8
FishersNet Vol. 22 – June 2014 1 DEVELOPMENT TRUST MASIFUNDISE ICoastal Links South Africa (CLSA) neMasifundise Development Trust (MDT) icele urhulumente ukuba anikele ingqalelo ekhethekileyo ekuphunyezweni komgaqo- nkqubo wabalobi abasakhasayo (SSF). Esi sicelo singene emva kokonyulwa kukaSenzeni zokwana noBheki Cele njengoMphathiswa kwanoSekela Mphathiswa bezoLimo, amaHlathi nezokuLoba. “Umgaqo-nkqubo weSSF ube sisiphumo wedabi labalobi elide kwanesigqibo seNkundla yezokuLingana sango-2006. Iinkqubo zokwenziwa kwanokumiselwa kuthatha iminyaka emininzi kwaye kungoko ke kubalulekile ukuba inkqubo yokuphunyezwa kufuneka ingxanyisisiwe,” utshilo usihlalo weCLSA uChristian Adams kunye noMlawuli weMasifundise uNaseegh Jaffer kwintetha abayenzileyo. “Ixabiso lobomi babalobi abasakhasayo noboluntu oluphila ngokuloba lixhomekeke kuwo. Sikulungele ukusebenzisana naBaphathiswa kwaneSebe ngokunjalo ukuqinisekisa ukuba le nkqubo iqhutywa ize igqityezelwe ngokuyimpumelelo,” batshilo. Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo uMongameli uJacob zuma waye watyikitya uMthetho weziXhobo eziphila eLwandle, ehlahla indlela ngokuphunyezwa komgaqo-nkqubo wabalobi abasakhasayo (SSF). IMasifundise, iCoastal Links kunye namahlakani abo baneminyaka bezabalazela ukuba lo mgaqo-nkqubo wenziwe uze upasiswe. Ngoku, njengokuba kusondela umtsi wokugqibela woluhambo – ukuphunyezwa komgaqo-nkqubo we-SSF – kukho iimpawu ezintle kwaneengozi ezilaleleyo ngaphambili ngokunjalo. Kuphehlelelo obelukho kule nyanga ifileyo loMqulu ongalo mgaqo-nkqubo e-Ocean View, eKapa, uMlawuli oyiNtloko wiSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba (iDAFF), uMnu Saasha Phieeha uye walibophelela isebe ngelithi liza kuyifezekisa le nkqubo, Uthe isebe libekele izigidi ezingama-90 zeerandi kulo nyaka-mali uzayo eziza kujongana nomsebenzi ophathelele ekuphunyezweni kwalo mgaqo-nkqubo nokuba izinikezele ekusebenzisaneni noluntu oluphila ngokuloba. Lo Mqulu wona, oshicilelwe ngeelwimi ezine noye wasasazwa kwilizwe ngokubanzi, unika abalobi abasakhasayo ingqiqo ebanzi malunga nendlela eza kusebenza ngayo inkqubo yokuphumeza. Kodwa eyona nto isenokuba ngumqobo lukruthakruthwano olukhoyo phakathi kweQumrhu loShishino lwaBalobi abaloba ngomtya laseMzantsi Afrika (South African Commercial Linefisherman Association) kunye neDAFF malunga nokunikezelwa kwamalungelo FishersNet Published by: Coastal Links and Masifundise Development Trust 1 Station Road, Mowbray, Cape Town 7700 Tel: 021 685 4549 • Fax: 021 685 3816 Email: [email protected] VOL. 22 — June 2014 Amanqaku oMhleli Amaxesha anika umdla kubalobi Siyakwamkela kushicilelo lokuqala leFishers Net ku- 2014. Sifikelele kwelona xesha linika umdla nelinemingeni kolu hambo lwethu singabalobi abasakhasayo. I-MLRA elungisiweyo sele ityikityiwe nguMongameli uZuma, ehlahla indlela yokuphunyezwa komgaqo- nkqubo wabalobi abasakhasayo (SSF). Abammeli besebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba bachazile ukuba izix- hobo sele zikho ezilungiselelwe le nkqubo yokuphumeza. Uhambo lwethu belulude kakhulu kwaye lunzima lugcwele ziinzingo nokulibaziseka. Kodwa sikwazile uku- bonakalisa ukuba abantu bayakwazi ukuqhubela pham- bili ngokuthi babe nembono, ukubumbana kwanokutsala ngaxhathalinye. Eli lilixa leenyani zodwa, apho sizijula ijacu sithi ‘max- halanga ndidleni’. Akusekho kubuya ngamva ngoku, ku- funeka sifunze phambili. Kokukhona kufuneka sibambisene kwaye sizinikele ngamandla ngoku. Kufuneka intsebenziswano engagung- qiyo phakathi kwethu kwanakwabanye abadlali-ndima. Sikholelwa kwelokuba kungayingelo kwiSebe lezoLi- mo, amaHlathi nezokuLoba nakuthi ngokunjalo ukuba singasebenzisana ngamxhelomnye. Sinenjongo enye efanayo ekukuphunyezwa komgaqo-nkqubo we-SSF, nto leyo eza kuba yingenelo kuluntu oluphila ngokuloba. Indlela ebesisebenzisana ngayo ngaphambili ayikhange isincedise. Bekugquba ukungathembani, ukuphoxeka, ukulibaziseka kwanokungaboni-ngasonye obungeyomfuneko. Konke oku kufuneka sikuphose kwelokulibala siqale iqalo elitsha lokubambisana oluza kusinceda sikhawuleze ukuya kufika entanjeni. Siyakwamkela ukubekwa kukaMnu Senzeni Zokwana njengoMphathiswa wezolimo, amaHlathi nezokuLoba kunye nesekela lakhe, uMnu Bheki Cele. Sibanqwenelela okuhle kwaye sibabongoza ukuba bakuthatele ingqalelo ukuphunyezwa kwalo mgaqo-nkqubo we-SSF. Sinomnqweno wokusebenzisana nabo kunye nesebe labo ukwenzela ukuba sikwazi ukuwuqukumbela ngokuyimpumelelo lo mtsi wokugqibela wolu hambo lwethu lude kangakanana. Amathuba nemingeni engokuphunyezwa komgaqo-nkqubo Amasi abekw’ elangeni yiya kwiphepha 3 Umphathi we Masifundise uNaseegh Jaffer, Professor Moeniba Isaacs we- PLAAS, Saasa Phieeha, we Department of Fisheries, Forestry and Agriculture (DAFF), Solene Smith,weCoastal Links SA waseLangebaan kunye noAndy Johnson weArtisanal Fishers Association of South African. Ngabantu aba phezu kwe-150 abeze kuphehlelelo lo Mqulu wo mgaqo ngqubo we SSF

FishersNetmasifundise.org/wp-content/uploads/2014/06/FishersNETMay... · 2017-04-20 · 1 FishersNet Vol. 22 – June 2014 DEVELOPMENT TRUST MASIFUNDISE ICoastal Links South Africa

  • Upload
    others

  • View
    0

  • Download
    0

Embed Size (px)

Citation preview

Page 1: FishersNetmasifundise.org/wp-content/uploads/2014/06/FishersNETMay... · 2017-04-20 · 1 FishersNet Vol. 22 – June 2014 DEVELOPMENT TRUST MASIFUNDISE ICoastal Links South Africa

FishersNet Vol. 22 – June 20141

D E V E L O P M E N T T R U S T

MASIFUNDISE

ICoastal Links South Africa (CLSA) neMasifundise Development Trust (MDT) icele urhulumente ukuba anikele ingqalelo ekhethekileyo ekuphunyezweni komgaqo-nkqubo wabalobi abasakhasayo (SSF).

Esi sicelo singene emva kokonyulwa kukaSenzeni zokwana noBheki Cele njengoMphathiswa kwanoSekela Mphathiswa bezoLimo, amaHlathi nezokuLoba.

“Umgaqo-nkqubo weSSF ube sisiphumo wedabi labalobi elide kwanesigqibo seNkundla yezokuLingana sango-2006. Iinkqubo zokwenziwa kwanokumiselwa kuthatha iminyaka emininzi kwaye kungoko ke kubalulekile ukuba inkqubo yokuphunyezwa kufuneka ingxanyisisiwe,” utshilo usihlalo weCLSA uChristian Adams kunye noMlawuli weMasifundise uNaseegh Jaffer kwintetha abayenzileyo.

“Ixabiso lobomi babalobi abasakhasayo noboluntu oluphila ngokuloba lixhomekeke kuwo. Sikulungele ukusebenzisana naBaphathiswa kwaneSebe ngokunjalo ukuqinisekisa ukuba le nkqubo iqhutywa ize igqityezelwe ngokuyimpumelelo,” batshilo.

Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo uMongameli uJacob zuma waye watyikitya uMthetho weziXhobo eziphila eLwandle, ehlahla indlela ngokuphunyezwa komgaqo-nkqubo wabalobi abasakhasayo (SSF).

IMasifundise, iCoastal Links kunye namahlakani abo

baneminyaka bezabalazela ukuba lo mgaqo-nkqubo wenziwe uze upasiswe.

Ngoku, njengokuba kusondela umtsi wokugqibela woluhambo – ukuphunyezwa komgaqo-nkqubo we-SSF – kukho iimpawu ezintle kwaneengozi ezilaleleyo ngaphambili ngokunjalo.

Kuphehlelelo obelukho kule nyanga ifileyo loMqulu ongalo mgaqo-nkqubo e-Ocean View, eKapa, uMlawuli oyiNtloko wiSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba (iDAFF), uMnu Saasha Phieeha uye walibophelela isebe ngelithi liza kuyifezekisa le nkqubo,

Uthe isebe libekele izigidi ezingama-90 zeerandi kulo nyaka-mali uzayo eziza kujongana nomsebenzi ophathelele

ekuphunyezweni kwalo mgaqo-nkqubo nokuba izinikezele ekusebenzisaneni noluntu oluphila ngokuloba.

Lo Mqulu wona, oshicilelwe ngeelwimi ezine noye wasasazwa kwilizwe ngokubanzi, unika abalobi abasakhasayo ingqiqo ebanzi malunga nendlela eza kusebenza ngayo inkqubo yokuphumeza.

Kodwa eyona nto isenokuba ngumqobo lukruthakruthwano olukhoyo phakathi kweQumrhu loShishino lwaBalobi abaloba ngomtya laseMzantsi Afrika (South African Commercial Linefisherman Association) kunye neDAFF malunga nokunikezelwa kwamalungelo

FishersNetPublished by:

Coastal Links and Masifundise Development Trust

1 Station Road, Mowbray, Cape Town 7700Tel: 021 685 4549 • Fax: 021 685 3816

Email: [email protected]. 22 — June 2014

Amanqaku oMhleliAmaxesha anika umdla kubalobi

Siyakwamkela kushicilelo lokuqala leFishers Net ku-2014.

Sifikelele kwelona xesha linika umdla nelinemingeni kolu hambo lwethu singabalobi abasakhasayo.

I-MLRA elungisiweyo sele ityikityiwe nguMongameli uZuma, ehlahla indlela yokuphunyezwa komgaqo-nkqubo wabalobi abasakhasayo (SSF). Abammeli besebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba bachazile ukuba izix-hobo sele zikho ezilungiselelwe le nkqubo yokuphumeza.

Uhambo lwethu belulude kakhulu kwaye lunzima lugcwele ziinzingo nokulibaziseka. Kodwa sikwazile uku-bonakalisa ukuba abantu bayakwazi ukuqhubela pham-bili ngokuthi babe nembono, ukubumbana kwanokutsala ngaxhathalinye.

Eli lilixa leenyani zodwa, apho sizijula ijacu sithi ‘max-halanga ndidleni’. Akusekho kubuya ngamva ngoku, ku-funeka sifunze phambili.

Kokukhona kufuneka sibambisene kwaye sizinikele ngamandla ngoku. Kufuneka intsebenziswano engagung-qiyo phakathi kwethu kwanakwabanye abadlali-ndima.

Sikholelwa kwelokuba kungayingelo kwiSebe lezoLi-mo, amaHlathi nezokuLoba nakuthi ngokunjalo ukuba singasebenzisana ngamxhelomnye. Sinenjongo enye efanayo ekukuphunyezwa komgaqo-nkqubo we-SSF, nto leyo eza kuba yingenelo kuluntu oluphila ngokuloba.

Indlela ebesisebenzisana ngayo ngaphambili ayikhange isincedise. Bekugquba ukungathembani, ukuphoxeka, ukulibaziseka kwanokungaboni-ngasonye obungeyomfuneko.

Konke oku kufuneka sikuphose kwelokulibala siqale iqalo elitsha lokubambisana oluza kusinceda sikhawuleze ukuya kufika entanjeni.

Siyakwamkela ukubekwa kukaMnu Senzeni Zokwana njengoMphathiswa wezolimo, amaHlathi nezokuLoba kunye nesekela lakhe, uMnu Bheki Cele. Sibanqwenelela okuhle kwaye sibabongoza ukuba bakuthatele ingqalelo ukuphunyezwa kwalo mgaqo-nkqubo we-SSF.

Sinomnqweno wokusebenzisana nabo kunye nesebe labo ukwenzela ukuba sikwazi ukuwuqukumbela ngokuyimpumelelo lo mtsi wokugqibela wolu hambo lwethu lude kangakanana.

Amathuba nemingeni engokuphunyezwa komgaqo-nkqubo

Amasi abekw’ elangeni

yiya kwiphepha 3

Umphathi we Masifundise uNaseegh Jaffer, Professor Moeniba Isaacs we- PLAAS, Saasa Phieeha, we Department of Fisheries, Forestry and Agriculture (DAFF), Solene Smith,weCoastal Links SA waseLangebaan kunye noAndy Johnson weArtisanal Fishers

Association of South African.

Ngabantu aba phezu kwe-150 abeze kuphehlelelo lo Mqulu wo mgaqo ngqubo we SSF

Page 2: FishersNetmasifundise.org/wp-content/uploads/2014/06/FishersNETMay... · 2017-04-20 · 1 FishersNet Vol. 22 – June 2014 DEVELOPMENT TRUST MASIFUNDISE ICoastal Links South Africa

FishersNet Vol. 22 – June 2014 2

UKUBHEXESHA INQWELO INGEMIKolu hlelo, sazisa abanye babasebenzi beMasifundise,

ababhexesha le nqwelo ingemi.

UCarsten Pedersen – uMncedisi kwezoMgaqo-nkqubo neNkqubo UCarsten uqale ukusebenza kwiMasifundise ukususela ngo-2004 waze waba yinxalenye yolu sapho ukususela ngo-2010. Ujongene

nabadlali-ndima kulawulo lwezokuloba – njengokujonga iindlela zolawulo lweNepad, lwamazwe aseYurophu kunye neBhanki yeHlabathi – aze olo lwazi alusasaze kuluntu oluphila ngokuloba. Ukwajongene nokudala ubudlelane nothungelwano namaqumrhu kwanamaziko akwiGlobal North ukuze komelezwe ubambiswano kwihlabathi kwanokuseka ubudlelane obutsha.

USithembiso Gwaza -uMququzeleli weeProjekthi SUSthera, waqala ukusebenzela iMDT ngo-2001. Nguye oqalise nenkqubo ekuthiwa yiNational Footprint, neyayikukunatyiswa kwe-CLSA eMpuma Koloni naKwaZulu Natal, efumana amalungu angaphezu kwe-

2000. Usebenzisana kakhulu nabasebenzi abaphaya eluntwini elungiselela kwaye ephumeza iinkqubo zoluntu. sebenzela kwi-ofisi yase iseMowbray.

KwiMasifunDise

Ukunyathelela phambili, kancinci kanciniIMasifundise Development Trust yi-NGO ekukudala ikho kwaye ngokunje ijolie ikakhulu kwicandelo labalobi abasakhasayo. Kweli phepha sikunika imvelaphi kwanolwazi gabalala malunga neMDT.

SONKE MASIjONGE KOLUyA dONGA LUpHAyA EMOWBrAyUmzobo omkhulu, ogqamileyo kudonga olungaphambili kwi-ofisi yeMasifundise ungundaba-mlonyeni eMowbray, eKapa.Iqela labadwebi – uGarth Erasmus, uGaby Chemainis, uSophie Pieters kunye noThembinkosi Kohli ngabo abenze lo msebenzi wobugcisa ubalasele kangakanana. Lo mzobo ubonisa ubomi babantu abaphila ngokuloba.

IMasifundise ikwatshintshe nee-ofisi zayo ngaphakathi zaba yindawo yemibukiso, equka imifanekiso kunye namazwi abhaliweyo malunga nemvelaphi yeMasifundise kunye neCoastal Links South Africa.

UKUQONdA UMGAQO-NKQUBO WABALOBI ABASAKHASAyO

Ibe ngabantu abangaphezu kwe-150 abaye bahlangana e-Ocean View, eKapa ngomhla we-15 kwekaCanzibe kuphehlelelo loMqulu odandalazisa amalungelo asisiseko wabalobi abasakhasayo.

Lo Mqulu waveliswa yiMasifundise, i-Institute for Poverty, Land and Agrarian Studies (iPLAAS) kunye neziko lezophando ekuthiwa yi-Too Big to Ignore (iTBTI). Injongo yawo kukunceda abalobi abasakhasayo ukuba bawuqonde ngcono uMgaqo-nkqubo waBalobi abaSakhasayo kwanokuququzelela ukuphunyezwa kwale nkqubo.

Lo mqulu uchaza imiba ngemiba yomgaqo-nkqubo efana nokwabiwa kwamalungelo, ulawulo ndawonye, ukuphuhliswa kwezakhono, amaqumrhu asekuhlaleni, neebhaskithi zeentlanzi kunye namalungelo angokobuni.

Ababeze kolu phehlelelo yayingabalobi abasuka kwiindawo ngeendawo zelizwe, abaphandi, abamaziko emfundo ephakamileyo, amaqela oluntu ngokubanzi kunye nabantu base-Ocean View.

UMlawuli weMasifundise uNaseegh Jaffer, nguye owayechophele le seshoni kwaye kwizithethi kwakukho u-Andy Johnson we-Artisanal Fishers Association of South Africa, uNjingalwazi Moeniba Isaacs wePLAAS, uSolene Smith oyinkokheli yeCoastal Links eLangebaan kunye noSaasa Phieeha weSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba (iDAFF).

UMnu Johnson noNkskz Smith bathetha ngeminqantsa yomzabalazo wabo othe ekugqibeleni wakhokelela ekwamkelweni komgaqo-nkqubo wenkqubela. UNjingalwazi Isaacs udandalazise eminye yemingeni esenokubakho kwinkqubo yokuphunmeza waze uMnu Phieeha yena walibophelela isebe ukuba liza kuyifezekisa le nkqubo watsho esithi isebe libekele bucala imali engangezigidi ezingama-90 zeerandi kunyaka-mali ozayo eziza kujongana nomsebenzi ophathelele ekuphunyezweni kwalo mgaqo-nkqubo.

IZIKHOKELO ZAMAZWE NGAMAZWE MALUNGA NOKUKHUSELWA KWABALOBI ABASAKHASAyO

IZikhokelo zaMazwe ngaMazwe malunga nokuKhuselwa kwaBalobi abasaKhasayo luxwebhu elilungiselelwe ukuncedisa abalobi abasakhasayo kwihlabathi jikelele bakwazi ukuba nobomi obungcono, ukudla baphelise intlupheko. Ilungiselelwe yikomiti ye-Food and Agriculture Organisation (iFAO) ejongene nezokuloba neneenjongo eziza kufezekiswa ngokuthi kusetyenziswe indlela esekelwe kumalungelo oluntu nekunjongo zayo ikukuphuhlisa uluntu.

UMlawuli weMasifundise uNaseegh Jaffer uye wathatha inxaxheba kwezi nkqubo, njengommeli we-World Forum of Fisher Peoples.

Ekuqaleni kweyoMdumba ka-2014, iKomiti yezokuLoba (Committee on Fisheries (COFI)) iye yaziqukumbela iingxoxo zayo ezingeZikhokelo zoKuzithandela kuBalobi abasaKhasayo.

Uluhlu olupheleleyo lwezikhokelo ezicetywayo lwaye lwamkelwa nto leyo ebonakalise eyona nkqubela incomekayo kweli candelo kwihlabathi jikelele. Ngumhlathi nje omnye owaye awamkelwa nowathi wagqithiselwa kwabangaphambili ukuba bawuphonononge kwintlanganiso yeCOFI eza kubanjwa ngomhla wesi-5 kweyeSilimela kulo nyaka.

Ezi Zikhokelo zivele kwintlaninge yeentlanganiso (zothatho-nxaxheba nakwiinkqubo zokubonisana) eziquke uluntu oluphila ngokuloba, imibutho yoluntu, oorhulumente, imibutho yeengingqi kwanabanye abadlali-ndima beFAO.

Usenokuya kweli khonco ukuze ufunde olu yilo lokugqibela nolwathi lwamkelwa: http://masifundise.org.za/international-guidelines-on-securing-sustainable-small-scale-fisheries/

uJosh Cox ekohlo, ume phambi ko mzobo kunye nabasenzi bese Masifundis u Mansoor Jaffer, Naseegh Jaffer no Sithembio Gwaza

Umlobi wase Ocean View, apho bekuphehlelelwa umqulu womgaqo ngqubo wabalobi

IZikhokelo zaMazwe ngaMazwe bezikhe zaphononongwa e Rome

kunyaka odlulilelyo

Page 3: FishersNetmasifundise.org/wp-content/uploads/2014/06/FishersNETMay... · 2017-04-20 · 1 FishersNet Vol. 22 – June 2014 DEVELOPMENT TRUST MASIFUNDISE ICoastal Links South Africa

FishersNet Vol. 22 – June 20143

NOZUKO MNyOMBOLO eNtshoNa KoloNi

Kufuneka siqinisekise ukuba ukuphunyezwa kuyenzeka – eyona nto ibalulekileyo kukuqinisekisa ukuba uluntu oluphila ngokuloba luyaqinisekiswa kwaye lukhona ezincwadini ukwenzela ukuba lukwazi ukuxhamla kumalungelo alo, nanjengoko uyakufumanisa ukuba kukho imibutho emininzi engoomavuk’ engceni ethi imele abalobi abasakhasayo kuba isazi ukuba inkqubo yokuphumeza lo mgaqo-nkqubo sele isemnyango.

HILdA AprIL MaMre, eNtshoNa KoloNi

Le yeyona mpumelelo inkulu yabalobi bethu abasakhasayo kwiindawo ezihlelekileyo zabantu abaphila ngokuloba. Kulungiselelo lokuphumeza kuza kufuneka ukuba bonke abadlali-ndima – abaxhamlayo, abaneziqinisekiso zokuloba, iintsapho – ZIMANYANE. Kuza kufuneka sihlaziye size sizikhumbuze ngomgaqo-nkqubo weSSF sifumane nekopi yomqulu womgaqo-nkqubo weSSF osandul’ ukuphehlelelwa.

HArvEy NtSHOKO KuCeNtaNe, eMpuMa KoloNi

Kufuneka siqinisekise ukuba sinolwazi malunga nokuqhubekayo kweli candelo lezokuloba, sidinga iziqinisekiso ukwenzela ukuba isebe lisazi ukuba singoobani na, senzani nokuba yintoni esiyilobayo. Sikwadinga neenkqubo zenkxaso ezinokunceda ekuqaliseni nasekulungiseleleni amaqumrhu ethu ezomthetho. Apha eMpuma Koloni sesingxangile – ukuphunyezwa makuqalise.

SINdISO NONGcAvU port st JohNs, eMpuMa KoloNi

Sidinga ukuba kuvuleke amathuba kweli candelo. Kufuneka silungiselele amaziko ethu okugcina kunye namaphepha-mvume ukuze sikwazi ukuthengise okanye ukuthumela oko sikubambisileyo

kumazwe angaphandle. Ngaphezulu, kufuneka siqinisekise ukuba sinazo iinqanawe ukuze singene nzulu elwandle. Kufuneka sifake izicelo zamaphepha-mvume siluluntu kwaye sihlale silungele.

SAMKE McHUNU KwaduKuza, KwazuluNatalUluntu oluphila ngokuloba kufuneka luzilungiselele kakuhle, babe nezithuthi kwaye benze neenzame zokulungiselela ukuloba, ukuzithengisa baziwe kwanokufumana iziqinisekiso. Njengomnt’ omtsha, eli xesha ndilibona njengeliza kuvulela ulutsha amathuba kwanoluza kutshintsha ubomi ngeendlela ngeendlela. Sikulungele oko.

iinDaba ze-COasTaL LinKs

Intswahla evela ngaseluNxwemeniI-MLRA elungisiweyo yatyikitywa nguMongameli uZuma kule nyanga iphelileyo, ihlahla indlela yokuphunyezwa komgaqo-nkqubo weSSF. Amalungu eCoastal Links South Africa alapha elizweni abelana ngeembono malunga

nendlela abalobi ekufanele belilungiselele ngayo eli nqanaba.

okuloba exesha elide.I-DAFF iyijikile le nkqubo kodwa iQumrhu lona lisafuna

kuqhubeka neli dabi ezinkundleni zamatyala.“Inkxalabo yethu yeyokuba le nkqubo isenokukulibazisa

ukuphunyezwa komgaqo-nkqubo we-SSF ize loo nto iluchaphazele kakubi ulwabiwo lokuloba olubekelwe

icandelo le-SSF,” utshilo uMandla Gqamlana weMasifundise.“Siyafuna ukungenelela kweli tyala enkundleni

ukuqinisekisa ukuba akukho kulibaziseka nokuba ulwabiwo lwabalobi abasakhasayo aluchaphazeleki,” utshilo.

Ukuba ufuna iinkcuakacha ezithe vetshe malunga neli tyala, yiya kwiphepha lesibini

isuka kwiphepha 1

IMasifundise ithanda ukubulela onke amalungu

eCLSA athe ancedisa ngokuhambisa iFisher’s net.

Ngenxa yenu, sikwazile ukufikelela ebantwini

abaninzi kakhulu, nayihambisa ivangeli nibenza abantu babe

nolwazi.

I-CLSA iyantinga

ICoastal Links South Africa iyaqhubeka ikhula kwaye izibonakalisa kuluntu oluphila ngokuloba kuMzantsi Afrika uphela.

Ngabalobi abangaphezu kwama-4000 abaphantsi kweCLSA kwaye ngokunje lo mbutho uzama ukufumana iindlela zenkxaso-mali kwanokuqulunqwa komgaqo-siseko.

Le miba ixoxiwe kwintlanganiso yelizwe eyayiseBhayi kule nyanga ifileyo. I-CLSA KwaZulu Natal naseMpuma Koloni iyaqhubeka nokuzabalazela ukunyenyiswa kweziqinisekiso kuvunyelwe abalobi balobe kakhulu banikwe nemvume yokuthengisa oko bakubambisileyo.

Kwazulu Natal, amaqumrhu akhoyo eCLSA ebeqhankqalaza ngakwiMimandla yaseLwandle eKhuselweyo ukuqinisekisa ukuba bafikelela kangangoko kwanokuphelisa ukuphatheka kakubi koluntu oluhlelelekileyo oluphila ngokuloba.

ENtshona Koloni, kukho ukungaboni ngasonye okukudala kuqhubeka malunga nolwabiwo lukanamvuna wasematyeni (Rock Lobster) nolweentlanzi ezilotywa ngomtya, kwiindawo ngeendawo, kuquka iStruisbaai, Arniston neGansbaai.

Amaqumrhu eCLSA kwilizwe ngokubanzi athatha inxaxheba ekusasazweni koMqulu womgaqo-nkqubo wabalobi abasakhasayo abawenze ngobambiswano neMasifundise, iPLAAS kunye neToo Big to Ignore.

Imingeni engokuphunyezwa kwalo mgaqo-nkqubo yiyo ebonakala iza kuba lolona xanduva kwimbali yeCLSA. Iza kufuna ubambiswano oluluqilima, uphuhliso lwezakhono kwanokubonisana nabanye abangeneleli.

I-CLSA ikwayinxalenye yeqela elilungiselela iNtlanganiso kaWonke-wonke (General Assembly) yeWorld Forum of Fisher Peoples, ecwangciselwe ukuba ibeseKapa kwiveki yokuqala kweyoMsintsi.

Page 4: FishersNetmasifundise.org/wp-content/uploads/2014/06/FishersNETMay... · 2017-04-20 · 1 FishersNet Vol. 22 – June 2014 DEVELOPMENT TRUST MASIFUNDISE ICoastal Links South Africa

FishersNet Vol. 22 – June 2014 4

iinDaba ze-COasTaL LinKs

Q Usukaphi?A Ndisuka eLangebaan eWest Coast,

eNtshona Koloni.Q Khawusichazele ngosapho lwakhoA Nditshatile, ndinabantwana ababini –

intombi eneminyaka eli-17 nomfana oneminyaka eli-12.

Q Uzibandakanye nini, kwaye njani neli candelo lezokuloba?

A Emva kokugqiba kwam imatriki eVredendal, ndaye ndasebenza kwindawo ekwakunkonkxwa kuyo iintlanzi, njengomciki zinkonkxa.

Q Uqale nini ukusebenzela iMasifundise Development Trust?

A Ndiqale ukusebenzela iMDT ngo-2003 njengomsebenzi eluntwini. Ndisebenze kakhulu noluntu kwaye yindlela aqale ngayo iCLSA.

Q Yintoni eyona uyithandayo ngomsebenzi wakho?

A Ndiyakonwabela ukusebenza nabalobi abasakhasayo abazinikeleyo kwanokujongana nemingeni eyinxalenye yeli candelo – ingakumbi xa kusiziwa kweli cala lemiba yezopolitiko eba nefuthe kweli candelo.

Q Ndive kusithiwa ubukhe waya ngaphesheya, ubuyephi?

A YEwe, kunjalo – ndandiye eChile, sindwendwele uluntu lwalapho oluphila ngokuloba abangamafama eentlanzi – sibone indlela uluntu

ngoluntu olubandakanyeka ngayo kwiindidi ngeendidi zokulobela ukuphila/ukufuya, ndikhumbula ukuba sade saya nakubalobi abajongene ne-Abhaloni ngokukodwa.

Q Kule minyaka mi-5 izayo uzibona uphi?A Ndiza kube ndiselapha kwiMasifundise

kuba sisebenza ngomgaqo-nkqubo wabalobi abasakhasayo, ngoko ke ndifuna ukuwubona uphunyezwa – kudaleka imisebenzi nabalobi bephila ubomi obungcono obunandiphakayo.

Q Unamnqweno mni – ucinga ukuba uluntu oluphila ngokuloba kufuneka lwenze ntoni ngekuzilungiselelela ukuphunyezwa kwale nkqubo?

A Kukubona abalobi abasakhasayo bekwazi ukubeka ukudla etafileni imihla ngemihla – kodwa nabo abantu bethu kufuneka bahlale bekhangela ukuze bazi ukuba kwenzekani na, kufuneka bahlale bezilungiselele kwaye benze kube lula ukuba isebe linxibelelane nabo. Kufuneka kubekho utshintsho kwindlela yokucinga, apho abalobi beza kukwazi ukuya kubalobi abasele bephuhlile bacele uncedo kwaye bafunde banzi kumava abo balobi.

Isigqibo seSouth African Commercial Linefishers Association sokusa iDAFF ezinkundleni zamatyala ngomba wamalungelo okuloba exesha elide singakulibazisa ukuphunyezwa komgaqo-nkqubo weSSF.

Ngaphezulu, oku kusenokukhokelela ekuncitshisweni kwesabelo sabalobi abasakhasayo.

UMPhathiswa wezoLoba kule nyanga efileyo uye wayicima inkqubo yolwabiwo, kodwa abe-Linefish Association basaqhubeka nesimangalo ezinkundleni zamatyala.

KwekaTshazimpuzi, iMasifundise izame ukuba ngumlamli kweli tyala ngenjongo yokuthintela ukulibaziseka kokuphunyezwa komgaqo-nkqubo kwaneenkqubo zesabelo sokuloba.

Igqwetha leLRC uWilmien Wicomb ufake isicelo egameni leMDT, kwaye esi sicelo siza kuchotshelwa ngomhla we012 kweyeSilimela ka-2014. Okwangoku inkundla isikhabile isicelo seMasifundise kwaye neLinefish Association isilandule.

I-Linefish Association ayikholelwa ukuba iMasifundise imele abalobi abasakhasayo okanye ukuba icandelo labalobi abalobela ukuziphilisa licandelo elikhoyo.

Ngomhla esasibhala oku ngawo, i-Association yayisebenzela ukufumana isivumelwano esiquka ukwabiwa kwamalungelo kwabo sele benamalungelo nabo babenawo ngaphambili. Oku kuza kuthetha ukuba abalobi abasakhasayo ababi nasabelo singako, nanjengoko amalungelo amaninzi ezakube enikwe bashishina ngokuloba.

Umgaqo-nkqubo waBalobi abasakhasayo inika ingqalelo kubalobi abangena kweli candelo okokuqala, ubonelele icandelo ngeendawo ezithile zokuloba uze uvumele ukunikezelwa kwamalungelo kwimbumba endaweni kunale nto ebikade isenziwa yokwabela iziqu amalungelo.

“I-MDT neCLSA zixhasa nayiphi na inkqubo ekhokhelela kulwabiwo lwamalungelo okuloba olunobulunga. Siza kuyichasa nayiphi na inkqubo eza kulibazisa ukuphunyezwa komgaqo-nkqubo wabalobi abasakhasayo noqhwatyelwa izandla sisininzi noza iqalo elitsha kweli candelo,” utshilo uMandla Gqamlana weMasifundise.

“Kwakhona siza kuyikhaba nayiphi na intshukumo (yasezinkundleni) ezakukhokelela ekuthini umlobi osakhasayo aphucwe oko kulilungelo lakhe,” wongeze watsho.

Ukufakwa kwesimangalo enkundleni kungawalibazisa amalungelo abalobbi

Abalobi kwintlanganiso e Paternoster

Ubuso ngoBuso no Nico Waldeck

Page 5: FishersNetmasifundise.org/wp-content/uploads/2014/06/FishersNETMay... · 2017-04-20 · 1 FishersNet Vol. 22 – June 2014 DEVELOPMENT TRUST MASIFUNDISE ICoastal Links South Africa

FishersNet Vol. 22 – June 20145

iinDaba ze-MasifunDise

IZiko leeNkonzo zoMthetho, iMasifundise neCoastal Links baza kusebenzisana kangangoko ekuqinisekiseni ukuba uMgaqo-nkqubo waBalobi abasaKhasayo (SSF) uyenzeka, nokuba amalungelo emveli woluntu oluphila ngokuloba afezekiswa ngokufanelekileyo, ngokukaWilmien Wicomb, iGqwetha, kwiCandelo lokuBuyekezwa koMgaqo-siseko, kwiZiko leeNkonzo zezoMthetho (LRC).

Ubudlelwane phakathi kweMasifundise neLRC baqala ngo-2004, xa, “...ityala lokuqala elibalulekileyo, ucelo-mngeni lweNkundla kaMakulingwane luka-2004/2005 olwakhokelela kwisigqibo sokuba kusekwe umgaqo-nkqubo wabalobi abasakhasayo,” utshilo uWicomb.

IMasifundise neCoastal Links South Afria, abamele abalobi abasakhasayo ngabaxumi beLRC, ikwangabo nabayalela iLRC njengabameli boluntu oluphila ngokuloba.

UNaseegh Jaffer, uMlawuli kaZwelonke weMasifundise, uwuqhwabela izandla umsebenzi owenziwa yiLRC, kwaye uvakalelwa kwelokuba bakwazi ncakasana kwaye bazinikezele kwimiba neengxaki esijamelene nazo siluluntu oluphila ngokuloba kwanabahlali kwezo ndawo abajamelene neengxaki kuMzantsi Afrika uphela.

UJaffer uthe iLRC idlale indima ebaluleke kakhulu ekulweleni abalobi bendawo leyo xa betshutshiselwa ukwaphula imithetho ebeka imiqobo kwisakhono sabo sokuzama ukufikelela kubomi obungcono.

“I-LRC ikwadlale indima ebalulekileyo kakhulu ekusincedeni siyile uMgaqo-nkqubo waBalobi abasakhasayo, ngokusinika iingcebo ezingomthetho, nasekuyileni iZilungiso

zeMLRA,” utshilo uJaffer. Ngoncedo lukaJackie Sunde, iLRC iye yaphanda

malunga nokuphunyezwa kweSSF policy eKZN kunyaka ophelileyo yaze iMasifundise yongeza kule projekthi ngomphandi wasekuhlaleni. I-LRC ikwahlomlile ngomgaqo-nkqubo ngokuphunyezwa kwawo. Le iRLC iye yamela noluntu oluphila ngokuloba kwiNedlac ngexesha lothethathethano ngeSSF Policy, yaze yamela neMasifundise kwiingxoxo zeZilungiso zeMLRA, ihlomla kwinqanaba ngalinye.

“Amatyala akhumbulekayo apho iLRC yaye yamela abalobi abasakhasayo, aquka ityala likaKenneth George kwinkundla yezokulingana (2005, 2009 no-2010), kunye neli langoku labalobi ngomtya apho simele iMasifundise khona ngengeqela elilamlayo. Senza ityala laseLangebaan sikunye neCLSA yaseLangebaan, kunye netyala eliseDwesa-Cweba. “

“Sicebisa iMasifundise neCoastal Links koko sikwazi kukona kusebenzayo ngokwezomthetho ukuze bafikelele kwiinjongo zabo esizazi

izezona zibalulekileyo, umz. ubulungisa kuluntu kwanokulingana. IMasifundise neCLSA kufuneka iqinisekise ukuba bayakuqonda kwaye bayakugqithisa kuthi oko kufunwa ngaba bantu babameleyo abangabona baxumi - ukwenzela ukuba nathi senze ngokweemfuno zabo. I-LRC ummo wayo isebenza ngeeNGO kunye neeCSO xa sifaka ityala egameni loluntu nanjengoko kungelula ukuba amagqwetha ukukhuthaza uluntu ukuba lume ngeenyawo,” utshilo uWicomb.

I-LRC yaqalwa ngo-1979 eRhawutini ngu-Arthur Chaskalson, lowo owayesakuba yiJaji eyoNgameleyo kwaneJaji kwiNkundla yoMgaqo-siseko, uFelicity Kentridge kunye namanye amagqwetha angamatshantliziyo ekulweleni amalungelo oluntu ngelo xesha.

Inee-ofisi zengingqi ezine eRhawutini, eKapa, eRhini naseThekwini kunye neCandelo lokuFak’amatyala OMgaqo-siseko eliseRhawutini naseKapa.

I-LRC le yayisungulelwe ukumela abantu ababebanjelwe amapasi, eli ilinyathelo lokusencedisa ekubhangisweni kombuso wocalucalulo.

UWicomb ngomnye wamagqwetha amaninzi asebenza kwiLRC, kodwa okwangoku nguye yedwa osebenza noluntu oluphila ngokuloba. Ulandela ekhondweni likaWilliam Kerfoot noHenk Smith ababekade bemele uluntu oluphila ngokuloba iminyaka. “Simela abantu noluntu kwiinkalo ngeenkalo: ezemihlaba, ezomthetho wemvelo, ezobuni, ezemfundo, iimbacu, ezezindlu, ezamalungelo abantwana,” utshilo.

Iziko leeNkonzo zoMthetho Legal Resources Centre (LRC) umhlobo osenyongweni woluntu oluphila ngokuloba

uHenk Smith wase Legal Resources Centre eme nomsebenzi wasemigodini e Marikana

Uza kuvutha umlo phakathi kwamaziko angekho sikweni angamelanga balobi kule Ndibano kaWonke-wonke yesi-6 izayo yeWFFP eza kubanjelwa eMzantsi Afrika kweyoMsintsi.

Mvanje, kwekaTshazimpuzi ka-2014, iBhanki yeHlabathi (iWorld Bank) kunye noRhulumente wamaDatshi baye basindleka ingqungquthela yehlabathi jikelele apho onke amahlakani aphambili, kuquka iNepad nemibutho yokusingqongileyo yamazwe ngamazwe afana neWorld Wide Fund for Nature (iWWF), adibana ukuze ahlahl’ indlela yokqinisekisa ngokwenziwa kwezokuloba zibe lushishino lwabucala.

UNaseegh Jaffer yena wayeyokumela abantu beWFFP waze wagxininisa kumalungelo oluntu wabantu abaphila ngokuloba, ngokunikezelwa kwamalungelo okuloba avalela ukushishina kuluntu oluphila ngokuloba ngokuqwalaselwa

kokulingana kwanobulungisa obuxhanyulwa ngabo bonke.

IBhanki yeHlabathi iseke inkqubo yezwekazi le-Afrika esekelezelwe ekwenziweni kwezokuloba zibe yimpahla yabucala. Le nkqubo, enesabelo-mali esi-US$550 yezigidi, isekwe kungakhangwe kuboniswane nabalobi kwaye kungaqwalaselwanga iinqobo kwaneendlela ezingundoqo ezo umgaqo-nkqubo wabalobi abasakhasayo osekelwe kuzo.

Umgaqo-nkqubo wabalobi abasakhasayo woMzantsi Afrika – nokusuka kwawo kwizabelo

Ukuhluthulwa koLwandle makuphele!

yiya kwiphepha 6Inqanawe ezinkulu zitshabalalisa okufumaneka e lwandle

Page 6: FishersNetmasifundise.org/wp-content/uploads/2014/06/FishersNETMay... · 2017-04-20 · 1 FishersNet Vol. 22 – June 2014 DEVELOPMENT TRUST MASIFUNDISE ICoastal Links South Africa

FishersNet Vol. 22 – June 2014 6

Indibano kaWonke-wonke yeWorld Forum of Fisher People (WFFP) iza kubanjelwa eKapa kwiveki yokuqala kweyoMsintsi ka2014, idibanisa bonke abameli babalobi abasuka kumazwe angama-35.

Le Ndibano kaWonke-wonke ibanjwa qho emva kweminyaka emine, kwaye kweli ityeli kuza kugxininiswa kwimiba yokuHluthulwa koLwandle/ukwenziwa koLwandle lube luShishino lwabucala kunye neZikhokhelo zaMazwe ngamazwe malunga nokuKhuselwa kwaBalobi abasaKhasayo okuGcinekayo ixesha elide.

Njengabameli belizwe eliza kusingatha le ndibano, iMasifundise inoxanduva lokuququzelela le nkomfa.

Ngeli lixa uninzi lwemibutho engamalungu esuka phesheya nase-Afrika, iWFFP ikwamela nabalobi abasuka eMantla naseMazantsi eMelika, eYurophu nesemzantsi-ntshona woLwandlekazi iPasifiki.

Ukukhethwa koMzantsi Afrika njengelizwe eliza kusingatha indibano kawonke-wonke yesi-6 akuyonto evele yenzeka nje ngemasi. Kwindibano kawonke-wonke edlulileyo eyayibanjelwe ePakistani ngo-2011, nguSolene Smith weCoastal Links Langebaan owemayo ebeka izizathu zokuba le ndibano iziswe eMzantsi Afrika.

“Kwezi nyanga zimbalwa zizayo, icandelo lethu lezonxibelelwano liza kubhala banzi ngenkomfa lishicilele namanqaku kwiwebhusayithi, kumaphetshana nakumajelo onxibelelwano ngetekhnoloji,” utshilo uNosipho Singiswa weMasifundise.

IWFFP ngumbutho wamazwe ngamazwe owaphehlelelwa ngo-2000 kwinkomfa eyayibanjelwe eFransi ene-ofisi esazinze eKarachi, ePakistani. Lo mbutho udibanisa yonke imibutho yabalobi abasakhasayo ukuze kusekwe kuze kukhuthazwe ukulwelwa kwamalungelo oluntu, ubulunga eluntwini kunye nabalobi abasakhasayo.

Ijolise ekuqinisekiseni ukuba ulwandle lungumthombo wabo bonke ubomi, luzinikele ekugcineni abalobi nezixhobo eziluncedo eziselwandle kulungiselelwa isizukulwana esikhoyo nesizayo ngenjongo enye ekukomeleza, ukuphucula, ukukhusela kwanokumela uluntu oluxhomekeke elwandle ukuze lube nokufumana ubomi obungcono.

I-WFFP okwakalokunje inamalungu asuka kumazwe angama-35 kwaye ubulungu kuyo buvuleleke kuyo yonke imibutho yabalobi abalobela ukuphila, amagcisa okuloba, abantu bemvelo baloo ndawo abamvelaphi ikukuphila ngokuloba. Lo mbutho uneNdibano kaWonke-wonke, iKomiti eQuquzelelayo, kunye namaGqumrhu amahlanu aphuma kwizelonko esebenzisanayo ukuze kufumaneke uzinzo kwingeniso yezoqoqosho kwanokulingana kwabalobi kwiindawo abakuzo.

Lo mbutho uzibandanye nemisebenzi eyahlukileyo yokuphembelela nokuthethelela. Udlale indima ebaluleke kakhulu ekusekweni koluhlu lweZikhokhelo zaMazwe ngamazwe malunga nokuKhuselwa kwaBalobi abasaKhasayo okuGcinekayo ixesha elide usebenzisa iKomiti yezokuloba yeFood and Agriculture Organisation (iFAO).

Kwanangeempembelelo ezenziwe ezilwa nokuHluthulwa koLwandle, uNaseegh Jaffer, umlawuli weMasifundise Development Trust (iMDT) kwanosihlalo wesibini wombutho uthe “Sikhokhelelwa kwelokuba ulwandle okanye nasiphi na isixhobo esiluncedo sendalo akufanelanga ibe sesabantu okanye iinkampani ezithile.

“Izixhobo eziluncedo zendalo kufanele zivuleleke, abantu babenamalungelo okuzisebenzisa ingakumbi ukuba baxhomekeke kuzo ezi zixhobo eziluncedo zendalo ukuba bafumane umvuzo wokuziphilisa bona neentsapho zabo,” uqhubeke watsho uNaseegh Jaffer.

I-WFFP imathidala malunga nokukhuthaza urhulumente ukuba acinge “ngendlela yokusebenzisa amalungelo oluntu”; ifuna ukuqinisekisa ukuba amalungelo neemfuno zabalobi zinikelwa ingqalelo ngurhulumente kwihlabathi jikelele.

Le ndibano kawonke-wonkeyesi-6 yeWFFP ifike ngelona xesha lihle kakhulu. Kulindeleke ukuba ezi Zikhokelo zaMazwe ngamazwe malunga nokuKhuselwa kwaBalobi abasaKhasayo okuGcinekayo ixesha elide ziza kwamkelwa yiKomiti yezokuLoba ye-United Nations Food and Agricultural Organisation (iFAO) ngoJune ka-2014. Ngokufanayo noMgaqo-nkqubo waBalobi abasaKhasayo woMzantsi Afrika, oku kuthetha ukuba ngoku lixesha lokuphumeza

endaweni yokuseka umgaqo-nkqubo.Ukujolisa kwehlabathi kwizikhokhelo kudale

ukuba kubekho ukutsala ngaxhalinye malunga nokuphunyezwa kwaye iMasifundise neCoastal Links baza kulisebenzisa kakuhle eli thuba xa beza kube besingethe le ndibano kawonke-wonke yeWFFP ngomhla woku-1-4 kweyoMsintsi ka-2014.

UNaseegh Jaffer, okwisigaba sesibini esebenza njengomququzeleli weWFFP, ugxininisa kumba wokubaluleka kokuxoxa ngeZikhokelo zaBalobi abasaKhasayo kodwa ekwabethelela nakwimfuno engxamisekileyo yokufundisa kwanokuseka iindlela zokukhusela malungelo embumba okufikelela kwabalobi abasakhasayo kwihlabathi jikelele. “Sijamelene nemingeni enzima kakhulu ngalo umba, nanjengoko ukuba kwindawo eyongamileyo kwabo bafumileyo kusekelezele ekwenziweni ezokuloba zibe lushishino lwabucala kwanokuNikezelwa kweZabelo zokoBuqu,” utshilo uJaffer.

sMaLL-sCaLe fishers

Iqela elali thathe inxaxheba kwi ndibano ka Wonke Wonke e Sri-Lanka 2007

Inkomfa yehlabathi yabalobi eza kubanjelwa eKapa

zokobuqu kugxilwe kumalungelo okuloba oluntu ngokubanzi – unikelwe ingqalelo yi-United Nations Special Rapporteur on Right of Food kwingxelo yayo kwiNdibano kaWonke-wonke yeZizwe eZimanyeneyo yango-2012 ngenxa yegalelo lawo elikhulu kukhuseleko lokudla. Lo mgaqo-nkqubo ujongana nentswela-bulungisa yomthetho wezokuoba wangaphambili – ngokuthi wazise ngendlela entsha yokwaba amalungelo okuloba kuluntu oluphila ngokuloba ukuqinisekisa ukuba bonke bafikelela ngokulinganayo.

“Egameni “lokubhangiswa kwentlupheko nokuqinisekisa ukuba abantu bahlala benokudla’, amaziko, imibutho neenkampani zoshishini ezinobunganga zifuna ukunyanzelisa inkqubo yokwabiwa kwamalungelo okobuqu kubalobi kwihlabathi jikelele,” uthethe watsho ujaffer.

Njengamalungu emibutho yeWFFP, iMDT

neCLSA abalwelwe abalobi abasakhasayo nakwinqanaba lamazwe ngamazwe, bayichase ngokuphandle iBhanki yeHlabathi kwanawo onke amahlakani ayo, ababonisa ukungalikhathaleli inyathelo lokusuka kwizabelo zokobuqu kugxilwe kumalungelo okuloba oluntu ngokubanzi.

Ukwenziwa bucala kolwandle, ukuHluthulwa koLwandle kwanokudala ulundu oluphila ngokuloba oluza kughlala lukho zezinye zemiba engxamisekileyo ekufuneka isonjululwe ukuqinisekisa ukuba bukho ubulungisa ngakuluntu oluphila ngokuloba kwihlabathi jikelele. “Asisokuze sibavumele oongxowankulu behlabathi ukuba basike imida kwizixhobo zethu eziluncedo eziselwandle nakwimihlaba yethu engaselunxwemeni. Ukukhutshwa kwabantu abaphila ngokuloba kwimihlaba yabo ukuze kufikelelwe kwiintlanzi makuphele”, utshilo uCarsten Pedersen weMDT.

isuka kwiphepha 5

Page 7: FishersNetmasifundise.org/wp-content/uploads/2014/06/FishersNETMay... · 2017-04-20 · 1 FishersNet Vol. 22 – June 2014 DEVELOPMENT TRUST MASIFUNDISE ICoastal Links South Africa

FishersNet Vol. 22 – June 20147

usOMahLaya (OOpOpayi)

school of fishers

Page 8: FishersNetmasifundise.org/wp-content/uploads/2014/06/FishersNETMay... · 2017-04-20 · 1 FishersNet Vol. 22 – June 2014 DEVELOPMENT TRUST MASIFUNDISE ICoastal Links South Africa

FishersNet Vol. 22 – June 2014 8

IPhondo loMntla Koloni ngokwangokunje lithatha ama-300km onxweme loMzantsi Afrika olungama-3000km, needolophu ezimbini ezona zidumileyo ngokuloba, iHondeklipbaai nePort Nolloth.

IPort Nolloth yeyoluntu oluphila ngokuloba ikakhulu unamvuma (okanye unamvuma wasematyeni), kwanokuchola-cholwa kwedayimani kushishinwe ngayo.

ICoastal Links South Africa ikho eHondeklipbaai nasePort Nolloth.

“Ngokwakalokunje sinabantu abanga-77 abaneempephamvume zamalungelo ePort Nolloth kunye neenqanawa nje ezili-10, nto leyo engumngeni kakhulu kubalobi najengoko ingengabo bonke aba bangama-77 abakwaziyo ukungena elwandle,” utshilo uMnu Dawie Phillips, usihlalo weCLSA, Port Nolloth.

IPort Nolloth yasekwa ngeminyaka yoo-1850 kulungiselelwa ukuthuthelwa kwamanye amazwe ikopolo, eyayisiziswa elunxwemeni isuka kwimigodi ekufuphi neO’Kiep kunye nedayimani esuka kunxweme lwaseNamakwa.

Yiminyaka engaphezu kweli-150 isebenze njegolungiselelo loshishino lwaselwandle olona lwakhe lwanengxolo kubasebenzi mgodini yekopolo, kubahambi ngolwandle, kubantywilela idayimani, nabalobi kwaye kule mihla, nabahambi abangamadela-ngozi nanjengoko ukungeniswa nokuhanjiswa kweempahla kwaya kuphela phaya kwiminyaka yee-1970 ngoba ukufumaneka kwedayimani kuye kwehla ngokwehla kulo mmandla.

Imi malunga neekhilomitha ezili-144 kumntla-ntshona weSpringbok eMntla Koloni; igama lokuqala kule ndawo lanikwa ngamaNama awayehlala apha: Aukwatowa, ethetha ukuthi ‘apho amanzi athutaha ikhehle khona.’

Yaye yaziwa ngokuba yiRobbe Bay (rob ethetha ‘intini’ ngesibhulu) kuba amaNama athengisa amafele entini kunye nenyama eyomisiweyo yentini kubembi-mgodini yekopolo abaqala ukungena kulo mmandla pha kweyee-1800.

Lo mmandla wathiywa ngokutsha ngokuba yiPort Nolloth emva ko mphandi wayo uKapteni MS Nolloth. Kufuphi neWest Coast eyaziwa kakhulu ngeerestyu zayo ezineentlobo-ntlobo zeentlanzi, idolophu enelanga

elishushu, nendlu enesikhanyiseli-zinqanawe esona siphakamileyo kwintshona yoMzantsi Afrika, eneemitha ezili-11 ukuphakama, yenye yeendawo ezitsala umdla wabakhankethi abaninzi kule dolophu.

Kukho iindawo ekubukelwa iminenga kuzo; iMcDougalls Bay enemanxweme okuqubha awona acocekileyo nolwandle oluzolileyo, neeyure ezininzi zokuqubha, ukuhamba-hamba, ukuhamba ngamaphenyane neenqanawa; usenokuloba isnukhu okanye iyellowtail ukuba unawo amaphephamvume.

IPort Nolloth yindawo onokuya kuyo ukuba unomdla kwiNamaqua Flower Route, okanye undwendwele iRichtersveld National Park. Kukho imusiyam enembali yalapha, nedolophana iLekkersing emntla nje kancinci kwePort Nolloth, ekukrobisa kuluntu lwalapha olubizwa ngokuba yi-‘rusoord’ apho abachweli balapha be-‘velskoene’, amakhuko, amanqungwala, iilokhwe nezitulo ze-‘riempie’ bafumaneka khona.

Izibuko lasePort Nolloth igubungelwe kakubi yintlenge kwaye ngoku ziinqanawa ezincinane kuphela ezingenayo kweli zibuko. Iinqanawa ekukuphela kwezisebenzisa iPort Nolloth ukususela ngo-2006 zezokuloba nezokuzonwabisa kwaneenqanawa ezincinane eziqeshwe ngaboshishino lwemigodi yedayimani.

“Umngeni okhoyo esijamelene nawo ngowokukhutshwa kwamaphepha-mvume okuba sikwazi ukungena elwandle – ndonovuyo ke ukwazisa ukuba iDTI ngomhla we—4 kweyeSilimela iza kusinika iinqanawa ezizimitha ezisi-8.9 ubude nezinokuthwala abantu abali-12,’ uqhube watsho uMnu Phillips.

Eli zibuko linesothulelo seenqanawa esinye esibubude buzimitha ezingama-67. Isothulelo esingaphakathi silungele nje iinqanawa ezincinane kuphela. Abekho oodokolwane okanye abaqhubi zinqwelomoya abakhoyo.

http://en.wikipedia.org/wiki/Port_Nollothhttp://www.portnolloth.co.za/http://ports.co.za/port-nolloth.phphttp://www.southafrica.net/za/en/articles/entry/article-southafrica.net-historical-port-nolloth

Undaba-mlonyeni ngePort Nolloth

Published by: Coastal Links and Masifundise Development Trust: Email: [email protected] Station Road, Mowbray, Cape Town 7700 • Tel: 021 685 4549 • Fax: 021 685 3816

D E V E L O P M E N T T R U S T

MASIFUNDISE

IInyanIso kwaneenkcUkacha-mananI ngezokULoBaUbusazi na ukuba i-UN iwuchaze owe-2014 njengoNyaka waMazwe ngamazwe wokuFuya koSapho (International Year of Family Farming (IYFF)). Injongo yoku kukuphakamisa iprofayile yokufuya kosapho nabafuyi abasakhasayo ngokujolisa ugqaliselo lwehlabathi kwindima yayo ebalulekileyo yokuphelisa indlala nentlupheko, ukubonelela ngokudla okuhlala kufumaneka nesondlo, ukuphucula ubomi babantu, ukulawula izixhobo eziluncedo zendalo, ukukhusela okusingqongileyo, nokufumana uphuhliso olungagungqiyo, ingakumbi emaphandleni.http://www.fao.org/family-farming-2014/en/

Ezokuloba zidlala indima ebalulekileyo ekuboneleleni ubomi ngqo nobo bungangqalanga kubantu abangaphezu kwe-140 000 eMzantsi Afrika. Iprothini efumaneka kwiintlanzi ngowona mthombo weprothini ubalulekileyo kuluntu oluninzi oluphila ngokuloba kunxweme ngokubanzi loMzantsi Afrika, oluninzi lwalo luthathwa njengolusesichengeni sokunqongophalelwa kukudla. Ukunikezelwa nokuphunyezwa ngokuyimpumelelo komgaqo-nkqubo omtsha wabalobi abasakhasayo kuphambili ekuqinisekiseni ngobomi kwanokuhlala kufumaneka ukudla kuninzi lolu luntu luphila ngokuloba.Kwingingqi yaseMpuma Koloni ehluphekayo, kunikezelwe nge-R500m (yezigidi) esuka kwingeniso yangaphandle efunyenwe ngokulotywa kweskwidi nyaka ngamnye; nto leyo esiyeza sibe yeyona ntlobo yentlanzi ebalulekileyo. Icandelo loshishini ngeentlanzi eMzantsi Afrika liqeshe abantu abangama-43 458, kuquka abo basebenza ngamaxesha athile onyaka kuphela kwanabo basisigxina.http://www.wwf.org.za/?4900/fisheriesfactstrendsUbusazi na ukuba ngokunikezelwa koluntu amalungelo okuloba, uMthetho oyilwayo (iMLRA), uza kuncedisa ekunciphiseni iziganeko zokuloba ngokungekho mthethweni, nanjengoko uluntu luza kubona kuyimfuneko ukuba luzikhusele izixhobo eziluncedo eziselwandle ukuba nalo luyakwazi ukuziphilisa kwangazo.Read more: http://www.southafrica.info/business/economy/development/fishing-041013.htm#.UyGJGmKSzHg#ixzz2vq006WUa

Abafo ababini babesechibini beloba besebenzisa imisundululu. Omnye umfo ave kukho intshukumo aqalise ukujija umtya wakhe. Ubambise ibhotile. Ayivule le bhotile kusuke kuphume umshologu. Athi lo mfo makenze umnqweno ube mnye, acinge ke lo mfo azinge.Ekugqibeleni athi: “Asekwaba lonke eli chibi beliyibhiya!” Gqi-qhaphu!!! Lijike ichibi libe yibhiya. Lo omnye umfo amjonge aze athi: “Usisilima nyhani, ngoku kuza kufuneka sichamele apha kule nqanawa!”Omnye umfo ufowunela umphati wakhe athi: Andizukwazi ukuza emsebenzini namhlanje!” Abuze umphati ukuba kutheni na aze lo mfo athi: “Ngamehlo am.” “Atheni amehlo akho?” abuze umphathi. “Andiziboni ndisiza emsebenzini, ngoko ke ndisayokuloba…”Ezinye izihiba ezimbini ziqesha inqanawa ziyokuloba. Zibambise intlanzi zize zibuyele umva.Isihiba 1: “Ndiyathemba uyayikhumbula indawo esizibambise kuyo zonke ezi ntlanzi.”Isihiba 2: “Ewe, ndenze u-‘X’ ecaleni kwenqanawa ukuze ndiyazi loo ndawo.”Isihiba 1: “Usisilima nyhani! Uyazelaphi ukuba siza kufumana kwale nqanawa?”Umama ecebisa intombi yakhe: Ukuba uyiphekele intlanzi indoda uyondla nje usuku olulodwa, kodwa ukuba uyifundisa ukuloba uza kuphola impelaveki yonke ingekhohttp://fishing.boyslife.org/25-funny-fish-jokes/http://www.lukaroski.com/jokes/fishing.asphttp://www.allfishingbuy.com/Fishing-jokes.htm

abaLObi baseMzanTsi afriKa

IzIqhULo NgeeNtLANzI

Izibuko lase Port Nolloth