umama ukuba andise kusapho lwake eAliwal North. Umakhulu wam nguye owandilolongayo. Ngowe-1970, ndaqalisa ukufunda kwisikolo samadanga aphantsi iMaletswai. Ndandimalunga neminyaka esixhenxe ubudala yaye ndikhumbula kakuhle ndisiya esikolweni ndingacocekanga ncam. Umakhulu wam wayemdala kakhulu ukuba angavuka ngentseni andincedise ukuba ndilungele ukuya esikolweni. Kwafuneka ndizenzele yonke into, ndizilungiselele isidlo sakusasa ndizinxibise. Ndikukhumbula kakuhle ukuhlamba phantsi kwetephu yamanzi abandayo.

Ngowe-1974, emva kokuphumelela kwam iBanga lesi-2 (iGreyidi 4), ndaya kwisiko-lo samabanga aseprayimari aphezulu. Umakazi wam wafika evela eBloemfontein waze wathwala umthwalo wokundi-lungiselela. Undifundise ukuzihlamba ka-kuhle nokuhlamba iikawusi zam. Ubevuka kusasa andenzele into etyiwayo phambi kokuba ndiye esikolweni. Ndandineyuni-fomu entsha yaye ndizingca ngendlela endandikhangeleka ngayo. Ndaqala ngoku ndayazi injongo yokuya esikolweni

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

8tHEEQUALIZEr

daqalisa ukuba namaphupha ngekamva. Ukubuya kwam esikolweni, kwakufuneka ndihlambe izitya, ndicoce indlu, ndihlam-be iikawusi zam ndipolishe izihlangu zam zesikolo phambi kokuba nditye. Ubomi bam baqhubeka ngale ndlela de ndaphumelela iBanga lesi-6 (Greyidi 8) ngowe-1977..

Kangangeminyaka emibini ubomi bam babulusuzi. Kwakuyiminyaka yowe-1978 nowe-1979. NdandikwiBanga lesi-7 (Grey-idi 9) nelesi-8 (Greyidi 10) kwenzeka into eyandivuyisa kakhulu ngomhla wama-20 kuDisemba waloo nyaka. Ndamenyelwa kwipati ngumhlobo. Ndathi ndahlanga-na nomfana omhle edathi ndamthanda ndiqala nje ukumbona. Ndaba ngathi ndithwetyulwe! Ukususela kobo busuku ukubheka phambili, saba ngunonca kanonca singohlukani. Senza izinto kunye njengabantu abatshatileyo. NgoMatshi we-1980, umakazi wam wandithatha wandisa kwidolophana ebizwa ngokuba yiLady Grey. Yacaca kamva isizathu sokun-dizisa apho kuba yayikukuza kugcina usana olwaluneenyanga ezintandathu ubudala. Akazange andibuze nokokuba ndiziva njani ngale meko yaye ngokunjalo ndandingenalo ilungelo lokubuza imibuzo okanye ukuvakalisa izimvo zam. Ndahlala

eLady Grey isithuba seminyaka emibini (owe-1980 nowe-1981). Ndandingon-wabanga kodwa kufuneka ndiwuzolise umphefumlo wam ngako konke okwen-zekayo. Ndandikhala ngalo lonke ixesha kodwa kwakungekho ndlela ndingabuyela ngayo eAliwal North.

Ngowe-1982, ndagqiba ngokubuyela eKapa apho kakukho umama wam. Nangona ndandingakuqhelanga ukuhlala naye, kodwa ndazixelela ukuba mandi-zonwabise kule meko. Ndandinama-R200 epokothweni yam kodwa ngaloo maxe-sha yayiyimali eninzi kakhulu ngoko ndaqhubeka nohambo lwam ukuya

ezantsi ngasekhohlo: uthetha nGosapho, abantwana uzonwabele nomhlobo osenyongweni usara. ngezantsi uhamba ngaphambi kokuyekwa komsebenzi kuba esiya eklasini

10tHEEQUALIZEr

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

DECEMBEr20149

eKapa. Ndakuba ndifikile eKapa, akuzange kubekho nto engcono ndinakho ukuyenza ngeBanga lesi-8 (Greyidi 10). Ndafuma-na umsebenzi ekhitshini; ukuqhubela phambili ngemfundo kwakuliphupha elingenakufezeka konke konke. Ndandip-huma ndingena kumadoda ngamadoda awahlukeneyo de ndahlangulwa kuloo mkhwa kukufika kwesithandwa sam sase-Aliwal North. Kwakungumnyaka we-1983 ebusika ukufika kwesithandwa sam sivela eAliwal North. Wayengalazi iKapa koko waba nentlahla yokuhlangana nomnye kubaza bam owathi wambonisa apho ndihlala khona. Ndandonwabe ngokunga-phaya kokuqonda! Umama wam aka-zange amthande kwangosuku lokuqala ukuhlangana naso. Ndagqiba ekubeni ndiyokuhlala naso eNewlands. Andizange ndibakhumbulele nokubakhumbulela abantu endandibonzakalisa emphefumle-ni ngezi zigqibo zam, ingakumbi umama wam.

Kwisithuba nje esifutshane emva kokuhlal-isana, isithandwa sam saqalisa ukbonaka-

lisa ubundlobongela sandilawula. Saqala ukundithuka sindibiza ngamagama kod-wa ndandingakwazi ukuxelela mntu ngale meko ndikuyo kuba ndandizikhethele. Wemka ngowe-1988 wabuyela eAliwal

Kwesi sithuba ndalimamela icebiso lakhe ze ndagqiba ngokubuyela esikolweni kunyaka olandelayo. Ndabhalisela iBanga lesi-9 (Greyidi 11) eChris Hani (eMakaza). Kunyaka endandikwimatriki,Isithandwa sam sabuyela eKapa. Sandith-embisa ukuba asinakuphinda sindenzaka-lise kuba sindithanda kakhulu yaye sifuna ukuchitha ubomi baso bonke kunye nam. Andizange ndithandabuze ukusamkela kwakhona ebomini bam. Ngomhla wesi-2 kuJulayi we-1999 satshata eMitchells Plain ndingakhathali nokoku-ba usapho lwam lucinga ntoni. Umama wam waba nomsindo kakhulu kuba ndivumile ukutshata naso. Wayengayazi into amakayenze umama waze wandilum-kisa ngeengozi zokuzifumana ukubomi ongakhange ubuplane ngendlela eyiyo. Emva konyaka, umyeni wam waguquka wangumntu endingazange ndambona, watshintsha kakhulu. Ngowama-2001, wenza nzima omnye obhinqileyo asebenza naye. Ukuzama ukuzikhusela kwezi mpaza-mo zakhe, wandivumela ukuba ndihambe ndiyokufunda kwiKholeji ekufutshane.

NdIkhumBuLa kakuhLe NdIsIYa esIkoLweNI

NdINgacocekaNga Ncam. umakhuLu wamwaYemdaLa kakhuLu

ukuBa aNgavukaNgeNtseNI aNdINcedIse

ukuBa NdILuNgeLeukuYa esIkoLweNI

North ze ngowe-1990 ndabuyela ekhaya ndagxengxeza kusapho lwam. Andizange ndibe nakho ukufumana omnye umse-benzi ndaze ndagqiba ngokuba ndihlale ekhaya. Ngowe-1997 umama wandi-cenga okokuba ndibuyele esikolweni.

ngaphaya ngasekhohlo: uzonwabele nje. ngasentla: lixesha lesidlo sasemini, ufumana into yokutya; unika uncedo kucl, uayanda, wenza umsebenzi waseyunivesiti

JUnE/JULY201511

Julian Goldswain PhotoGraPhy© Julian Goldswain PhotoGraPhy©

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

12tHEEQUALIZEr

Esinye isehlo esikhulu senzeke ngonyaka wama-2002 xa ndizifumana nditshone kumngxuma osecaleni lendlela. Sasiham-ba kunye ngemoto ngobunye ubusuku bangomGqibelo ze saqalisa ukulwa apha emotweni. Waqala ukundibetha ngeli thuba aqhubayo. Ukuzisindisa, ndavula ucango ngeli thuba imoto ihambayo ndaqengqelekela kumgaqo wetha ndaze ndayokuwela kulo mngxunya. Ndasinda nalapho. Ngonyaka wama-2003 ndafuma-nisa ukuba wenze nzima omnye umfazi. Wathi umhlobo wam akundixelela ezi ndaba ndabanda. Ndandisele ndiphun-cukelwe zizisu ezininzi, sele ndiphantse ukubulawa yile ndoda yaye yayingakhath-ali. Intlungu endayivayo yayifana nokuty-hutywa ngenaliti entliziyweni.

NgoJuni wama-2005, ndaphambana xa ndandihleli ndicinga ngendlela ubomi bam obuyilandelayo. Ndenza isigqibo sokumshiya ndingaze ndiphinde ndibuye. Ndaya kutyelela usapho lwam ndalucha-zela yonke into eyenzekileyo. Kwiveki elandelayo ndaya ePlain Street uya kuqhawula umtshato. Ndandingumman-gali hayi ummangalelwa kuba ndabona into yokokuba uthando awayenalo kum alusekho. Ngomhla we-19 kuSeptem-ba wama-2005, ndanikwa amaphepha

thaca umsebenzi abawenzayo kwiEE (njengoko ibizwa) ndaze ndanikezela ngeenkcukacha zam zoqhagamshelwano kulo mququzeleli. NgoJanyuwari wama-2012, ndatsalelwa umnxeba yiEE undime-mela kwintlanganiso yabo yokuqala yese-be. Ndathanda into yokokuba i-EE yayiza kusebenza nabazali, abafundi, iititshala namalungu oluntu, yaye ndandichwayite kakhulu. Ngelishwa, andizange ndik-wazi ukuzimasa intlanganiso njengoko ndandisandula ukubhujelwa ngumama wam. Nangona kunjalo, ndathi ndakubuya emngcwabeni e-Eastern Cape, andizange ndibuye ngamva.

Ngowama- 2013, ndaqeshwa njengom-ququzeleli wabazali wethutyana kwi-EE. Ngowama-2014, ndaba ngumququzeleli wabazali osigxina. I-Equal Education ise-benza nemibutho emininzi. Ukuchaza nje embalwa: yiSocial Justice Coalition (SJC), Ndifun’ukwazi (NU), Treatment Action Campaign (TAC), neminye engaphezulu. Sisebenza namaCandelo oLuntu awah-lukeneyo. Ndingunobhala ngokunjalo kwimbutho owaziwa njengeCrime Against Women and Children Sub Forum othi usebenze namapolisa ukuyila ubume obukhuselekileyo. Ukuza kuthi ga ngoku, sele ndizimase ucweyo lobunkokheli, ubuzali nezokuFundiswa kweKhompy-utha kunye neenkqubo zoqeqesho ezithe zakhulisa amakhono am. Ummandla wam wokusebenza ukwingingqi yaseKraaifon-tein apho ndibe nakho ukuvula amasebe amabni.

Ekupheleni kowama-2014, omnye umntu kwi-EE wandixelela ngeSifundo seM-fundo yaBadala. Ndalibamba elo thuba ngezandla zozibini ndenza isicelo. Ndathi ndakufumanisa ukuba ndamkelwe kule nkqubo, ndazifumana ndinyembezana. Ndikhumbula kakuhle ndisiya kwindlu yangasese ndalila. Ndandonwabe kakhulu kukufumana eli thuba emva kwemin-yaka emininzi nasemva kwezithintelo endigaxeleke kuzo. Ngaphezu kwazo zonke izinto, ndandinqwenela ukuba abe umama wam ebesaphila ukuze andibone. Ndisaqhubeka ngesifundo nangoku yaye ndisaqhubeka njengelungu loluntu lwam.

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

oqhawulo-mtshato; Ngaloo ndlela nday-ithathela ezandleni zam inkululeko yam.

Ukususela ngowama-2006 ukuya kowa-ma-2007, ndahlala ekhaya ndinobunzima bokwamkela ukuphela komtshato wam. Ndaba lilolo, ndingonwabanga yaye ngamanye amaxesha ndandide nditsalele umnxeba umyeni wam endahlukene naye ndilila. Kwelinye ithuba ndadik-wa kukuhlala ekhaya ndingenzi nto ze umhlobo kamama wandincedisa ukufuna umsebenzi eWelgemoed njengomsebenzi wasekhitshini kwakhona. Kwakungumah-luko ngoku kunakuqala kuba ubomi bam ndandibulawula ngokwam. Lo myeni nenkosikazi endandibasebenzela bagqiba ekubeni bandise kwisifundo esaziwa ngokuba yi-Infant Stimulation Course for Mums and Babies emva kokuba befuma-nise ukuba usana lwabo lwalonwabile yaye lukhuselekile kukugcinwa ndim. Esi sifundo sandifundisa okuninzi malunga nendlela yokulolonga iintsana ndaze dasifumana isiQinisekiso sam ngoMeyi wama-2008.

Emva kwethuba, ndaziva ndingafanele kuba kule ndawo ndisebenza kuyo kodwa kwenye indawo. NgoDisemba wama-2008, ndenza isigqibo esikhulu sokuyeka emsebenzini wam. Ndahlala ekhaya kwakhona ukususela ngowama-2008 de kwaba ngowama-2011. Ndahlala ndise-benza ngendlela yam kuba ndandihlala namakhosokazi atshatileyo, amabhinqa anabantwana kodwa engatshatanga noomakhulu ndabelane nabo ngebali lam lokuxhatshazwa ngumyeni. Ndathi kamva ndajoyina umbutho obizwa ngokuba yi”Prevention in Action”- umbutho onika ulwazi ngobundlobongela obujoliswe kumabhinqa nabantwana nento yokuba kungafunekanga bamkelwe kumakhaya ethu.

NgoNovemba wama-2011, ndajoyina umbutho owaziwa ngokuba yiEqual Education – umbutho ozamela ukulunga nokulingana kwimfundo eMzantsi Afrika ngnkuthazo nentethelelo. Ndandizimase intlanganiso yabazali kwiSikolo samaban-ga aphezulu iMatthew Goniwe xa omnye umququzeleli wabazali ophuma kwiesithi

JUnE/JULY201513

kulo nyaka, iSebe loLuntu leEqual Education eNtshona Koloni liqhube iphulo lephondo ngezigqeba

ezilawulayo zezikolo (iiSGB). Injongo yephulo yayikukukhuthaza abazali ukuba bathabathe inxaxheba kunyulo lweSGB nokufundisa amalungu eEqual Education malunga nokubaluleka kweeSGB, igalelo lazo noxanduva, kweenqununu, kwabazali nabafundi esikolweni. Uxinzelelo lwethu lube kubazali okokuba bayithabathele ingqalelo imfundo yabantwana babo, baqwalasele imiba ephathelelene nobunkokheli besikolo, ukuqulunqwa kweeSGB, ukongezelelwa kwamalungu anganyulwanga kwiSGB, ulawulo ezikolweni, ukunyuswa kwengxowa-mali yesikolo, ngokunjalo nemiba enxulumene norhwaphilizo ezikolweni.

IEE, ikhokhelwa liSebe loLuntu, ivuselele uluntu, yenza iintetho ezikolweni nakwizikhululo zonomathotholo boluntu ze yabamba ucweyo olwahlukeneyo.

sasIfuNa ukufezekIsa NtoNI?

Besivuselela inkxaso yabazali noluntu ukuba bayinike ingqwalasela imfundo yabantwana babo, ukuphucula uthatyatho-nxaxheba lwabo ezikolweni, ukuba bazi, nokuthabatha inxaxheba kunyulo lweSGB. Kumaxesha amaninzi abantu bavame ukunyulela abantu kwizikhundla kuba bethetha kakhulu kwiintlanganiso zesikolo. Ngeli thuba incomeka into yokokuba umntu abe liciko lokuthetha entlanganisweni, oko akuthethi okokuba umzali onjalo uya kuba yeyona nkokheli elungileyo xa athe wanyulelwa kwiSGB. Injongo yethu ngoko, yayikukunceda abazali ukuba banyule abantu abayithathela ingqalelo imfundo yabantwana babo ngokunjalo abanolwazi ngemingeni ejamelene nabafundi nootitshala ezikolweni zethu.

sIfezekIse NtoNI?

Kulo nyaka, abazali beEE abalishumi banyulelwa ukuba yinxalenye yeSGB kwizikolo ezininzi eNyanga, eNew Crossroads, eKraaifontein naseKhayelitsha. Sinethemba lokokuba aba bazali baya kudlala indima ebalulekileyo ekuphuculeni imfunod nendlela yokusebenza kwezi zikolo. Sikhuthaza abazali ukuba basebenzisane neeSGB ezisandula ukunyulwa nokuqinisekisa ngento yokuba zinika ingxelo kubo njengabazali nabalawuli bezikolo.

ImINgeNI esIthe sajameLaNa NaYo

NgethuBa LephuLo LesgB

Iphulo leSGB kufuneka liqaliswe kwangethuba kwixa elizayo, mhlawumbi ngoOktobha kulungiselelwa unyaka olandelayo. Oku kuya kunceda kucwangciso locweyo olulungiselelwe abazali nokufundisa uluntu malunga ngeeSGB. Ngokunjalo, izikolo kufuneka zipapashe imihla yazo yonyulo phambi kokuba kuyiwe kwikhefu lezikolo likaDisemba. Oku kubangelwa yinto yokuba kwizikolo ezithile abazali bebengenalo ulwazi ngeemini zolonyulo ezilungiselelwe izikolo ezithile. Ngenxa yeso sizathu, ukufumana ingcaciso enxulumene neemini zolonyulo kwakungumngeni kakhulu kwezinye izikolo kuba ezi mini zazingaziwa okanye zingapapashwanga kwangaphambili.

Okokugqibela, kwezinye izikolo unyulo lwarhoxiswa kuba inani elidingekayo ukuze luqhutywe unyulo lalinganele.

ukuqhankqalazela isigqeba esilawula isikolo

esingcono: . . .Ukurhoxiswa konyulo kubangela ulityaziso lwenkqubo yonyulo yaye kubeka uxinzelelo olukhulu kwizikolo ngoko kubhangise isizathu sokunyulwa kweSGB entsha.

ukuqhutYeLwa phamBILI kwephuLo

IEE iya kuphuhlisa inkqubo yenkxaso elungiselelwe abazali abanyulelwe iiSGB ukuqinisekisa ngento yokuba bafunda ngaphezulu malunga nemingeni ejamelene nezikolo ze ibafundise ngokulawulwa kwezikolo. Abazali abanganyulelwanga kwiiSGB kufuneka bazive bexhotyiswe ukusebenzisa iiSGB ukufaka izikhalazo zabo, ukuqinisekisa ukuba izikolo zisebenza kakuhle yaye ziyaxhaswa izikolo zethu.

Siyayivuma into yokuba kukho abazali abangeyiyo inxalenye yeEE, kodwa bayayiqonda imingeni ejamelene nezikolo, abanemibono yokuphucula inkqubo yemfundo yaye banolwazi ngolawulo lwesikolo nendlela ukufanele silawulwe ngayo. Aba ngabantu esifuna banyulelwe kwiSGB okanye bachongwe ze bangabi nalungelo lakuvota. Sifuna ukubakhuthaza ukuba basenze nezingqeba ezilawulayo zezikolo kwizikolo zabo, nokujoyina IEE kumalinge abazali bethu.

Ukuqukumbela, ixhomekeke kuwo wonke umzali, kwilungu loluntu nakulutsha ukuqinisekisa ngento yokuba ukusebenza nokulunga kwezikolo zethu kusoloko kukulungele ukuphuculwa, ukulungiselela wonke umntwana nelizwe lethu.

Ngu lUzUKo siDimBa

14tHEEQUALIZEr

ngomhla we- 18 kuEpreli, iEE yagwayimba eKapa, ePitoli naseQonce. Inkcaso nganye yenziwa

‘ngokulala kuloo ndawo’, ukuhlaliwa kwesakhiwo soburhulumente ngaphandle kobudlobongela. Injongo yayikukunyanzelisa uMphathiswa weMfundo, uAngie Motshekga, ukuba abhengeze kuluntu izicwangciso zamaphondo asi-9 okumilisela kweZithethe neMilinganiselo ephantsi elungiselelwe iZibonelelo zeSikolo. UMphathiswa ube nazo ezi zicwangciso ukususela ngoNovemba wama-2014 kodwa akazange azise so iileta ezininzi ze-EE kunye nesicelo sayo soMthetho wokuBonelelwa ngeLungelo lokufumana iNgcaciso (PAIA), ngeli thuba amagosa akhe enza iingqinisekiso eziphinda-phindiweyo ezingacacanga zokokuba izicwangciso ziya kukhutshwa kwamasinyane.Kubonakala kunyuka umnqantsa ukufumana izicwangciso zokumiliselwa kwezibonelelo. Nokufumana iimvume zokugwayimbela ezi zicwangciso kuphantse ukuba nzima ngokunjalo. UMthetho wokuHlanganisa ulawula

ukususela kumhla woku-1 ukuya kumhla wesi– 3 kuEpreli.Umthetho unyanzelisa ukuba naluphi na uthethwano abasemagunyeni abafuna ukuluqhuba kufuneka lulungiselelwe kwisithuba seeyure ezingama-24 emva kokufunyanwa kwesaziso sokuqhankqalaza. Akuzange kubekho mpendulo ifumanekayo kwiSixeko de kwaba ngama-20 emizuzu emva kwentsimbi yesi-3 ngoMvulo umhla wama-30 kuMatshi, kwisithuba seentsuku ezimbini phambi kokulalisa okucwangcisiweyo. I-EE yamenywa ukuba izimase intlanganiso eCivic Centre ngemva kwemini yosuku olulandelayo, isithuba esingaphantsi kweeyure ezingama-24 phambi kokuqaliswa koqhankqalazo olulindelekileyo.UAdv. Irwin Robson wachophela intlanganiso, eyayizinyaswe yiEE, amagosa esixeko, amagosa ezithuthi zendlela, amapolisa, kunye noIsak David weeNkonzo zoKhuselo zasePalamente. INkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika yayimelwe nguKapteni INkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika yayimelwe nguKapteni Andre de Graaf weYunithi yamaPolisa okuGcina uCwangciso loLuntu, ethe kule nyanga

uqhankqalazo. Nangona kunjalo bobanini oorhulumente oweANC nowe DA babonakala benobuchule obandileyo bokuchonga nawuphi na umba onokuluthintela kulo mthetho we-1993. Yaye bade bagqithise kuwo.EPitoli i-imeyile yomzuzu wokugqibela evela kwiSixeko saseTshwane isala ukunikezela imvume esekelwe kwinto yokuba “indledlana esecaleni lomgaqo … ilungiselelwe abahambi ngeenyawo” yaye “akukho mntu uvumelekileyo ukuqhuba nawuphi nja umcimbi okanye adale naluphi na uthintelo”.Indawo eyayikhethiwe eKapa kwakungaphandle kwePalamente, kufutshane nalapho umfanekiso oqingqiweyo kaLouis Botha akhwele ihashe lakhe. Abaququzeleli beEE bangenisa isaziso esifunekayo kwiYunithi yokuThatyathwa kweNxaxheba luLuntu yeSixeko, ethi inike ingxelo kuMlawuli kaMasipala uAchmat Ebrahim. Oku kwenziwa, yaye uMthetho ucebisa, ukuba kube ziintsuku ezingaphezulu kwezisixhenxe phambi koqhankqalazo. Inike isaziso sokokuba amalungu eEE ali-100 aya kuqhankqalaza ngokuzola ze alale ngaphandle kwamasango ePalamente

Ngu DoRoN isaacs

Ingaba ILungeLo

lokuChasa

lIPhantsI

kohlaselo

iFoto: daniel linde

JUnE/JULY201515

iphelileyo yadubula igrinadi neebhulethi zerabha kubafundi bamabanga aphezulu.Echaphazela uMthetho weeNdawo eziPhambili zeSizwe, uDe Graaf noRobson banyanzelisa okokuba akukho mvume enakho ukukutshwa ngaphandle kwemvume kaSomlomo wePalamente. Amagosa eSixeko kamva achaza into yokokuba ukususela kudunga-dungo lweEFF lweNtetho yoBume beSizwe, lonke uqhankqalazo lokuya ePalamente ludinga imvume kaSomlomo.URobson, egameni leSixeko saseKapa, ekuqaleni wala ukukhupha imvume ukukhupha imvume yokuhlangana. Wathi endaweni yoko wanika amagosa esixeko wokokuba avavanye ngokutsha zonke iimvume zokuhlangana ze-EE kule minyaka mihlanu idlulileyo, waze wayivala intlanganiso. Xa ithe intlanganiso yahlala kwakhona uRobson wayivumela imvume enemiqathango, ukuba ngaba imvume yayiza kunikezelwa nguMantyi oyiNtloko waseKapa, uMlawuli weSixeko, kunye noSomlomo wasePalamente. Ukwaphula uMthetho, uRobson usilele ukunikezela ngezizathu ezibhaliweyo ukulungiselela ukwala kwakhe ukukhupha imvume engenamiqathango.Ngenyani, uSomlomo akanalo igunya lokuvumela okanye ukwalela uqhankqalazo oluya ePalamente, phantsi koMthetho weeNdawo eziPhambili zeSizwe okanye nawuphi na omnye umthetho. Le mpambano ihambelana nemisitho yowama-2010, xa iEE yalelwa imvume yokuqhankqalazela kwiiUnion Buildings ngaphandle kwemvume kaPrezidanti. Ngoko isigrogriso sesimangalo kwiNkundla ePhakamileyo sadingeka. Yiyiphi ingqiqo yedemokhrasi enokuthi uqhankqalazo lujoliswe kuyo ize ibe nelungelo lokuthintela olo qhankqalazo ekubeni lwenzeke?Ngokufanayo, uRobson uchaze into yokokuba imvume yayinomqathango oxhomekeke ekuvumeni kukarhulumente ukumkela imemorandam yeEE. Oku uthe ekugqibeleni wakuguzula.UMthetho udinga imvume eyangazelelweyo kaMantyi oyiNtloko waseKapa ukulungiselela uqhankqalazo oluya ePalamente. Nangona kunjalo, kulo lonke uqhankqalazo lokuya ePalamente iEE zange ngaphambili yanyanzeliswa lomqathango kuyo.Emva kwentlaganiso yaseCivic Centre iZiko loMthetho le-EE laqalisa lalungiselela isimangalo esingxamileyo ukulungiselela ukuba iNkundla ePhakamileyo iqinisekise ukungabi nagunya koSomlomo kuqhankqalazo. Ngeli thuba uMlawuli weSixeko, uMantyi oyiNtloko kunye neofisi kaSomlomo bagxininisa into yokuba baya

kuba nakho ukuyikhupha imvume kuphela emva kokuba omnye wabo ethe wayinikezela kuqala, beyila umjikelezo ongenasiphelo. Ekugqibeleni, kwiyure nje ezimbalwa phambi kolaliso ukuba luqaliswe, iofisi kaSomlomo yanika imvume eyenziwe ngomlomo, ichaphazele into yokokuba ulawulo lwayo luphelele kumasango ePalamente. Oku kunyanzelise imvume esesikweni evela kuMantyi oyiNtloko yaye kuthintelwa iinkqubo zomthetho.Oku akukuko okokuqala okokuba uRobson no de Graaf bebeka izithintelo ezingekho mthethweni endleleni yelungelo leEE eliqinisekisiweyo lomgaqo-siseko, “ngokuzola kungaxhotywanga, ukuhlangana, ukuqhankqalaza, nokunikezela ngoluhlu lwezikhalazo”. Ngowama-2012 iEE iyile amaphepha enkundla angxamileyo xa, ngenxa yengxelo efungelweyo equlunqwe ngu-de Graaf, engazange iEE iyiboniswe, imvume ayizange ivunywe yoqhankqalazo loMhla waMalungelo eKhayelitsha. Isigrogriso sokumangalelwa saqinisekisa ngento yokuba luyaqhubeka, kodwa oku kwakhona kujolise ngqo kumbuzo wokuba ingaba uluntu nemibutho engenandlela yakumelwa ngokwasemthethweni ngoko nangoko inokulindeleka ukuba iqhankqalaze ngokusemthethweni.I-EE ngokunjalo inyanzeliswe ukuba ibambe uqhankqalazo olungekho mthethweni. Kulo nyaka uphelileyo ilungelo labafundi lokuqhankqalaza eMaluti, kufutshane nomad weMpuma Koloni neLesotho, laliwa ngenxa yezopolitiko. Uluhlu olungaqhelekanga lwabantu abali-7 olwathi lwabandakanya abameli abavela kwiSouth African Democratic Teachers Union (SADTU) lwala ukukhupha iphepha-mvume. I-EE yaqhubeka yadelela oku kungabikho mthethweni . Kubekho inguqu. Inkqubo yolawulo elungiselelwe unikezelo lwamaphepha-mvume ibe yindlela yolawulo lwezopolitiko. Naphantsi kwalo Mthetho wokuHlangana ukhoyo, umphumela wepalamente yoCalulo, uqhankqalazo alunakuze luthintelwe ngaphandle kokuba abasemagunyeni “baqinisekisiwe ngemihlaba ebambekayo” esekwe “kwingcaciso ethembekileyo efungelweyo” yokokuba kukho isoyikiso “ukuphazanyiswa okubi kakhulu kwezithuthi okanye koluntu oluhamba ngenyawo, umonzakalo … okanye umonakalo omkhulu kwipropati, yaye amaPolisa namagosa ezithuthi zendlela … akasayi kukwazi ukusithintela esi sigrogriso”. Kodwa amagosa azibonakalisa njengokuba ukungalisi so ilungelo lokuqhankqalaza lisekuboneni

kwawo ngokupheleleyo.Ingcali yezomthetho uMandla Seleoane uxoxa athi ukunika ingqwalasela koku kuxhatshazwa uMthetho kufuneka ubhalwe ngokutsha:“UMthetho ubonakala ucebisa into yokokuba udinga imvume yomntu ukuze usingathe intlanganiso elubala, kodwa ngokwembono yam loo mvume sele inikezelwe nguMgaqo-siseko … Siyawazi abalukhuseli uqhankqalazo olunobundlobongela … Ngoko kufuneka kwenzeke ntoni, yintoni emayenziwe nguMthetho, kukulawula indlela omaluqhutywe ngayo uqhankqalazo ngaphezulu kokuchaza into yokokuba umntu othile nguye onelungelo lokuluvumela okanye ukungaluvumeli.”Endaweni yoko kukho uthintelo olukhoyo kuqhankqalazo kwilizwe lonke. Uphando kwiYunivesiti yaseJohannesburg lunika ingxelo yokokuba abantu abangama-43 babulawa kuqhankqalazo phakathi kweminyaka yoma-2004 nowama-2014, kungabandakanywanga ama-37 abasebenzi emgodini ababulawa eMarikana.Ngowama-2008, uKapteni de Graaf watyholwa ngokusebenzisa iimbumbulu zerhabha negranadi kubasebenzi bakamasipala. Ngowama-2014 wadlala indima ephambili ekukhutshweni kabuhlungu ngenkani kwabantu eLwandle, apho ukukhetha kwakhe ubundlobongela ngaphezulu kothethwano kwachazwa ngusihlalo wangaphambili weKomiti yeSikhundla kumaPolisa ePalamente uAnnelize van Wyk “njengokungathethelelekiyo”.Emva kokuba abaqhankqalazi abalishumi beSocial Justice Coalition bebanjelwe ukubamba indibano engekho mthethweni ekuqaleni kulo nyaka umbutho wafunga ukuba uza kucela umngeni ngokuba semthethweni koMthetho ewokuHlangana. Oku kunika ithemba ukuba ichaphaza lokukhanya lingabonakali kungaphelelanga nje kumthetho koko kwindlela engenanyaniso neyingozi yokumiliselwa kwawo.Ayilunganga ngokwesiseko into yokuba abasemagunyeni namapolisa asetyenziswe ukuba angenelele kungquzulwano lwezopolitiko oluphakathi koluntu nabaselulawulweni, olubangelwe kukunqongophala kokunikezelwa kweenkonzo, urhwaphilizo nokwanda kwemida yokungalingani. Ngokwakaloku nje uDe Graaf, Robson nabanye bayaqhubeka ingabo abagqibayo ngelungelo lokuqhankqalaza.

IBALI LAM: UMQUQUZELELI WABAZALI

ndiphuma kusapho lwabantwana abane; amantombazana amathathu nenkwenkwe. Ndazalwa ngomhla wama-31 kuAgasti ngowe-1971 kwilali ebizwa ngokuba kuseCofimvaba, eMpuma Koloni.

Ndandihlala, yaye ndakhuliswa ngumakhulu wam kuba umama wam wayesebenza eKapa. Ndandimthanda umakhulu yaye ndalichitha ixesha lam ndinaye, kuba nangona wayengafundanga, wayehlakaniphe kakhulu. Wayengqongqo kakhulu, kodwa enothando nenkathalo. Kuye ndafunda ukulazi ixabiso lokusebenza nzima ndaze ndakhula ndinyamezela kakhulu. Wayesoloko endikhuthaza ukuba ndilandele izifundo zam yaye wayesinqwenelela okulungileyo.Ndandingenguye umntwana oziphethe kakubi njengomnakwethu noodade wethu. Ndandithembeke kakhulu yaye ndandingakuthandi ukuhamba-hamba okanye ukuya kudlala apha elalini. NdandikhoIwa kukuhlala ekhaya. Kude kube ngoku, ndisenjalo ngaphandle kokuba kuthe ngqi into ebalulekileyo. Ndafunda ukupheka, nokwenza wonke umsebenzi wekhaya, nokusebenza kwisitiya sikamakhulu wam, apho wayenemifuno yaye ndandilima. Wayedla ngokuthi “zimisele yaye wenze zonke inzame kuyo nayiphi na into oyenzayo kuba akukho mntu uza kukwenzela.”Xa ndandineminyaka elishumi elinesibini, ndandisenza yonke into apha endlwini, wayiqaphela loo nto ze waqalisa ukuthembela kum. Ndandingumntu ofunda msinyane, ndandiye ndilinganise nayiphi na nayo yonke into athi ayenze (ungayilibali andifundise yona), ngoko ke ndaba nguyena mntu angatyala kuye amava akhe. Emva kwangoko, xa ndandineminyaka elishumi elinesine, wayeye athabathe uhambo oluya kude losuku okanye ngaphezulu etyelela odade bakhe, aze ke andishiye ngasemva nabantakwethu (umnakwethu omdala noodade wethu abancinane) ukuba ndibajonge. Bendivuka kwakusasa ndilungiselele wonke umntu ukuba aye esikolweni, kubandakanya ukuhlamba, ukunxibisa abancinane, ndenzele wonke umntu isidlo sakusasa, ze kunye, besihamba sonke siye esikolweni. Kube kwesi sithuba apho ndiqale ndaziqonda, ndazibona njengekhokheli. Esikolweni, ndazimisela. Ndisakhumbula kakuhle xa

umgama wam omde wokuYa kwImfuNdo

andIswa “ma a” kolanIsI

16tHEEQUALIZEr

umgama wam omde wokuYa kwImfuNdo

andIswa “ma a” kolanIsI

JUnE/JULY201517

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

18tHEEQUALIZEr

ndandikwigreyidi 3, ndihlakaniphile yaye ndifuna ukwazi, utitshala wam wayesoloko esithi kumakhulu wam, “Nofikile” (yayi ligama lakhe elo) nceda uyilolonge imfundo yalo mntwana, kuba uya kude”. Ukususela kuloo mzuzu ukubheka phambili; ndalibona ikhono elalibonwa ngutitshala wam kum, ndaze ukususela ngoko ndaqhuba kakuhle esikolweni. Minyaka le kumsitho wokunikezelwa kwamabhaso, ndandisoloko ndifumana ibhaso lokuqala okanye lesibini kwiklasi yam okanye igreyidi, kunye namanye amabhaso ezinye izifundo nemidlalo. Njengoko ndandiqhubeka njengogqwesayo kwimfundo kwisikolo sam, ndandithabatha inxaxheba kukhuphiswano lwengingqi nolwesithili sesikolo sam efana neEnglish Pro’s kunye nogqwesayo kwibuyambo lesikolo. Oku kwandenza ndazingca ngakumbi, yaye ngoko ndavuseleleka.

Xa ndingikwigreyidi 7, ndenzakala edolweni ngethuba lomdlalo womnyazi, kufutshane nje kuqale iimviwo zangoMeyi/Juni zaloo nyaka. Kwanyanzeleka ndiphume esikolweni ze andabinakho ukubhala iimviwo ukulungiselela unyango. Ndaphantsa ndaphelela ekubeni ndingayiphumeleli loo greyidi.

Inye kuphela into engazange itshintshe kwisikolo samabanga aphezulu, nangona kwakunzima kangako, yaba kukuzinikela kwimfundo nokuvuseleleka kwam ekuthabatheni inxaxheba nakuyiphina into enokucela umngeni kum ukulungiselela ukwandisa ikhono lam. Okwakuthethwa ngutitshala wam rhoqo kumakhulu wam, ngethuba endandikwigreyidi 2, kwakuqala ukuba yinyaniso kum, yaye ndandisele neminyaka emibini kuphela ukuba ndiye eyunivesiti.

Izinto ezininzi zatshintsha kuGreyidi II. Ndaphumelela ndaze ndazonwabisa kuba ndandizakuba kwibangale matriki. Kodwa, emva kwangoko ndamitha yaye njengomphumela, kwakufuneka ndiphume esikolweni. Njengoko nabani enokuqikelela, oku kwayiguqula ngokupheleleyo indlela endandiyicwangcisile ndiyilungiselela ubomi bam, yaye kanye ngeli xesha besele zisiya empumelelweni, kwafuneka ndibuqale ngobutsha ubomi bam.

Ndabeleka inkwenkwe entle kakhulu, ndaze ndamthiya ukuba nguZintle, igama elithetha “Ubuhle”, kuba ngokwenene wayenjalo, ngokunjalo noMdali wakhe.

Kwakufanele ukuba ndiphinde ugreyidi 7, kodwa ngenxa yokusebenza kwam kakuhle kwangaphambili esikolweni, inqununu yandivumela ukuba ndiqhube ndiye kwisikolo samabanga aphezulu.

Isikolo samabanga aphezulu satshintsha yonke into kum. Okokuqala kwafuneka ndihlale kude nekhaya lam ithuba elide ndizihlalela. Isikolo sasikwenye ilali emalunga nama-65km ukuba kude okanye uhambo olungaphezulu nje kweyure enye. Mna kunye namanye amantombazana elali yam sasihlala kule ndlu eyayifunwe ngabazali bethu. Yayikufutshane kakhulu nesikolo yaye ngethamsanqa, kwakungadingeki ukuba sihlawule irhente, kwakufuneka nje sizithengele ukutya kwethu. Sasiziphethe kangangokuba, rhoqo ngenyanga, sasiphelelwa kukutya, kuba asizange sabanayo inkululeko engaka. Sibe nenkululeko eyokude sizidlise ngendlala kuba kwakungekho mntu usixelela ukuba masiyeke ukumosha ngeswekile okanye sipheke inyama engaphantsi kwale xa silungiselela isidlo esinye. Okulandela oku, kwafuneka ndifune izinto ezifana nohlahlo lwabiwo-mali nokukhula ekuphatheni imali. Esi sithuba sayigqibezela inkululeko yam.

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

JUnE/JULY201519

Emva kokuba ndisiyekile isikolo, kwafuneka ukuba ndifune umsebenzi ukulungiselela ukuxhasau mntwana wam. NgoDisemba, ndafudukela eKapa, ukulungiselela ukusebenza njengommeli kamama wam, umncedi, kwenye yeendawo zesixeko njengokowayesekhefini. Andizange ndibenathamsanqa lokufumana owam umsebenzi emva kwangoko, njengoko ndandingena ndiphuma kwimisebenzi yethutyana.

Ngowe-1996, ndagqiba ngokubuyela esikolweni ukuya kuqukumbela imatriki yam, ndaze ndazimasa iiklasi zasebusuku kwiSikolo samaBanga aPhezulu iMasiyile. Ndisonwabe ndinjalo kukubuyela esikolweni, ndadumala xa ndandijamelene nokuswela isithuthi ukuya nokubuya esikolweni rhoqo ngorhatya, yaye njengoko ndandingenawo umsebenzi okanye imali yokundigcina, ndaphuma kwakhona esikolweni. Kwakumalunga nelithuba apho ndabunikela ubomi bam kuThixo ndaba liKholwa elizelwe ngokutsha. Oku kuthetha lukhulu, ingakumbi ngelithuba, kuba kusebenze ngokwenene njengendlela yengcebiso nenkxaso kum. Ndazimisela emsebenzini woluntu, ndidlalela ngokunjalo iqela lengingqi lebhola yomnyazi, ndicula kwikwayara yecawa, neminye imisebenzi yolutsha. Ngoko, ndandineminyaka engama-25 ubudala.

Kunyaka olandelayo we-1997, ndafumana umsebenzi njengomcoci kwinkampani yokucoca ebizwa ngokuba yiBolland, ze kwangaloonyaka ndatshatela kuyise womntwana wam. Ubomi bam baguquka kwakhona, ngeli thuba inguqu yayingcono kuba ngoku ndandingumfazi, ndingumama yaye ndisebenza.

Ngowama-2006, emva kokusebenza iminyaka elithoba phakathi kwemisebenzi yethutyana ukususela ngowe-1997, ndathi ekugqibeleni ndaqala elami shishini. NdibeneSpaza (ivenkilana encinane engekho sikweni elokishini, isoloko iqhutyelwa endlwini), ndafunda lukhulu kumakhono axabisekileyo, afana nonxibelelwano olufanelekileyo,

ngentla: upha amantshontsho ukutya. ekhohlo: unceda unyana wakhe umiso ekufundeni ngeli thuba intombi yakhe uFifi esenza owakhe. ekunene: ulungiselela isidlo sangokuhlwa.ngezantsi: utshintsha iikhetini.

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

20tHEEQUALIZEr

uqulunqo lohlahlo lwabiwo-mali, ukubalwa kwestokhwe, uthungelwano nokusebenza nabanye abantu njengeqela. Ishishini lakhula ngokukhawuleza kodwa apho sihlala khona yayili tyotyombe ze kwafuneka sifudukele kwenye indawo ze ndivale ishishini. Ngethamsanqa, ndafumana omnye umsebenzi kwinkampani yamayeza eKapa, nditsheka yaye ndipakisha zonke iimveliso zamayeza kwistora.

Ukubalwa kwestokhwe akuzange kufane nangokuya bendinespaza kuba ndandijamelene neshishini elikhulu nezixa ezikhuluze mali. Kwafuneka ndenze yonke into kwikhompyutha kodwa ekuqaleni ndandijamelene nomngeni, kuba ndandingenalo ulwazi lwekhompyutha, kuba ndikhawuleza ukufunda, kundithathe nje iintsukwana ukuyifunda. Ngethutyana nje ndabesele ndizisebenzela kuyo.

Emva kokulahlekelwa ngulo msebenzi, ndagqiba ngokuvula ikhreshi ngowama-2010, ndiqala ngokujonga umntwana womhlobo wam xa esiya emsebenzini. Wahambisa umyalezo kuluntu, kwaze kwamsinyane ndagcina abantwana abalishumi kwisithuba nje senyanga enye! Ndathatha umhlobo wam

ukuba andincedise ze ndimbuyekeze, sisobabini nomhlobo wam onikele ngexesha lakhe simahla ngenxa yothando lwakhe lwabantwana, sasigcina abantwana abangaphezulu kwamashumi amathathu kwisithuba nje esingaphantsi kweenyanga ezintathu.

Ngeli thuba ndixakeke yiKhreshi, omnye wabahlobo bam wandimemela kwintlanganiso yabazali, abafundi namalungu oluntu eyayibanjelwe kwiholo loluntu. Umbutho wawuxhasa ukulunga nokulingana kwinkqubo yemfundo yoMzantsi Afrika yaye yayizibophelele kuqhankqalazo olusekwe kubungqina ukulungiselela ukuphuculwa kwezikolo zelizwe. Njengoko ndandinomdla kumalungelo abantu yaye ndandisele ndisebenza nabantwana nabazali babo, xa babefuna amavolontiya, andizange ndithandabuze.

Ngeli thuba ndisebenza neEE, ndafumana indaba zokuba unyana wam uZintle, owaye kwigreyidi yesi-9 ngelo xesha, kunye neqaqobana labantwana abantsundu bagxothiwe phantsi kweemeko ezingekho mthethweni nezinobuhlanga, kuba isisikolo esifundisa ngolwimi lwesiBhulu yaye ingummandla wabantu bebala

lo sihlala kuwo. UZintle kunye naba bafundi yakukuphela kwabo abantsundu kwesisikolo, yaye basoloko befumana ukucalulwa ngokwebala okokoko baqalisa ukufunda apha. IEE yenza uphando yaze yabanakho ukumbuyisela umntwana wam kwakhona esikolweni.

Ibe ngowona mzuzu ubalulekileyo lo kuba kubengawo endithe ndangqina ukuba umsebenzi waye unentsingiselo ngenene yaye iziphumo ziyabonakala. Oku kundincede okokuba ndizimisele ngakumbi kuba, njengevolontiya, ndandiququzelela indibano zocweyo lwayo, yaye njengomakhulu wam, ndandifuna wonke umntu anikwe ithuba elilinganayo kwimfundo. Ekugqibeleni, yandiqesha njengomququzeleli wabazali ze xa kuya kuphela unyaka wama-2011, ndatyunjwa njengelungu lebhodi, ze ngoJulayi wama-2012 kwinkongolo yeEE yokuqala eyayiseGauteng, ndanyulwa njengelungu lebhunga lesizwe ukuba kuthi ga ngoku. La mathuba andithwalisa uxanduva olukhululu sangezelela kolo bendisele ndinalo, ngakumbi olwekhreshi. Ngokunjalo yandiqeqesha kub angoku babe baninzi abantu abaxhomekeke kum, kuba ngoku ndiyabakhokhela.

Ukujoyina iEE kundivule amehlo kuba ngoku ubomi bam baqala ngokutsha. Okubaluleke kakhulu, babulandela le ndlela ndathi ndaphulukana nayo kwisikolo samabanga aphezulu. NgoFebruwari wama-2012 ndagqiba isifundo senkqubo yeFamily and Community Motivation (FCM) yearly Learning Resource Unit (ELRU). Esi sifundo sindincede kakhulu kuba ngoku ndandisebenza nabazali, leSebe elitsha laBazali. Umsebenzi wethu uquka ukuvuselela abazali ukuba bazibandakanya ngakumbi kwimfundo yabantwana babo, nokubaxhobisa ngezixhobo eziyimfuneko abazidingayo ukukwenza oku.

NgoDisemba wama-2013, ndagqibezela imatriki ze ngoFebruwari wama-2014, ndabhalisela kwiYunivesiti yaseNtshona Koloni ukwenza iHigher Diploma in Adult Education. Ngoku selendikunyaka wesibini ze kamva, ndizimisele ukungenela imfundo emsila kwiSocial Work. Ndiyacinga ukuba ubizo lwam lusebantwini ingekuko ukusebenza nabo nje kuphela koko ikukuba nabo bafezekise ezabo izidingo.

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

kwIsgb: ukukhuthaZwa kwemfundo efanelekIleyo kubo bonke

abafundIshEllY WilBURN

JUnE/JULY201521Julian Goldswain PhotoGraPhy©

22tHEEQUALIZEr

INtshaYeLeLoSiyaliqonda na igalelo labazali, amalungu oluntu, nabanye abachaphazelekayo ngokuhambelana nezikolo? Ngabachaphazelekayo, ndithetha abantu abanomdla kakhulu kwizikolo ezifanelekileyo. Nangona ke mhlawumbi bengaqeqeshwanga njengootitshala, aba bachaphazelekayo banokuba nolwazi oluninzi ngeemfuno zoluntu lwabo kunye/okanye iimfuno zabantwana babo. Ngale ngqiqo, abazali kunye nabanye abachaphazelekayo banakho ukuxhasa imfundo efanelekileyo, efunyanwa ngabantwana babo esikolweni.

ImBaLI emfutshaNe Emva nje konyulo lokuqala ledemokhrasi ngowe-1994, uMthetho weZikolo woMzantsi Afrika (SASA) we-1996 waliqonda igalelo elilodwa labazali ekuncedeni izikolo ukufezekisa injongo yazo. Phambi kowe-1994, urhulumente wocalulo wayesenza uninzi lwezigqibo ezibalulekileyo nemigaqo-nkqubo elungiselelwe izikolo. Ngoko, kunokuba izigqibo zenziwe zivela phezulu, apho izikolo zinolawulo olungephi kuloo migaqo-nkqubo, iSASA yalinika eli gunya lokwenza izigqibo isiGqeba esiLawula iSikolo (SGB). IiSGB zokuqala zanyulwa ngowe- 1997, yaye le nkqubo yenziwa rhoqo emva kweminyaka emithathu.

ukuchazwa kwegaLeLo LeesgBIiSGB zibonisa idemokhrasi efanelekileyo yoMzantsi Afrika, apho umdla wabo bonke abachaphazelekayo uxatyiswa yaye umelwa. Iqela ngalinye elichaphazelekayo linikwa izwi – abazali, ootitshala, abasebenzi abangengabo ootitshala, abafundi (ukusuka kwiGreyidi 8 – 12), neenqununu. Ilizwi ngalinye libalulekile. Ekunye, onke amazwi anoxanduva kwimfundo yabantwana boMzantsi Afrika.

Abazali baqulunqa elona qela likhulu labachaphazelekayo kwiSGB. Ngaphezulu kwesiqingatha samalungu eSGB anelungelo lokuvota kufuneka ibe ngabazali. Amalungu oluntu awangezelelweyo anokongezwa kwiSGB ngenxa yobuchwepheshe bawo, obufana nokunyuswa kwengxowa yemali, amakhono emali nawekhompyutha. Nangona la malungu angezelelweyo engenalo ilungelo lokuvota, anganakho ukuxhasa izikolo ngokufanelekileyo

ngezinye iindlela. Inani lamalungu ootitshala nabazali lixhomekeke kwinani labantwana esikolweni. Sakuba sikhulu isikolo, siding kakhulu ootitshala abaninzi nabazali. Ngaphezulu Ngaphezulu, iiSGB kufuneka zinyule uSihlalo, uNobhala noNondyebo.

Unakho ukumangaliswa: zihluke njani iiSGB kubaphathi besikolo? Igama elithi ‘lawula’ limalunga nokuthatyathwa kwezigqibo nemigaqo-nkqubo ngendlela ezilawulwa ngayo izikolo, ezifana nendlela yokuqeqeshwa kwabafundi okanye liliphi ixesha ekungena nekuphuma ngalo isikolo. Oku kungumahluko ‘kukuphatha’, okujongene nobuchule bokujongana komsebenzi wootitshala wemihla ngemihla. Abaphathi bezikolo, abafana neenqununu neeNtloko zamaSebe (iiHOD), zithanda ukuzikhathaza ngokufundisa nokufunda eklasini.

Nangona ulawulo lwesikolo nabaphathi besikolo iyimimandla eyahlukeneyo, ikho into eyihlanganisa kunye – iinqobo ezisesikweni ezifanayo. Iinqobo ezisesikweni zethu neenkolo zinempembelelo kwinto esiyicingayo. ICandelo lama-20(a) likaSASA lichaza into yokokuba umsebenzi weSGB “kukukhuthaza okubalulekileyo esikolweni ze izamele ukuqinisekisa ngophuhliso lwaso ngokunikezelwa kwemfundo efanelekileyo elungiselelwe bonke abafundi esikolweni”. Ukuba ngaba bonke abachaphazelekayo, ingakumbi iiSGB nabalawuli besikolo, basebenza kunye ukukhuthaza imfundo efanelekileyo, isenokwenzeka into yokokuba izikolo zifezekise injongo yazo. Imizekelo yeenqobo ezisesikweni ezithi zikhuthaze ukufaneleka kwemfundo, zibandakanya ukuqinisekisa ngokokuba wonke umntu useklasini yaye uyafunda ( ootitshala nabafundi), nento yokokuba kuboniswa indlela yokuziphatha echubekileyo, yaye kukho inkolo yopkokuba nawuphi na umfundi unakho ukufezekisa ubungcali basezifundweni.

ImIseBeNzI eNguNdoqo YeesgB (sasa, IcaNdeLo Lama-20)I SASA isixelela ngokuba zonke iiSGB zinoxanduva lwemisebenzi engundoqo. Le misebenzi kufuneka yenziwe ngeendlela ezikhuthaza umdla nokufaneleka kwesikolo nabafundi:

1. Ukuyila umgaqo-siseko oxela ngendlela iSGB eya kusebenza ngayo. Kufuneka ihlangane kangaphi iSGB? Iya kuyinika nini ingxelo kubazali iSGB? Ngawaphi amacandelo eekomiti aya kuqulunqwa? Ingaba ikho ikomiti yokonyusa ingxowa yemali? Ingakho ikho ikomiti ejongene nemali?

2. Ukuyilwa komnqophiso olungiselelwe isikolo. Ziziphi iinkolo ezibaluleke kakhulu zesikolo? Ziziphi iinjongo zesikolo?

3. Ukwenziwa kwesigqibo ngemigaqo-nkqubo yesikolo. Uya kuba yintoni umgaqo-nkqubo wolwimi? Umgaqo-nkqubo wolwamkelo lwabafundi? Umgaqo-nkqubo wenkolo?

4. Ukumiselwa kwendlela yokuziphatha esikolweni elungiselelwe abafundi. Ithini imithetho yokuziphatha? Kuya kwenzeka ntoni xa imithetho ethe yaphulwa?

5. Inkxaso kwinqununu, ootitshala, namanye amalungu abasebenzi ukukulungiselela ukuba enze imisebenzi yawo. Ziyintoni iimfuno zesikolo? Zootitshala? Zeenqununu?

6. Ukumiselwa kwexesha lemini yesikolo. Iqala ze iphele nini imini yesikolo?

7. Ukulawulwa kwepropati yesikolo, izakhiwo, namabala. Kufuneka isetyenziswe njani ipropat nezakhiwo zesikolo?

8. Ukukhuthaza abazali, ootitshala, abasebenzi nabafundi ukuba bavolontiye ngexesha labo. Singenza njani ukufumana abazali babandakanyeke esikolweni?

9. Ukunika iingcebiso kwiNtloko yeSebe lePhondo ngokuqeshwa kootitshala nabasebenzi abangengabo ootitshala. Luhlobo luni lotitshala oludingwa sisikolo sethu?

10. Ukunikezela ngendlela yokusetyenziswa kwepropati yesikolo kwiNtloko yeSebe lePhondo ukulungiselela ezinye iinkqubo zemfundo.

ImIseBeNzI eYaBeLwe IIsgB (sasa, IcaNdeLo 21)I SGB inakho ukwenza isigqibo sokuthwala uxanduva olungaphezulu ukulungiselela ukuphucula ukufaneleka kwesikolo. Ukwenza oku, iSGB kufuneka yenze isicelo esibhaliweyo kwiNtloko yeSebe lePhondo

JUnE/JULY201523

ze ibe nakho ukwenza uhlahlo lwabiwo-mali yaye ilawule iingxowa-mali zesikolo ngendlela eyiyo. Imisebenzi eyabelwe iSGB ibandakanya:

1. Ukulolonga nokuphucula ipropati yesikolo. Singasenza njani isikolo sethu sikhuseleke ngakumbi, sibe nokhuselo, nocwangco?

2. Ukuthenga iincwadi nenye imathiriyeli yemfundo nezixhobo. Luluphi udidi lwezibonelelo ezidingwa ngootitshala bethu nabafundi ?

3. Ukumisela kwekharityhulam yemidlalo nenkcubeko yesikolo kunye/okanye eminye imimandla yezifundo ezingakhethwa. Ezi kufuneka zilandele umgaqo-nkqubo wephondo kwikharityhulam.

4. Ukuhlawulela iinkonzo esikolweni, ezifana namanzi nombane.

ukukhuthazwa kwemfuNdo efaNeLekILeYoYonke imisebenzi yeSGB ibalulekile, kodwa eminye inempembelelo kakhulu kukufaneleka kokufundisa nokufunda kuneminye. Uphando kwimfundo lusixelela ukuba kukho uxanduva olungundoqo lweeSGB olunakho ukukhuthaza kakhulu ukufaneleka eklasini:

1. Ukuqeshwa kootitshala nokunyuselwaOmnye wemisebenzi yeSGB kukunika iingcebiso kwiNtloko yeSebe yePhondo ekuqeshweni kootitshala esikolweni. Zibuze: Luluphi na uhlobo lwenqununu, lweHOD, okanye lwetitshala oludingwa sisikolo sethu? Ngawaphi amakhono afunekayo? Siyakwazi njani ukuba nguwuphi umgqatswa ofanelekileyoi kulo msebenzi? Ekupheleni, ngaba bantu abaza kunikezela abantwana bakho ngolwazi, amakhono kunye nendlela yokuziphatha kwikamva labo. Ukuphendula le mibuzo kudinga ulwazi lwesikolo neenqobo ezithile zokukhetha. Kungoko kuphela unganakho ukukhetha oyena ufaneleke kakhulu, unovuselelo yaye engumntu onobuchule bomsebenzi. Camngca ngokuzisa amalungu eSGB awongezelelweyo kwikomiti yodliwano-ndlebe ukuba ngaba ubuchule buyadingeka. Ukukhetha abagqatswa kuba ingabahlobo okanye izizalwane, okanye ukuseka kukuba kumbutho omnye wezopolitiko, akunakho ukuba kungakhuthaza ukulunga kokufundisa nokufunda.

2. Ukusetyenziswa kweengxowa-mali nokuba selubala ngemicimbi yemaliIzibonelelo zemfundo zibalulekile ekunikezeleni abafundi abafundi imfundo elungileyo. Izibonelelo zinokuvea ngendlela ezahlukeneyo, kubandakanywa iincwadi, abantu, iimbono, kunye neengxowa-mali. Ngaphezulu, uphando lusixelela ngendlela ezi zibonelelo ezisetyenziswa ngayo yaye okubaluleke kakhulu, ingakumbi indlela iiSGB ezaba ngayo inkxaso-mali, sikhetha ngenyani ukuba ziziphi izibonelelo ezibaluleke kakhulu. Unakho ukubuza: Zintoni izidingo zesikolo? Ingaba ezo zidingo zinxulumene na nokufundisa nokufunda eklasini? Umzekelo, ootitshala banako ukudinga iincwadi zokufunda zolwimi oluthile okanye izixhobo zelebhu yenzululwazi. Ngale ndlela ulwabiwo lwengxowa-mali lunekhono lokukhuthaza ukulunga kokufunda. Oku kuthetha ukuba, kubalulekile ukuba selubala malunga nendlela imali echithwa ngayo. Ngaphandle kokuba phandle, iingxowa-mali zinokusetyenziswa gwenxa okanye zichithelwe izinto ezingahambelani nondoqo womsebenzi wesikolo. Zibuze : Kuya kuba nefuthe elingakanani kokuqhubeka eklasini ukuchithwa kwale mali?

Ngokolu xanduva luchazwe apha ngasenta, bonke abachaphazelekayo kufuneka bazifunde ngononophelo izikhokhelo zeSASA. Iya kuba luncedo kwiiSGB ukuthetha ngomsebenzi ngamnye kwimisebenzi yazo, ingakumbi kunye nenqununu, ze zibe nakho ukuphendula umbuzo: Luyintoni uxanduva lwam?

amakhoNo okuseBeNza aNgaBhekIseLeLe mNtwININgeli thuba isebe lephondo kufuneka linikezele ngengcaciso eyangezelelweyo namathuba oqeqesho kwiiSGB, uphando lusixelela ukuba ambalwa amakhono okusebenza angabhekiselele mntwini abalulekileyo kwimisebenzi emininzi yolawulo:

1. Ukwenziwa kwezigqibo

Ukwenziwa kwezigqibo kufuneka kube ngaphezulu kwesivumelwano okanye ukuthetha into enye. Kuya kusoloko ngokunjalo kukho ukungavumelani, uthethwano, uhlangabezwano

nokuthatyathwa kwenxaxheba kwawo onke amalungu. Ilizwe ngalinye libalulekile yaye linikezela iimbono ezahlukeneyo; Umzekelo, kuya kubakho ungqubano lwezimvo ukuba ingaba nguwuphi umgqatswa ofanelekileyo ukuzalisa isithuba sokufundisa. Kubalulekile ukuxabisa iyantlukwano nganye yabanye kwimbono; kungenjalo uya kuba semngciphekweni wokugcina oko bekukho ngaphambili.

2. Ukusonjululwa kwengxakiNgaphandle kokuthandabuza, iiSGB nezikolo ziya kuba neengxaki ezivela kumathuba ngamathuba. Umzekelo, ungafuna ukuza neembono zokwandisa ingxowa-mali yesikolo, ukufumana inkxaso engaphezulu kwiiNGO zengqingqi, okanye ukubonelela ngokhuseleko olungaphezulu kwipropati yesikolo. Ngokufana nokuthatyathwa kwezigqibo, kubalulekile ukunika imbono yakho emalunga nonobangela weengxaki nokucebisa ngezisombululo ezinokubakho. Iintloko ezimbini ezicinga ngokwahlukeneyo ziba ngcono kumaxesha amaninzi kunezimbini ezicinga ngokufanayo; kukho ithuba elikhulu lokufumana isisombululo esilungileyo.

INgcINgaNe YokugqIBeLa Nokokokuba indima yakho iyintoni na, nokokuba uyinqununu, utitshala, umzali, umfundi, okanye ilungu loluntu, sonke sikhuthaza imfundo elungileyo ngeendlela ezahlukeneyo. Njengomzali, ukukhuthaza ukulunga kubandakanya ukutyumba nokuvotela umgqatswa olungileyo weSGB. Kubandakanya ngokunjalo ukuthetha neetitshala zomntwana wakho ngendlela ongathi ubaxhase ngayo ngaphandle kwesikolo nokuzimasa iintlanganiso zabazali. Abantwana balikamva loMzantsi Afrika. Uxanduva lwethu oluhlangeneyo lubanga okokuba sibabonelele ngethuba elilungileyo ukulungiselela ukufezekisa amaphupha abo. Izikolo zidinga inkxaso hethu! Masisebenze kunye.

24tHEEQUALIZEr

ImIfaNekIso ezotYwe YIofIsI YeequaL educatIoN esempuma koLoNINgu DaNiEl liNDE

KwiPrayimari iOverton, kwisiThili sase-Monti, ititshala kaGreyidi R unxiba i-ovaroli ukukhusela impahla yakhe kuthuli oluk-wiklasi yakhe eyenziwe ngamazinki. Abant-wana kulaa klasi bayagula ngenxa yeemeko, yaye isoloko ishushu kakhulu okanye ibande kakhulu ukuba ungafundela ngaphakathi kuyo. Iiklasi azinaluncedo kwimpilo okanye kwimfundo. Kwesinye isikolo saseprayimari, iSiyibane – esiseCollywobbles, eDutywa – abantwana abaminyaka ili-10, 11 ne-12

ubudala basokola iiyure ezininzi ngosuku lwesikolo bethwana iibhotile zegesi bezisa esikolweni ukulungiselela ukupheka. Isi-kolo sabo asinawo amanzi, akukho mbane akukho mibhobho ihambisa amanzi amda-ka nezindlu zangasese ezinamanzi. Isakhi-wo sesikolo siphelele senziwe ngamazinki.Ezi meko ziqhelekile kweli Phondo. Ngoku-hambelana neenkcukacha zamanani zakut-sha nje zikarhulumente, ezipapashwa kulo nyaka uphelileyo kwiNgxelo yeeNkqubo zolawulo lweZibonelelo yeMfundo yeSizwe, eMpuma Koloni: • Izikolo ezingama-366 azinazibonelelo

zezindlu zangasese (ezingama-3479 zinezindlu zangasese ezigrunjwe em-hlabeni);

• Izikolo ezingama-339 azinamanzi (ez-ili-1791 zinesibonelelo samanzi esing-athembekanga); yaye

• Izikolo ezingama-377 azinawo um-

339 IZIKOLO EZINGENAWO AMANZI

377 IZIKOLO EZINGENAZO EZOCOCEKO377

IZIKOLO EZINGENAWO UMBANE

IPhulo lokulungIsa IZIkolo Zethu lIyaQhuba:

amalungu eEqual Education eMpuma Koloni atyelela izikolo kwiPhondo lonke ukuqhagamshelana neen-

qununu, iiSGB, abazali, ootitshala nabafundi ngomthetho omtsha olungiselelwe izibo-nelelo zesikolo, nokuxhobisa izikolo ukuze zibe nokuthabatha inxaxheba ekuqiniseki-seni ngento yokuba umthetho umiliselwe ngendlela eyiyo yaye ngexesha elifaneleki-leyo.

iFoto: aFrica check

JUnE/JULY201525

bane (ezili-1450 zinesibonelelo som-bane esingathembekanga).

•Ngomhla wama-29 kuNovemba 2013, amalungu eEqual Education, nabafun-di kwilizwe lonke afumana uloyiso olu-bonakalayo. Ngaloo mhla, uMphathiswa weMfundo yeSiseko uAngie Motshekga wamkela uMthetho oNxulumene neZith-ethe neMilinganiso efanayo ekwinqanaba eliphantsi elungiselelwe iZibonelelo zeZi-kolo zikaRhulumente. Imithetho, eyila ux-anduva olubophelelayo olusemthethweni lokokuba urhulumente kufuneka anikezele ngezibonelelo kwizikolo, ibe ngumphume-la weminyaka engaphezulu kwemi-3 yo-qhankqalazo oluzibopheleleyo, uvuselelo nohlahlelo, olukhokhelwa ngabaququzeleli beEqual Education, abaququzeleli, abazali, ootitshala kunye, ngaphezu kwabo bonke, abalinganisi.

Ngaphantsi nje kunyaka omnye, ngomhla we-10 kuOktobha 2014, iEqual Education iseke iofisi yaye esigxina eMpuma Koloni, iPhondo elichaphazeleka kakhulu yile ngx-aki yezibonelelo.

Nangona kungekho kuthandabuza kwinto yokuba ukuyilwa kwezithethe nemilingan-iselo yayilinyathelo elibalulekileyo neliyim-funeko elijolise kwicala elilungileyo, inqa-naba elilandelayo lephulo “Lungisa izikolo zethu” – inqanaba lomiliselo – lihlala lilelo-na libalulekileyo, yaye ngokuqinisekileyo elingumngeni kakhulu. I EE iwubiza lo mse-benzi iPhulo “The Michael Komape”, egame-ni likaMichael, umfundi ominyaka mithan-dathu osweleke kulo nyaka uphelileyo xa athe wawela kwindlu yangasese edilikileyo egrunjwe emhlabeni ekwisikolo sakhe emaphandleni eLimpopo. Iphulo loku-lungiswa kwezikolo zethu linyazelisa ukuba abafundi akufuneki bachithe iintsuku zabo kolu hlobo lweemeko ezingakhuselekanga athe wajamelana nazo uMichael, yaye nen-to yokuba izikolo zakhelwe ukubonelela ngobume obufanele ukufundisa nokufun-da.

Ukuqhubela phambili iPhulo i-The Michael Komape, yaye ukwangezelela ekwakheni umbutho eMpuma Koloni, umyalelo we-ofi-si yephondo entsha yeEE kukukhokhela uvuselelo novavanyo malunga namalunge-lo abafundi nootitshala kwiPhondo phan-tsi kwezithethe nemilinganiselo. Izithethe

nemilinganiselo zinyanzelisa urhulumente ukuba aqinisekise ngento yokuba, kun-gadlulanga umhla wama-29 kuNovemba wama-2016, akusayi kubakho zikolo ezen-ziwe ngodaka, ngeasbestosi, ngemithi okanye ngecangci, yaye akukubakho zikolo zingenawo amanzi, umbane okanye izindlu zangasese ezigungxulwayo. Ngowama-2014, iEE yenza isicelo kwiSebe leMfundo yeSiseko (DBE) ngokwemiqa-thango yomthetho wePromotion of Access to Information Act, icela kwiSebe uluhlu lwezikolo ezihambelana nayiphi na umba ekufuneka uqwalaselwe ngesi sithuba sokuqala sexesha. EMpuma Koloni, ab-aququzeleli, abalinganiso nabasebenzi abasebenza ukuqinisekisa ingcaciso eku-luhlu ethe iDBE ekugqibeleni yalunikezela. Utyelelo lwezikolo yinxalenye ebalulekileyo yalo msebenzi. Kolu tyelelo, izibonelelo zesikolo ziyahlolwa, yaye amakhulu ama-foto ayathatyathwa. Ezi mvavanyo neefoto zisinceda ekuqinisekiseni uluhlu lweDBE nokuvavanya, kwinqanaba lakamva, uku-ba uphuhliso lwesibonelelo luqhubekile esikolweni. Omnye umba womsebenzi wethu ubandakanya iintlanganiso zoluntu kwiPhondo lonke, apho amakhulu abazali, ootitshala nabafundi abamele ngaphezu-lu kwezikolo ezingama-80 babe nethuba lokufunda malunga nomsebenzi weEqual Education kunye nezithethe nemilingan-iselo elungiselelwe izibonelelo zesikolo, nokuxoxa ngendlela yokusijoyina ukubhe-ka phambili.

Ezinye izifundo ezibalulekileyo zivele kum-sebenzi wethu kwiPhulo iMichael Komape. Utyelelo lwethu ezikolweni, iimvavanyo zezibonelelo kunye neentlanganiso zoluntu zisifundise ukuba: 1. Izikolo azikhange zaziswe ngezithethe

nemilinganiselo nokuhlaziywa kwezi-bonelelo ezifanelekileyo kubo, yaye ngoko azinazo izixhobo eziyimfuneko zokuthwalisa uxanduva urhulumente ukuze anike ingxelo;

2. Iinqununu, ootitshala neeSGB zi-wele ngumxhelo malunga nethemba lokuqaliswa kwesibonelelo sesikolo;

3. IPhondo lihamba ngonyawo lonwabu ukumilisela izithetha nemilinganiselo;

4. Ingcaciso esiyinikezwe yiDBE ayilun-gile. Ingcaciso esiyinikiweyo ngoninzi lwezikolo ayihambelani nezibonelelo esizibonayo.

Ezi zifundo zigxininisa isidingo esikhawulez-ileyo sokokuba umbutho, kunye noluntu, zibone izicwangciso zePhondo zomiliselo ezilungiselelwe izithethe nemilinganiselo. Imithetho inyanzelisa ukuba iMEC nganye yemfundo kufuneka inikezele uMphathiswa Motshekga isicwangciso esithi thaca okuse-mva kwezithethe nemilinganiselo kwiphon-do ngalinye elichaphazelekayo, ze ichaze inkqubo elungiselelwe ulwakhiwo lwezi-bonelelo ngokuhambelana namathuba exesha abekiweyo. Ezi zicwangciso zazilin-deleke ukuba zinikezelwe kuMphathiswa kungadlulanga umhla wama-29 Novemba 2014, kodwas azikabhengezwa nakaloku nje.

Ukuphela kukaMeyi 2015 kuphawula isiqin-gatha kwisithuba seminyaka emi-3 soku-miliselwa kwezithethe nemilinganiselo. Emva kokuba sifumanise ukuba ingcaciso enikezelwe liSebe lezeMfundo kuthi ayilun-ganga nento yokokuba izikolo azaziswan-ga ngamalungelo aqulathwe kwizithethe nemilinganiselo, iEE icamngca into yokoku-ba ubhengezo lwezi zicwangciso zePhondo lungxamile yaye ludlulelwe lixesha.

Ukususela kumhla woku-1 ukuya kowe-si-3 kuEpreli, abalinganisi bee bakhokhela uqhankqalazo eGauteng, eNtshona Koloni naseMpuma Koloni. Abalinganisi bachaza amabango okukhutshwa ngokukhawuleza kwazo zonke izicwangciso zomiliselo zePh-ondo. ENtshona Koloni, Abalinganisi balala ngaphandle kwePalamente iintsuku zam-bini, ze eMpuma Koloni malunga nama-50 abalinganisi balale ngaphandle kweSebe lezeMfundo leMpuma Koloni, eZwelitsha. Abalinganisi bacula kwade kwasebusuku ze bahlala ubusuku bonke kumlindo egame-ni likaMichael Komape kunye nabo bonke abafundi boMzantsi Afrika abakwizikolo abakwizibonelelo ezingekho mgangath-weni. Ngenxa yolu vuselelo iNtloko yeSebe eBambeleyo yeSebe lezeMfundo eMpuma Koloni yenze amalungiselelo okuhlanga-na namalungu eEE ukuxoxa izicwangciso zePhondo ezilungiselelwe izibonelelo. Nangona siyamkela le ntlanganiso kunye neBambela HOD, iEqual Education eMpu-ma Koloni iya kuqhubeka isenza ibango lokukhutshwa kwesicwangciso somilise-lo sePhondo, nokuvuselela amalungu ethu, nolunt kwiPhondo lonke, njengoko siqhubela phambili kumzabalazo woku-lungiswa kwezikolo zethu.

IPhulo lokulungIsa IZIkolo Zethu lIyaQhuba:

iFoto: aFrica check

28tHEEQUALIZEr

ndazalwa ngoMatshi ngowe-13, ngo- 1971 kwilali ebizwa ngokuba siSterkspruit, er-hangqwe ziiNtaba zaseDraken-

berg eMpuma Koloni. Ubomi bobuntwana bam babuphawulwa kukusoloko ndiselu-hambeni kuMzantsi Afrika nakufutshane , ukusuka eJohannesburg, KwaZulu-Natal, eNorthern Cape naseLesotho. Abazali bam babejikeleza kakhulu bekhangela amarhiwu aluhlaza phantsi koCalulo, kodwa ben-genawo amapasi ngoko besisoloko sibaleka amapolisa, sibaleka ukuba singabanjwa okanye sitshutshiswe. Ndachaphazeleka koku, kuba andizange ndibe nobomi besi-kolo obuzinzileyo, njengoko ndanditshint-sha-tshintsha izikolo rhoqo ngonyakaInye into endinokuyicaphula kubuntwana

PatrICk ralehoko

bam kwakuxa umakhulu wam endincoma ngokuthiya iinkomo zakhe awona magama afanelekileyo. Ngenkangeleko ibonakala incinane kakhulu, kodwa ngowona mzuzu usenyongweni kubom bam bobuntwana.Emva kokufuduka rhoqo sisuka kule ndawo sisiya kuleya, ngowe-1990, side ekugqi-beleni sazinza eKapa. Ngelo thuba, ndan-dise ndineminyaka engama-20 ubudala, ndisandula kutshona imatriki ndikhangela ngokunjalo umsebenzi. Njengoko ndan-disoloko ndibaleka nditshintsha izikolo minyaka le, ukufunda kwam kwachapha-zeleka. Ngokwakaloku nje ndisebenzela ukugqibezela imatriki kuba ndinephupha lokuqhubela phambili kwizifundo zosh-

ishino. Njengoko ndingazange ndikhule ngendlela umzali owayengathanda ukuba abant-wana bakhe bakhule ngayo, ukususela kwandiselula ndandikuthanda ukunceda abanye abantu. Ndandiyazi intlungu yabo yaye ndithanda ukubanceda ukuze babe nokuguqula impilo yabo ibe ngcono. Kuko oko okwanditsalela ekubeni ndisebenzele iiNGO eziliqela nemibutho yasekuhlaleni efana neSANCO, nokusebenza ngokunjalo kwiiKomiti zesitalato nezasekuhlaleni. Kon-ke oku kwandenza ndakuthanda ukunceda ndaze ngaloo ndlela kwavela le nkokheli yoluntu.Ngowama-2012, ndandisebenza nezi

ngasezantsi: uPatrick uqhula usana uequal. ekunene: uvuselela uajax (inja).

IBALI LAM: UMQUQUZELELI WABAZALI

uBomI Bam, ImpemBeLeLo eNkuLu

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

JUNE 2015 BJulian Goldswain PhotoGraPhy©

30tHEEQUALIZEr

zikolo, iNtwasahlobo neSobambisane eziseKhayelitsha. Ndamenyelwa kwintlan-ganiso yeEqual Education, apho kwabakho intetho enikezelwayo ngenkqubo yezem-fundo yeli lizwe, indlela eyayilimaza abant-wana bethu ngayo, endaweni yokubance-da nendlela ekungathi oku kuguqulwe. Okubalulekileyo kokokuba ndinganceda njani kule nguqu. Ndazibhalisa ndalilungu ndaze ndazivo-lontiya njengomlungelelanisi woluntu njengoko sele ndinamava okusebenza nolu luntu iEE ifuna ukusebenza kulo. Into ekwakufuneka ndiyenzile kukuvuselela abazali, abafundi namalungu oluntu kwezi ngingqi zoluntu okokuba angazi nje kuphela ngobume bemfundo kweli lizwe, koko bazi nendlela abangathabatha inxaxheba ngayo ekuyiguquleni ukuze ibe ngcono. Ngowama-2013, ndathi ndaqeshwa njengomququzeleli wabazali kulungiselelwa iSebe loLuntu.Eyona nto ndayifumanisa inzima yaye iyodwa ngokuba ngumququzeleli woluntu nabazali yayikukwenza izigqibo. Kufana nokulawula inkampani yoluntu, apho na-kusiphi na isigqibo esingundoqo kufuneka kuthetha-thethwane nabachaphazelekayo. Ukuba ngaba kudingeka ukuba kwenzi-we isigqibo ngoku, loo mcimbi awusayi kuqhubela phambili kuba kufuneka unxibelelane naye wonke umzali okwisebe lakho yaye ke sele bexakekile zizinto zabo

yaye abanye banezicwangciso ezin-gaqhelekanga, ngoko ke bubudlelwane obu obubodwa. Akufani oku nokuququ-zelela intlanganiso neqela labafundi emva kokuphuma kwesikolo okanye ngomGqi-belo. Ngaphandle kokuhamba imigama emide kwiingingqi zoluntu ezahlukeneyo, ndise-benza ikakhulu noluntu oluhluphekileyo olusebenzayo, ndiye ndizame ukuzig-cina ndisempilweni. Ndiya kuzilolonga ejim, ndicamngce ndaye ndiye ndizame ukusivuselela isimo sam sengqondo ngokuziphumza nokubujonga ngomhla ubomi. Engqondweni kulapho izinto ziqala khona. Ndiyawuthanda umculo ngokunjalo iAfro -Jazz, Afro-pop, Soul, RnB, Blues nalo naluphi na udidi lomculo oluya kuvuselela ingqiqo yam.Into ehlekisayo ngam, endicinga ukuba abanye abantu abayazi, yinto yokuba ndi-yathanda ukudlala nabantwana ndiyenze ingqondo yam ilingane nabo xa ndikunye nabo. Sele ndinabantwana abane. Ndiziva ndonwabile xa ndinabo ndibe ngathi an-dinazinzingo . Oku kuya yivuselela injongo yam nokokuba ngamanye amaxeshja ndiziva ndihlile emxhelweni.Ngumnqweno wam wokokuba ulutsha lwanamhlanje luwabambe amathuba elinawo ngezandla zozibini, luzihloniphe kunye kunye nabanye abantu ngaloo ndle-la lunakho ukumisela ikamva lalo lungaph-elelanga apho nekamva leli lizwe.

ngasentla: wenza umsebenzi. ekunene: uya ejim.

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

JUNE 2015 B

Julian Goldswain PhotoGraPhy© Julian Goldswain PhotoGraPhy©

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

IBALI LAM:

wIseman: ImbalI yomalusI

32tHEEQUALIZEr

u Wiseman Mzwendoda Dingani, owaziwa ngcono njengo “Madiba”, wazalwa ngowama-1960, eCofimvaba, eMpuma Koloni.

Ukuzalelwa nokukhulela eCofimvaba, eMpuma Koloni, imbali echukumisaho kakhulu klaWise-man ngobuntwana ibe lithuba apha ebengum-alusi osemncinane, esalusa iinkomo zikayise. Njengoko imfundo ibe ibonwa njengomsebenzi odlulelwe lixesha, ayizange ibe yinto ekhuth-azwayo kokwabo. Eyona nto yayikhuthazwa yayikukuba abe yindoda ngokuthi ashiye ikhaya lakhe ayokuma owame umzi okanye afumana umsebenzi. Emva kokuba olukile ngowe-1979, waphuma esikolweni ekugreyidi 9, ebudala buyiminyaka eli-19 ze wafudukela eKimberly, apho wayeqeshwe okuthutyana, esuka kule ingqesho yethutyana aye kuleya.Ngenxa yobume bengqesho yethutyana elungiselelwe abakhi abaqeshwe ithutyana, ukuyekiswa emsebenzini yayinguba ophambili xa kusiziwa kumsebenzi noWiseman. Ubomi bakhe bonke bokusebenza okokoko wafika eKimberly ngowe-1979, babuchazwa ngokuso-loko ephelelwa ngumsebenzi yaye esuka kulo msebenzi ayokutsho komnye, yaye asuke kwesi sixeko ayokutsho kwesinye. Ngowe-1983, emva kokulahlekelwa ngumsebenzi wakhe, wabuyela ekhaya eMpuma Koloni, apho aphelele kum-sebenza wakhe awuthanda kakhulu, ukwalusa imfuyo kayise. Kube ngeli thuba apho wathi wahlangana nomfazi wakhe, uNosizwe, batsha-ta, ze kunye baqalisa uhambo lwabo olukhulu kunye - lokuya eKapa.“Ndandilithiyile iKapa”, watsho ngokuzimisela okukhulu, “Abantu [abasebenzi abantsundu abasebenza kude namakhaya abavela eMpuma Koloni] eKapa babehluphekile kakhulu. Babe-hluphe kangangokuba bebeye babuye eKapa,

emva kokuba bebemke unyaka wonke nanga-phezulu, babuyele kwiintsapho zabo bephethe inkukhu ephilileyo okanye ngamanye amaxesha imadlana eyi-R200. Khawufane ucinga unga-bikho kusapho lwakho ixesha elide kangaka, ze ubuye uphethe iinkukhu ukubabonisa ukuba ubusebenza. Yayilihlazo”.Njengoko yayIlihlazo injalo kuye, way-engenamathuba angqesho eGauteng, ingakumbi kwicandelo lasemgodini, apho amathuba engqesho aye ephela ukususela ekupheleni kweminyaka yowe-1970. Ekugqi-beleni, kwakungekho misebenzi, yaye ngoko, amadoda afana nooWiseman ayengenayo enye indlela engcono kokufudukela eKapa.Ngowe-1984, bafudukela eCrossroads, indawo yamatyotyombe ethe yavela ngokufuduswa ngenkani kwifama ekufutshane (Brown’s Farm) ngeminyaka ye-1970 , ze bafuduselwa eCross-roads, indawo eyayingamatyholo nalapho bathi bakha amatyotyombe njengamakhaya abo. Ngeli thuba uWiseman afudukela kulo mmand-la kwakukho ungquzulwano nobundlobongela phakathi kwamalungu oluntu eCrossroads kunye norhulumente kuba urhulumente wayezama ukunyanzela abantu ukuba ba-fudukele eKhayelitsha, “Amakhaya amatsha” (ayesakhiwa ngelo xesha). Ngoko, ukufuduswa ngenkani kwahlangabezana nenkcaso enobud-lobongela ingakumbi eCrossroads. Njengoko ubundlobongela eCrossroads babuqhubela phambili, iiWitdoek zikaJohnson Ngxobong-wana (iqela lezikrelemnqa) zazisanda zingena nakwezinye iilokishi awathi urhulumente wo-Calulo wafuna zitshatyalaliswe, ukulungiselela ukufudusela abantu eKhayelitsha. La madoda, iiWitdoek, babezahlula ngokunxiba amagqesha amalaphu amhlophe, njegoko zenza njalo iKlu Klux Klan eUS kwisithuba seminyaka yee-1920.

Ngu DUmisa mBUWa

wIseman: ImbalI yomalusI

JUnE/JULY201533Julian Goldswain PhotoGraPhy©

34tHEEQUALIZEr

Ayenonxibelelwano namapolisa okhu-seleko, ingakumbi amapolisa ajongene nesidube-dube, yaye le ntsebenziswano namapolisa yakhokhelela ekutshatyalalisw-eni kwemimandla emikhulu kwiCape Flats. Iilokishi ezifana neNyanga Bush, iPortland Cement, iNyanga Extension, zatshatyalal-iswa kumlo ze abantu abaqikelelwa kuma-

30 000 bashiyeke bengenamakhaya. Ngeli thuba, ugwayimbo lwesizwe olwazi-wa njengeStay Away, olikhwelo lokukhu-lulwa kwalowo wayebanjiwe uNelson Mandela, lalusele luqhuba kwindawo ezininzi apha elizweni, yaye lwaqaliswa kwiCape Flats eKapa. Eli yayililizwe uWise-man awayefudukela kulo ngoku, ukuqalisa

ubomi obutsha bosapho lwakhe.Wafumana umsebenzi njengomakhi wethutyana kwinkampani engasekhoyo yokwakha nokufakelwa kwemibhobho ehambisa amanzi amdaka ebizwa ngokuba yi Bezel Stark Construction eKapa. Le nkam-pani yayiyenye yeenkampani ezazisakha iKhayelitsha, yaye le yayiyenye kwiprojekti zokuqala zokwakha zikaWiseman okokoko ethe wafika apha kwisixeko. Wayehamba yonke imihla ukuya emsebenzini esuka eCrossroads esiya eKhayelitsha, kodwa oku kwamsinya kwaye kusiba nzima njengoko iStay Away sesizwe sasikhula ngamandla kwiCape Flats ngowe-1985. “Kuyo yonke indawo ohamba kuyo kwakukho ubundlobongela. Wawungenak-ho ukubuphepha”, uWiseman uthe. “Ngoko, ndandisoloko ndingekho emsebenzini, yaye ekugqibeleni, ndagxothwa. Ukuba ndandinokubanjwa ngabaqhankqalazi ndisiya emsebenzini, ngokuqinisekileyo ndandiza kubulawa okanye ndibethwe ndenzakaliswe, kuba oko kwakuza kubon-wa njengokuqhankqalaza okuchasene nokukhululwa kukaNelson Mandela, okwa-

ngasentla: elunxwemeni lolwandle emva kosuku olube lude neveki yomsebenzi.ekunene: uthegna umoya ngeli thuba aba bancinane bethatha ixesha labo.

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

JUNE 2015 BJulian Goldswain PhotoGraPhy©

36tHEEQUALIZEr

kuthetha ukuphela koCalulo”.Ngowe-1985, kobu bume bengxubakax-aka, umfazi wakhe wazala unyana wakhe wokuqala, uProfessor. Ngowe-1986, wayengaqeshwanga, wayengenayo nemali yokondya usapho lwakhe, yaye wayengak-wazi kwa ukuphuma endlwini kuba ubund-lobongela babuthabathe unyawo. “Unyana wam, wayeselusana lwenkwenkwe ekhala ekhaya kwigumbi lokulala, emva kokur-haxwa yithiyegesi”. Kwakhona, kwafuneka abuyele ekhaya e eMpuma Koloni .Ekupheleni kowe-1987, emva kokuchitha unyaka wonke eMpuma Koloni, wabuyela eKapa, eshiya usapho lwakhe ngasemva, waze wafumanisa into yokokuba izinto zithande ukuzola. Wafumana umsebenzi kwakhona njengomakhi wethutyana, engena ephuma kwimisebenzi yethutya-na eyahlukeneyo de kwabe kusekuse-ni kwedemokhrasi yoMzantsi Afrika ngowe-1994. Ukubuyela kwakhe eKapa kwazisa omnye umdla: ukulwela intlalo.Ngaphambili, wayengumsebenzi nje onobunzima bokuba nomsebenzi isithuba esingaphezulu kwenyanga, walitshikilela iKapa waze wakhetha iJohannesburg kuba, njengoko esitsho,” kwakuzolile, kuba injon-

go yam ephambili yayikukuqinisekisa into yokokuba ndinomsebenzi yaye ndithumela imali ekhaya. KwakuseCrossroads apho umzabalazo onguwo wokulwa iApartheid wawucace ngca, usebenza yaye unobunge-benga”.I Crossroads yambonisa imibutho elwa noCaculo eyayisebenza kakhulu (eyat-shutshiswa kabuhlunmgu ziiWitdoek norhulumente woCalulo) eCrossroads efana neUnited Democratic Front (UDF). Le mibutho yanceda ekubumbeni nasekuy-ileni ingqiqo yakhe yentlalo neyopolitiko. Ngethuba uCalulo lwabhangiswa ngokuse-sikweni, uWiseman wayeyindoda ezimisele ukunikezela ngenguqu enentsingiselo ukulungiselela uluntu lwengingqi yakhe yaye ngokunjalo ilizwe lakhe.Ekugqibeleni usapho lwakhe lwafudukela kwakhona eKapa ukuya kuhlala naye. Izinto zaziqhuba kakuhle, yaye bekunye baba lusapho kwakhona, oluhlala kwind-lu enye. Ngowama-2006, emva kokuba ebuyele eKapa evela kumsebenzi wesintu eMpuma Koloni, uNosizwe wagula kakhulu ngesiquphe. UWiseman wathatha wamsa esibhedlele ukuba anyangwe, ze ugqirha wakhe wazisa into yokokuba ugalelelwe

ityhefu. Emva kweentsuku ezimbalwa esesibhedlele, wasweleka. Onakele, kwa-funeka azilungelelanise kakuhle kwinyani yokuba akasekho ngenene, yaye uyedwa ngaphandle kwakhe, nokuba ngumzali omnye. Wala kwaphela ukuthatha omnye umfazi, kodwa walichithela lonke ixesha lakhe kunyana wakhe, intombi nomzukul-wana oyintombazana.Ngowama-2012, ngoku uyinkokheli ebal-ulekileyo yoluntu eCrossroads, eNyanga, naseKhayelitsha ngenxa yomsebenzi wakhe kwiSANCO (South African Civic Organization), ujoyine iEqual Education waza kwangoko wasebenza kunye neSebe loLuntu njengokomlungelelanisi woluntu, waze wadlala indima ebalulekileyo ekuse-kweni kwamasebe amatsha eEE eKhayelit-sha nakwimimandla esondeleyo. Ngokuse-benzisa kwakhe uthungelwano lwakhe lwemibutho yabahlali, uncede ngokuzisa ingengawo nje amanani aphezulu amalun-gu kwiEE, kodwa uninzi lweengingqi zolun-tu kumzabalazo weEqual Education.“Besiququzelela iintlanganiso ezinkulu kumaholo oluntu yaye abantu bebeba nomdla wokuva malunga nalo mbutho, babecinga ukuba ngumbutho wezopolitiko

ngezantsi ngasekhohlo: uhla eteksini, uya ekhaya ngoku.

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

JUNE 2015 B

osandula ukubunjwa. Ngoko kwafuneka siyibeke icace into yokokuba asizelanga ukubathembisa ngemisebenzi, izindlu ezigcono nombane, koko sizele ukuza kulwela imfundo elinganayo nefanelekileyo elungiselelwe bonke abantwana bethu ngoku siding ukuba basijoyine. Yachu-kumisa uninzi lwabazali ukuba bajoyine umbutho yaye bazimisele emasebeni. “Into endiyithandayo ngeEE likhono layo lokukfundisa. Xa ndandiqala apha ndandingakwazi ukusebenzisa ikhompy-utha. Ngoku andikwazi ukuqikelela ukuba ndingenza njani ngaphandle kwayo. Olu hlobo lokuxhotyiswa nokunikwa ulwazi luyavuselela kum”.Ngowama-2014 watyunjwa njengomququ-zeleli wabazali, ekhokhela amasebe abazali eEE, evula amatsha, esebenza nezikolo neziGqeba eziLawulayo zeSikolo. Injongo yakhe kukunceda ukuqinisa ulwandiso lweli candela libalulekileyo eSebe loLun-tu, kwamanye amaphondo, nokunceda ukuqinisa abanye abazali kuloo maphondo ukuba baqhubeke ngalo msebenzi kuwo.

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

Julian Goldswain PhotoGraPhy©

38tHEEQUALIZEr

AFrIKAMYMUSICn

gokungafani kwembali yakhe yokuqala engobomi bakhe uMphahlele, kwi Down Second Avenue, elandelayo inemvakalelo engagqitywanga. Ibali livela kwintlanganisela yamanqaku ahlanganisiweyo ukulungiselela ngoko incwadi

engagqitywanga. Uhlobo lwayo olurhabaxa lunika imbonakalo yengqondo eseseluhambeni enyuswa isihliswa ziinkumbulo, ziincoko, lunxibelelwano, ziingcinga nemvakalelo zexesha elixakekileyo elidlulileyo nelinzima.

I Afrika My Music inika ingqiqo enkulu kwiimpikiswano zokuba ngumphambukeli kwelinye ilizwe. UMphahlele, owathi waba ngumphambukeli kwelinye ilizwe ngoSeptemba we-1957, kwafuneka ajamelane nokub angovela ngaphandle kumhlaba wasemzini kunye nabantu basemzini neenkcubeko, ngeli thuba “unyanzeleko lwangaphakathi” “yayikubambelela kumavumba, imifanekiso yongcoliseko, nembonakalo yobomi baseMazantsi”.

UMphahlele akazange afumane kuzola, kungekuko ekhaya okanye phesheya kolwandle. Ubhala athi: “Inyaniso iyakuvelela: uza kuba ngongakhathalelwe ixesha elide kakhulu, uncedo lube lungabonakali”.

Endaweni yoko, ubhala athi, “ufunda iindlela zekati ngomzuzu nje ongephi, kunye nokwenziwa ithanga kwemizi engasemva kwezindlu zabanini. Kodwa ngokunjalo uye wazi ukuba kufuneka ulususe olo donga ukuze ukwazi ukungena lihlabe umhlaba ungasondelanga nokusondela kwiinkonkxa zenkunkuma.”

Ngaphandle nje kweenzima, ukuba ngumphambukeli kwilizwe lasemzini kumnike uMphahlele ithuba lokufumana kwakhona ukuzingca kwiAfrika ebe zingceba ngenxa yokwenziwa amathanga nocalu-calulo. “I Nigeria neGhana bayibuyisela kum iAfrica,” ubhala atsho, amvumela la mazwe okuba alitshitshise nya ibali lamathanga lokokuba “ukuba nguMkristu kwakuyimpucuko, ukuphucuka kukuba nguMkristu, njengabaMhlophe baseYurophu.”

UMphahlele uchithe ngokunjalo amaphepha amaninzi kwingcingane emalunga nezizathu ezimbangele ukuba athabathe usiba ngeli thuba elona bango laliphambili yayiluqhankqalazo lopolitiko. Incwadi lucamngco oluzinzileyo ngobomi bokubhala. Umbhali ubonakalisa indlela ukufunda okube sisenzo sokulwa, ebanga isidima sakhe kwimbonakalo yocwangco lwentlalo ethe yamchaza njengomntu osesemva, ongaphucukanga.

Ubhala athi, “Inyaniso yako yayile yokokuba ndandiziqhelise ukuchola naliphi na iphetshana elishicilelweyo ukuba ndilifunde, nokokuba lalingantoni na. Ibe bubugeza obo kum. Andizange ndikwazi ukushiya nawuphi na umba obhaliweyo undidlule. Ndizive ndikumgangatho osezantsi kakhulu kuninzi lweklasi yam esikolweni. Ndandingasazi kakuhle isiNgesi, eyayilulwimi olwalusetyenziswa ekufundeni. Ndafunda, ndafunda de ndeva kubuhlungu. Kodwa ndafumana ulonwabo kakhulu kuko.”

KuMphahlele, igcisa lamandulo lokuZidla ngobuMnyama, ukubhala yayisisenzo zokuzincoma, enika ingqiqo enayo yexabiso lokubhala ngoyilo olusengqondweni yokuthetha inyaniso kwabasemagunyeni. Ukubhala, nangona kwakuhluke ngenye indlela kuqhankqalazo lwezopolitiko, kubonelela ngenye indlela. Kuye, “uluncwadi njengolwimi olukhunjulwayo luqhushululu oluqhubekayo: ihlaziya amava kuthi, ivuselela ulwimi”. Uluncwadi lwanamhlanje, ubhala athi, lunakho “ukuvuselela abantu kwintshukumo”. Ukuba ngaba imfuneko yokwenza enxulumene nobulungisa bentlalo ayikafuduki kuthi, ngoko nebango lokuzibophelela, nokubhala ngoqikelelo lwengqondo.NguJoshua Masherow

ImIbuZo yokhuPhIswano:

SUnethUba lokUphUmelela UfUmane i “africa, my mUSic”, kaeS’kia mphahlele,

Umnqwazi weee, neSikipa!

Phendula imibuzo elandelayo:1. Nguwuphi unyaka athe uWiseman wafudukela

ngawo eKapa?

2. Ucwangcisa ukwenza ntoni uMa-A emva kokugqiba idiploma yakhe kwiMfundo yabadala?

3. Yasekwa ngawuphi unyaka iSGB yokuqala?

4. Yiyiphi le mihla eyathi iEE kuzwelonke yalalisa iint-suku ezintathu ilungiselela ukumiliselwa kweZith-ethe neMilinganiselo?

5. Ziziphi iimvumi ezithandwa kakhulu nguPatrick?

6. Ngawaphi amaqhawe omzabalazo ochasene noCalu-lo afunda kwisikolo iForbes Grant?

UGXEKO-NCOMO LENCWADI

Phumelela

JUnE/JULY201539

UkuKhumbula uMichael KomapeNgomhla wesi-3 kuOktobha, 2008 ukuya kumhla wama-20 kuJanyuwari, 2014.

Inkwenkwana eminyaka mithandathu yarhaxwa kwindlu yangasese egrunjwe em-hlabeni kwisikolo sakhe ngethuba lekhefu lesidlo sasemini unyaka odlulileyo. Njengoko lomba usaphethwe ziinkundla zamatyala, ukukhanya kukaMichael Komape makuqhu-beke kukhanya kuthi sonke njengoko sizabalazela ukumiliselwa kweZithethe neMilin-

ganiselo elungiselelwe iZibonelelo zeSikolo.

Imbeko enikwa uMichael Komape

FAKAISAn

DLA

KWIEQUAL

EDUCAtIO

n

#LUnGIS

AIZIKOLO

ZEtHU

Tyala kwikamva elingcono, sincedise ukulenza ilizwe libe

lelizinzileyo

IInKCUKACHAZOKUFAKAISAnDLAKWIEQUALEDUCAtIOnPBO:930027221nPOregistrationnumber:028-288-nPOBank:standard BankAccountHolder:Equal EducationAccountnumber:270027882BranchCode:051001SwiftCode:sBZA ZA JJUkubaufunaingcacisoengaphezuluqhagamshelananoJamesMatlijames@equaleducation.org.zayonkeenyeintoisafana.+27213870022donations@equaleducation.org.zareadmoreaboutEE’sworkatwww.equaleducation.org.za

/EqualEducation@Equal_Education

njengamaxeshaonke,sizilindeleinxelokunye

nanacebisoakho.theequalizermag.

equaleducation.org.zaP.OBox4114Elonwabeni

7791tel:0213870022

“IEQUALEDUCAtIOnnGUMBUtHOWABAFUnDI,ABAZALI,OOtItSHALAnAMALUnGUOLUntUASEBEnZELAUKULUnGISAUKUnGAFAnELEKInOKUnGALInGAnIKWIMFUnDOYOMZAntSIAFrIKA,nGOKUSEtYEnZISWAKOHLAHLELOnOQHAnKQALAZO”.

IYAPHIIMALIYAMEMVAKOKUFAKAISAnDLAKWIEE?• Iyaekuphuhliseniabafundibezikolozamabangaaphezulu

ukubababeziinkokhelinabenzibenguqukwizikolozabo,• Iqhubainkquboyethuyobunkokheliyasemvakokuphumelela

imatrikiethiinikeabantuabantshaithubalokufumanaamakhonoamatshazebabengabalingwaengqeshwenikwiEE,

• Iyakuphandolwemibaengundoqokwicandelolemfundoefananezakhiwozezikolo,iincwadi,uhlahlelolohlahlolwabiwo-malinezindluzangasese,

• Iqhubaamaphulookuvuselelaathiasombululeimfundoyomntuwonkeengalinganiyonengafanelekanga.

AMAPHULOngokwakalokunjeiEEiqhubaamaphulokwilizwelonkelokumiliselwakeZithetheneelungiselelweizicwangcisozeZibonelelozeSikolo.IEEngokunjaloiqhubaamaphuloajongenenococekolwezindluzangasesenokhuselekoezikolweni,iFanitshalayezikoloezingenayo,kunyenothutholaBafundiolulungiselelweabafundibezikoloabahambaimigamaemideukuyaesikolweni.