34
OWONA MQONDISO M KHULU ` [UMzalwana Neville uthi, “^esikuzuzileyo athe uThixo wakuzisa kuthi ngolungiselelo lwakho ngothando. Apho, ngeli thuba, sinokuthanda ukukubonisa, ngendlela encinane, ngokuzisa kuwe esi sipho sincinane.”_Mhl.] Enkosi, Mzalwana Neville. [“Zanga iintsikelelo zikaThixo zingahlala phezu kwakho, mzalwana othandekayo.”] Enkosi, kakhulu kakhulu, Mzalwana Neville. 2 Enkosi ke, bandla. Andazi nje ukuba kukho ntoni na ngaphakathi kwaso. Kodwa ndiyasivuyela ngentliziyo yam yonke, nako konke oko kube kuko kum, nezinto enithe nandenzela zona. Yaye ukuba bekungekho ngenxa yenu, bendingayi kubakho. Ukuba bekungekho ngenxa yomntu othile okholwa kuMyalezo athe uThixo wandinika wona ukuba ndiwushumayele bekungayi kuba ncedo lwanto ukuWushumayela. Kunyanzelekile ukuba ibe sithi sobabini sisebenzisana. Ngoko, ndiyivuyela kakhulu lento. 3 Ibandla lethu lihleli njalo, ngokusondeleyo, phakathi kwethu apha, lileliqhulayo. Ngoku ekungeneni kwam, kwimizuzu nje embalwa edlulileyo, phaya kwigumbi elingemva, kubekho umntu ondinika into esongelweyo, wathi, andinakuthi xa ndinyuka ukuya eqongeni ndinikele oku kuMzalwana uNeville na. Ngokuvakalisa imibulelo yam kuye, nobudlelane beli bandla, noko athe wakuko kuthi kulo nyaka, njengomlungiseleli kwiminyaka edlulileyo, nangamathemba nemithandazo yokuba uyakuqhubela phambili engumlungiseleli wethu kwiminyaka emininzi eyakuza, umqondiso ovela kwibandla kunye nam, Mzalwana Neville. 4 [UMzalwana Neville uthi, “Enkosi, kakhulu kuni nonke. UThixo anisikelele. Ndizivuyela kakhulu ezo zinto zobubele noncedo oluthe lwajoliswa kum luvela kumntu ngamnye kuni apha ebandleni. Yaye ngenene, ngale ntsasa, ndiva ngokunzulu emazantsi entliziyo yam ukuba nowokugqibela kuthi unombulelo onzulu kuMzalwana uBranham ngoko athe wakuko kuthi nolungiselelo lwakhe. Kwaye wanga uThixo angamphumelelisa amsikelele njengoko ehambela iNkosi esiya phambili kulo nyaka. Ngumthandazo wam onyanisekileyo lowo. Enkosi, kakhulu kakhulu. Ngenene ndiyasivuyela.”_Mhl.] 5 Abantwana abancinane, kulungile, ndicinga ukuba abafo abancinane bamelwe kukuya kwawabo_kwawabo amagumbi. [UMzalwana Neville uthi, “Kulungile.”_Mhl.] Ke ngoku nikhumbule, nibe ngamantombazana amancinane namakhwenkwe alungileyo phaya ngaphandle egumbini

XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

  • Upload
    others

  • View
    1

  • Download
    0

Embed Size (px)

Citation preview

Page 1: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 1

OWONA MQONDISO MKHULU

` [UMzalwana Neville uthi, “^esikuzuzileyo athe uThixowakuzisa kuthi ngolungiselelo lwakho ngothando. Apho,

ngeli thuba, sinokuthanda ukukubonisa, ngendlela encinane,ngokuzisa kuwe esi sipho sincinane.”_Mhl.] Enkosi, MzalwanaNeville. [“Zanga iintsikelelo zikaThixo zingahlala phezukwakho, mzalwana othandekayo.”] Enkosi, kakhulu kakhulu,Mzalwana Neville.2 Enkosi ke, bandla. Andazi nje ukuba kukho ntoni nangaphakathi kwaso. Kodwa ndiyasivuyela ngentliziyo yamyonke, nako konke oko kube kuko kum, nezinto enithenandenzela zona. Yaye ukuba bekungekho ngenxa yenu,bendingayi kubakho. Ukuba bekungekho ngenxa yomntuothile okholwa kuMyalezo athe uThixo wandinika wona ukubandiwushumayele bekungayi kuba ncedo lwantoukuWushumayela. Kunyanzelekile ukuba ibe sithi sobabinisisebenzisana. Ngoko, ndiyivuyela kakhulu lento.3 Ibandla lethu lihleli njalo, ngokusondeleyo, phakathikwethu apha, lileliqhulayo. Ngoku ekungeneni kwam,kwimizuzu nje embalwa edlulileyo, phaya kwigumbielingemva, kubekho umntu ondinika into esongelweyo, wathi,andinakuthi xa ndinyuka ukuya eqongeni ndinikele okukuMzalwana uNeville na. Ngokuvakalisa imibulelo yam kuye,nobudlelane beli bandla, noko athe wakuko kuthi kulo nyaka,njengomlungiseleli kwiminyaka edlulileyo, nangamathembanemithandazo yokuba uyakuqhubela phambiliengumlungiseleli wethu kwiminyaka emininzi eyakuza,umqondiso ovela kwibandla kunye nam, Mzalwana Neville.4 [UMzalwana Neville uthi, “Enkosi, kakhulu kuni nonke.UThixo anisikelele. Ndizivuyela kakhulu ezo zinto zobubelenoncedo oluthe lwajoliswa kum luvela kumntu ngamnye kuniapha ebandleni. Yaye ngenene, ngale ntsasa, ndiva ngokunzuluemazantsi entliziyo yam ukuba nowokugqibela kuthiunombulelo onzulu kuMzalwana uBranham ngoko athewakuko kuthi nolungiselelo lwakhe. Kwaye wanga uThixoangamphumelelisa amsikelele njengoko ehambela iNkosi esiyaphambili kulo nyaka. Ngumthandazo wam onyanisekileyolowo. Enkosi, kakhulu kakhulu. Ngenenendiyasivuyela.”_Mhl.]5 Abantwana abancinane, kulungile, ndicinga ukuba abafoabancinane bamelwe kukuya kwawabo_kwawaboamagumbi. [UMzalwana Neville uthi, “Kulungile.”_Mhl.] Kengoku nikhumbule, nibe ngamantombazana amancinanenamakhwenkwe alungileyo phaya ngaphandle egumbini

Page 2: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

2 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ngale ntsasa. Kuba, emva kwenkonzo, ndicinga ukubakukhangeleka ngokungathi ikho into enishiyelwe yona apha,yokunonwabisa.6 Ngoku, kwabadala, njengokuba nibona elethu_inani lethulabafo abatsha li_linani elikhulu noko, silindele kakhuluukude kufike ixesha esinokuthi ngalo sibe nenkonzo entshaapho sinokuwahlula khona loo magumbi okufundela.7 UDade wethu u-Arnold ngokuqinisekileyo u_uzaliseingalo; ayisosandla sizeleyo, koko yingalo ezeleyo.Nentombazana encinci yam indixelele. Yathi, “Tata, kunzimakakhulu kuDade Arnold.” Yathi, “Ngokuba, uyakuthi ethethanathi ngolwimi esinokuliqonda, aze umfo omncinane kakhuluenze enye into, kunyanzeleke ukuba eme alungise bona,yabona.” Ngoko loo nto yenza kube nzima kulo mfazi mnyeukuqhuba lonke eloo gumbi lokufundela. Ngoko sinombulelokuye, nange_nangentsebenziswano yakhe elungileyo ukwenzaoko anako ngeli thuba lentswelo. INkosi imsikelele.8 Ngoku siyathemba, ukuba ngamhla uthile, kwakutshanje,iNkosi ithandile, siyakuba nomnquba omhle omkhulu aphosiyakuba nazo zonke iintlobo zamagumbi esikolo secaweokufundela. Aweentsana ezincinane, anamaphepha wefleniwokuzoba; kubekho apha phezulu entla kwepulpiti, phezuluapha, kubekho indawo yokugcina iintsana eneglasingaphambili, apho kuyakubakho khona ogcina iintsanaoqeqeshiweyo ukuze akhathalele aboo bancinane. Akuyikubakho kuphazamiseka ezinkonzweni, konke, kuhanjwakungenjalo kungqingqiswa kujikelezwa. Aba bafo bancinaneabazoli. Abaqondi bona. Bamelwe kukubanyamezela.Abasiqondi thina. Ke ngoko, ngoko, iyakuba yindawo aphondicinga ukuba yonke into iyakuba yindlela endikholwa ukubaiNkosi ifuna siyenze ngayo. Asiyi kuba nanto intle kakhulu,koko iyakuba yinkonzo entle. Ndiyayithakazelela loo nto.9 Ngoku, inguMzalwana Neville kunye nam, ndinengcingaendisandula ukuyifumana, ibizimpahla ezizisuti ezi. Andazi,Mzalwana Neville. [UMzalwana Neville uthi, “Yiyo,kungenjalo enye into.”_Mhl.] Ndi_Ndicinga ukuba yiyo.Andiqinisekanga. Kuba, ikhangeleka njengebhokisi yesuti,kum. Awucingi kwaloo nto ngayo? Hee. Yaye kuphakathikokuba ziisuti kungenjalo iidyasi. Kwaye ndi_ndi^Zombinizikhangeleka ziyinto enye, ngoko oko_oko kubonisa ukubaakukho kukhetha buso bamntu apha. [“Amen.”] Yaye, ngoko,ndinayo idyasi. Kwaye ndiyazi ukuba bona_bona^Asiyodyasi. Ngoko yi^Unayo, nawe, ngoko inokuba yisuti.Kwaye nje^Siyibulela kakhulu loo nto! [“Amen.”]10 Ndiqinisekile, ukuba, njengabalungiseleli, abalusi^ Igamaumlungiseleli lithetha “umalusi, lowo walusa izimvu.”Ndiqinisekile ukuba sinombulelo kuni, kumntu ngamnye wenu,

Page 3: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 3

ngokuba ibi_ibiziingcinga zenu ezinobubele ezo, nemali, eyenzeukuba sibe yimpumelelo esi sipho kuthi kusasanje. Kwayengobabalo lukaThixo, sithembisa ukuba ngumlungiseleli kuni,ukwenza yonke into esinokuyenza ukunikhokelela kwindlelaelungileyo. Mhlawumbi, ngamanye amaxesha, indlela esizithethangayo izinto, kusenokuba nzima ukuyiqonda. Kodwa senza njeloo ukuba ibe zizikhokelo, sizama ukunikhokelela kuloo Ndawo,ukuze, eluvukweni niyakuba nokusibulela ngokukhulu kunoko.Kuba, asikhange sizibalele ntweni thina, ekulungiseni xasithetha nani, ingezongcinga zizezethu, koko ikukuzamaukwenza nje njengoko uMoya oyiNgcwele ebesikhokela ukubasenze. Kwaye oko kokwethu^ibe zizimiselo zethu. Kwayesisazimisele sizama ukwenza kwaloo nto inye, into elungileyo,kumlungiseleli kunye nam.11 Sinombulelo ngokubona ukukhanya kwelanga. UDoc,umntakwethu ebesandula ukuthi uthumele iLizwi kuMzalwanaFrankie Weber, eFlorida, wathi, “Asinguye kuphelaonokuphuma ngeKrismesi ahlambe iglasi yangaphambili,yemoto yakhe, ehamba ngemikhono yehempe yakhe.” Ebesenzakwaloo nto inye naye, kushushu kakhulu! Ke, uyazi iFloridaiyadinwa lilanga, ukujonga iFlorida lonke ixesha, ngoko limelwekukunyuka lize kungena e-Indiana libone ukuba iqhuba njani nainto yonke apha phezulu. Anicingi njalo? [Ibandla lithi,“Amen.”_Mhl.] Ngoko, siyalivuyela ukuba lisindwendwele,oku_oku kwemizuzwana embalwa nje, kusasanje.12 Kodwa, ngaphezu kwayo yonke loo nto, sinombulelongoNyana okukuKhanya kaThixo osinika ukukhanya koyoloolunguNaphakade.13 Andazi nokuba le nkwenkwana, isandula kungena,iyakuthanda ukuhlala nomzali wayo na. Kungenjalo, likhoigumbi lesikolo seCawe, mfanyana, ukuba uyakuthanda ukuyaphaya ngasemva. Mzalwana Taylor, awunakukhokela eloonene lincinane liyokungena kwigumbi lokufundela. Kulungile.Ngamanye amaxesha bafuna ukuhlala nabanye, uyazi. Bona,bona banezinto ezifanayo, abathanda ukuthetha ngazo. Kulolohlobo nje.14 Intombazana encinane eneshumi elinesibini leminyaka,njengokuba ndihlala ndisitsho, ukuba ubona encinaneenesibhozo-,ithoba-, intombazana eneshumi leminyakaijikeleza ngakumakhulu, lonke ixesha, ikho into engalunganga.Uyabona? Bona, kusukube kukho undonakele, ngokubamkhulu kakhulu umahluko apho kubudala babo.Unokuqikelela, umakhulu unengxowana yeelekese kwindawoethile, athi afake isandla sakhe kuyo. Usisi omncinane unjalo,loo mehlo makhulu ayakhanya akubona loo ngxowa yeelekese.Ngokuba, ngokokuqhelana, akukho nto banokuncokola ngayo,koko nje yena uyambambazela nje amsingathe. Kodwa kekulolo hlobo, yaye siyavuya kube lolo hlobo.

Page 4: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

4 ILIZWI ELITHETHIWEYO

15 Ndize ke ndicinge ngentetho, ndakhe ndayenza ngaxeshalithile, xa ndandishumayela ngemvana nehobe. Yabona,zinezinto ezifanayo ezo zinto. Zinganazo izinto ezinokuncokolangazo.16 AmaMasonic, kwiMasonic Lodge; banezintoabanokuthetha ngazo, abazalwana beMasons Lodge;abazalwana be-Odd Fellows Lodge. AmaJamani anazo izintoanokuncokola ngazo, kumJamani, malunga neendawozasekhayeni, xa amaJamani elinye lihlangana nelinye ngapha,omnye esandula kuvela kwindawo yasekhaya. AmaTaliyaneanazo izinto anokuncokola ngazo.17 NaMakristu anazo izinto anokuncokola ngazo. Kungokosihlangana kwiindawo ezinjengale, kwindawo zaseMazulwinikuKristu Yesu, kungokuba singabemi beLizwe elinye.Singabahambi nabasemzini apha, kweli hlabathi. Ngokosiyakuthanda ukuhlanganisana ngezi ntsasa zesabathanangamaxesha omthandazo, ukuzihlanganisa ndawenine,ngokuba sinezinto esidibanayo ngazo. Siyakuthanda ukuncokolangezivanayo, izinto ezifanayo, esizithandayo: iNkosi izenzo zaYo.Omnye umntu, entliziyweni yakhe, etshiswa yinto ethile, iNkosiimphilisile, abe efuna nje ukuzimisa phaya phezulu, “Bonani intoeyayenziwe yiNkosi!” Umntu othile abe efumene intsikeleloenkulu, abe nobudlelane ngezi ntsikelelo nomntu ongomnye.Yabona, kungoko sinezinto esidibana ngazo nje.18 Kukhangeleka ngokungathi isandi singcono aphaenkonzweni, ngale ntsasa. Kukhangeleka njalo kum.Andiqinisekanga. Kuninzi ukubuyela kweLizwi okukhoyoapha.19 Kodwa ndivuya kakhulu ngeziphumo zemvuselelo yevekiepheleleyo. Yabona? Ayenzanga kuvuselela kuzamazamisaapha kuphela, koko jikelele, kumazwe ahlukeneyo, siyivileingxelo evela kuwo, yokuba iNkosi ilungile. Ngoku, ukubaukuqingqa nje indlela, ukwenza izinto zibe zezilungeleyo,nokungena eNkosini, sizilungiselela ukufumana iintsikelelo;ukuba eloo xesha lincinane lenze oko, kungayintoni ukubasithe saqhubela phambili? Yabona? Ngoko, masingayiyekiicime. Masihlale sigalela okuninzi ngokungaphezulu, lonkeixesha, ude umsi wezibonakalaliso ubonwe ehlabathinijikelele, ukuba uYesu Kristu uyaphila, kwaye kukho umliloovuthayo ezintliziyweni zethu.20 Yaye ndenze ukuzinikezela ngokutsha, isiqu sam esi,nenkosikazi yam, njalo njalo, siqaphele ukuba izinto zahlukilekakhulu phaya ngasekhaya. Asisengobantu baphatshuzelanjengokuba besinjalo, singcangcazela sixhuma-xhuma,“Asisayi kuyifumana le, yaye asisayi kuyifumana leya.”Sifikelele nje kuloo nto ngokuzola, senza okungaphezu kokubabesikwenza.

Page 5: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 5

21 Ngoko, ngoku, nanko unyaka omtsha usiza. Yaye asikholelwakwinto yokutyhila amaphepha amatsha, sikholwa njekukulitshisa elidala. Ngoko zigcineni nizinikezele kuThixouwonke unyaka ozayo, asazi ukuba iyakusenzela ntoni na iNkosi.22 Kodwa siyabulela ngani ninonke. Ndinombulelo kuThixongalo lonke ilungu loMzimba kaKristu, kuyo yonke indawo.Nakuwo wonke amaqondo ahlukileyo okholo, nokubaabavumelani kangakanani na nam, ndisenombulelo ngaloomntu^Nditsho nokuba ndingacinga ukuba babulahlekakancinane, eSibhalweni, kodwa nangoko bazama ngako konkeukumela oko bakholwa kuko. Ndikuthakazelela ngeneneukubanyamezela aboo bazalwana, ukuze nabo banyamezelanenam kwiziphoso zam nezinto ezinjalo, ngokuba akukhougqibeleleyo kuthi.23 Kodwa eMyalezweni, ngolunye urhatya xa ndandithethangoThixo eZahlula ngePentekoste, ngexesha lempambanandlela, okanye engqungqutheleni apho kwakumelwe ukubakwenziwe isigqibo khona, “Hlobo luni lwebandla eliyakubalilo eli Bandla litsha loBukristu?” Nantso into ebanjelwe yonaingqungquthela. Yaye sifumanisa ukuba eNcwadini yeZenzo,isahluko se-2, silufumana apho uhlobo lweBandlaekwagqitywa ngalo; didi luni lweBandla, laliyakuba yintoni naiBandla, kwakuyakuba yintoni okuya kusetyenzwa liBandlalakuba limamnkela uKristu. Ndiyayithanda loo nto. Yayendizama ngenyameko ndisilwela eloo Bandla lamiselwangoMhla wePentekoste. Ngoku, Lalilelingaqhelekanga ngoko,Aliqhelekanga ngoku. Yaye Liyakuba njalo, okoko nje kusekhoisono emhlabeni, nedabi elimelwe ukuliwa, iyakubalelingaqhelekanga kwiintshaba zethu, ukanti zizinto zexabisozikaThixo esizizamela ngenyameko engako ukuba uThixoasenzele.24 Ngoku, izaziso, ndiyaqonda ukuba uMzalwana Neville seleezenzile.25 Nokuba ndizakuba sekhaya kule veki, ukuya kuthandazanokufuna ubuso beNkosi. Kuba, kulo nyaka uzayo, ngoncedolukaThixo ukuba Angandinceda nje. Ndifuna ukuqhubelaphambili edabini ngaphezu koko ndakha ndenza ebomini bam.Ukuze mhlawumbi inxenye enkulu yalo nyaka ichithelwekumasimi asemzini, naseHaiti, nasesiqithini, naseMzantsiMelika, nase-Afrika, nase-Asia, nase-India, no_nokunyukaukuya kwawaseScandanavia. Zizonke ke ezoo ndawo kumeleukwenziwa izigqibo ngazo kule veki, ukuba iNkosi iyakuvuma.Ngoko xa ndiziva ndikhokelelwa ekwenzeni nantoni na okanyeukuya nokuba kuphi na, yiNkosi endithume ukwenza ngoloohlobo.26 Ukuze xa ndiphuma kwinqwelo-moya, kuloo mhlaba,kukhangeleka ngokungathi naku kusiza omnye aze athi, “Owu,

Page 6: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

6 ILIZWI ELITHETHIWEYO

eli lilo lelemvaba ethile-thile liphumile, eli lenze oku, okanyeyile engenzekanga ngendlela eyiyo, kungenjalobesingenakukwenza oku, okanye abasemagunyeni bathiasinakuyiqhuba inkonzo.”27 Ngoko ndithanda ukuma, “Kodwa ndize eGamenileNkosi.” Yaye ndiyazi ukuba nguMtyholi lowo, ngoko.Yabona, asikokuthi, “Ingaba ndenze impazamo na?”Ndikhokelwe. Ngoko ungema unyuse amagxa kangako,uqhube nedabi.28 Ngoku, phambi kokuba sivule iNcwadi, kungenjalo siceleuThixo ukuba asivulele Yona njengokuba siYifunda,ndingathanda ukusithetha isizathu sokuba ndizise lo Myalezokwibandla ngale ntsasa. NguMyalezo wam weKrismesi oyakwibandla. Uyi^Ukuba uMoya oyiNgcwele uyakundincedaukuba ndishumayele oko ndikholwa kona malunga naloo nto.Ngoku, akunamsebenzi nokuba ibhalwe kakuhle kangakananina eZibhalweni, nokuba umntu uyiqonda kangakanani na,umelwe kukuxhomekeka kuMoya oyiNgcwele ukubaayidlulisele ebantwini. Kwaye kusandula kudlula iKrismesi,ngeli thuba seniwave onke amabali ahlukileyo eKrismesino_nosasazo, nokunjalo, ngemiyalezo yeKrismesi. Lo uzakubangowodwa kancinane, malunga nebali leKrismesi, kodwanangoko uThixo ubeke wona entliziyweni yam.29 Ke ngoku masithobe iintloko zethu okomzuzwana nje,Phambi kwaKhe nakumathunzi obulungisa baKhe, ukuzesicele inceba.30 Owu Thixo, Msindisi wethu oNgcwele noBawo, sisondelakwitrone yaKho yenceba. EGameni leNkosi uYesu, uNyanawaKho, sizizisa ngokuzithoba ngale ntsasa, sinikezela kuWeimithandazo yethu nemibulelo yethu, ngako konke Owasenzelakona. Kule veki iphelileyo, ingakumbi, indlela ezithe zalambangayo iintliziyo, nabantu bazila ukudla, waze uMoyaoyiNgcwele wabasikelela, wenza izinto ezinkulu phakathikwethu! Abagulayo baphilisiwe. NoThixo wenziwe waziwa,ukuba Uyaphila, nokuba Uyabathanda abantu baKhe.31 Nokuthi aMazwi aseyinyaniso awomprofeti, xa wathethaaMazwi iNkosi uThixo, awathi, ukuba abantu ababizwangeGama laM bayakuhlangana kunye bathandaze, ndiyakuvaMna ndiseZulwini.” Loo Mazwi aseyinyaniso kanyenjengokuba enjalo ngomhla awayethethwe ngayo okokuqala.Sifumanisa ukuba injalo loo nto, Nkosi. Ngoku sixolele,siyathandaza, kuso sonke isono sethu, kuko konkeukungakholwa kwethu, kona kusisono.32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyiseleolwaa kholo lwakhe lwashukumisa iBandla lokuqala. Asicelindlela ilula ithambileyo, koko sicela kuphela inceba kaThixo,noBukho baKhe, neentsikelelo zaKhe ukuba zihambe nathi.

Page 7: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 7

Nokuba kukule na intsimi kungenjalo kwintsimi ephesheyakolwandle, nokuba kusekonwabeni kokuhlala kamnandi,okanye kwizinto ezilula, nokuba kuphambili edabini,akunamsebenzi nokuba kuphi na, Nkosi, eyona incinaneintando yaKho ingowona mnqweno wethu uphambiliwokuKukhonza. Yicacise nje kuthi, Owu Nkosi, ukuze singabinakuyiphosa indlela, kuba sihamba kwihlabathi elimnyamaelimfamekileyo, phakathi kwabantu abamfanyekiswe sisono.Ngoko, yigabule indlela yethu, Bawo, usikhokele njengokoUyakuthanda, izimvu zedlelo laKho.33 Makathi uMalusi womhlambi abakhokele ngoko kumnandikuthobekileyo abantu baKhe, njengoko silindele kuWekusasanje uMyalezo wentsasa. Wanga uMoya oyiNgcweleangathetha ngokucacileyo kwintliziyo nganye yayebesingangafumana ukukhanya okuncinane koko wayethethangako umprofeti, ukuze kuloo nto, ngoko, sifumane intsikeleloezukileyo yoBukho bukaThixo, ukungqinela lonke iLizwi. Okosikucela eGameni likaYesu, uNyana waKho, uMsindisi wethu.Amen.34 Ndingathanda ukucela abaphulaphuli bethu ngale ntsasa,abo banazo iiBhayibhile, ukuba bangathanda ukufunda kunyenam iLizwi leZibhalo, okanye ukulandela mna njengokondifunda, ukuba ninako ukutyhila kwiNcwadi ka-Isaya,umprofeti u-Isaya, isahluko se-7, ndingathanda ukufundaisicatshulwa sesi Sibhalo. Ku-Isaya, isahluko se-7. Sizakuqalangengxoxo kaThixo ebheka ku-Ahabhi, kwivesi ye-10.

Waqokela uYEHOVA wathetha ku-Ahazi, esithi,Zicelele umqondiso ku-YEHOVA uThixo wakho; cela

ubhekise enzulwini kwelabafileyo, mhlawumbiubhekise enyangweni phezulu.

Wathi u-Ahazi, Andiyi kucela, andiyi kumlingauYEHOVA.

Wathi yena, Khanive^Ndlu kaDavide; Kuyintoencinane na kuni ukudinisa abantu, ukuba okunidinise noThixo wam?

Ngako oko iyakuninika umqondiso ngokwayoiNkosi; Uyabona, intombi le iyakumitha, izale unyana,ize^nimthiye igama elingu-Imanuweli.

Uyakudla amasi nobusi, ade akwazi ukulahla^okubi, anyu-^anyule^okulungileyo.

Kuba engekakwazi umntwana lowo ukulahla^okubi^anyule^okulungileyo, woba selushiyiwe loomhlaba ookumkani bawo^babini.

35 Ukuba ndinokuthabatha ingongoma kwesi, ukuzendikhuphe okuphethwe ngumxholo, ndingathandaukusebenzisa igama: Owona Mqondiso Mkhulu.

Page 8: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

8 ILIZWI ELITHETHIWEYO

36 Xa sithe sanobona busuku bumnyama, kuze kukhangelekengamanye amaxesha, ngokungathi kumnyama kangangokubangobu busuku asinako nokubona izandla zethu phambikwethu, ngelo xesha apho uthi khona umbane ozintlantluukhanyise ngokukhanya kakhulu. Uthunyelwa kuthi ukuzeusibonise ukuba kunokuba khona ukukhanya ebumnyameni.37 Apha kwakungexesha lokulawula kuka-Ahazi, ukumkaniokhohlakeleyo. Yaye ukuba uyaqaphela, i_iNkosi ayizangeiwubhekise ku-Ahazi umyalezo, koko yawubhekisa kwindlukaDavide. “Yivani, ndlu kaDavide! Iyakuba ngulowoumqondiso.” Ngokuba, babesemfazweni, abazalwana besilwanabazalwana, kwaye kukhangeleleka kulelona lixa limnyamalohambo lukaSirayeli uhambo lwabo lokubangabaphambukeli. Kodwa uThixo wasuka wagqabhuzakwakho into evelayo, ngomprofeti, umqondisoonguNaphakade. Ngoku, imiqondiso ngamaxesha amaninzi^38 Abantu banayo imiqondiso. Yaye siphila kwihlabathielizaliswe yimiqondiso. Umntu uzamile ukufumana umqondisoothile. Umntu uzamile, ngokokuphanda kwakhekwenzululwazi, ngokoko anokukwazi ukukwenza ngokwakhe,ukuba enze umqondiso oyakuba ngowona uphambili,kungenjalo isikhumbuzo sobulumko bakhe, sokuba mkhulukangakanani na, kungenjalo uyingqondi engakanani na. Wenzeloo nto ukuhla ukuphumela kuyo yonke iminyaka.39 Ngokomzekelo, xa zathi iingqondi zezolwandleehlabathini, malunga nje kancinane neminyaka elikhulueyadlulayo, zagqiba ekubeni zazilumke kangako ukubazingalenzela ihlabathi u_umqondiso wobuchwepheshe bazongokwenza izinto, kangangokuba babenokuzakhela inqanawaekwakungekho maza makhulu kangangokuba angayenza izike.Baze bayibiza loo nqanawe ikhethekileyo ngokuba ngu-Titanic. Yayisisikhumbuzo esiya kuhlala ithuba elideehlabathini, sokuba ubuchwepheshe obukhulu bokwakhaiinqanawa kufikelele kwingqibelelo, ukuba babenokulibonisaihlabathi ukuba le nqanawe yayingenakuze izikiswe yinto.40 Ngoko, lukho lonke ukhuseleko ngaphezu kobungqondibabakhi, neentetho neencoko zabo, nokuqondakalalisangokwenzululwazi ukuba le nqanawa yayingenakuzika! Ngokoxa izinto zisiziswa ngolo hlobo ebantwini, ba_bayekubonakale ngokungathi baqinisekile ukuba yonke intoilungile, okoko nje uphando lwenzululwazi lusithi ilungile.41 Babenqumla ulwandlekazi ke bekule nqanawa, kuhambolwayo lwaselwandle, beziva bekhuseleke kangako kubakungekho kwanto inokubenzakalisa, baziqhubela umgidiomkhulu wokunxila. Bathi bonke abafazi namadodaababekhwele, kungenjalo, mhlawumbi abaninzi bawo,ndisenokutsho, banxila; nkqu bathi, nomqhubi kwakunye

Page 9: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 9

nomphathi, nabo bebonke. Aqala ke amaqela ukubhabhazelisau_umculo wejazz owawuyimfeketho ebalulekileyo yangoko,njengokuba sine-rock-’n-roll namhlanje. Ngokuba,babekhuselekile, babekwinqanawa abathi abantu bayinikaihlabathi njengomqondiso wobulumko babo, ukuba, “Lenqanawa yayingenakuze yoyiswe nangawaphi na amazaokanye naluphi na ulwandle.”42 Bathi besekwesesi phithi-phithi sokunxila, yabhekakwicala elinenkungu. Waze watsho omnye wabaphathi, ukuthi,“Masihlole iinjini.” Kodwa onegunya eliphezulu wathi,“Yiqhubeni, ‘Ibheke phambili ngokuthe ngqo!’ simele ukubaselunxwemeni kubizo oluthile.” Yathi isadubada enkungwini,ngokungathi yayiyilawula imeko, kwathi ngequbuliso,yantlitheka kumwonyo womkhenkce, nantso isihla itshonaphantsi kwamanzi.43 Yaye sixelelwa ngumbhali wemibongo owabhala iculo,“UThixo, ngesandla saKhe esinamandla, ubonisa elihlabathiukuba aliyi kuhlala limi.”44 Yonke into yabo babekwazile ukuyenza ebalulekileyo,yatshona kumazantsi olwandle, ikhwele amakhulungamakhulu abantu abanxilileyo. Ayisayi kusebenza nje loonto.45 Yayingongasekhoyo u-Adolf Hitler owanika amaJamaniumqondiso wokuba wayeyinkcuba-buchopho yena, wayesaziyonke into ngobomi basemkhosini. Kwaye, ngaphandlekokumjongela phantsi, wayesazi kakhulu ngaloo nto. Kodwawaqinisekisa amaJamani, ngokwakha lento siyibiza ngokubayiMaginot Line, okanye iSiegfried Line, apho wagalela khonaizigidi eziphindwe ngezigidi zeetoni zodaka lwesamentenentsimbi luhlangene. Ebonisa indlela awayethembele ngayokulo, ngokokude afuduse ikomkhulu lakhe alise ngaphambili,apho iivenkile neendawo zamashishini ziqhubela ngaphantsikomhlaba, apho babenezigidi eziphindwe ngezigidi zeetonizentsimbi kunye nesamente. Akunamsebenzi nokuba yathiyaqhuba njani na, iJamani yayinqatyisiwe. Yayingumqondisowokhuseleko. Kodwa isiqhushumbisi sangoku esinamandlasayidubula yaya kungena kwiNaphakade, noHitler kunye nayo.46 YayinguNimrod, ngenye imini owathi wayenakho ukwakhainqaba ende eyayinokuzisa abantu bakhe, wayeya kubonisaukuba unako ukuyenza loo nto ngobuchule bengqondo yakhe.Kwaye wayezakwakha inqaba ende eyayizakudlula emafini,ukuze, ukuba ingqumbo kaThixo ithe yeza, abe nokulumkangaphezu kwaKhe. Ngophando lwenzululwazi yakhe,wayenokuwabeka amatye amakhulu namatye ngendlela aphayokuba abe nokuthabatha wonke umntu amfake kukhuseleko,ngobulumko bakhe. Kodwa benziwa amampunge, ngendidekoyeelwimi, ababi nako nokuyigqiba loo nqaba inde.

Page 10: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

10 ILIZWI ELITHETHIWEYO

47 YayinguNebhukadinetsare owakha iindonga zeBhabhilon,waze waqhayisa ngaloo nto. Zinkulu, ngangokuba, iintlokoezintandathu zamahashe neenqwelo ayekwazi ukubalekaumdyarho ejikeleza iindonga. Amasango ayo ayemakhulukangako, ngokokude amadoda abile kuphume ubomi bawokuwo, ebetha isinyithi singene kuloo masango ayenobunzimaobungamakhulu eetoni; kwisixeko esikhulu, yayingamaqelaamadoda awayenokuzityhala zivuleke. Akukho mntuwayenokumchukumisa uNebhukadinetsare. Kodwa ngobunyeubusuku, bekumgidi wokunxila, becinga ukuba babekhuselekileemva kwezoo ndonga zabo zenzululwazi, benezixhobo zabo zaloomhla, nako kusiza umbhalo weSandla eludongeni. Yaphela keinto.

48 Owu, indlela athe wazama ngayo umntu ukuqhubelaumntu kukhuseleko, ukuzityhala ezisa kukhuseleko,ngemiqondiso eyeyakhe noko anokukwenza. Kwakhangelekangokungathi, ngenxa yokuba abantu befuna umqondiso,kufanele ukuba kubekho isizathu soko; into ethile ngaphakathikomntu enokuthi izungule isizathu okanye umqondiso,ophuma kwindawo ethile, anokukhuseleka kuyo.

49 Ngoko uThixo wathetha, wathi, “Ndiyakubanikaumqondiso ongunaphakade. Ndiyakunika ibandla umqondisoongunaphakade.” Yayingazukuba ludonga olukhulukungenjalo inqaba ende. Wathi, “Intombi le iyakumitha, izaleuNyana, iGama laKhe kuthiwe ngu ‘Imanuweli.’ Iyakubangumqondiso onguNaphakade kaThixo lowo.” Kululakangakanani! Mncinane kangakanani!

50 Uyaqonda ukuba izinto ezincinane odlula phezu kwazouziqakathe, zithetha lukhulu kangako kuThixo? Ingabaibandla linokuyiqaphela loo nto ngale ntsasa? Kokwethuesinokukwenza ngokwemibutho, nezakhiwo zakhe ezikhuluzemifanekiso eqingqiweyo yobugcisa, sidlula kwizintoezincinane ezithetha lukhulu kangako kuThixo nezithethalukhulu kangako kwindawo yethu esiyakuphelela kuyongoNaphakade. Siyaziqakatha ezoo zinto.

51 UThixo esitsho, ukuthi, “Ndiyakulinika umqondisoonguNaphakade. Intombi le iyakumitha, izale usana.”

52 Kuba, kuba kutheni ilusana, kwakutheni ukuze ibelu_lusana? Umdali ngokwaKhe umelwe kukuhla aphilengaphakathi kwindalo yaKhe, ukuze abe ngumqondisoemntwini? Kutheni kunyanzeleke ukuba ibe lusana nje?Kwakutheni ukuze abe akazange Athi, “Ndizakwakhainqwanqwa elikhulu, ukuze nonke^njengephuphalikaYakobi. Okanye, Ndizakuthoba eZulwini, ngokuphumakwimijelo yeZulu, intambo, ize ininike amandla, ukuze xanithe nazibophelela kuyo, Ndininyuse”?

Page 11: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 11

53 Kodwa, Weza ngendlela elula kangako. Kwaye wathi,“Kuyakuzalwa usana. Nantso into eyakuba ngumqondiso.Ayisayi kuba ngumqondiso kuphela, koko iyakuba ngowonamqondiso mkhulu.” Usana! Kuba, ubungqondi benzululwazingebayihleka esidlangalaleni ingcinga enjalo. Kodwa, kuThixoyayingowona mqondiso mkhulu. “Intombi le iyakumitha,kwaye lo mntwana uyakubizwa ngokuba Imanuweli, into ethixa itolikwa ibe ngu, ‘UThixo unathi.’” Nango owona mqondisomkhulu.

54 UThixo weZulu, ehleli kunye nabantu, ungowonamqondiso mkhulu. Wawungayi kuba ngumqondiso omkhulungaloo mhla kuphela, koko unguwo namhlanje nangayo yonkeimihla, ukuba uThixo uhleli kunye nabantu baKhe. U-Imanuweli uThixo ekunye nathi, lo ngowona mqondisomkhulu. Lo ngumqondiso onguNaphakade, umqondisoongenasiphelo, esawunikwa nguThixo.

55 Kwaye kwakutheni ukuze Yena abe luthuli kwa uthulilwendalo EyeyaKhe? UMdali waba yiloo nto, uthuli lwendaloyaKhe.

56 Umntu uzama ukwenza into enkulu ebalulekileyo. Kodwa,xa uThixo wamnika umqondiso, wawuyinto encinane. Umntuuzama ukusebenza ngemicimbi emikhulu. UThixo usebenzangomcimbi omncinane. Umntu uzama ukuthi, “Ngenxa yokubawonke umntu ehamba kanje, masenze njengokuba besenzaeHollywood.” UThixo ufuna abambalwa. Ufunauku_ukuziqakatha zonke izinto ezinkulu, ukuze amnkele intoencinane.

57 “Kuyakuzalwa usana,” oluncinane. “U-Imanuweliomncinci uyakuzalwa.” UThixo wendalo abe yinxenye yendaloEyeyaKhe. UThixo, uMdali waMazulu nomhlaba, owenzauthuli kunye nemithi, nayo yonke into ekhoyo, abe yinxalenyeyayo. Nantso into eyakuba ngumqondiso, Uyakuza ngendlelaoluza ngayo uluntu.

58 Ngoku, Wayesenokuza ngendlela eyenye. Wayesenokuzangendlela yabanye, ye_yezinye iindlela Anazo zokuza.

59 Kodwa Wanyula ukuza ngale ndlela, ukunika umqondiso,owona mqondiso mkhulu. “Intombi le iyakumitha, izaleuNyana, yaye bayakuMbiza ngokuba ngu ‘Imanuweli.’”Ngoku, yayingowantoni wona? Yayiyintoni isizathu?

60 Kwakutheni ukuze Anganyuli ukuba abe yiNgelosi?Ngewayeyenzile loo nto. Wayesenokuza e_eyindoda ekhuleyagqiba. Wayesenokuza ngokukhahlelwa okuzeleyo okuphumaeZulwini, iiNgelosi nazo zonke iZidalwa zeZulu; zityambalazengokuhla kwemijelo yeZulu, kukho ileli yegolide, yayeWayesenokuhla kunye nomkhosi weengelosi eziculayo.Ngewayenzayo loo nto.

Page 12: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

12 ILIZWI ELITHETHIWEYO

61 Kodwa Wathi, “Ndiyakukunika umqondiso, owonamqondiso mkhulu, umqondiso ongunaphakade. “Intombi leiyakumitha, izale umntwana.”62 Kwaye xa kwafuneka ukuba Akhethe indawoawayeyakuthi lo mntwana azalelwe kuyo. Ngewayehle ngeleli,ebuliswa ngokukhahlelwa okupheleleyo liZulu. Ngewayehleephuma eZulwini njengeNgelosi, okanye ehle eyindodaeseyiqinile ukukhula. Kodwa Yena, kananjalo, wayesenokuzaangene kwibhotwe lokumkani.63 Kodwa Wathi, “Ndiyakukunika umqondiso.” Kwayeumqondiso lowo waxelelwa abalusi, “NiyakuMfumanaesitalini, esongelwe kwiiqhiya ezindala.” Nanko owonamqondiso mkhulu, uzelelwe phezu kwemfumba yomgquba,nokunuka kwesitali, kungekho nazimpahla zakuMnxiba, u-Imanuweli. UMtyholi ufuna ukuzenza ezi zinto zibe nkuluzikhazimle. UThixo uzigcina zithobekile izinto. Owonamqondiso mkhulu, “Nofumana lusana lusongelwe eziqhiyeni,lulele emkhombeni wesitali. Nantso into eyakubangumqondiso, owona mqondiso mkhulu.” NgethubaWayesemhlabeni, Wayelihlwempu. Sithetha njani ngamaxeshaanobunzima? Ngubani Lo mncinane? NguYehova!64 UYehova uThixo waba ngumntu, wathabatha isiqu sethu,waZixuba ngokwembewu evela kuThixo, waba ngumntu.Nanko ke umqondiso. Waba^WayenguThixo, wazewangumntu; hayi indoda esisityebi, koko umntu olihlwempu.Nguwo lo owona mqondiso mkhulu. “Nicele umqondiso,”watsho uThixo, “Ndiyakuninika wona, umqondisoongunaphakade.”65 Ngewayeze ngenye indlela, njengoko besenditshilo, kodwa,usana, kwakutheni ukuze Abe lusana? Kwa okokuqala lowomncinane, umlomo ongenamazinyo uvuleka kweso sitali, phezukweyokuqala ibhedana yosana^ngentsasa yokuqalayeKrismesi, kwibhedana yaKhe yosana esitalini, nokukhalaokuncinane kokuqala okwaphuma kwizwi laKhe,yayinguThixo elila. UYehova elila, umntu; evela kuThixo, yayeyayingumntu, ngabo bonke ubulumko, umntu. Wezaehlabathini engenanto, kodwa wayesengumntu. Wayezamaukwenza ntoni Yena? Yayiyintoni injongo yaKhe?66 Walila njengosana, esitalini. Wadlala njengenkwenkwe,esitratweni. Wasebenza wabulaleka ngokwendoda, ukantiYena wayengu-Imanuweli. Lo ngowona mqondiso mkhulu.UThixo ehleli ngaphakathi kwindalo Awayidalayo. Owonamqondiso mkhulu, “Niyakunikwa umqondiso.”67 Wayelihlwempu kangangoko wathi xa Wayesizaemhlabeni, Weza ngesizalo esibolekiweyo, isizaloesibolekiweyo somfazi. Nengcwaba elibolekiweyo, awayezakungcwatywa kulo. UThixo! “Intombi le iyakumitha,

Page 13: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 13

ngaphandle kokuphazamisa ngokwazana kwendoda nomfazi.”UYehova waboleka isizalo kuMariya, umfazi, ukuze enzeumsebenzi wokuba Wayeyakunika umqondiso ongunaphakade.Elihlwempu kangako emhlabeni, emva kwamashumiamathathu anesithathu eminyaka enesiqingatha,yokushumayela kwakhe, kwanyanzeleka ukuba Abolekeingcwaba aza kungcwatywa kulo. Ungayicinga loo nto?Uthetha ngokukhawulwa ngokumsulwa, uthetha ukuthini,phofu?68 Uyawubona ke umqondiso wenene? UnguYehova ethewangomnye wethu. UYehova uThixo esemhlabeni, esisibhadu-bhadu, engowasemzini kumhlaba Awawudalayo; bemmangele,watyhalwa, wahlekwa, kwahlekiswa ngaye; eliLityelesikhubekiso kongakholwayo, iLiwa lesikhubekiso; umtyholi,kwihlabathi lezenkolo. Kodwa engumqondiso onguNaphakadekwikholwa, “UThixo ekunye nathi,” owona mqondiso mkhulu.Uyayibona? UThixo ebonakalalisiwe, uThixo eZibonakalalisekwihlabathi, njengobhadulayo. Ngewayeze ngendlela eyenye,kodwa wakhetha ukuza ngale ndlela.

Yiphulaphule le Nto. UngaYiphosi.69 Ndicinga ukuba uThixo wayenayo engqondweni yaKhe,ukuba yayiyakuba ngumtsalane kuluntu. Inguwo, kwikholwa.Inomtsalane xa uThixo wethu esiba ngomnye wethu. Kodwa,konenkani, ongakholwayo, isisikhubekiso. “Ndiyakuninikaumqondiso, intombi le iyakumitha. U-Imanuweli uyakubanani.” UThixo wayeicinga ukuba iyakuba ngumtsalanekuhlanga loluntu, eyokuba uThixo wethu abe ngomnye wethu,eyokuba Azixube ngokwembewu Yena abe luthuli lwethu,ukuze Abe sisiqu sethu, isiqu somntu; uMdali Owenza zonkeizinto.

Kwaye, kwakhona, loo nto yazalisekisa isiprofeto.Abaprofeti babeyibonile.70 Enye into ke, “ILizwi lenziwa uthuli, inyama, lahlalaphakathi kwethu.” UYehova, iLizwi laba ngumntu, labaluthuli lwahlala ngaphakathi kunye nathi. UmqondisoonguNaphakade, “awusayi kuze uphele.” Owu, sakuyicinga loonto, owona mqondiso ungomkhulu kwimiqondiso yonke,uThixo esiba ngomnye wethu.71 Ngoko, kwakhona, Umelwe kukuba abe yiMbewu ka-Abraham. U-Abraham, kakade, wayeyiMbewu ka-Eva. U-Eva^ “WayeyiMbewu yomfazi eyityumza intloko inyoka.”Kodwa, u-Abraham, ukuba unokuyibamba nje, wayenokholokuThixo, ntoleyo yamanya uMoya kaThixo kunye nenyamayomntu. Nako apho luza khona ukholo. Nantso intoeyayibanga ukuba Abe yiMbewu ka-Abraham, hayi yonkeinyama, koko ngokumanya uMoya nenyama zihlangane.UThixo, eZenza^eqhaqha, evumbulula zonke iingcambu

Page 14: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

14 ILIZWI ELITHETHIWEYO

zobubi, esenza yonke inyama ukuba ithobele, uthuliAwalidalayo, aze aphile ecaleni kwakho njengo_njengoncedisana nawe.72 Enye into, Akazange angcolise kungenjalo aphikisanenawo nawuphi na kwimithetho yaKhe. Akanako ukuyenza loonto, “Intombi. Ndiyakuyinika umqondiso.” Hayi iTitanic, hayii-U.N., koko, “Ndiyakukunika umqondiso wokhuseleko.Intombi le iyakumitha, izale uNyana, iMbize ngokuba ngu‘Imanuweli.’” Nanko umqondiso. Ewe.73 Uyabona, kwimithetho kaThixo yokuhlangula, njengokubakwakunjalo kuBhohazi noNahomi, kwakunyanzeleke ukubaibe sisizalwane esisondeleyo. Yaye inye indlela umntuawayenokuhlangulwa ngayo, kukuba uThixo abe sisizalwane,esisondeleyo. Ndifuna ukuba uyibone loo nto. Akazange abengowakowabo, ngokupheleleyo, kosisityebi, konamandla.Koko Wazalelwa esitalini, esongelwe ngeeqhiya ezimdaka;engengomntu mdala, koko engumntwana. WayenguThixoophezu kwendalo. Wanyula ukwenza loo nto, hayi ukuzaeyindoda ekhule ngokupheleleyo. Weza khon’ukuze Eve okokuviwa ziintsana ezincinane. Weza khon’ukuze Angeneaphumele kwizilingo zabatsha. Kwanyanzeleka ukuba ahambeukuze Abe nokusebenza nzima kwimisebenzi enzimanakwimigibe yoMtyholi, njengomntu, avulele indlela abantuabakubudala bonke, abazo zonke iindidi zobudala nabendidizonke: amahlwempu, abazizityebi, bebonke. Waba lihlwempu,ukuze, ngobuhlwempu baKhe, sibe zizityebi neendlalifa kunyenaYe eBukumkanini. Umqondiso siya kuwunikwa, wokubaaZixube ngokweeMbewu aZenze into eyahlukileyo kunaleyoWayeyiyo; ngoku umqondiso ongowona mkhulu, usanaolulilayo, edlala ngokwenkwenkwe, esebenza nzimangokwendoda, kodwa yayinguThixo ephila kuzo zonke izigabazobomi njengoko sisenza nathi.74 Uyazi, uThixo usiphe imiqondiso emininzi yokubaWayenguThixo. Wasinika umqondiso kwihlabathi langaphambikonogumbe, wokuba yena WayenguThixo, uThixo womgwebo.Warhaxisa abantu ngemihla kaNowa, wadadisa amalungisaemkhombeni; umqondiso wokuba Wayelilungisa, yaye umgwebowawuyinto eqinisekileyo. Nanko umqondiso, wokuba wonkeumoni ongaguqukanga uyakutshabalala emgwebeni, nokubailungisa liyakusindiswa ngenceba kaThixo.75 Wanikela ngomnye umqondiso kwityholo elivuthayo.Yayiyintoni leyo xa Wabamba umprofeti waKheowayesekubalekeni, “Ndikuvile ukukhala kwabantu baM,kwaye ndiwukhumbule umnqophiso waM”? Wanikelangomnye umqondiso apho, kwaye WayenguThixo owugcinayoumnqophiso, waze Wakhumbula yonke into Awayithethayo,sonke isithembiso Awasenzayo. Wabanika umqondisokwityholo elivuthayo, “Ndaye Ndihlile ukuza kubahlangula.”

Page 15: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 15

76 Mkhangele uThixo kwiindlela zaKhe zokusebenza.Ekudaleni kwaKhe aMazulu nomhlaba, Wabiza iiNgelosiwazihlanganisa, waze Wathi, “Masithi.” Kuyo yonke indawoeSibhalweni apho wathi Wenza nantoni na, kuxhaphakile,hayi Mna, “koko uBawo wam.”77 Kodwa kwathi kwakufika kwicebo losindiso, Wezayedwa. Kwakungekho mntu wayekunye naYe. YayinguyeYedwa kuphela awayenokuza. INgelosi yayingenakuyenzaloo nto. Omnye umntu, obizwa ngokuba ngunyana waKhe,wayengenakuyenza loo nto. Omnye obizwa ngokuba yenyeinto, intombi engcwele, okanye umama ongcwele, okanye_okanye ingcwele ethile, yayingenakuyenza loo nto. NguThixoowayenyanzelekile ukuba eze! “Ndaye ndiyakunikaumqondiso. Intombi le iyakumitha; kwaye kuyakuzalwausana, lona Luyakubizwa ngokuba ngu-Imanuweli, uThixounathi,” owona mqondiso mkhulu. UThixo engaphakathikubantu baKhe. UThixo ekunye nabantu baKhe. UThixouthe wangabantu baKhe. UThixo nomntu babemnye.Umqondiso! Isikhubekiso kwihlabathi, kodwa ithembaelisikelelekileyo kwikholwa. Umqondiso ekuyakuthethwakakubi ngawo.78 Wayenalo elinye awaziqondakalalisa ngalo.Waqondakalalisa ngonogumbe ukuba WayenguThixowomgwebo. NoThixo wenceba kwabo bayigcinayo iMiyaleloyaKhe.79 Wabonakalalisa kwityholo elivuthayo, ngumqondisowokuba uyakuligcina lonke idinga Awalenzayo.80 NakuLwandle oluBomvu, Wabonakalisa ukubaWayenokuvula indlela kwabo babezama ukwenzaokulungileyo balandele imiMiselo yaKhe. Akunamsebenzinokuba yintoni eyayinqamlela, uThixo waqondakalisakuLwandle oluBomvu, wanikela ngomqondiso, wokubaWayenoluvula ulwandle. Kuso sonke isilingo, Uyakuvulaindlela yokuphuma. Uthi, “Umama akakholwa yiloo Nto.Utata akakholwa yiloo Nto. Ibandla alikholwa yiloo Nto.Ibandla alikholwa yiloo Nto.” Andikhathali nokuba ngubanina ongakholwayo yiYo. Ukuba wena uyakholwa yiYo, uThixouyakuvula yokuphepha. Wanika umqondiso wokuba Wayeyakwenza njalo. Babekwindlela yabo, eya ngqo kwilizweledinga, apho uThixo Wayebathembise khona, lwaze ulwandlelwabavalela, bangena enkathazweni. Babengayaziamabayenze. UThixo wababonisa ukuba Wayenako ukuvulaindlela yokuphepha ekuhendweni konke, kwisilingo ngasinye.Awukwazi ukuyeka ukutshaya? Thabatha uThixo kube kanye.Awukwazi ukuyeka ukuxoka, awukwazi ukuyeka ukuba,awukwazi kuyeka ukuba nomsindo? Thabatha uThixo ahambenawe kube kanye. Ukuba awuziva ufuna ukuya enkonzweni,ube ungenakuya ndawo; thabatha uThixo kube kanye,

Page 16: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

16 ILIZWI ELITHETHIWEYO

thabatha isithembiso saKhe. Waqondakalalisa, kuLwandleoluBomvu, ukuba Uyakuyivula indlela yokuphuma. UThixounikele ngemiqondiso emininzi.81 Ngobo busuku xa Wathi kubalusi, “Yihlani niyeeBhetelehem, kuba namhlanje nizalelwe uKristu uMsindisi.UKristu, uThixo onguMthanjiswa, namhlanje uzelwengumfazi.” UThixo!82 Engenzi umfazi abe nguthixo, ngoku. Waboleka nje isizalosomfazi, yayiyinto enye nokuba eboleka lo Mzimba ukubaashumayele iVangeli ngawo. Into enye nokuba ebolekaumzimba wakho, ukuze enze umsebenzi Afuna ukuwenzangawe, ngokuba usengu-Imanuweli, umqondiso, uThixoekunye nabantu baKhe. UThixo ephila phakathi kwabantubaKhe, owona mkhulu, umqondiso ongunaphakade.Awunakuze usilele. Uyakuhlala ungumqondiso.83 Uthetha ngale miqondiso, uthini ngalo? Ngaphambikokuba ube unokufumana umqondiso ongomnye, umqondisowokuthetha ngeelwimi, umqondiso wokuprofeta, umqondisowento yamandla angaphezu kwendalo, kuyakufuneka ubuyelekumqondiso wakuqala, onguNaphakade nomqondisoongenasiphelo. Hamba ngokuthe ngqo, indawo yokuqala,ukuze ke phezu kweso siseko, esiliLiwa lawo onkeamaphakade, kungekho nto iyakuze isichukumise. AmasangoeSihogo ayakusichasa, koko akayi kweyisa. Fumana loomqondiso, “Intombi le iyakumitha, izale unyana.”84 Yaye Wabaxelela aba belusi, “Nantsi indlela eniyakuMfumana ngayo. Uyakuba sesitalini, phakathi edladleni,esongelwe ngeeqhiya ezidlaka-dlaka. Nakukhangela kuYe,nikholwe. Kuba Yena unguThixo ephakathi kwethu.”85 Loo mqondiso wawungayi kubalusi bodwa. Kokowawunikelwe kulo lonke ihlabathi. Ukuba kukhangelwe kuYeabonwe ukuba unguBani na. UnguThixo enathi, u-Imanuweli.86 Xa Wayelapha emhlabeni, Waqondakalisa ukuba YenawayenguThixo. Waqondakalisa ukuba uThixoWayengaphakathi kuYe, ngokuba imiqondiso kaThixoyayiMlandela. Wathi, “Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawowaM, ngoko musani ukukholwa ndiM. Kodwa ukuba ndenzaimisebenzi kaBawo wam, ukuba anikholwa ndiM, kholwaniyiyo imisebenzi, umqondiso.” U-Imanuweli! “Mna noBawowaM sibanye. NguBawo waM owandithumayo. NjengokubaENdithuma, ndiyanithuma naM. UBawo, othume Mna, ukunyenaM. Ungaphakathi kuM wenza imisebenzi ngokwaKhe.UnguThixo esenyameni.”87 Akazange afumane ukuyingcamla loo nto uLothengaphambi kokutshatyalaliswa? Xa, Wabona uThixoebonakalaliswe esenyameni, esidla ithole, esela ubisilwenkomo, esidla isonka esiphuma emhlabeni, waze wema

Page 17: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 17

umva waKhe ewuzise ententeni, enesimelabizo somntu, “Mna.Mna njengoko u-Abraham eyindlalifa yehlabathi, Mna^”Ngamanye amazwi, “Ndiyakuyenza yazeke kuye.”88 Wayengubani Yena? Ngoko Wathi, “Abraham, iphiinkosikazi yakho, uSara?” Yamothusa loo nto. UThixo, emikwisiqu sikaKristu, enziwe inyama.

Wathi, “Usententeni, emva kwaKho.” USara wahleka. Wazewathi Yena, “Uhlekele ntoni uSara?”89 Xa u-Imanuweli weza ngesizalo somfazi, endaweni yokubaavele engumzimba ongowomoya, Wathi, “Njengokubakwakunjalo ngemihla kaLothe, kuyakuba njalo ekuzenikoNyana womntu.”90 Xa Wayelapha emhlabeni, abo bapostile bephuma neVangeli,ngokokude neeNgelosi zikhangele ngaphaya kweentsika zeZulu,amajelo eLizwe laseBuqaqawulini, ukuze zikhangele kuYe. Kunibasibhalayo iSibhalo, njengokuba ndibona nibhala, uTimotiwokuQala 3:16. “Ngaphandle kwamathandabuzo inkuluimfihlelo leyo yokuhlonela uThixo: kuba uThixowabonakalaliswa esenyameni kwakholwa kuye ehlabathini,wabonwa ziiNgelosi.” IiNgelosi zaphakama zakroba ukuze zibenokukhangela kuThixo. Zazikhe zaphakamisa izandla zazophambi kwaKhe ngaphambili, zikhwaza, “uyingcwele,uyingcwele, uyingcwele,” xa Wayehleli apho, eyiNtsika yoMlilo,ekubuqaqawuli beZulu. Waze wathi Akuba ngumntu, iNgelosizeza zakhangela ngaphaya ukuze ziMbone, uYehova, enziweinyama. Ngokuqinisekileyo, “Ngaphandle kwamathandabuzoinkulu imfihlelo leyo yokuhlonela uThixo.”91 “Ndiyakuninika umqondiso ongunaphakade,” kuba uThixowenziwa inyama phakathi kwethu. Wahlala esenyameni.Iyakuba ngumqondiso ongunaphakade lowo. Ingengomqondisokubelusi bodwa wokuba bakhangele bakholwe, koko ngowenunani Mnquba kaBranham, ikwanguwo noweli hlabathilikhohlakeleyo, ukuze likholwe ukuba lowo nguThixo. UThixowanikeza ngaloo mqondiso. UYesu wathi, “Njengoko uBawoophilileyo endithumile Mna, waza weza kunye naM, wabeengaphakathi kuM; ngokunjalo Mna ndithuma nina, uBawoophilileyo uyakuhamba nani abe ngaphakathi kuni, umqondisoongunaphakade. Nantsi imiqondiso eyakulandelana nabobakholiweyo. Yabona, Ndiyakuba nani, ndibe ngaphakathi kuni,kude kube sekupheleni komhlaba. Ndiyakuba nani. Ukuphelakomhlaba, ndiyakuba kho ndikunye nani.”92 Umntu othile, njengokuba benditshilo ngaphambili, ufunaukuMenza into encinci, engeneno kukaThixo. Wayengumntu;uThixo wayesebenzisa umntu. UThixo wayesebenzisa inyamaAwayidalayo, ngokwaKhe, esenzela ukuze adale ngaYe, “Nokuzeavelise ngaYe oonyana abaninzi,” sitsho iSibhalo, “ngaloo Nyanauthobelayo. Ngonyana omnye, bawa bonke. NgoNyanaothobekileyo, bonke bayakuphila, abo bakholwayo.”

Page 18: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

18 ILIZWI ELITHETHIWEYO

“UThixo unathi,” umqondiso, wathi iyakuba ngulowoumqondiso. Wathanda ukubhekiselela kuYe njengo “Nyanawomntu,” engumntu isiqu saKhe, umntu nje. “Akukho ntondiyiyo; uNyana akanakwenza nto ngokwaKhe.” KokonguYise owayengaphakathi kuYe, u-Imanuweli, uThixo.

93 U_Usana, uThixo, uYehova uThixo. Olo sana luncincilwalulila, yayinguYehova lowo. Uyayibona? UThixo ephilangaphakathi kusana.

94 UThixo ephila ngaphakathi kosakhulayo. Wayengumntuosemtsha onjani Yena? Wasibekela umzekelo. WathiAkulahleka kutata nomama waKhe, bakhangela jikelele ukuzebaMfumane, baza bamfumana etempileni. Wathini Yena,engumntwana osakhulayo nje? “Anazi na? Anazi na ukubandimelwe kukuba semcimbini kaBawo waM?” Umzekelowabantwana abasakhulayo.

95 Njengendoda, nabo bonke ubunewu-newu behlabathibunikelwa kuYe, yonke into isezandleni zaKhe kanye, ukuzeabe ngoyena mkhulu kubo bonke abantu, oyena usisityebikubo bonke abantu; Owayekwazi ukuxelela abantu aphoyayikhona intlanzi eyayinemali eyingqekembe emlonyeni kuyo,owayekwazi ukomba awona manzi angcono aphumaemaquleni awajike abe yiwayini, owayekwazi ukuguqulanantoni na Awayefuna ukuyiguqula; owayekwazi ukuthabathaamaqebengwana amahlanu ondle amawaka amahlanu.Wayenamandla ezandleni zaKhe wokuba angayindodaebalulekileyo, kodwa nangoko wanyula ubuhlwempu.Akazange abenalo nengcwaba ekufeni kwaKhe.Kwanyanzeleka ukuba aliboleke. “U-Imanuweli, lo iyakubangumqondiso.” Uza njani uThixo? Esebuhlwempini. Usebenzanjani uThixo? Uyakuba ngumqondiso ongunaphakade,nabangamahlwempu, abangafundanga.

96 “Umqondiso,” watsho umprofetikazi omkhulu, u-Anna. XauSiniyon waphakamisa izandla zakhe etempileni, ebambeLowo mncinane ekwiqhiya yokusongela. U-Anna uthi,“Ungumqondiso okuya kuthethwa kakubi ngawo, ngenxayokuwa kukaSirayeli, kodwa abuye ahlanganise kwakhona,kananjalo, isiKhanyiso seeNtlanga.”

97 Intoni? “UThixo unathi,” engekho kwabazizityebinabaphakamileyo, koko kumahlwempu. Wazalelwa esitalini,“UThixo unathi.” Wenza hlobo luni lwezinto Yena? Khangelaizinto zaKhe Awazithethayo. Khangela kuYe, okoWakuthethayo.

98 Kuba, uThixo ngokwaKhe wathi, “Lo nguNyana waMoyintanda, mveni Yena. Lo nguNyana eNdikholisiweyokukuhlala ngaphakathi kuye. Mveni Yena.” Wathi,“Ndiyakuba nani njalo, kude kube sekupheleni.”

Page 19: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 19

99 Wakhupha wathuma abapostile baKhe. Bawutshisabawuvuthulula umhlaba, ngemihla yabo, njengoThixo esibamnye nomntu. Babhaptiza abantu eGameni laloo Thixo, uYesuKristu. Babephila ngokusondele kangako kuYe ngokokudeAZibonakalalise ngabo, ngemiqondiso nemimangaliso neziphozoMoya oyiNgcwele. “UThixo unathi.” Bashumayela ukubakwakukho uThixo omnye ophilileyo oyinyaniso.100 Umntu wakhe zonke iintlobo zeenqaba ezinde phezukoothixo abathathu mhlawumbi abane, okanye oothixoababini, kodwa mnye uThixo. Loo Myalezo wawuyakuvuselelwa ngomhla wokugqibela.101 Kungcono nicinge kakuhle ngoku, vulani iintliziyo zenu.Celani uThixo ukuba akutyhile oku kuni, lentondizakuyithetha.

Ekuzeni kwaKhe, Wazalisekisa oko kwathethwangumprofeti.102 Kwaye xa Esiza ngemihla yokugqibela, kwimvula zamvazikaThixo, xa zombini eyaphambili nemvula yamva iyakubeigalelwe, Uza kanye ngokuchanekileyo ngalaa ndlelakwakuprofetwe ngayo ngaYe. “Kuyakubakho ukuKhanyangexa langokuhlwa.” Kwakuza kwenzeka ntoni? U-Imanuweli,kwaloo Nyana mnye, kwa oko kuKhanya kunye, laa Thixomnye weza kuhlala enyameni, kunye nabantu baKhe ngomhlawePentekoste, uza kungena ngendlela efana naleyo ngemihlayokugqibela, kuba kuyakubakho ukukhanya ngexalangokuhlwa. Yintoni leyo? Kuyakubakho umqondiso,umqondiso ongunaphakade: uThixo unathi, uThixo unathi,uThixo ngathi. Umntu noThixo baba mnye. UYesu wafa, ukuzeAbe nokunikela ngobo bomi bunexabiso, ngesigqibo saKhe.(KuMyalezo weCawe ephelileyo.) Ngokuba, wanikezela ngabongenxa yesigqibo, ukuze Abe nokuzisa oonyana abaninzikuThixo. U-Imanuweli unathi. Abantu bokuKhanyakwangokuhlwa, iyakubatsala loo nto.103 Xa uThixo wanikela ngomqondiso, “Iyakuba nguloumqondiso. UThixo uyakube ehleli enyameni.” Wacinga ukubaloo nto iyakubatsala abantu. Yaza yenza njalo. “Kuba bonkeabamaMnkelayo, Wabanika iGunya lokuba babe ngabantwanabakaThixo.”104 Yaye kufanele ukubatsala abantu bokuKhanyakwangokuhlwa xa beboniswa kwa oko kuKhanya kunye.UThixo noKristu mnye. UPetros wathi, “Makwazeke kuni,ukuba uThixo umenze kwayena loo Yesu, naMbethelelaemnqamlezweni, kokubini iNkosi noKristu.” Umqondiso,ekuthethwa kakubi ngawo, kodwa iziBane zangokuhlwazilapha.105 Njengomlungiseleli ongasekhoyo weVangeli, ekuqalenikomyalezo wePentekoste ukuwa, ongasekhoyo uGqr.

Page 20: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

20 ILIZWI ELITHETHIWEYO

HayWood, kanye phambi^Yena, ndiyaqonda, akazange^Mhlawumbi ngethuba wayesemtsha kakhulu, ngenye iminiwakuhlelwa nguMoya. Wayeyimbongi, ngaphandle kokubaengumshumayeli. Waxhiphula usiba lwakhe wayibhala.

Kuyakubakho ukuKhanya ngexalangokuhlwa,

Indlela eya ebuqaqawulini niyakuyifumanangenene;

Indlela yamanzi ekukuKhanya namhlanje,Ningcwatye eGameni likaYesu.Batsha nani badala, guqukani kuso sonke

isono senu,Kwaye uMoya oyiNgcwele uyakungena

ngenene;Kuba iziKhanyiso zangokuhlwa zifikile,Yinene eyokuba uThixo noKristu mnye.

106 IZibane zangokuhlwa! Ukuba sihamba ekuKhanyenikwangokuhlwa, umqondiso wangokuhlwa, ngokokwakunyanzelekile ukuba ibe kwakoko kuKhanya naloomqondiso mnye, umqondiso onguNaphakade. Ngoko loomiqondiso ifanayo iyakulandelana nokuKhanyakwangokuhlwa. Owu! NiyaYibona? NiyaYiqonda? NankouMyalezo wale Krismesi. IZibane zangokuhlwa, imiqondisokaMesiya iWukhapha, ikhapha uMyalezo. IZibanezangokuhlwa ezilapha.107 Kuthethwa kakubi ngawo. Bayakunidanisa, abazalwanabenu. Ngubani owaMdanisayo? Ngabazalwana bakhe.Babethanda ukuMbona esenza imimangaliso. Kodwa kwathikwakufika eKalvari, babephi bona bonke? Kwakufika kuloomzuzu unzima, apho uThixo iNyaniso yaKhe neBhayibhileyaKhe amelwe kukubonakaliswa, baphi? Babuya umvabemnka.108 “Kuyakubakho umqondiso eniya kuwunikwa. Nantsi keimiqondiso eyakulandela. Imisebenzi endiyenzayo Mna,niyakuyenza nani; nemikhulu kunale, ngokuba NdisiyakuBawo wam.”109 “Kuyakubakho ukuKhanya kwakhona ngexa langokuhlwa.”Owu, lo mhla umnyama sithe saphumela kuwo! Kodwa isithubasamashumi amane eminyaka amafu ebesiya etyhila, ngokokuqalaukuhlaziya, wokuziswa koMyalezo wokuba uThixo noKristumnye, wokuba uThixo wabonakalaliswa esenyameni. Wanyulaukuhlala enyameni yomntu. Kwaye namhlanje baMenza intoethile ehleli phezu kwetrone, baMenza into ethile yangaphambikwendalo, abanye babo bafuna ukumbuyisela emva ekubeni abesisazi-nzulu, abanye bafuna ukuMenza umprofeti. Kodwa,mzalwana, Yena unguThixo engaphakathi kuwe, uThixoebonakalaliswe esenyameni. Njani?

Page 21: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 21

110 Bazi njani ukuba WayenguThixo esenyameni? Wathi,“Ukuba andyenzi imisebenzi kaBawo waM, ngoko ndenzeokuphosakeleyo. Kodwa ukuba Ndiyayenza imisebenzikaBawo waM, kholwani yiyo.”111 Ke ngoku ikwayinto enye. Umyalezo uvuselelwe kwakhonakwimihla yokugqibela, uMyalezo wokuba UnguBani na, intoAyiyo. U-Imanuweli ehleli ngaphakathi kuni, ekwanaloomisebenzi Wayenzayo, eZibonakalalisa ngani, kwaloomisebenzi minye Wayenzayo. KukuKhanya kwangokuhlwa.Kuthethwa kakubi ngako. Yindlela enzima.112 Yaba nento eyithethayo kumlawuli owayesisityebiesiselula, ukanti intliziyo yakhe yayilambile, ilambele ukuzakuYesu, waze wathi, “Rabi, ndenze ntoni na ukuze ndibudleuBomi obunguNaphakade?” Wathi, “Gcina iMithetho.”

Wathi yena, “Ndayenza loo nto ndisengumntwana.”Wathi, “Ufuna ukugqibelela ngoko?” Wathi, “Landela

Mna.”113 Kodwa wemnka ebuhlungu. Yayilixabiso eliphezulu ukubaangalihlawula. Ukuba nje ngewayeMnike nje imali ethileazakhe inkonzo enkulu kwindawo ethile, azibeke njengelungu,ngewayenza ngokulula loo nto. Awuyiboni indlela efuziselwengayo loo nto namhlanje phakathi kwabazizityebi? Kwakukhoabanye.114 Ingezozityebi zodwa, koko namahlwempu; abaninzi babobabephuma kwimihadi yekalika, njalo njalo, bala ngenxayodumo. Ngokuba, Wayengadumanga. Wayengu-Imanuweli.Bathi, “Kukugxeka oko. Ngu_NguMtyholi lowo. Kukufundwakwengqondo okuya. Ngu_NguBhelezabhule lowa.” Abafundisibaloo mhla, iinkonzo zabo ezinkulu, bathi, “Yimfeketho,”115 Kodwa uThixo wathi, “Ngumqondiso onguNaphakade,owona mqondiso mkhulu, ngumqondiso wayo yonkeimiqondiso, yokuba uThixo unani, engaphakathi kuni, kudekube sekupheleni kwehlabathi.” Nanko umqondiso wakhoongowona mkhulu. Udlula yonke imiqondiso. Ungumqondisowokuqala. IZenzo 19, aboo bantu babebuyile bazebawuqaphela loo mqondiso, phambi kokuba babe bamnkelauMoya oyiNgcwele, iZenzo 19:5. Ukanti, ikholwaelalineBhayibhile, kwaye lalinomshumayeli ophucukileyoowayeqondakalisa ukuba uYesu wayenguKristu, ukantingaphambi kokuba bangene kuloo Nto^Nokuze baboneimiqondiso, banyanzeleka ukuba beze baphindeukubhaptizwa, kubekwe izandla phezu kwabo bamnkeleuMoya oyiNgcwele. Yinyaniso leyo.116 Kodwa ngexa langokuHlwa, iZibane zilapha. KwayeUyagxikizwa. Kuhlekiswa ngawo. Kuthethwa kakubi ngawo.Umprofeti wathi kuyakuthethwa kakubi ngaWo, “Ilitye

Page 22: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

22 ILIZWI ELITHETHIWEYO

lesikhubekiso.” Kuthethwa kakubi ngawo kuhlekiswa ngawo,uyagxekwa; u-Imanuweli engaphakathi kuthi, esebenzaintando yaKhe ngathi.117 Owu, namhlanje, mzalwana wam olundwendwe, dadewethu, kholwa kuloo mqondiso. Khangela ngaphakathikumkhombe weyakho intliziyo, ubone ukuba unako naukuthetha ngaphakathi kwakho. Ubone loo mqondisobawubonayo abelusi. UThixo esenyameni, ehleli phakathikwamahlwempu, abasweleyo, abalahlelwe ngaphandle. Uboneukuba ungaWuqonda na. UThixo entliziyweni yakho, uThixoelapha. Khangela ubone ukuba UZibonakalisa kakuhle,kubumnandi nokuthobeka, njengoko Wenzayo.118 Kwiminyaka embalwa eyadlulayo, kwakukho intombazanaeyayiphuma ekholejini, yaze, ikunye nabaninzi babalinganebayo apho, yaba ngozicingela ukuba uyazi komncinane, isukaekufundisweni kwakudala kwangaphandle eyayinako,njengokukamama wasemaphandleni. Yaze ngenye iminiyagqiba, kwiminyaka emibini emva koko, ukuba mayityeleleumama wayo kwakhona. Yambhalela incwadi ethunyelwangokungxamisekileyo yamxelela ukuba izakufika ngololiweothile-thile, ukuze aye kumhlangabeza esikhululweni. Ukanti,yeza nenye intwanazana ezicingela ukuba ikrele-krele.Njengokuba nayo yayisele ingozenza krele-krele, okwayo. Yazeyeza nomnye ehamba nayo, yayingomnye ongathingoochwepheshe balemihla, abazi yonke into, abaselulaabaphambili.119 Yathi yakufika esikhululweni, yakuqalisa ukuhla kuloliwe,yakhangela. Nanko umama wayo emi phaya, ekhangele ngakokonke okwakungaphakathi kuye, ukuze abone ukuba yayiphina intombi yakhe. Yaze yathi intombazana eyayikunye nayo,umama^yabona ubuso bakhe bunezinxenxe bonke, nezandlazakhe zitshile. Wayekhangeleka embi, emdala, ekhangelekaembi. Yaze loo ntombazana yayikunye noMary, yathi kuye,“Ingaba ngubani bethu laa nto ikhangeleka kakubi?”120 Yaze loo ntombazana yanentloni ngomama wayo. Yathi,“Andazi. Andazi ukuba ngubani na.”121 Waze umama wayo, wakubona intombi yakhe, wabalekawaphosa iingalo zakhe ngaphaya kwayo, waqalisa ukuyiphuza.122 Yamtyhalela kude, yathi, “Andikwazi. Ubambe umntuongenguye,” ngokuba yayingafuni kuzibandakanya nomntuonjalo owayethe wahlekwa ngomnye umntu ehlekisa ngaye.123 Kwenzeka ukuba kanti kukho indoda, unogada kuloliwe,eyayimi kufutshane. Yambamba egxalabeni loo mfazi uselula.Yathi, “Ukuba lusizi, ntondini ilusizi! Ndilikhumbula kakuhleibali.”124 Bahlanganisana abantu ukuza kuva ukuba kwakwenzekentoni na. Waza wayibamba loo ntombazana, waze wathi, “Le

Page 23: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 23

ntombazana incinane, xa yayineenyanga ezintandathuubudala, yayikwibhedi encinane yayo yosana kwigumbieliphezulu. Umama wayo othandekayo ke, oyena mfaziwayemhle ndakha ndambona,” watsho lo nogada mdala.Wathi, “Indlu yatsha ngethuba umama wayo wayexhomaimpahla. Baza abamelwane beza bebaleka, bekhala. Bayibonaloo nto. Umama akazange ayiqaphele. Yayikwicala legumbieliselungqamekweni lwendlu. Abe amadangatye sele efikilekuyo, yabe iyokungena emoyeni.”125 Waza wathi, “Abazange babe nakumbamba loo mamawayephatshuzela. Usana lwakhe lwalukwigumbi eliphezulu.”Waze wathi, bonke bona bekhala, “Awunakugqobhozela kuwo,‘kuloo madangatye.’ Kodwa waxhiphula ishiti elalisesandlenikuye, esiya kulixhoma phezulu, kwaye yayilishiti elimanzi. Wazewaluphosa phezu kwakhe, nako egqobhozela emadangatyeni,enyuka izitepusi, engacingi ngengozi awayekuyo yena. Wazewathi akufika apho, wazi ukuba akangekhe azisongele ngeshitiyena xa ebuya. Koko, ukusindisa ubuhle bentombi yakheeyayizakulandela yena, wasongela usana lwakhe ngeloo shiti,wabaleka ukuphumela kuloo madangatye, ubuso bakhe buzenezandla zakhe neengalo. Yaze loo nto yatshisa inyama yesukaemzimbeni kuye, izidlele zashwabana zancamathela emathanjeniakhe, wonakala ke, zatsha iinwele zakhe zesuka, nayoi_i^onke amathambo eminwe.”126 Wathi, “Waba mbi, khon’ukuze wena ubemhle. Wanikelangobuhle bakhe, wanikela ngayo yonke into awayenayo, ukuzeabe nokusindisa wena. Uze ke ume apho ube neentloni nguloomama uthandekayo?”127 Mzalwana, ndakubona uThixo, uThixo weZulu, eshiyeiTrone, ubuhle baKhe, nako konke Awayekuko; ukuzeazokuzalelwa phezu kwenqumba yomgquba, asongelwengeeqhiya ezingamaniki-niki, ukuze kuhlekiswe ngayengemiqondiso yaKhe nemimangaliso yakhe, abizwe ngokubangumtyholi; ingaba ndiyakuba neentloni ngaYe? Hayi,mhlekazi. Malithi ihlabathi labodidi lenze loo nto lifunaukuyenza. Kum, Ungowona mqondiso mkhulu. UMoyaoyiNgcwele ongaphakathi kwam uyakhwaza. Loo ntoisenokundenza ndenze izinto ezingaqhelekanga ndibe yindodaephambeneyo, ngokwelihlabathi, kodwa andinakuzendiMkhanyele Lowo wandenzela okungako. Wathabathaindawo yam ekufeni. Wathabatha indawo yam eKalvari.Wenza zonke ezi zinto. Wazihlisa esuka eZulwini, esukakwiitrone ezimhlophe zeperile, ukuze abe ngumntu; ukuzeangcamle ukuhlupheka, ukuphumela kwizilingo zam, ukuzeazi ukuba uyakuba luhlobo olululo lomlamleli kum, ukuzeandikhokele andibone ukuya eBomini obunguNaphakade.Nokuphumela kubuhlwempu baKhe, ndenziwe ndasisityebi.Nangokufa kwaKhe, ndinikwe uBomi obunguNaphakade.

Page 24: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

24 ILIZWI ELITHETHIWEYO

128 Musa ukuMkhanyela. Musa ukuba neentloni ngaYe. Musaukuba neentloni ngaYe. Koko Mange, uthi, “Ewe, Nkosi yamEthandekayo, ndinike njengoko benzayo ngoMhlawePentekoste, Nkosi. Ndiphe uMoya oyiNgcwele. Galela Wonaentliziyweni yam. Andikhathali nokuba abasakhulayo bathinina. Andikhathali nokuba lithini na ihlabathi.Andikhangelanga kubo. Ndikhangele kuWe.” Yintoni na?Kukujoyina inkonzo? Hayi. Ngowona mqondiso mkhulu, u-Imanuweli, uThixo unathi.

Masithandaze.

129 Kwaba baphulaphuli babantu ngale ntsasa, ngaba ukhoapha ongathanda ukuthi, “Kum, ndineentloni ngobomi bam.Andinantloni ngaYe. Ndinentloni ngobomi bam.” Ukubandinikele kuYe Lowo wenziwa wambi, waze wadelwalihlabathi.?

130 “INdoda yentsizi, oqhelene nesifo. Sonke sabufihla ubusokuYe,” watsho umprofeti. “Wayedeliwe eshiyiwe. Ukanti,thina sasiba ungobandezelwa nguYe ungobethwa nguThixo.Ukanti, Wahlatywa ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwangenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxololwaluphezu kwakhe, saphiliswa ngemivumbo yaKhe.”

131 Ingaba uyakuba neentloni ngaYe? Ukuba kunjalo, yizaesibingelelweni uguquke kwisono sakho. Ukuba awunantloningaYe, ube unentloni ngobomi bakho othe wabuzisa kuYe, intoembi olo hlobo. Ube neentloni amaxesha amaninzi, phambikomphathi wasemsebenzini; phambi kwabafaziabangabahlobo, phambi kwamadoda angabahlobo, phambikomthandayo oyintombazana okanye komthandayooyinkwenkwe. Ube nentloni ngaYe, u-Imanuweli ehlelingaphakathi kuwe. Phakamisa izandla zakho uthi, “Thixo,ndixolele ngokuba neentloni.”

132 Nkosi yethu noThixo wethu, siza ngokuzithoba siKucelangobabalo ukuba wamnkele ukucela uxolo kwethu, kusasanje,ngako konke ukusilela kwethu, kuba sisonke amaxesha athilesiba netyala. Netyala lokumela iNyaniso. Sinetyala. Xa befunaukusibiza ngamagama athile amabi, anjengokuthi, owu,“mqengqeleki ongcwele,” okanye into ethile engcolileyoengenjalo, ukanti ngamanye amaxesha sibuya umvanjengoPetros sizifudumeze kumlilo wotshaba. Sixolele, Nkosi.

133 Unyaka omtsha usondele kuthi. Sanga singaqala ngayo leyure, siwubone owona mqondiso mkhulu kaThixo phakathikwethu, uThixo ephila ngaphakathi kuthi, ehlelingaphakathi kuthi, esebenza, esenza ngokuchanekileyongaloo ndlela Wayesenza ngayo. NeziKhanyiso zangokuhlwazilapha.

Sixolele ngokusilela kwethu. Xolela izono zethu.

Page 25: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 25

134 Kwaye thina ngenceba enkulu, Nkosi, samnkela iSiphosaKho seKrismesi, uNyana kaThixo, ukuze ahlale enyameniyethu, kuthuli lwethu, ukuze ahlale nathi, eZingcwalisela okongeGazi ElilelaKhe, esinika isiqinisekiso soBomiobunguNaphakade. SiyaKubulela. NdiyaKubulela, Nkosi, ngesiSipho simangalisayo siphuma kuThixo, kuba Sisisipho, isiphosoMoya oyiNgcwele, sonke sisongelwe eGameni leNkosi uYesu.SiSamnkela ngovuyo. SiyaKubulela ngenxa yokuba ibandlalethu limele loo mqondiso, ngokuba umqondiso lowo umeleiMfundiso yeBandla. Simele Wona. Wona usimele. Kwayeuyaziwa phakathi kwaMakristu kwihlabathi liphela namhlanje,ngabangamahlwempu, iqela labantu abangazinto abakwase-8kunye neSitrato iPenn, eJeffersonville; ukuba u-Imanuweli,iNtsika yoMlilo ephuma entlango, uYesu waseGalili, uMoyaoyiNgcwele wePentekoste, wenziwe wabonakalaliswa ngayoyonke imiqondiso ka-Imanuweli kwiZikhanyiso zangokuhlwa.Sinombulelo kakhulu, Nkosi. Yaye banga nabanyebangaWubona baWamnkele. Kuba, sikucela oku eGamenilikaYesu, sisenza ngenxa yaKhe nangenxa yeBandla. Amen.

135 Akwaba bendinelizwi lomculi. Ukuba bendinelizwi lomculinje ngoku, bendiya kuthanda ukuniculela iculo lamendilithandayo, elabhalwa ngumhlobo wam othandekayo,uWilliam Booth-Clibborn.

Wehla ebuqaqawulini baKhe, imbaliehlal’ihleli,

UThixo noMsindisi wam weza, inguYesuiGama laKhe.

Wazalelwa esitalini, ingowasemzinikwabangabaKhe,

UThixo wentsizi, iinyembezi kwanobuhlungu.Owu andiMthandi ngako! AndiMbuleli

ngako!Bubomi bam, ukukhanya kwelanga kum,

yinto yonke kum!UMdali omkhulu waba nguMsindisi wam,Nayo yonke inzaliseko kaThixo yayihleli

kuye.Kokunjani ukuzehlisa, kusiziza intlangulo;Xa kwakumnyama ngokokufa, kungekho

nelincinci ithemba elibonakalayo; (kwazakwavela loo mbane uzizintlu!)

UThixo, onexabiso, onobubele, wabekelabucala ubuqaqawuli baKhe,

Wehlela emkhombeni, esitalini esizele ngumgquba, ukuzeazalelwe kuso.

Esihlela ukurweba azuze asindiseumphefumlo wam.

Page 26: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

26 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Owu andiMthandi ngako! Owu andiMbuleli!Ngumphefumlo wam, kukukhanya kwelanga

kum,Yinto yonke kum!Umdali omkhulu waba nguMsindisi wam,Nenzaliseko kaThixo yayihleli kuYe.

136 Kwaye ngoko Yena ungaphakathi kum, ndibe mnandingaphakathi kuYe. Nakuni^“Ngaloo mhla, niyakwaziukuba Mna ndikuye uBawo, uBawo ungaphakathi kuM, ndibemna ndikuni, nina nikuM,” uThixo, u-Imanuweli, enathi.137 Yayinguloo Imanuweli owabona uGeorge Wright, ohleliezantsi nje phaya ngoku; engqengqe apho esifa, xa oogqirhaabane bedlulayo kuye. Yayinguloo Imanuweli, xa Wayebolekeisizalo, xa kwakunyanzelekile ukuba aboleke i_ingcwaba.Waboleka amehlo am, wathi, “Hamba uye kuxelelauMzalwana George, ‘ITSHO INKOSI. Nguye oyakumbaingcwaba labo bashumayeli nezinto ezimhlekayo.’”138 Yayinguloo Imanuweli. YayinguLowo kanye, malunganezilwanyana ezincinane, ngenye imini phaya ematyolweni.YayikwanguLowo mnye, malunga noMaggie Morgan ehleliapho, bebonke ke. YayisekwanguLowo waboleka ukusebenzakwengqondo, izimvo zomzimba, ukuze aZivelise kwihlabathinamhlanje, ngawe, ngethuba lokuba iziKhanyiso zangokuhlwazikhanya. UThixo makabe nenceba, sihlobo.139 Ndithatha ixesha lenu elide kakhulu. Masilizane.Khawusiphe isingqi, “Owu andiMthandi ngako!” Bangaphiabalaziyo?

Owu andiMthandi! AndiMbuleli!Bubomi bam, kukukhanya kwelanga kum,

yinto yonke kum!UMdali omkhulu waba nguMsindisi,Nenzaliseko kaThixo yonke yayihleli kuYe.

[UMzalwana uBranham uqalisa ukungqumshela uDownFrom His Glory_Mhl.]

How I adore Him!My breath my sunshine, my all in all!The great Creator became my Saviour,And all God’s fullness dwelleth in Him.

140 [UMzalwana uBranham uqalisa ukungqumshela uDownFrom His Glory_Mhl.] Ngoku lithuba laKhe ukuba aboniseubabalo lwaKhe. Umama ozisa usana oluncinane, lunesifosegazi, umhlaza kumjelo wegazi lalo. Babunjalo ubomi kusana?UThixo uyaliva izwi lam lithetha ilizwi, kwaye kuyakubanjalo.

Kuba, Nkosi, Wena uthe, “Yithi kwintaba, ‘Suka.’Ungathandabuzi.”

Page 27: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 27

EGameni likaYesu Kristu, uNyana kaThixo,ndiyayiqalekisa le demoni ibizwa ngokuba sisifo segazi. Isifosomzimba walo mntwana, siyakumnka. Sinyanzelekile ukubasimnke. EGameni likaYesu Kristu, kwanga kunganjalo.

Kukukhanya kwelanga kum, into yonke kum!UMdali omkhulu waba nguMsindisi waM,Nenzaliseko kaThixo ihleli kuYe.

141 AndiMthandi ngako! AndinakuYiyeka nje. Ndifuna ukuba,kanye njengoYakobi, wabambelela kuYe.

^Mbulele ngaYo!Ngumphefumlo wam, kukukhanya kwelanga

kum, yinto yonke kum!“Nantsi into eyakuba ngumqondiso.”

UMdali omkhulu waba nguMsindisi wam,Nenzaliseko kaThixo ihleli kuYe.

142 Unjani ukuthandeka Yena? Aniziva nifuna ukuMdumisa?SikuMoya nje, siMdumise nje. [UMzalwana Branham uqalisaukungqumshela, Down From His Glory_Mhl.] Zilibale njengoku. Musa ukuba neentloni. UMoya oyiNgcwele ulapha.NguMoya oyiNgcwele lowo. Ngokuthambileyo nje, ngendlelaeyeyakho.

UMdali omkhulu waba nguMsindisi wam,Nenzaliseko kaThixo ihleli kuYe.

Nantso ke.Kokunjani ukuzehlisa, esizisa intlangulo;

(“Oko kuyakuba ngumqondiso.”)Xa kubusuku obumnyama bokufa, kungekho

nelinye ithemba lokukhanya;UThixo oxabisekileyo, onobubele, wabekela

bucala ubuqaqawuli baKhe, (Cinga ngokoWakwenzayo!)

Wehlela ukuza kutsala, azuze asindiseumphefumlo wam.

143 Masiphakamise izandla zethu xa silicula.Owu andiMthandi ngako! Owu andiMbuleli

ngako!Ngumphefumlo wam, ukuKhanya kwelanga

kum, uyinto yonke kum!UMdali omkhulu waba ngumsindisi wam,Nenzaliseko kaThixo ihleli kuYe.

144 Nkosi, asinakuze sibe nako ukubuqonda ubutyebi,inzaliseko yoMoya waKho, side siMbone ngaloo mini xaAyakuza. Sisenokuba silele eluthulini. Ndisenokufunekandibuyele emva kuthuli lwakuqala, kodwa loo nto ayisayikundihlupha nakancinane. “Ndiyazi ukuba Uyakubiza, ndizendiphendule. Ndize ngoko ndiMbone njengoko Enjalo. Lo

Page 28: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

28 ILIZWI ELITHETHIWEYO

mzimba unokonakala uyakuguqulwa wenziwe ufanenomzimba waKhe Wobuqaqawuli, ayakuthi ngawo Abenokuthobela zonke izinto phantsi kwaKhe.”145 Andinakuze ndikwazi ukuba nombulelo kuWe ngenxayesipho seKrismesi esinguKristu entliziyweni yam, ukwaziukuba usekwanguloo Kristu, ngokuba Wenza kwaloo nto inye.Undenza ndizive ndenze njengokuba Wenzayo ekuqalekeni,kumkhonzi waKhe.146 Ndiyabulela ngeBandla elikwihlabathi lonke, eloyisayo,esele limiselwe ngenxa engaphambili, labizwa, latywinwa,lamiselwa ukuze libe kuloo Mzimba. Ndibafumana e-Asia, e-Afrika, eRome, kuyo yonke indawo, e-Indiana, kwisizwe sonke,e-Afrika. Kuyo yonke indawo ehlabathini jikelele, ndifumanaeloo Bandla liluloyiso, abo baziyo Wena uze usenyameni.Kwaye Wena watsho ukuthi, “Wonke umoya^”EBhayibhileni yaKho, Wathi, “Wonke umoya ongayivumiyolento, ngumoya ongenguwo, umchasi-kristu. Wonke uMoyaongangqini kwalento inye, yokuba uKristu uzile ekwinyamayethu, ngumoya womchasi-kristu.”147 Bawo, Thixo ndincede ukuze_ukuze ndixhuzulendikhuphe ezo zikhuni zivuthayo phaya ngaphesheya.Ndiyazibona, Nkosi, phaya ngaphesheya. Ndibonaabaneqhenqa emasangweni, khangela phaya kwi-India,kwiTaj, esangweni, ezo zinto zilusizana zirhubuluzaemhlabeni, zingenanyawo. Ndibona loo makhwenkwealusizana mancinci amnyama phaya ngaphesheya e-Afrika,izandlana zawo ezincinane zithiwe na. Owu Thixo, ndithume,Nkosi. Mayize iNgelosi iphethe ilahle loMlilo, livuthaukungena emphefumlweni wam, Nkosi, lisuse lonke uthulinokunqena kuphume, ukuze ndibe nokuhamba njenge_njengesikhuni esivuthayo sikaThixo, ukuze ndikhupheemlilweni aboo bakubumnyama obungqingqwa.148 Sikelela ibandla lam elincinane, Nkosi. Owu, ingathindiyayibona loo ngqushu incinane yothuli ukuhla apha,ndibone nabantu abathandekayo. Abantu beqhubabesezinqweleni zabo bedlula, bebahleka, ngokubabaziphakamise izandla, bedumisa uThixo. Kodwa ngenye iminiuYesu uyakufika, zonke izinto ke ngoko ziyakulungiswa.Asisayi kuba nantloni, Nkosi. Siyakungenelela kuPawuloswakudala, sithi, “Andinazintloni ngeVangeli kaYesu Kristu,kuba IngaMandla kaThixo okusindisa, ukusa kuBomiobunguNaphakade, kuye wonke okholwayo.” Sincede ukuzesiphile ngaloo ndlela, Bawo. SiyaKudumisa ngoku sikuMoya,kwiindawo zaseZulwini. SiyaKubulela ngolu tyelelo lwalentsasa. EGameni likaYesu. Amen.149 Kube kanye nje, ncedani?

Owu aniMthandi ngako! Owu a^

Page 29: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 29

Nkosi Yesu^?^eGameni likaYesu.Uyinto yonke kum!Umdali omkhulu waba nguMsindisi wam,Nenzaliseko kaThixo ihleli kuYe.

150 Ndisafuna okuthe chatha kwaKhe, awufuni wena, Doe?[UDelors uthi, “Ewe.”_Mhl.] Ngudade wethu lowa, udadewethu ngokwasenyameni. “Owu indlela^” Umolokazanawam. Bafuna okuthe chatha kukaThixo. UMzalwanaM.Grimsley uyeza, ufuna uThixo ngokuthe chatha. “Konkeokwam^” Nantso ke. UMzalwana Woods, uyeza, uMzalwanaCollins, umshumayeli womWisile; inkosikazi yakhe, abanye.“^waba nguMsindisi wam.” Yimisebenzi kaMoyaoyiNgcwele le ibizayo, ngokwaKhe. “^ihleli kuYe.”

Owu ndiyaMthanda^Yivakalise nje ngendlela eyeyakho ngoku loo nto.

AndiMbuleli ngako!Ngumphefumlo wam, kukukhanya kwelanga

kum, yinto yonke kum!UMdali omkhulu waba nguMsindisi wam,Nenzaliseko kaThixo ihleli kuYe.

151 Nkosi, Nkosi, ngabo aba, izimvu zedlelo laKho. Zixheshise,Nkosi, ngoMoya waKho. Banikezela iziqu zabo kuWe, Nkosi.Banikezela ubomi babo kuWe, Nkosi. Banikezela ubomi babokuWe. Beme ngenxa yokuba bengenazintloni ngeVangelikaYesu. Siyazi ukuba ulapha Wena, uyiNtsika yoMlilo enkulu,uKristu, uMoya oyiNgcwele.

^-bulela Yena!Ngumphefumlo wam, kukukhanya kwelanga

kum, yinto yonke kum!UMdali oMkhulu waba nguMsindisi wam,Nenzaliseko kaThixo ihleli kuYe.

152 [UMzalwana Branham uqalisa ukungqumshela u-DownFrom His Glory_Mhl.] Thetha nje ngamazwi angawakhongoku. NguMoya oyiNgcwele lowo ukuzise apha. Mxelele njeukuba uyaMthanda. Ikwanguloo Moya uyiNgcwele mnyewabaphakamisayo ngePentekoste, nimi apha, nikhala, nilila,nivuya.

UMdali oMkhulu waba nguMsindisi wam,Nenzaliseko kaThixo ihleli kuYe.

Kungekho kunqena, iyinyama negazi intoAyiyo, (usana oluncinane olwalukuye)

Wathabatha imo yomntu, watyhil’iceboelifihliweyo.

Owu imfihlelo ezukileyo, iDini laseKalvari,Ke ngoku ndiyazi ukuba Wena unguLowo

mkhulu u“NDINGUYE.”

Page 30: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

30 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Owu indlela e^Owu Thixo! AndiMbulelingako!

Nomphefumlo wam, kukukhanya kwelangakum, yinto yonke kum!

UMdali oMkhulu waba nguMsindisi wam,Nenzaliseko kaThixo ihleli kuYe.

153 Owu uthando olungasayi mnke, uthando olubambaintliziyo yam ludlule yonke into, ubumnandi boBukho boMoyaoyiNgcwele; ngeli thuba ibandla laKhe limi lingqongeisibingelelo, libulela, likhangele emkhombeni wesitali, libonakwaloo nto inye yabonwa zizazi, uThixo enziwe inyama.

^Waba nguMsindisi wam,Nenzaliseko kaThixo ihleli kuYe.

154 Ukuba kukho nto ingalunganga ebomini bakho, yivumengoku kuBukho boMoya oyiNgcwele, ngeli thubangokuzolileyo. Khangela ngaphakathi entliziyweni yakho,ubone ukuba ukhona na umkhombe wesitali apho onakoukumelana nokugxekwa, kuvumo lwakho lokuba YenaunguThixo.

Yonke inzaliseko kaThixo ihleli kuYe.155 Intloko zena zithotyiwe ngoku, nikela nje ngomthandazo,ngokwakho. NguMoya oyiNgcwele lo. Awukuva oko kuthambanokuthobeka koMoya kaThixo, ubumnandi, uBomi obuhlalabuhleli?156 “Apho kukho iilwimi, ziyakuphela. Apho kukho khonaisiprofeto, siyakusilela. Apho kukho khona ulwazi,luyakusilela. Kodwa kwakufika uthando, luhlalangonaphakade.” “Uthando lunyamezela yonke into.Aluzigwagwisi. Alunankukhumalo. Aluziphathi kakubi,ngokuzintloni. Lona Lusenza sithobeke, lwenza kube mnandikuthi, lufaka obo bumnandi emphefumlweni wakho.”157 Masithandaze ngoku, mntu ngamnye ngendlela eyeyakho,ubulela uThixo ngento Ayenzileyo.158 Owu Nkosi, ngobumnandi beli culo, buvakaliswangamaqhosha, ingesosandi singaqondakaliyo, koko isisandiesithetha ukuthi, ngubani na uThixo wethu, njengokuba iLizwiseliyicacisile loo nto. Ngoku umculo uyayivakalisa. Ngokuiintliziyo zethu ziyayivakalisa, Nkosi, iindlela zethu zokuzakuWe. Siza ngaphambili. Bemi ngeenyawo. BayaKuthanda.Sihlangene, Nkosi, simi njengezimvu zaKho, izimvu zedlelolaKho. Siyakuthanda oku Kudla, kuyilungele imiphefumloyethu. Kwaye siyazi ukuba uThixo uhleli nathi. Siyazi ukubauThixo wazikhuphela kuKristu, waze uKristu wazikhuphelangaphakathi kwiBandla.159 Naku ke simi namhlanje, xa zonke iintlobo zokunqula, nazozonke iintlobo ze_zemvaba zobuhlelo nemigangatho, zonke

Page 31: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 31

iintlobo zenkolo, ukanti nangoko iLizwi liyaZithethela, uThixoebonakalalisiwe. Owona mqondiso mkhulu wokuba uThixousabonakalaliswe esenyameni yabantu baKhe, esenza kwaloomiqondiso naloo mimangaliso, evela abonakale ekwimo yeLifu,iNtsika, ehleli phakathi kwethu, ecalula iingcinga zethu,esixelela kwangaphambili izinto ezizayo, ephilisa izifo zethu,esenza ukuba sisingise eZulwini ngokokude siphulukanenengqondo. Side, senze izinto ezingaqhelekanga, kubantwanabehlabathi; indlela abema ngayo bahleke, baze bacinge ukubasiphambene, kanye njengokuba benzayo ngePentekoste, besithi,“Abanxilanga na aba?”

Kodwa andiMthandi ngako! AndiMbulelingako!

Ngumphefumlo wam, kukukhanya kwelangakum, yinto yonke kum!

UMdali omkhulu waba nguMsindisi wam,Nenzaliseko kaThixo ihleli kuYe.

160 Ingaba uphakamisa izandla zakho ngoku ubeke ukhololwakho kuThixo, izifungo zakho kuThixo, ukuthembekakwakho nobunyaniso bakho kuThixo, kwibandla lonke?161 Thina ngoku, Nkosi, sizibeka kuWe, emva kwale ntsikeleloyokubonakalaliswa koBukho baKho, siyazi ukuba uThixousabonakalaliswe esenyameni yethu. Waba luthuli lwethu,Waba koko kukokwethu; WaZixuba ephuma kuThixo ukuzeabe ngumntu, ukuze abantu babe nokuphila kuYe. KwayesiKuvile ngale ntsasa, kumoya wethu. Siyayibona imisebenziyaKho nokubonakalaliswa kwaKho. SiyaKuthanda.Sithembisa ukuzinikela ngokutsha kuWe: ukuKuhlonipha,ukuKuthanda, nokwenza yonke into esaziyo ukuba yenziwanjani na, eyakuba yekholisayo, ukuphila ubomi obuya kubanjengobaMakristu, obungayi kuzisa hlazo, koko bubeyintsikelelo kwiGama laKho eliNgcwele. Oku sikwenza, Nkosi,njengabantwana baKho eGameni likaYesu Kristu. Amen.162 Ndifuna ukunibuza into phambi kokuba nihlale phantsi.Nakhe nayiva into emnandi olu hlobo? Ubumnandi boMoyaoyiNgcwele! Kungekho mntu uthethe lizwi; bephakama njengokuzenzekela, besiza ngaphambili. UbuqaqawulibukaThixo! Yabona?163 Bendifunda ndithandaza, iintsuku ezimbini, ngalento.Ngaphezu koko, ukusukela kwiCawe ephelileyo, okanyekwephelileyo, ngeCawe.164 Indlela ekuthe ngayo loo Mqondiso ungowona mkhulu,indlela athe ngayo uThixo, “Ndiyakubanika umqondiso.Ndiyakuba senyameni. Ndiyakufana nabo; bayakuba njengaMbona.” Wathi iNgelosi zakhangela ezantsi. Okanyewathi^Iingelosi zathi kubelusi, “Khangelani kumkhombewesitali, niyakubona ukuba ndithetha ukuthini na.” Loo

Page 32: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

32 ILIZWI ELITHETHIWEYO

mqondiso yayingengoweNgelosi kuphela. Yayingengowabelusikuphela. Yayingowehlabathi, ukuze libone likholwe ukubauThixo uhlala enyameni.165 Yaye ngomnikelo waloo nyama, Wangcwalisa eyethuinyama, ukuze Abe nokuhlala ngaphakathi kwethu. UThixoengaphakathi kuwe. UKristu engaphakathi kuwe. “Yabonani,Ndiyakuba nani njalo, kude kube sekupheleni kwehlabathi.”Musani ukuyilibala lento. Yigcineni ezintliziyweni zenu.166 Ndifumene izipho ezibalulekileyo ezihle zeKrismesi,ikhamera ethabatha imifanekiso ehambayo, nezinto ezininziezizezinye, imipu nezinto ezinjalo, zokuba abantubayandithanda, bayandipha. Ndinombulelo kakhulu ngaloo nto!167 Kodwa, owu, esi, obu Bomi bunguNaphakade, isiqinisekisoesisikelelekileyo sokuba uKristu ungaphakathi kuthi, sokubainzaliseko yaKhe ingaphakathi kuthi, isenza siphakame senzeizinto ngokwahlukileyo. Ngokuba, wena, xa usenza oko, ubangobhadulayo kwizinto zehlabathi. Uba ngowasemzini.Uzibalela ekubeni ufile kwizinto zehlabathi, ube uphilekubomi obutsha. Ngoku ungowasemzini kwihlabathi.Ungowasemzini ngokuba uvume ngokucacileyo, ngesenzosakho, ukuba, “Kukho iSixeko EsiMakhi noMenzi wasounguThixo.” Yabona? Kwaye awusazikhathalelanga ezi zintozehlabathi, koko singabantu abasingise eZulwini bekhangelaeso Sixeko SiMakhi waso noMenzi^unguThixo. SiyiMbewuka-Abraham ngokuba sikholiwe kwiNkosi uYesu Kristu, safakwizinto zehlabathi, saze savuswa kwakhona eluvukwenilokufana naYe; ukuze sihambe njengoko Wenzayo u-Abraham,sizingela esoo Sixeko sizayo, sithabatha iLizwi likaThixo,sibize yonke into ngokuchaseneyo, ukuze sibuke ingelosikwikhaya lethu, njengoko wenzayo u-Abraham, abathunywabakaThixo, ababezise umyalezo. Owu, lixesha elinjani ukubamnandi! Ukuvuma ukuba asisafuni nto iyeyehlabathi. SifunaYena, Yena ke yedwa. UnguMsindisi wethu.168 Njengoko useluhambeni ukusuka kwesi sakhiwo ngalentsasa, Mthabathe uhambe naye. MaWungaze ukushiye.Makube mnandi emphefumlweni wakho, yonke imihla yobomibakho. UThixo anisikelele ngoku nisaya kwizitulo zenu,abantwana bebafumene abazali babo. UThixo anisikelele.169 Uzakuthandazelwa? Mncedeni adlule apha, dade.Uzakuthandaza agqibe. INkosi uThixo ibe nenceba kulomzalwana. Wususe umoya wokunxila kuye, Nkosi. Wangaanganxiliswa yiWayini kaThixo. EGameni likaYesu Kristu.Amen.170 Akufani neZulu na? Bangaphi abeva ngolo hlobo, oku nje,ubumnandi nje? Akukho mntu waziyo ukuba makathini na.Akukho nto ndiyaziyo ndinokuyithetha. Ndisuke nje_mna^Ndiswele amazwi. A_Andazi ukuba mandithini na. NguMoyawaKhe nje ongeneyo, yabona.

Page 33: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

OWONA MQONDISO MKHULU 33

171 Yintoni na? Nibaziimvana, ukuze iHobe elilaphalinikhokelele ekudleni ukudla kwemvana, uKudla kwezimvu.Naku ke uKudla kwezimvu, “Umntu akayi kuphila ngasonkasodwa, koko uyakuphila ngalo lonke iLizwi eliphumaemlonyeni kaThixo.” Umoya wethu uphila ngaloo Nto.

172 Ndiyacinga ukuba ngoku ndizakubonana nomhlobo wamolungileyo, u-Attorney Robinson, ukuba ungandilinda aphaesakhiweni ithuba elidana ngokokude nditshintshe impahlayam, ndibuye, kuba ndibilile.

173 UMzalwana Neville uza kuyithabatha inkonzo ngoku,ukwenzela_ukwenzela izipho zabantwana. INkosi inisikelele.

174 Nihlale nicula Down From His Glory. Xa nisenza loo nto,nikhumbule ukuba sikholwa yintoni na kuYe, “Yonkeinzaliseko kaThixo ihleli kuYe.” UThixo akusikelele,Mzalwana Neville.175 [UMzalwana Neville uthetha noMzalwana Branham_Mhl.]Ewe, ukuba ufuna ndenze njalo. [“Ewe.”]176 UMzalwana Neville undicela ukuba ndingabuya nangokuhlwa kwakhona, ukuza kushumayela ngokuhlwanjekwakhona. Andikuthandi kuyithabatha inkonzo. Kodwandilapha, ndizele loo nto. Kulungile, ndiza kubuyangokuhlwanje, iNkosi ithandile, ndithethe enkonzweni. `

OWONA MQONDISO MKHULU XHO59-1227M

(A Super Sign)

Lo Myalezo kaMzalwana uWilliam Marrion Branham owawushunyayelweekuqaleni ngesiNgesi kusasa ngeCawe ngomhla wama-27, kuDisemba ngowe-1959,kuMnquba kaBranham, eJeffersonville, e-Indiana, eMelika, wathatyathwakwisishicileli-mazwi washicilelwa ungafinyezwanga ngesiNgesi. Le nguquleloyesiXhosa ipapashwe ngowe-2008 ngabe:

XHOSA

©2008 VGR, ALL RIGHTS RESERVED

VOICE OF GOD RECORDINGS

P.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.www.branham.org

Page 34: XHO59-1227M Owona Mqondiso Mkhulu VGR - Branhamdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO59-1227M A Super Sign VGR.pdf · 32 Yaye singathanda ukuthandaza, Nkosi, ukuba Usibuyisele olwaa kholo

Ilungelo lombhali elilelakhe lokushicilela

Onke amalungelo agciniwe. Le ncwadi ingaprintwa kwiprinta yasendlini ukwenzela ukuba isentyenziswe okanye kunikezwe ngayo, ngaphandle kwentlawulo, njengesixhobo sokukhawulezisa iVangelli kaYesu Kristu. Le ncwadi ayinakuthengiswa, yenziwe kwakhona ngesixa esikhulu, ifakwe kwi website, igcinwe kwindawo apho inokukhutshwa khona, itolikelwe kwezinye iilwimi, okanye isetyenziselwe ukurhwebesha imali ngaphandle kwemvume echaziweyo ngombalo ephuma eVoice Of God Recordings®.

Ngeechukacha ezithe vetshe okanye malunga nezinye izinto eziphathekayo, nceda qhagamshela:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

www.branham.org